Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Phawula: UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buya kuba nocwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo lwazo zonke iiveki zeenyanga zendibano. Amabandla anokwenza uhlengahlengiso olufunekayo ukuze bonke baye kwiNdibano YeSithili ‘Yokuhamba NoThixo.’ Xa kuyimfuneko, kwiNtlanganiso Yenkonzo yokugqibela ngaphambi kwendibano yenzani impinda yemizuzu eli-15 yamacebiso akwisihlomelo sikaOktobha asebenzayo ebandleni lenu. NgoFebruwari, 2005, kuza kulungiselelwa ukuba kubekho iNtlanganiso Yenkonzo epheleleyo ekuya kwenziwa ngayo impinda yeembalasane zocwangciso lwendibano. Ukuze silungiselele loo ngxubusho, sonke sifanele sibhale amanqaku asebenzisekayo kwindibano, kuquka noludwe lweengongoma ezikhethekileyo esifuna ukuzisebenzisa ebomini bethu nasentsimini. Sinokwandula ke sikhuthaze abanye ngokuchaza indlela esiwasebenzise ngayo loo macebiso.
Iveki Eqala NgoNovemba 8
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. NgoNovemba siza kuhambisa incwadi ethi Funda Kumfundisi Omkhulu. Ngokufutshane yenza impinda yeentshumayelo ezicetyiswe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMeyi 2004, iphepha 3.
15 imiz: Ngaba Sele Uthethile Nomqeshi Wakho? Intetho nengxubusho kunye nabaphulaphuli enikelwa ngumdala esekelwe kwinqaku elithi “Ngaba Uza Kube Ulapho?” elikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 2002, iphepha 1. Quka amagqabaza akwincwadi yeSikolo Sobulungiseleli, iphepha 67.
20 imiz: “Hlala Ukuqonda Ukungxamiseka Kwamaxesha Esiphila Kuwo!”a Quka amagqabaza akwiMboniselo kaJanuwari 15, 2000, iphepha 12-13.
Ingoma 19 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 15
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Ukuba amacebiso akwiphepha 4 ayasebenza kwintsimi yenu, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaNovemba 15 noVukani! kaDisemba 8. Kunokusetyenziswa ezinye iintshumayelo ezisebenzayo kwintsimi yenu.
20 imiz: Ngaba Uyayazi Indlela Okuvuyisa Ngayo Ukupha? Intetho esekelwe kwiMboniselo kaNovemba 1, 2004, iphepha 19-23.
15 imiz: Yoliswa Kukunceda Abanye. (Yoh. 4:34) Udliwano-ndlebe. Kuyavuyisa ukubona ubuso bomntu butyhileka ngenxa yokuba efunda inyaniso yeLizwi likaThixo. (w94-XO 3/1 iphe. 29 isiqe. 6-7) Dlan’ indlebe nabavakalisi ababini okanye abathathu okanye noovulindlela abayisebenzisa ngokuphumelelayo iBhayibhile entsimini, ekuqaliseni nasekuqhubeni izifundo zeBhayibhile. Bawuhlakulela njani umdla abawufumanayo? Yintoni ebavuyisayo ngokwenza oko? Mababalise okanye benze umboniso wamava abawafumene entsimini.
Ingoma 66 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 22
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Ingxelo yemali.
20 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.
15 imiz: Ukungenelwa Ngokupheleleyo KwiNtlanganiso Yenkonzo. Ingxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 71-2. Ziziphi iinkalo ezintlanu esinceda kuzo iNtlanganiso Yenkonzo ukuze siphucule njengabalungiseleli abangamaKristu? Nika imizekelo ekucwangciso lwenyanga yakutshanje. Ziziphi iingenelo ezifunyanwa ngokulungiselela kusengaphambili? Kutheni sifanele sibekho rhoqo? Nguwuphi umzekelo weZibhalo esekelwe kuwo le ntlanganiso?
Ingoma 58 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoNovemba 29
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khumbuza abaphulaphuli ukuba badlulise iingxelo zenkonzo yasentsimini kaNovemba. Bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaDisemba 1 noVukani! kaDisemba 8.
10 imiz: Ibhokisi Yemibuzo. Intetho enikelwa ngumdala.
25 imiz: “Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela—Icandelo 3.”b Sebenzisa imibuzo elungiselelweyo. Emva kokuxubusha isiqendu 3, yenza umboniso omfutshane wesifundo seBhayibhile esiqhutywa kwincwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, isifundo 5, isiqendu 1. Sele sifundiwe isiqendu nombuzo waphendulwa. Lowo uqhuba isifundo kunye nomfundi bafunda baze baxubushe uIsaya 45:18 neNtshumayeli 1:4. Umqhubi usebenzisa imibuzo elula ebangela ukuba umfundi akwazi ukucacisa indlela umbhalo ngamnye ongena ngayo kwesi siqendu.
Ingoma 178 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 6
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Chaza uncwadi oluhanjiswa ngoDisemba. Yenza umboniso omnye okanye emibini ngendlela yokuhambisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo.
20 imiz: “Ngaba Unokunceda?”c Dlan’ indlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abachaza indlela abanombulelo ngayo ngoncedo okanye ukhuthazo abalufumene kwabanye.
15 imiz: Amava ebandla lasekuhlaleni. Cela abaphulaphuli babalise amava abawafumene kumhlaba ongabelwanga bani okanye xa bebesebenza kwintsimi engafane isetyenzwe. Ukuba ibandla alikhange liye kule ntsimi, mababalise amava abawafumene ngoxa bebeshumayela ngokungacwangciswanga kwintsimi yamashishini nakwintsimi esetyenzwa rhoqo. Kusengaphambili lungiselela ukuba kwenziwe umboniso wamava abalaseleyo aye afunyanwa. Bancome bonke ngokufak’ isandla kwintsimi engabelwanga bani.
Ingoma 101 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.