Zenzeleni Ucwangciso Lwentsapho Olusebenzayo
1 KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wabongoza abaphulaphuli bakhe esithi: “Qhubekani, ke ngoko, nifuna kuqala ubukumkani nobulungisa bakhe.” (Mat. 6:33) Indlela ephumelelayo yokucebela intsapho ukuze izinto zokomoya zibe kwindawo yokuqala kukuba nocwangciso olubhaliweyo. Zipheni imizuzu embalwa yokwenza ucwangciso lwentsapho lweveki, nisebenzisa ucwangciso olungabhalwanga nto olukwiphepha 6 lwesi sihlomelo. Intsapho isenokugqiba kwelokuba kusikwe ucwangciso olucetyisiweyo luze lunanyathiselwe kucwangciso lwentsapho. Ezinye iintsapho zikhetha ukuzibhala izinto eziza kuzenza.
2 Ucwangciso olungumzekelo oluboniswe ngezantsi lunokuninceda nenze olwentsapho yenu. Niya kuphawula ukuba luquka izinto ezingundoqo ezine kuphela: (1) ukuya kwiintlanganiso zebandla, (2) ukuya entsimini njengentsapho, (3) isifundo sentsapho (4) nokuhlolwa kwetekisi yosuku. Ukuquka ezi zinto kucwangciso lwenu kunokuninceda “niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.” (Fil. 1:10) Akho namanye amacebiso aphathelele ezi nkalo zine akwiphepha 4-5.
3 Akuyomfuneko ukuba ucwangciso lwentsapho yenu lupheleliselwe kwezi nkalo zine. Ukuba niye nilungiselele iintlanganiso ezithile njengentsapho, yibhaleni loo nto kucwangciso lwenu. Ukuba nifunda kunye isicatshulwa esithile eBhayibhileni emva kokuhlola itekisi yosuku okanye ngelinye ixesha, naleyo into yibhaleni. Ukuba nidla ngokuzihlaziya ngandlel’ ithile, ninokuyifaka naloo nto kucwangciso lwenu.
4 Hlengahlengisani ucwangciso lwentsapho yenu ukuze luhambelane neemfuno kunye neemeko zakhe wonk’ ubani entsatsheni. Emva kwexesha elithile luhloleni ukuze nibone enoba lusasebenza kusini na, nenze utshintsho xa kuyimfuneko.
[Isicangca esikwiphepha 3]
Ucwangciso Lwentsapho Olungumzekelo
Kusasa Emva Kwemini Ngokuhlwa
Cawa Itekisi Yosuku
Intsapho Iya INtetho
Entsimini Yesidlangalala
neSifundo
SeMboniselo
Mvulo Itekisi Yosuku Isifundo Sentsapho
Lwesibini Itekisi Yosuku ISifundo Sencwadi
Sebandla
Lwesithathu Itekisi Yosuku
Lwesine Itekisi Yosuku ISikolo
Sobulungiseleli
Sobuthixo
neNtlanganiso
Yenkonzo
Lwesihlanu Itekisi Yosuku
Mgqibelo Itekisi Yosuku
Intsapho Iya
Entsimini (Usuku
Lwamaphephancwadi)
[Isicangca esikwiphepha 6]
Ucwangciso Lwentsapho
Kusasa Emva Kwemini Ngokuhlwa
Cawa
Mvulo
Lwesibini
Lwesithathu
Lwesine
Lwesihlanu
Mgqibelo
.................................................................
Itekisi Itekisi Itekisi Itekisi Itekisi Itekisi Itekisi
Yosuku Yosuku Yosuku Yosuku Yosuku Yosuku Yosuku
INtetho ISikolo ISifundo ISifundo Intsapho Intsapho Intsapho
Yesidlan- Sobulun- Sencwadi Sentsapho Iya Ifunda Iyazi-
galala giseleli Sebandla Entsi- IBhayi- hlaziya
neSifundo Sobuthixo mini bhile
SeMboni- neNtlan-
selo ganiso
Yenkonzo