IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 6/03 iphe. 6
  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
km 6/03 iphe. 6

Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo seveki eqala ngoJuni 30, 2003. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda ethabatha imizuzu engama-30 esekelwe kumbandela ogutyungelwe kwizabelo ezisusela kwiveki kaMeyi 5 ukusa kwekaJuni 30, 2003. [Phawula: Apho kungekho mbekiselo emva kombuzo, kuya kufuneka uzenzele olwakho uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]

UPHAWU LWENTETHO

1. Kutheni kubalulekile ukuguquguqula ilizwi xa unikela intetho, yaye kunokwenziwa njani? [be-XO iphe. 111 ibhokisi; iphe. 112 ibhokisi]

2. Nangona isithethi sisenokuba siyayikholelwa into esiyithethayo kwaye siyamthanda uYehova, kunokwenzeka njani ukuba singabi nahlombe? [be-XO iphe. 115 isiqe. 3-4; iphe. 116 isiqe. 1]

3. Yintoni eya kunceda isithethi sifudumale yaye sibe nemvakalelo xa sinikela intetho, yaye kutheni kubalulekile nje oko? [be-XO iphe. 119 isiqe. 1-4]

4. Yintoni egqiba ngehlombe elifanelekileyo, imfudumalo nezinye iimvakalelo ozidluliselayo xa unikela intetho? [be-XO iphe. 120 isiqe. 2-5]

5. Yinyaniso okanye Bubuxoki: Izimbo zomzimba nezobuso zibaluleke kuphela xa abaphulaphuli bekujongile. Cacisa. [be-XO iphe. 121 isiqe. 3]

ISABELO 1

6. Yintoni eyanceda uYosiya ukuba akhethe ikhondo elifanelekileyo phezu kwako nje ukukhula kakubi? (2 Kron. 34:1, 2) [w01-XO 4/15 iphe. 27 isiqe. 1-6; iphe. 28 isiqe. 4]

7. Iyintoni intsingiselo yeMizekeliso 9:7, 8a, kwaye inokusetyenziswa njani entsimini? [w01-XO 5/15 iphe. 29 isiqe. 4-5]

8. Wayethetha ukuthini uYehova xa wayexelela amaSirayeli oku, ‘Uze ungalibali,’ yaye sinokwenza njani ukuze singalibali? (Dut. 4:9; 8:11) [be-XO iphe. 20 isiqe. 1-3]

9. Amazwi anyanisekileyo awathethwa nguDavide kwiNdumiso 32:1, 5 nakwiNdumiso 51:10, 15 abonisa njani ukuba umntu akafanele azive engafaneleki xa enze isono esinzulu kodwa eguquka ngokunyanisekileyo? [w01-XO 6/1 iphe. 30 isiqe. 1-3]

10. Yintoni esinokuyifunda ngokunyamekela abasweleyo kumyalelo kaPawulos obhalwe kweyoku-1 kuTimoti 5:3-16? [w01-XO 6/15 iphe. 11 isiqe. 1]

UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEEVEKI NGEEVEKI

11. UYesu wayebhekisa entwenini xa wasebenzisa ibinzana elithi “azalwe ngokutsha,” elibhalwe kuYohane 3:3? [w95-XO 7/1 iphe. 9-10 isiqe. 4-5]

12. UYesu wayisebenzisa njani imfundo yakhe, yaye sisiphi isifundo esibalulekileyo esinokusifunda kule nto? (Yohane 7:15-18) [w96-XO 2/1 iphe. 9-10 isiqe. 4-7]

13. Kutheni uYohane 7:53–8:11 engafakwanga ngendlela eqhelekileyo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha?

14. UYesu ‘uze njani ngohlobo’ awayeye ngalo ezulwini? (IZe. 1:11) [w90-XO 6/1 iphe. 11 isiqe. 5]

15. Kutheni ‘kungazange kubekho namnye unobuganga bokuzinamathelisa kubafundi,’ njengoko kuboniswe kwiZenzo 5:13?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share