Ngaba Umntwana Wakho Unako Ukwenza Isigqibo Esibonisa Ukuba Uqolile?
1. Sisiphi isigqibo esiye senziwa lulutsha olungamaNgqina ngokuphathelele ukusetyenziswa kwegazi? Yenza umzekelo.
1 Sisigqibo santoni eso? Sesiphathelele utofelo-gazi. Njengoko kuboniswe kwinqaku elithi “Ukuhamba Ngokwemiyalelo KaYehova” elikwiMboniselo kaJuni 15, 1991, abantwana bamaNgqina kaYehova bafanele benze isigqibo esibonisa ukuqola ngokuthi bangqine ukuba umnqweno wabo wokuthobela umthetho kaThixo ngegazi uyafana nowabazali babo. Ngaba nabantwana abasephantsi kweliso lakho kunokufuneka ukuba benze esi sigqibo?
2. Nguwuphi umgaqo osemthethweni owabekwa yenye inkundla kumntwana owayephantsi kwabazali owayengafuni kutofelwa igazi, kwaye yintoni efundwa ngabazali abangamaKristu nabantwana abasephantsi kwabo kule nto?
2 Uthini Umthetho? EUnited States, iNkundla Ephakamileyo yaseIllinois yenza isigqibo ngokuphathelele ilungelo lomntwana osephantsi kwabazali lokwala ukutofelwa igazi. Xa yayichophele ityala lomnye udade oneminyaka eli-17 ubudala, le nkundla yafikelela kwesi sigqibo: “Ukuba kukho ubungqina obucacileyo nobeyisayo bokuba loo mntwana uqole ngokwaneleyo ukuba ayiqonde imiphumo yezenzo zakhe [yaye] unako ukwenza isigqibo njengomntu okhulileyo, umgaqo wabantwana abaqolileyo abasephantsi kwabazali uyavuma ukuba anikwe ilungelo elisemthethweni lokuba angalwamkela okanye angalwamkeli unyango oluthile.” Le ngcamango yabantwana abaqolileyo abasephantsi kwabazali iyamkelwa nalapha eMzantsi Afrika. Ngenxa yoko, xa behlola enoba umntwana uqole ngokwaneleyo ukuba angazenzela isigqibo kusini na, oogqirha okanye amagosa anokudlan’ indlebe naye ukuze azivele izizathu azibekayo zokungalufuni utofelo-gazi. Loo mntwana kuya kufuneka abuqonde kakuhle ubunzulu besigulo sakhe kwaye ayazi imiphumo yonyango alukhethayo yaye akuchaze ngendlela ecacileyo neqinisekileyo oko akukholelwayo ngokuphathelele umthetho kaThixo ngegazi.
3. Yiyiphi imibuzo abazali abafanele bayicingisise nzulu, yaye ngoba?
3 Uza Kuthini Owakho Umntwana? Ngaba abantwana bakho bayakwazi ukuzithethelela kulo mba? Ngaba bakholelwa ngokwenene ukuba nguThixo othi ‘masikhwebuke egazini’? (IZe. 15:29; 21:25) Ngaba bayakwazi ukuyichaza inkolelo yabo besebenzisa iZibhalo? Ngaba banako ukusimela isigqibo abasenzileyo ngegazi xa oogqirha bevakalelwa kukuba ubomi babo busengozini, kwanaxa abazali babo bengekho? Ekubeni ‘sonke sihlelwa lixesha nasisihlo,’ unokubanceda njani abantwana bakho balungele naluphi na ucelomngeni olungalindelekanga oluvavanya ingqibelelo yabo?—INtshu. 9:11; Efe. 6:4.
4, 5. (a) Yiyiphi imbopheleleko abanayo abazali, yaye banokuyiphumeza njani? (b) Ngawaphi amalungiselelo akhoyo anokubanceda abazali?
4 Bazali, Yintoni Eninokuyenza? Ninembopheleleko yokufundisa abantwana benu ngembono kaThixo ngegazi. (2 Tim. 3:14, 15) Ingcaciso elula ifumaneka kwincwadi ethi Ukuqiqa, kwiphepha 119-23. Yifundeni ngenyameko nentsapho yenu. Sebenzisani umxholo othi “Ukuba Ubani Uthi—” okwiphepha 123-5, ukuze niqhelisele nabantwana benu yaye nibancede babe namava okucacisa inkolelo yabo nesizathu sokuba babe naloo nkolelo. (1 Pet. 3:15) Amanye amalungiselelo okusifundisa ngegazi aquka incwadana enemifanekiso ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho? neMboniselo kaJuni 15, 2004, iphepha 14-24. Ukongezelela koko, ividiyo ethi Transfusion-Alternative Health Care—Meeting Patient Needs and Rights nethi No Blood—Medicine Meets the Challenge, sithethanje ezifumaneka kwiDVD enomxholo othi Transfusion Alternatives—Documentary Series, zinenkcazelo eyeyisayo ephathelele ukuba sengqiqweni nokuphumelela konyango notyando olungasebenzisi gazi. Ngaba intsapho yakho ikhe yazibukela yaza yazixubusha ezi vidiyo?
5 Nceda abantwana bakho ‘bangqine ngokwabo ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo’ ngokuphathelele igazi. Baya kwandula ke benze izigqibo ezibonisa ukuqola ezisikelelwa nguYehova.—Roma 12:2.