Isikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Sowama-2004
1 UYehova uqeqesha abantu abaqhelekileyo ukuze benze umsebenzi obalulekileyo ehlabathini lonke. Enye indlela akwenza ngayo oku luqeqesho olufumaneka kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo veki nganye. Ngaba unenxaxheba ngokupheleleyo ngokuvuma kweemeko zakho? NgoJanuwari kuza kwenziwa uhlengahlengiso ukuze kuncedwe abafundi bangenelwe kweli lungiselelo.
2 Ukutshintshatshintsha Komluleki Wangasese: Abazalwana abanikela intetho yokuyala neembalasane zeBhayibhile baye basivuyela isiluleko esinikelwa ngumluleki wangasese. Kumabandla anabadala abaneleyo abafanelekayo, abazalwana banokutshintshana ngesabelo somluleki wangasese nyaka ngamanye. Ngale ndlela, kunokuthwaliswana ngomsebenzi; kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba abadala nezicaka zolungiselelo ezifanelekayo ziya kungenelwa kwingqokelela yamava abazalwana abanobuchule bokuthetha nobokufundisa.
3 Ucwangciso Lwempinda: Ukuba ibandla lenu linendibano yesiphaluka ngeveki yempinda, impinda (nocwangciso lwaloo veki) ifanele yenziwe kwiveki esemva kweyendibano luze ucwangciso lweveki elandelayo lwenziwe kwiveki yendibano. Noko ke, akuyomfuneko ukulutshintsha ucwangciso ukuba ngaloo veki yempinda kuza kube kukho umveleli wesiphaluka. Kunoko, ingoma, uphawu lwentetho neembalasane zeBhayibhile zifanele zinikelwe kuloo veki zicwangciselwe yona. Intetho yokuyala (enikelwa emva kophawu lwentetho) ifanele ithatyathwe kucwangciso lweveki elandelayo. Iimbalasane zeBhayibhile ziya kulandelwa yiNtlanganiso Yenkonzo eya kuthabatha isiqingatha seyure, enokulungelelaniswa ibe ziinxalanye ezintathu zemizuzu eli-10 okanye ibe ziinxalanye ezimbini zemizuzu eli-15. (Azimele kuqukwa izaziso.) INtlanganiso Yenkonzo iya kulandelwa yingoma nayintetho yomveleli wesiphaluka eya kuthabatha isiqingatha seyure. KwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo seveki elandelayo kuya kwenziwa uphawu lwentetho neembalasane zeBhayibhile njengoko kucwangcisiwe, kwandule ke kulandele impinda.
4 Wasebenzise onke amathuba owafumanayo ukuze ukhule ngokomoya. Njengoko ungenelwa kwimfundo yeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, ukhuthaza ibandla, uba nenxaxheba ekuzalisekeni kwesiprofeto seBhayibhile yaye uzisa indumiso kuMthombo wesigidimi esimangalisayo esimele sisibhengeze.—Isa. 32:3, 4; ISityhi. 9:19.