Izaziso
◼ NgoFebruwari nangoMatshi kuza kuhanjiswa le ncwadi: Ulwazi Olukhokelela Kubomi Obungunaphakade. Kuza kwenziwa umgudu okhethekileyo wokuqalisa izifundo zeBhayibhile. NgoApril nangoMeyi: Hambisa iphephancwadi IMboniselo noVukani! Xa ubuyela kubantu abanomdla, yiba nosukelo lokuhambisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa nguThixo. Kufanele kwenziwe umgudu wokuqalisa isifundo seBhayibhile.
◼ Umveleli owongamelayo okanye uthile owabelwe nguye ufanele ahlolisise ingxelo yemali yebandla ngoMatshi 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Xa oku kwenziwe, yenza isaziso ebandleni emva kokwenziwa kwengxelo yemali elandelayo. Funda nawuphi na umbulelo weminikelo eyenziwe libandla eya kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke kunye nayiphi na ingxelo yemali efunyenwe kwintlangano.
◼ Unobhala nomveleli wenkonzo bafanele bahlolisise wonke umsebenzi woovulindlela abathe ngxi. Ukuba kukho abanengxaki yokuzalisa isisikelo seeyure, abadala bafanele balungiselele ukuba bancedwe. Ngokuphathelele amacebiso, hlolisisani iileta zeS-201 zaminyaka le. Kwakhona bona isiqendu 12-20 sesihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti.
◼ Umxholo wentetho ekhethekileyo yesidlangalala yexesha leSikhumbuzo sowama-2003 uza kube usithi “Ngaba Lifikile Ilixa lokugwetywa KweBhabhiloni?” Bona isaziso esinxibelelene nesi kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaSeptemba 2002.
◼ Ekubeni liphelisiwe ilungiselelo lemirhumo ethunyelwa ngeposi, kubalulekile ukuba amabandla ahambise iinkupho zakutshanje zeMboniselo noVukani! ngokukhawuleza akuba ezifumene. Loo nto iya kwenza abavakalisi bafumane imibhalo yabo kwaye baqhelane namanqaku akula maphephancwadi ngaphambi kokuba bawahambise entsimini.
◼ Ukususela kwinkupho kaMatshi 1, 2003, IMboniselo ebhalwe ngamagama amakhulu iza kufumaneka ngesiChichewa.
◼ Ezi mpapasho kunye neekhasethi ezilandelayo zifumbile esitokhweni sethu. Zifumanele eyakho ngokuyiodola kwisicaka soncwadi:
Isiprofeto SikaIsaya—Ukhanyiselo Lwalo Lonke Uluntu I—ngesiSuthu
Ukuphulaphula Kumfundisi Omkhulu—ngesiBhulu
Ukuphulaphula Kumfundisi Omkhulu (kwikhasethi)—ngesiBhulu, ngesiZulu
Iphulo Loluntu Lokufuna UThixo—ngesiBhulu
INcwadi Yam Yamabali EBhayibhile (kwikhasethi)—ngesiBhulu, ngesi- Xhosa, ngesiZulu
Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli—ngesiBhulu, ngesiPedi, ngesiSuthu, ngesiXhosa, ngesiZulu