IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/04 iphe. 3
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
km 11/04 iphe. 3

Izaziso

◼ NgoNovemba kuza kuhanjiswa incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu okanye ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? NgoDisemba: Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. NgoJanuwari: Nayiphi na incwadi eyapapashwa ngaphambi kowe-1990 ekhoyo esitokhweni sebandla. Ukuba aninazo ezi ncwadi esitokhweni, ncedani nikhangele enoba amabandla akufutshane anazo kusini na esitokhweni iimpapasho ezindala anokuninceda ngazo. NgoFebruwari: Sondela KuYehova.

◼ Umveleli owongamelayo okanye nabani na ogunyaziswe nguye ufanele ahlole imali yebandla ngoDisemba 1 okanye ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka emva koko. Ukuba ninenye iakhawunti yebhanki esecaleni, njengeyemali yokuhlaziya iHolo okanye yokwakha, nayo nifanele niyihlole. Xa oku kugqityiwe, kufanele kuchazwe ebandleni xa kusenziwa ingxelo yemali elandelayo.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuodola imiqulu yeMboniselo noVukani! yowama-2004 kwiodolo yawo elandelayo. Le miqulu iza kufumaneka ngesiCroatia, ngesiDatshi, ngesiFrentshi, ngesiGrike, ngesiJamani, ngesiJapan, ngesiKorea, ngesiNgesi, ngesiPhuthukezi, ngesiPolish, ngesiRashiya, ngesiRomania, ngesiSpanish, ngesiTaliyane nangesiTshayina. Ide ibe iyafumaneka le miqulu yaye ithunyelwe, kuya kuthiwa “Pending” kuludwe lwezinto ezithunyelwa emabandleni. Imiqulu zizinto ezicelwa ngokukhethekileyo.

◼ Kumveleli owongamelayo: Nceda uqiniseke ukuba ingxelo ethi Isabelo Somhlaba Ongabelwanga (S-91) iyazaliswa ize ithunyelwe kwiofisi yesebe kunye nemaphu yomhlaba. Oku kufanele kwenziwe ngaphambi kukaNovemba 15, 2004. Thumela namava abangel’ umdla. Nceda uqiniseke ukuba usebenzisa isitampu esifanele imvulophu enkulu.

◼ Amabandla angekasifaki isicelo seAdvance Medical Directive/Release Cards and Identity Cards afanele asifake kunye nesicelo sawo soncwadi sikaDisemba. Ncedani niodole ngokwezixa ezingama-20. Ningawanikezeli ebandleni la maqweqwe. Wagcineni nide nifumane imiyalelo engakumbi KuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

Ukuhlolisisa Izibhalo Imihla Ngemihla—2005—Ngamagama Amakhulu—isiPhuthukezi, isiZulu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share