Ukusindisa Ubomi Ngegazi—Njani?
“Nyula ke ubomi, . . . uliphulaphule ilizwi [likaThixo], . . . ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho.”—DUTERONOMI 30:19, 20.
1. Yahluke njani indlela amaKristu okwenyaniso abuhlonela ngayo ubomi?
ABANTU abaninzi bathi bayabuhlonela ubomi, besithi ubungqina boku yindlela abasijonga ngayo isohlwayo sokufa, ukuqhomfa, okanye ukuzingela. Noko ke, kukho indlela ekhethekileyo amaKristu okwenyaniso abonisa ngayo ukuba ayabuhlonela ubomi. INdumiso 36:9 ithi: “Ngokuba likuwe [Thixo] ithende lobomi.” Ekubeni ubomi busisipho esivela kuThixo, amaKristu anembono efana neyakhe ngegazi lobomi.
2, 3. Kutheni sifanele simbandakanye uThixo kumbandela wegazi? (IZenzo 17:25, 28)
2 Ubomi bethu buxhomekeke kwigazi, elithwala ioksijini ukutyhutyha wonke umzimba wethu, likhuphe ikharbon diokside, lisenze sikwazi ukuzilungelelanisa nokuguquka kwamaqondo obushushu, lize lisincede ekulweni nezifo. Lowo wasinika ubomi ikwanguye owayila waza walungiselela olu lwelo lumangalisayo lunik’ ubomi lubizwa ngokuba ligazi. Oku kubonisa umdla osoloko enawo wokulondoloza ubomi babantu.—Genesis 45:5; Duteronomi 28:66; 30:15, 16.
3 AmaKristu nabantu ngokubanzi bafanele bazibuze oku: ‘Ngaba igazi linokubusindisa ubomi bam ngemisebenzi yalo engokwemvelo kuphela, okanye ngaba lisengabusindisa ngendlela enzulu ngakumbi?’ Ngoxa abantu abaninzi beluqonda unxibelelwano olukhoyo phakathi kobomi nemisebenzi eqhelekileyo yegazi, enyanisweni kubandakanyeke okuninzi ngakumbi. Imilinganiselo elawulayo yamaKristu, yamaSilamsi neyamaYuda yonke yalathisel’ ingqalelo kuMniki-Bomi owayivakalisayo indlela avakalelwa ngayo ngobomi negazi. Ewe, uMdali wethu uthetha okuninzi ngegazi.
Ukuma KukaThixo Okungqongqo Ngegazi
4. Wathini uThixo ngegazi, ekuqaleni kwembali yabantu?
4 Igazi likhankanywa izihlandlo ezingaphezu kwama-400 kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. Phakathi kwezokuqala ngumyalelo kaYehova othi: “Yonke into ephilileyo neshukumayo yoba kukudla kuni. . . . Kodwa inyama enegazi lobomi bayo nimele ningayidli.” Wongezelela ngokuthi: “Ngokuqinisekileyo ndiya kulibiza igazi lobomi benu.” (Genesis 9:3-5, New International Version) UYehova wawathetha loo mazwi kuNowa, umawokhulu wentsapho engabantu. Noko ke, wabalumkisa bonke abantu ukuba uMdali ulijonga igazi njengelimela ubomi. Ngaloo ndlela wonk’ ubani ozibanga emgqala uThixo njengoMniki-Bomi umele aqonde ukuba Yena akakuthabathi njengento engenamsebenzi ukusetyenziswa kwegazi lobomi.
5. Sasiyintoni isizathu esiyintloko sokuba amaSirayeli angalidli igazi?
5 Kwakhona uThixo wathetha ngegazi xa wayenika uSirayeli uMthetho. Ngokwenguqulelo yeTanakh yamaYuda, iLevitikus 17:10, 11 ifundeka ngolu hlobo: “Ukuba nabani na kwindlu kaSirayeli okanye kubaphambukeli abahlala phakathi kwawo utya igazi layo nantoni na, ndiya kuqubisana naye loo mntu otya igazi, ibe ndiya kumnqumla angabikho phakathi kwabantu bakowabo. Kuba ubomi benyama busegazini.” Loo mthetho wawusenokuba neengenelo ezingokwempilo, kodwa kwakubandakanyeke okungakumbi. Ngokuligqala igazi njengento ekhethekileyo, amaSirayeli ayeya kubonisa ukuxhomekeka kwawo kuThixo ngobomi. (Duteronomi 30:19, 20) Ewe, isizathu esiyintloko sokuba babengamele balidle igazi, sasingekuba lalinokuba yingozi empilweni, kodwa kwakungenxa yokuba igazi lalinentsingiselo ekhethekileyo kuThixo.
6. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYesu wayihlonela indlela uThixo alijonga ngayo igazi?
6 Kwinkqubo yamaKristu kujongwa njani ukusindiswa kobomi ngegazi? UYesu wayekwazi okwakuthethwe nguYise ngokusetyenziswa kwegazi. UYesu “zange one, engazange wakhohlisa.” Oko kuthetha ukuba wawugcina ngokugqibeleleyo uMthetho, kuquka umthetho ongegazi. (1 Petros 2:22, TE) Ngaloo ndlela wabamisela umzekelo abalandeli bakhe, kuquka umzekelo wokuhlonela ubomi negazi.
7, 8. Kwacaca njani ukuba umthetho kaThixo ongegazi uyasebenza kumaKristu?
7 Imbali iyasibonisa okwenzekayo kamva xa intlanganiso yequmrhu elilawulayo lamaKristu yenza isigqibo enoba kwakuyimfuneko kusini na ngamaKristu ukugcina yonke imithetho yakwaSirayeli. Ngokolwalathiso lukaThixo, lathi amaKristu awanyanzelekanga ukuba agcine umthetho owawunikwe uMoses kodwa ‘kuyafuneka’ ukuba ‘azile izinto ezibingelelwe kwizithixo, negazi nezinto ezikrwitshiweyo [inyama engophiswanga] nombulo.’ (IZenzo 15:22-29) Ngaloo ndlela lakwenza kwacaca ukuba ukungalidli igazi kubaluleke ngokufanayo nokuphepha unqulo-zithixo nokuziphatha okubi okunzulu.a
8 AmaKristu okuqala awugcina loo myalelo wokuwalela owawuvela kuThixo. Egqabaza ngako oku, umphengululi waseBritani uJoseph Benson wathi: “Lo myalelo wokungatyiwa kwegazi, owanikelwa kuNowa nakuyo yonke inzala yakhe, waza waphindwa kumaSirayeli . . . awuzange urhoxiswe, kodwa, kunoko, waye waqinisekiswa kwiTestamente Entsha, IZenzo xv.; waza ngaloo ndlela wenziwa isinyanzelo esihlala sihleli.” Kanti, ngaba oko iBhayibhile ikutshoyo ngegazi kuyakwalela ukusetyenziswa kwalo kunyango lwezi mini, njengakutofelo-gazi, nto ezo ngokucacileyo zazingasetyenziswa ngexesha likaNowa okanye labapostile?
Igazi Eyezeni Okanye Njengalo
9. Igazi lalisetyenziswa njani kwezamayeza kumaxesha amandulo, loo nto yayichasene njani nokuma kwamaKristu?
9 Ukusetyenziswa kwegazi kwezonyango akunto yezi mini kwaphela. Incwadi ethi Flesh and Blood, ebhalwe nguReay Tannahill, ichaza ukuba phantse iminyaka engama-2 000, eYiputa nakwezinye iindawo, “igazi laligqalwa njengelibalaseleyo ekunyangeni iqhenqa.” AmaRoma ayekholelwa kwelokuba isifo sokuwa sasinokunyangwa ngokusela igazi lomntu. UTertullian wabhala ngoku kusetyenziswa kwegazi “kwezonyango” wathi: “Qwalasela abo bathi ngonxano lokubawa, kumboniso okwibala lemidlalo, bakhongozele igazi eliseshushu lezaphuli-mthetho ezingendawo . . . bahambe nalo ukuya kunyanga abantu abagula sisifo sokuwa.” Oku kwakwahluke ngokupheleleyo koko kwakusenziwa ngamaKristu: “Igazi lezilwanyana asiliquki nokuliquka kwizidlo zethu . . . Xa uvavanya amaKristu uwanika iisoseji ezizaliswe ligazi. Kambe ke, weyisekile kukuba [oku] akuvumelekanga kuwo.” Qwalasela oko kwakuthethwa koku: AmaKristu okuqala ayexolele ukufa, kunokuba atye igazi, elalimela ubomi.—Thelekisa eyesi-2 kaSamuweli 23:15-17.
10, 11. Kutheni sinokubambelela kwelokuba umlinganiselo kaThixo ongegazi uyakwalela ukwamkela ukutofelwa kwegazi?
10 Kakade ke, emva phayaa igazi lalingatofelwa, kuba ulingelo lotofelo-gazi lwaqaliswa ngasekuqaleni kwenkulungwane ye-16. Kanti, ngenkulungwane ye-17, unjingalwazi wokuhlolisisa amalungu omzimba kwiYunivesithi yaseCopenhagen wakhaba ngawo omane esithi: ‘Abo babalaselisa ukusetyenziswa kwegazi lomntu ekunyangeni izifo zangaphakathi balisebenzisa kakubi yaye benza isono esinzulu. Abantu abadla inyama yomntu bayagwetywa. Kutheni singabacekisi nje abo bangcolisa uqhoqhoqho wabo ngegazi lomntu? Kuyinto efanayo ukwamkela igazi elingelolakho elivela kumthambo osikiweyo, enoba kungomlomo okanye ngezixhobo zokulitofela. Abaqulunqi beli phulo bankwantyiswa ngumthetho kaThixo.’
11 Ewe, kwanakwiinkulungwane ezidluleyo, abantu babona ukuba umthetho kaThixo wawukwalela ukutya igazi ngokulitofela emithanjeni nokulitya ngomlomo. Ukukuqonda oku kusenokunceda abantu abaninzi bakuqonde ukuma kwamaNgqina kaYehova, okuvisisana nokuma kukaThixo. Ngoxa ebuxabisa kakhulu ubomi yaye elufuna unyango lwezamayeza, amaKristu okwenyaniso ayabuhlonela ubomi njengesipho esivela kuMdali, ngoko awazami ukuzimasa ubomi ngokusebenzisa igazi.—1 Samuweli 25:29.
Ngaba Liyabusindisa Ubomi Ngokwezamayeza?
12. Ngokusengqiqweni yintoni abanokufuna ukuyiqwalasela abantu abachubekileyo engqondweni ngotofelo-gazi?
12 Kangangeminyaka iingcali bezisithi igazi liyabusindisa ubomi. Oogqirha basenokubalisa ukuba umntu othile owopha kanobom watofelwa igazi waza wachacha. Ngoko abantu basenokuzibuza, ‘Kwezonyango oku kuma kwamaKristu kububulumko okanye kuyintswela-bulumko kangakanani?’ Ngaphambi kokuba amkele naluphi na uhlobo lonyango olunzulu, umntu ochubekileyo engqondweni uya kufuna ukuqonda ngeengenelo nangeengozi ezibandakanyekileyo. Kuthekani ngotofelo-gazi? Inyaniso ikukuba unyango ngotofelo-gazi luneengozi ezininzi. Zisenokude zibulale.
13, 14. (a) Kungaziphi iindlela oluthe utofelo-gazi lwangqineka luyingozi? (b) Okwenzeka kupopu kwazibonakalisa njani iingozi ezingokwempilo zegazi?
13 Kutshanje, ugqirha L. T. Goodnough noJ. M. Shuck baye bathi: “Abasebenzi kwezonyango bebesoloko besazi ukuba ngoxa igazi silenza likhuseleke kangangoko, utofelo-gazi belusoloko luyingozi. Eyona ngxaki iqhelekileyo yotofelo-gazi isaqhubeka iyinon-A, non-B hepatitis (NANBH); ezinye iingxaki ziquka ihepatitis B, i-alloimmunization (ukuvelisa kukabani izibulalala-zintsholongwane ezilwisana nomzimba wakhe), ukulwisana komzimba negazi elitofelweyo, ukudodobaliswa kwenkqubo yokuzikhusela komzimba nokuba neiron eninzi ngokugqithiseleyo.” Kuqikelelwa njengenye yezi ngozi zinzulu, kule ngxelo kongezelelwa: “Kucingelwa ukuba malunga nabantu abangama-40 000 [kwelaseUnited States kuphela] baya kuba neNANBH nyaka ngamnye nokuthi abali-10 ekhulwini kwaba baya kuba nesifo sokuqina kwesibindi (cirrhosis) kunye/okanye ihepatoma [umhlaza wesibindi].”—The American Journal of Surgery, Juni 1990.
14 Njengoko iingozi zokwasulelwa zizifo kwigazi elitofelweyo zisiya zisaziwa ngokubanzi, abantu bayihlolisisa ngokutsha imbono yabo ngotofelo-gazi. Ngokomzekelo, ngemva kokudutyulwa kukapopu ngowe-1981, wafumana unyango kwisibhedlele esithile waza wakhululwa kuso. Kamva kwafuneka aphindele waza walaliswa khona kangangeenyanga ezimbini, ibe wayegula ngokungaginyisi mathe kangangokuba kwabonakala ngathi kuya kufuneka ayeke kumsebenzi wakhe ngenxa yokungaphili kakuhle. Kwakutheni? Wayenesifo ekuthiwa yicytomegalovirus esasisegazini awayetofelwe lona. Bambi basenokuzibuza, ‘Ukuba negazi elitofelwa kupopu alikhuselekanga, kuthekani ngegazi elitofelwa kuthi bantu abaqhelekileyo?’
15, 16. Kutheni utofelo-gazi lungakhuselekanga kwanaxa igazi liye laxilongelwa izifo?
15 ‘Kodwa ngaba abanakulixilonga igazi ukuze babone izifo?’ uthile usenokubuza. Kaloku, ngokomzekelo cinga ngokuxilongwa kwegazi kukhangelwa ihepatitis B. IPatient Care (Februwari 28, 1990) yathi: “Ukubakho kwehepatitis emva kotofelo-gazi kwancipha emva kokuba kwenziwe uxilongo lokuyihlolisisa jikelele, kodwa iingxaki ezisisi-5 ukuya kwi-10 ekhulwini zokubakho kwehepatitis emva kotofelo-gazi zisabangelwa yihepatitis B.”
16 Ukusilela kohlolisiso olunjalo kubonwa nakwesinye isifo esifumaneka egazini—uGawulayo. Ngomoya wempindezelo, ubhubhani onguGawulayo uye wabavul’ amehlo abantu ukuba babone ingozi yegazi elinezifo. Kuyavunywa ukuba, ngoku kukho iindlela zokuxilonga igazi ukuze kubonwe le ntsholongwane. Noko ke, igazi alixilongwa kuzo zonke iindawo, yaye kubonakala ukuba abantu basenokuba nayo intsholongwane kaGawulayo egazini labo kangangeminyaka kodwa ingabonwa ngeendlela zokuxilonga ezisetyenziswayo ngoku. Ngoko abaguli banokuba nesifo sikaGawulayo—besifumana egazini elahlolisiswayo laza lanconyelwa njengelilungileyo!
17. Utofelo-gazi lusenokuba naziphi iingozi ezisenokungabonakali ngokukhawuleza?
17 Kwakhona uGqr. Goodnough noShuck bakhankanya “ukudodobaliswa kwenkqubo yokuzikhusela komzimba.” Ewe, ubungqina bubonisa ukuba kwanegazi eliye lathelekiswa elingqanyaniswe kakuhle lisenokuyenzakalisa inkqubo yokuzikhusela yomguli, nto leyo enokubangela kube lula ukungenwa ngumhlaza nokufa. Ngaloo ndlela, uhlolisiso olwenziwa eKhanada “lwabaguli abanomhlaza entloko nasentanyeni lwabonisa ukuba amandla omzimba okuzikhusela abo bafumana utofelo-gazi ebudeni bokususwa kwethumba ehla ngokungathethekiyo kamva.” (The Medical Post, Julayi 10, 1990) Oogqirha kwiYunivesithi yaseMzantsi Khalifoniya banikela le ngxelo: “Umlinganiselo wokuvuka kwakhona kwazo zonke izifo zomhlaza womqala wawuli-14 ekhulwini kwabo bangazange batofelwe igazi yaye ungama-65 ekhulwini kwabo balitofelwayo. Kumhlaza womlomo, wamakrini, wempumlo okanye wamathambo empumlo, umlinganiselo wokuvuka kwawo waba ngama-31 ekhulwini kwabo bangazange batofelwe igazi waza waba ngama-71 ekhulwini kwabo batofelwa igazi.” (Annals of Otology, Rhinology & Laryngology, Matshi 1989) Ukudodobaliswa kwenkqubo yokuzikhusela komzimba kubonakala kugxininisa isibakala sokuba abo batofelwa igazi ebudeni botyando phantse kube kuqinisekile ukuba babe nokungenwa zizifo. Bona ibhokisi, iphepha 10.
Ngaba Zikho Izinto Ezinokusetyenziswa Endaweni Yegazi?
18. (a) Iingozi ezibandakanyekileyo kutofelo-gazi zibaguqulela entwenini oogqirha? (b) Yiyiphi inkcazelo onokwabelana ngayo nogqirha wakho engezinye izinto ezinokusetyenziswa endaweni yegazi?
18 Bambi basenokuthi, ‘Ukutofelwa igazi kuyingozi, kodwa ngaba kukho naziphi na ezinye iindlela ezinokusetyenziswa?’ Ngokuqinisekileyo sifuna unyango olunempumelelo nolukumgangatho ophakamileyo, ngoko ngaba zikho iindlela ezizizo neziphumelelayo zokuhlangabezana neengxaki ezinzulu zonyango ngaphandle kokusebenzisa igazi? Okuvuyisayo kukuba, zikho. IThe New England Journal of Medicine (Juni 7, 1990) yathi: “Oogqirha, ekubeni beziqonda ngakumbi iingozi [zikaGawulayo] nezinye izifo ezasulelayo ezidluliselwa ngotofelo-gazi, bazihlolisisa ngokutsha iingozi neengenelo zotofelo-gazi yaye baguqukela kwezinye izinto ezinokusetyenziswa, kuquka leyo yokuluphepha ngokupheleleyo utofelo-gazi.”b
19. Kutheni unokuqiniseka ukuba unokungalamkeli igazi uze sekunjalo unyangwe ngokunempumelelo?
19 AmaNgqina kaYehova kudala ekwala ukutofelwa igazi, kungekhona ngokusisiseko ngenxa yeengozi ezingokwempilo, kodwa ngenxa yokuthobela umthetho kaThixo ongegazi. (IZenzo 15:28, 29) Kanti, oogqirha abanobuchule baye babanyamekela ngokunempumelelo abaguli abangamaNgqina ngaphandle kokusebenzisa igazi, elihambisana neengozi zalo. Xa sithabatha omnye kwimizekelo emininzi ekhoyo kuncwadi lwezamayeza, iArchives of Surgery (Novemba 1990) yaxubusha ngoqhaqho-fakelo lwentliziyo kubaguli abangamaNgqina abazazela zabo zabavumelayo ukuba benziwe olo tyando ngaphandle kokusetyenziswa kwegazi. Le ngxelo yathi: “Iminyaka engaphezu kwama-25 yamava okwenza utyando lwentliziyo kumaNgqina kaYehova iye yaphumela kuqhaqho-fakelo lwentliziyo oluyimpumelelo ngaphandle kokusetyenziswa kweemveliso zegazi . . . Akukhange kubekho bantu bafela esibhedlele ngaphambi okanye ngemva kotyando, yaye uhlolisiso olwenziwe emva kokuba bephumile lubonise ukuba aba baguli abazange babe nangxaki ingako yokungamkelwa kwelungu elifakelweyo.”
Elona Gazi Lixabisekileyo
20, 21. Kutheni amaKristu efanele alumke angabi nesimo sengqondo sokuba “Igazi liyeza elingalunganga”?
20 Noko ke, kukho umbuzo wokuzihlolisisa ngamnye wethu afanele azibuze wona. ‘Ukuba ndigqibe kwelokuba andiyi kukwamkela ukutofelwa igazi, ngaba ndinaso isizathu? Ngokunyanisekileyo, sisiphi isizathu esiyintloko nesingundoqo endinaso?’
21 Sele sikhankanyile ukuba zikho iindlela eziphumelelayo ezinokusetyenziswa endaweni yegazi ezingachanabi mntu kwiingozi ezininzi ezinxulumene notofelo-gazi. Iingozi ezinjengokudumba kwesibindi okanye uGawulayo ziye zashukumisela abaninzi ukuba bakwale ukutofelwa igazi ngezizathu ezingezizo ezonqulo. Abanye abantu abakwazi kungathethi ngako oku, ngokungathi benza umngcelele bebhengeza amazwi athi: “Igazi Liyeza Elingalunganga.” Kuyinto enokwenzeka ukuba amaKristu azibone sele ethelela loo mngcelele. Kodwa ngumngcelele oya kuphelela emoyeni. Njani?
22. Yiyiphi imbono esengqiqweni ngobomi nokufa esimele sibe nayo? (INtshumayeli 7:2)
22 AmaKristu okwenyaniso ayazi ukuba kwanaxa abantu benyanyekelwa ngeyona ndlela isemagqabini kwezona zibhedlele ziphucukileyo, ngaxa lithile abantu bayafa. Betofelwa igazi okanye bengalitofelwanga, abantu bayafa. Ukuthetha oko asikuko ukungakuxabisi ukuphila, kukuthetha inyaniso. Namhlanje ukufa kuyinto engaphephekiyo. Abantu abawutyeshelayo umthetho kaThixo ngegazi badla ngokujamelana neengozi zalo kwangoko okanye ekuhambeni kwexesha. Bambi babulawa kwalelo gazi litofelweyo. Sekunjalo, njengokuba sonke simele siqonde, kwanabo basindayo abazuzanga ubomi obungunaphakade, ngoko igazi alingqineki libusindise ngokusisigxina ubomi babo. Kwelinye icala, uninzi lwabo bathi bakwale ukutofelwa igazi, ngenxa yezizathu zonqulo okanye ezonyango, baze sekunjalo bazamkele ezinye iindlela zonyango, bachacha kakuhle kakhulu. Ngaloo ndlela basenokuba bayalandisa ixesha lobomi babo kangangeminyaka emininzi—kodwa kungekhona ngonaphakade.
23. Imithetho kaThixo ngegazi inxulumene njani nokuba nesono nokufuna intlawulelo kwethu?
23 Isibakala sokuba bonke abantu abaphilayo namhlanje bengafezekanga nokuba ngokuthe ngcembe besifa sisikhokelela kwingongoma ebalulekileyo yoko kuthethwa yiBhayibhile ngegazi. UThixo waxelela bonke abantu ukuba bangalidli igazi. Ngoba? Ngenxa yokuba limela ubomi. (Genesis 9:3-6) EMthethweni, wamisela imithetho eyayibonisa ukuba bonke abantu banesono. UThixo waxelela amaSirayeli ukuba ngokubingelela amadini ezilwanyana, ayenokubonisa ukuba ayayiqonda imfuneko yokucanyagushelwa kwezono zawo. (Levitikus 4:4-7, 13-18, 22-30) Nangona engafuni ukuba senze oko namhlanje, oko kubalulekile ngoku. UThixo waceba idini elalinokuzicamagushela ngokupheleleyo izono zabo bonke abakholwayo—intlawulelo. (Mateyu 20:28) Kungenxa yoku esifanele sibe nembono kaThixo ngegazi.
24. (a) Kutheni bekuya kuba yimpazamo ukujonga iingozi ezingokwempilo njengondoqo wembambano engegazi? (b) Yintoni ngokwenene efanele ibe sisiseko sembono yethu ngokusebenzisa igazi?
24 Bekuya kuba yimpazamo ukugxininisa kwiingozi ezingokwempilo zegazi, kuba eso yayingesosizathu sikaThixo. AmaSirayeli asenokuba afumana iingenelo ezithile zempilo ngokungalidli igazi, kanye njengokuba esenokuba azuza iingenelo ezithile zempilo ngokungadli inyama yehagu okanye eyezilwanyana ezitya inyama efileyo. (Duteronomi 12:15, 16; 14:7, 8, 11, 12) Noko ke, khumbula ukuba xa uThixo wanika uNowa ilungelo lokutya inyama, akazange akwalele ukutyiwa kwenyama yezo zilwanyana. Kodwa wayalela ukuba abantu bangalityi igazi. UThixo akazange agxininise kwiingozi ezingokwempilo ezinokubakho. Leyo yayingeyongongoma iyintloko yomthetho wakhe ngegazi. Abanquli bakhe babemele bakuphephe ukusindisa ubomi babo ngegazi, ngokuyintloko bengenzi oko ngenxa yokuba kungeyompilo, kodwa ngenxa yokuba kwakungengcwele. Babengalityi igazi, kungengenxa yokuba lingcolile, kodwa ngenxa yokuba lixabisekile. Kuphela kungegazi ledini ababenokuthi ngalo baxolelaniswe.
25. Igazi linokubusindisa njani ngonaphakade ubomi?
25 Kunjalo nakuthi namhlanje. Kwabase-Efese 1:7 umpostile uPawulos wacacisa: “Esinayo sikuye [uKristu] inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe.” Ukuba uThixo uxolela izono zikabani aze amgqale loo mntu njengolilungisa, loo mntu unethemba lobomi obungapheliyo. Ngoko igazi likaYesu lentlawulelo linako ukusindisa ubomi—ngokungenasiphelo, enyanisweni, ngonaphakade.
[Imibhalo esemazantsi]
a Lo myalelo waqukunjelwa ngamazwi athi: “Enothi nakuzigcina kuzo, nibe niyalungisa. Hlalani kakuhle [mpilo-ntle kuni, NW].” (IZenzo 15:29) Ibinzana elithi “mpilo-ntle kuni” lalingathembisi ukuba, ‘ukuba niyalizila igazi nombulo, niya kuba nempilo entle.’ Yayingumqukumbelo nje wencwadi, njengokuthi ‘Usale kakuhle.’
b Ezinye izinto ezinokusetyenziswa endaweni yotofelo-gazi zivelelwe kwincwadana enemifanekiso ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?, epapashwe ngowe-1990 yiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.
Ngaba Unokucacisa?
◻ Sisiphi isizathu esiphambili sokuba amaNgqina kaYehova angalwamkeli utofelo-gazi?
◻ Bubuphi ubungqina obuqinisekisa ukuba ukuma kweBhayibhile ngegazi asikuko okungekho ngqiqweni ngokwezamayeza?
◻ Intlawulelo inxulumene njani nomthetho weBhayibhile ngegazi?
◻ Yiyiphi ekuphela kwendlela igazi elinokubusindisa ngayo ubomi ngonaphakade?
[Ibhokisi ekwiphepha 10]
UTOFELO-GAZI NOKUSULELWA ZIZIFO
Ngemva kokuhlolisisa ngokubanzi enoba utofelo-gazi lusenokumenza umguli asulelwe lula zizifo, uGqr. Neil Blumberg wagqiba kwelokuba: “Kwizifundo zokuhlolisisa lo mbandela ezili-12, kwezili-10 kwafunyaniswa ukuba utofelo-gazi lulodwa lwalunxulumene nokusulelwa ziintsholongwane . . . Ukongezelela, utofelo-gazi ngaxa lithile ngaphambi kotyando lusenokuchaphazela amandla omguli okumelana nokusulelwa zizifo ukuba imiphumo yotofelo-gazi kumandla okuzikhusela komzimba ihlala ithuba elide njengokuba olunye uhlolisiso lubonisa . . . Ukuba kunokuphandwa ngokungakumbi ngale nkcazelo ize iqinisekiswe, kubonakala ukuba ukusulelwa zizifo emva kotyando kunokuba yekuphela kwengxaki exhaphakileyo enxulumene notofelo-gazi.”—Transfusion Medicine Reviews, October 1990.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Iiseli ezibomvu zegazi ezenziwe nkulu. “Kuwo ngamnye umlinganiselo wegazi osisi-0,00003 seawunsi kukho iiseli zegazi ezibomvu ezizizigidi ezine ukuya kwezintandathu.”—“The World Book Encyclopedia”
[Inkcazelo]
Kunkel-CNRI/PHOTOTAKE NYC