IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 2/03 iphe. 6
  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
km 2/03 iphe. 6

Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo seveki eqala ngoFebruwari 24, 2003. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda ethabatha imizuzu engama-30 esekelwe kumbandela ogutyungelwe kwizabelo ezisusela kwiveki kaJanuwari 6 ukusa kwekaFebruwari 24, 2003. [Phawula: Apho kungekho mbekiselo emva kombuzo, kuya kufuneka uzenzele olwakho uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]

UPHAWU LWENTETHO

1. Yinyaniso okanye Bubuxoki: Undoqo wokufunda ngendlela echanileyo kukuqiniseka ukuba loo nto ifundwayo ivakala ichanile, kwanokuba yahlukile kancinane koko kubhaliweyo. Cacisa. [be-XO iphe. 83]

2. Zalisa Izikhewu: Ukuze afunde ngendlela echanileyo, ubani umele ․․․․․․․․, ․․․․․․․․, ․․․․․․․․ kwaye aqhelisele ngokuvakalayo. [be-XO iphe. 85]

3. Kutheni kubalulekile ukuphimisela amagama kakuhle? (1 Kor. 14:8, 9) [be-XO iphe. 86]

4. Yintoni enokwenza umntu angavakali xa ethetha, yaye yintoni esinokuyenza ukuze sithethe ngendlela evakalayo? [be-XO iphe. 87-8]

5. Ngawaphi amanye amagama asetyenziswe kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiinyanga ezimbini ezidluleyo ovakalelwa kukuba kufuneka uqhelisele ukuwabiza kakuhle? [be-XO iphe. 92]

ISABELO 1

6. Yinyaniso okanye Bubuxoki: Amehlo ethu anokusinceda siphulaphule. Cacisa. [be-XO iphe. 14]

7. Zalisa izikhewu: U․․․․․․․․, i․․․․․․․․, ne․․․․․․․․ zonke zizinto ezimiselwe nguThixo zokubonisa ixesha. [si-XO iphe. 279 isiqe. 7]

8. Zalisa izikhewu: EBhayibhileni igama elithi “imini” linokubhekisela kwiiyure ezili-․․․․․․․․, kwiiyure ezingama-․․․․․․․․, kwiminyaka eli-․․․․․․․․, okanye ․․․․․․․․, umongo ubonisa ingqiqo elisetyenziswa ngayo eli gama. [si-XO iphe. 279 isiqe. 8]

9. Umzekelo kaHana, uMarko noEliya unokusinceda njani sihlangabezane nokudimazeka? Sinokuyisebenzisa njani le mizekelo ukuze sincede abanye? [w01-XO 2/1 iphe. 20-3]

10. Ukuqonda imidlalo yamandulo kusinceda njani siqonde iindinyana ezithile zeBhayibhile? Le nkcazelo ifanele ibuchaphazele njani ubomi bethu? [w01-XO 1/1 iphe. 28-31]

UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEEVEKI NGEEVEKI

11. Yinyaniso okanye Bubuxoki: Ekubeni uBukumkani bukaThixo bamiselwa ezulwini ngowe-1914, akuseyomfuneko ukuba sithandaze sisithi, “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mat. 6:10) Cacisa. [be-XO iphe. 279; w96-XO 6/1 iphe. 31]

12. Yinyaniso okanye Bubuxoki: Amazwi kaYesu abhalwe kuMateyu 11:24 athetha ukuba abo uYehova wabatshabalalisa eSodom naseGomora baya kuvuswa. Cacisa.

13. Khetha impendulo echanileyo: Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi elikhankanywe nguYesu kuMateyu 24:45-47 (a) LiQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova; (b) ngawo onke amaKristu athanjisiweyo njengeqela elisemhlabeni ngalo naliphi na ixesha; (c) UYesu Kristu ngokwakhe. Eli khoboka lilungiselela ‘abendlu’ ukutya kokomoya ngexesha elifanelekileyo abamela (a) abathanjisiweyo njengabantu ngabanye; (b) ezinye izimvu; (c) bonke abo bafunda iimpapasho zamaKristu. INkosi yamisela ikhoboka kuyo yonke impahla yayo (a) ngowe-1914; (b) ngowama-33 C.E.; (c) ngowe-1919.

14. Khetha impendulo echanileyo: Umnatha ekuthethwa ngawo kumzekeliso kaYesu okuMateyu 13:47-50 uquka ibandla lamaKristu athanjisiweyo kunye (a) noBukumkani bukaThixo obungoMesiya; (b) namaqabane awo ezinye izimvu; (c) neNgqobhoko.

15. Ngokutsho kwamazwi kaYesu akuMateyu 5:24, ufanele wenze ntoni xa uvakalelwa kukuba ukhubekise elinye ikholwa? [g96-XO 2/8 iphe. 26-7]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share