Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Le mibuzo ilandelayo iza kuxutyushwa kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwiveki eqala ngoDisemba 26, 2005. Umveleli wesikolo uya kuqhuba impinda yemizuzu engama-30 esekelwe kumbandela wezabelo zeveki esusela kuNovemba 7 ukusa kuDisemba 26, 2005. [Isaziso: Kwimibuzo engenazimbekiselo, kuya kufuneka uzenzele uphando ukuze ufumane iimpendulo.—Bona incwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphe. 36-7.]
UPHAWU LWENTETHO
1. Sinokuqiniseka njani ukuba isibongozo sethu sinikelwa “ngothando”? (Filem. 9) [be-XO iphe. 266]
2. Ziziphi iindlela ‘esinokubongoza ngazo abantu ngemfundiso ephilileyo?’ (Tito 1:9) [be-XO iphe. 267 isiqe. 1-2] 3. Kutheni kubalulekile ukwenza iintetho zethu zikhuthaze, yaye sinokukwenza njani oku? [be-XO iphe. 268 isiqe. 1-3, ibhokisi]
4. Sixelisa uMoses, ukukhumbuza abanye ngoko uYehova akwenzele abantu bakhe kubakhuthaza njani? (Dut. 3:28; 31:1-8) [be-XO iphe. 268 isiqe. 5–iphe. 269 isiqe. 2]
5. Kutheni ukuthetha ngovuyo ngoko uYehova akwenzayo ngoku noko aza kukwenza kwixesha elizayo kunokubakhuthaza abaphulaphuli? [be-XO iphe. 270-1]
ISABELO. 1
6. Yintoni iSeptuagint, yaye kutheni ibangela umdla kumaKristu? [si-XO iphe. 307 isiqe. 12–iphe. 310 isiqe. 14]
7. Yayingoobani amaMasorete, yaye aba neliphi igalelo kwinguqulelo yeBhayibhile? [si-XO iphe. 310 isiqe. 18; iphe. 311 isiqe. 20-21]
8. Yintoni engumbhalo osisiseko owasetyenziswa kwicandelo lesiHebhere leNew World Translation yesiNgesi, yaye kutheni kunokuthiwa le nguqulelo inokuthenjwa? [si-XO iphe. 312 isiqe. 28, 30]
9. AmaKristu okuqala awubonisa njani umnqweno wawo wokufunda ukupapasha iLizwi likaThixo? [si-XO iphe. 315 isiqe. 1-5]
10. Ukufundisisa ngemibhalo-ngqangi nemibhalo ekhoyo yeZibhalo Ezingcwele kutyhila ntoni ngeBhayibhile? [si-XO iphe. 320 isiqe. 32
UFUNDO LWEBHAYIBHILE LWEVEKI NGEEVEKI
11. Ngaba isibakala sokuba uDavide engazange avumeleke ukuba akhe itempile sibonisa ukuba uYehova wayengakholiswa ziimfazwe ezaliwa nguDavide? (1 Kron. 22:6-10)
12. Kumthandazo wakhe wokunikezela itempile, uSolomon wabonisa njani ukuba uYehova akaneli nje ukunikela ingqalelo kwiintswelo zabakhonzi bakhe njengeqela kodwa ukwayinikela nakwezomntu ngamnye omoyikayo? (2 Kron. 6:29, 30)
13. Ziintoni ‘iidemon ezimilise okweebhokwe’ ekuthethwa ngazo kweyesi-2 yeziKronike 11:15?
14. Ekubeni uBhahasha waqalisa ukulawula “ngonyaka wesithathu ka-Asa” waza walawula kuphela iminyaka engama-24, kuthetha ukuthini ukuthi uBhahasha wenyuka “nxamnye noYuda” “ngonyaka wamashumi amathathu anesithandathu wolawulo luka-Asa”? (1 Kum. 15:33; 2 Kron. 16:1)
15. Eyesi-2 yeziKronike 20:22, 23 ikubonisa ngokucace njani oko kuza kwenzeka kwihlabathi likaSathana?