IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • hb iphe. 22-26
  • Igazi Elibusindisa Ngenene Ubomi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Igazi Elibusindisa Ngenene Ubomi
  • Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • EKUPHELA KWEGAZI ELISINDISA UBOMI
  • NANDIPHA UBOMI OBUSINDISWA NGEGAZI
  • Ukusindisa Ubomi Ngegazi—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Bonakalisa Uxabiso Olufanelekileyo Ngesipho Onaso Sobomi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Igazi—Libalulekile Ebomini
    Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
  • IGazi
    Ukuqiqa NgeZibhalo
Khangela Okunye
Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?
hb iphe. 22-26

Igazi Elibusindisa Ngenene Ubomi

Ngokuphuma kwinkcazelo eyandulelayo kukho iingongoma ezithile eziye zacaca. Nangona abantu abaninzi bekujonga njengokusindisa ubomi, ukutofela igazi kuzaliswe ziingozi. Nyaka ngamnye kufa amawaka-waka abantu ngenxa yotofelo-gazi; enye inyambalala engakumbi iyagula ize ijamelane nemiphumo eya kubandezeleka yiyo kangangexesha elide. Ngoko, kwanaxa kuhlolisiswa okwenzekayo emzimbeni, kukho ubulumko kanye ngoku ekuthobeleni umyalelo weBhayibhile ‘wokuzila igazi.’—IZenzo 15:28, 29.

Abaguli bayakhuseleka kwiingozi ezininzi ukuba bacela unyango olungelolwagazi. Oogqirha abanobuchule abaye abanaluvalo ekwenzeni ngolu hlobo kumaNgqina kaYehova baye bavelisa inkqubo esebenzisekayo nekhuselekileyo nenempumelelo, njengokuba ingqinwa ziingxelo ezininzi zezonyango. Oogqirha abanikela unyango olusemgangathweni ngaphandle kokusebenzisa igazi abayityesheli imigaqo ebalulekileyo yezonyango. Kunoko, babonakalisa ukuhlonela ilungelo lomguli lokwazi iingozi neengenelo khon’ ukuze babe nokwenza ukhetho lobulumko ngokoko kuya kwenziwa kumzimba nakubomi bakhe.

Asinambono ilinganiselweyo ngalo mbandela, kuba siyaqonda ukuba asingabo bonke abaya kuvumelana nale ndlela kuchazwa ngayo. Abantu banezazela, banemigaqo ebalawulayo neembono ezahlukahlukeneyo ngezonyango. Ngenxa yoko, abanye, kuquka oogqirha abathile, basenokukufumanisa kunzima ukwamkela isigqibo somguli sokuzila igazi. Omnye ugqirha wotyando waseNew York wabhala oku: “Andisayi kuze ndiyilibale into eyenzeka kwiminyaka edluleyo eli-15, njengogqirha oselula nosafundayo xa ndandimi ngakumandlalo weNgqina likaYehova elopha lade lafa ngenxa yesilonda esisethunjini. Iminqweno yaloo mguli yahlonelwa ibe akazange atofelwe gazi, kodwa ndisayikhumbula kakuhle indlela endandiziva ndidideke ngayo kanobom njengogqirha.”

Alithandabuzeki elokuba wayekholelwa kukuba igazi ngelalibusindisile obo bomi. Phofu ke, kwithuba lonyaka emva kokuba ebhale oko, iThe British Journal of Surgery (kaOktobha 1986) yanikela ingxelo yokuba ngaphambi kokusetyenziswa kwenkqubo yokutofel’ igazi, ukopha okubangelwa sisilonda esisethunjini “kwakubangela umlinganiselo wokufa osisi-2,5 ekhulwini.” Ukususela ekubeni utofelo-gazi lwaba yinto eqhelekileyo, ‘uhlolisiso olungakumbi nolubanzi lunikela ingxelo yokuba kufa abantu abali-10 ekhulwini.’ Kutheni umlinganiselo wokufa unyuke ngesine ekhulwini? Abaphengululi babonisa oku: “Ukutofela igazi ngokukhawuleza kubonakala kunqumamisa inkqubo yokuyileka kwamahlwili kuze ngolo hlobo kubangele ukopha kwakhona.” Xa iNgqina elalinesilonda esophayo lingazange lilamkele igazi, enyanisweni ukhetho lwalo lusenokuba lwawakhulisa amathemba alo okusinda.

Lo gqirha ukwamnye wongezelela oku: “Ukuhamba kwexesha nokunyanga abaguli abaninzi kutyekele ekuguquleni imbono kabani, ibe namhlanje ndifumanisa ukuba ukuthembana komguli nogqirha wakhe, nembopheleleko yokuhlonela iminqweno yomguli kubaluleke gqitha kunobugcisa obutsha bezonyango obusijikelezileyo. . . . Okubangela umdla kukuba ukudideka ngoku kuye kwathatyathelw’ indawo yimvakalelo yokumangaliswa nentlonelo ngokholo olungaxengaxengiyo lwaloo mguli.” Lo gqirha waqukumbela ngokuthi: ‘Oku kundikhumbuza ukuba ndifanele ngamaxesha onke ndiyihlonele iminqweno yobuqu neyonqulo yomguli kungakhathaliseki indlela endivakalelwa ngayo okanye oko kwenzekayo.’

Usenokuba sele ukuqonda okuthile okuye kwaqondwa ngoogqirha abaninzi “ngokuhamba kwexesha nangokunyanga abaguli abaninzi.” Kwanangokusetyenziswa kwezona ndlela zonyango zisemgangathweni kwezona zibhedlele ziphucukileyo, ekuhambeni kwexesha abantu bona bayafa. Enoba batofelwe igazi okanye akunjalo, bayafa. Sonke siyaluphala, ibe intambo yobomi iya isongwa ngokusongwa. Oku asikokukholelwa kwilishwa. Kusisibakala sokwenene. Ukufa kusisibakala sokwenene ebomini.

Ubungqina bubonisa ukuba abantu abangawuhloneliyo umthetho kaThixo ngegazi ngokufuthi behlelwa yimeko engemyoli ngoko nangoko okanye emva kwexesha elithile; bambi bade bafe ngenxa yegazi. Abo basindayo abazuzi ubomi obungenasiphelo. Ngoko ukutofela igazi akuthethi ukuba uya kuba nobomi obuhlala buhleli.

Inkoliso yabantu abathi, ngezizathu ezingokonqulo kunye okanye ezonyango, bangalamkeli igazi kodwa bamkele unyango olulolunye bachacha kakuhle. Ngaloo ndlela basenokuphila iminyaka engakumbi. Kodwa abayi kuphila ngokungenasiphelo.

Isibakala sokuba bonke abantu abafezekanga ibe ngokuthe ngcembe bayafa sisikhokelela kwinyaniso esisiseko yoko iBhayibhile ikuthethayo ngegazi. Ukuba siyayiqonda ibe siyayixabisa le nyaniso, siya kuyibona indlela igazi elinokubusindisa ngenene ngayo ubomi—ubomi bethu—ngonaphakade.

EKUPHELA KWEGAZI ELISINDISA UBOMI

Njengoko kuphawuliwe ngaphambilana, uThixo waxelela lonke uluntu ukuba lwalungamele lulidle igazi. Ngoba? Ngenxa yokuba igazi limela ubomi. (Genesis 9:3-6) Wakucacisa ngokubhekele phaya oku kuMthetho awawunika uSirayeli. Ngexesha lokuqinisekiswa kwalo Mthetho, igazi lezilwanyana zamadini lalisetyenziswa esibingelelweni. (Eksodus 24:3-8) Loo mithetho yathetha ngesibakala sokuba bonke abantu abafezekanga; banesono, njengoko iBhayibhile ikubeka ngolo hlobo. UThixo waxelela amaSirayeli ukuba ngamadini ezilwanyana awayenikelwa kuye, ayenokuyiqonda imfuneko yokucanyagushelwa kwezono zawo. (Levitikus 4:4-7, 13-18, 22-30) Kuyavunywa ukuba, oko koko uThixo wayekufuna kuwo emva apho, ingekuko oko akufuna kubanquli bokwenyaniso namhlanje. Sekunjalo oku kubaluleke kunene kuthi ngoku.

UThixo wawucacisa umgaqo osisiseko waloo madini: “Umphefumlo [okanye, ubomi] wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo. Ngenxa yoko ndithe koonyana bakwaSirayeli, Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi.”—Levitikus 17:11, 12.

Ngomthendeleko wamandulo owawubizwa ngokuba nguMhla Wocamagushelo, umbingeleli omkhulu wakwaSirayeli wayethabatha igazi lezilwanyana zamadini alise kweyona ndawo ingcwele etempileni, isazulu sonqulo lukaThixo. Ukwenjenjalo kwakuyindlela yokomfuziselo yokucela uThixo ukuba axolele izono zabantu. (Levitikus 16:3-6, 11-16) Loo madini ayengazisusi ngokoqobo zonke izono, ngoko kwakufuneka enziwe nyaka ngamnye. Sekunjalo, ukusetyenziswa kwegazi ngale ndlela kwamisela umzekelo onentsingiselo.

Imfundiso esisiseko eBhayibhileni kukuba ekugqibeleni uThixo wayeya kulungiselela idini elinye elifezekileyo elaliya kuzicamagushela ngokuzeleyo zonke izono zabo bakholwayo. Lona libizwa ngokuba yintlawulelo, ibe litsalela ingqalelo kwidini likaMesiya, okanye uKristu, owaxelwa kwangaphambili.

IBhayibhile ithelekisa indima kaMesiya noko kwakusenziwa ngoMhla Wocamagushelo: “Ke yena uKristu, efike wangumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho, uthe ngowona mkhulu ogqibeleleyo umnquba [itempile], ongenakwenziwa ngazandla, . . . wangena kwaba kanye kweyona ngcwele [ezulwini], kungengalo negazi leebhokhwe namathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela. Kananjalo ngokomthetho ndingade ndithi, zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjululwe ngegazi; kungaphalalanga gazi, akubikho kuxolelwa.”—Hebhere 9:11, 12, 22.

Ngaloo ndlela sithi sicace isizathu sokuba kufuneka sibe nembono kaThixo ngegazi. Ngokuvisisana nelungelo lakhe njengoMdali, uye wamisela ekuphela kwendlela elinokusetyenziswa ngayo. AmaSirayeli amandulo asenokuba azuza iingenelo ezingokwempilo ngokungalidli igazi lezilwanyana okanye elabantu, kodwa oko kwakungabalulekanga konke konke. (Isaya 48:17) Kwakufuneka akuphephe ukuzimasa ubomi bawo ngegazi, ingekuko ngokuyintloko kuba ukwenjenjalo kwakungafanelekanga ngokwempilo, kodwa ngenxa yokuba kwakungengcwele kuThixo. Ayemele azile igazi, ingekuko ngenxa yokuba lalingcolile, kodwa ngenxa yokuba lalibalulekile ekuxolelweni kwabantu.

Umpostile uPawulos wacacisa oku ngentlawulelo: “Ngaye [uKristu] sinenkululeko yentlawulelo ngalo igazi lakhe, ewe, ukuxolelwa kwezikreqo zethu, ngokobuninzi bobabalo lwakhe.” (Efese 1:7, NW) Igama lesiGrike lantlandlolo elifunyanwa apho liguqulelwe ngokufanelekileyo ngokuthi “igazi,” kodwa iinguqulelo zeBhayibhile eziliqela zenza impazamo ngokusebenzisa igama elithi “ukufa” endaweni yalo. Ngenxa yoko, abafundi basenokungakuphawuli ukugxininiswa kwembono yoMdali wethu ngegazi nexabiso ledini alinxibelelanisa negazi.

Umxholo weBhayibhile usekelwe kwisibakala sokuba uKristu wafa njengedini lentlawulelo elifezekileyo kodwa akazange ahlale efile. Ngokuvisisana nomzekelo uThixo awumisela ngoMhla Wocamagushelo, uYesu wavuselwa ezulwini ukuze “abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.” Apho wadlulisa ixabiso legazi lakhe ledini. (Hebhere 9:24) IBhayibhile igxininisa into yokuba simele siphephe naliphi na ikhondo ebeliya kufana ‘nokunyathelela phantsi unyana kaThixo nokulibalela ekuthini liyinqambi igazi lakhe.’ Kungaloo ndlela ke kuphela esinokuthi sigcine ulwalamano olulungileyo size sibe noxolo noThixo.—Hebhere 10:29; Kolose 1:20.

NANDIPHA UBOMI OBUSINDISWA NGEGAZI

Xa sikuqonda oko kuthethwa nguThixo ngegazi, siba neyona ntlonelo inkulu ngexabiso lalo lokusindisa ubomi. IZibhalo zimchaza uKristu njengalowo ‘usithandayo nowasikhulula ezonweni zethu ngegazi elilelakhe.’ (ISityhilelo 1:5; Yohane 3:16) Ngegazi likaYesu, izono zethu zinokuxolelwa ngokupheleleyo nangonaphakade. Umpostile uPawulos wabhala oku: “Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.” Leyo yindlela obunokusindiswa ngayo ngonaphakade ubomi ngegazi.—Roma 5:9; Hebhere 9:14.

Kwakudala uYehova uThixo wanikela isiqinisekiso sokuba ngoKristu ‘zonke iintlanga zomhlaba zinokusikelelwa.’ (Genesis 22:18) Oko kusikelelwa kuquka ukuguqulwa komhlaba ube yiparadisi. Ngoko uluntu olukholwayo alusayi kuthwaxwa kukugula, ukwaluphala, okanye nakukufa; luya kunandipha iintsikelelo ezibalasele ngakumbi kunoncedo lokwexeshana ngoku esinokulunikwa ngoogqirha. Sineli dinga limangalisayo: “Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:4.

Ngoko, hayi indlela ekububulumko ngayo ngathi ukukhumbula size senze zonke izinto ezifunwa nguThixo! Oku kuquka ukuthobela imiyalelo yakhe ngegazi, ukungalisebenzisi kakubi kwanakwiimeko zonyango. Ngaloo ndlela asiyi kuphila nje ithutyana. Kunoko, siya kubonakalisa ukubuxabisa kwethu okuphakamileyo ubomi, kuquka ithemba lethu lekamva lobomi obungunaphakade kwimfezeko yoluntu.

[Ibhokisi ekwiphepha 25]

Abantu bakaThixo bakwala ukuzimasa ubomi babo ngegazi, kungekhona ngenxa yokuba kwakungekho mpilweni ukwenjenjalo kodwa ngenxa yokuba kwakungengcwele, kungekhona ngenxa yokuba igazi lalingcolile, kodwa ngenxa yokuba lalixabisekile.

[Umfanekiso okwiphepha 24]

“Ngaye [uYesu] sinenkululeko yentlawulelo ngalo igazi lakhe, ewe, ukuxolelwa kwezikreqo zethu.”—Efese 1:7

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Ukusindisa ubomi ngegazi likaYesu kuvula indlela esa kubomi obungenasiphelo nobusempilweni kwiparadisi esemhlabeni

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share