IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/07 iphe. 3
  • IZaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • IZaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 3/07 iphe. 3

IZaziso

◼ NgoMatshi kuza kuhanjiswa incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoAprili nangoMeyi: IMboniselo noVukani! NgoJuni: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho.

◼ Umveleli owongamelayo okanye loo mntu wabelwe nguye ufanele ahlole imali yebandla ngoMatshi 1 okanye kamsinya emva koko. Ukuba ikho enye iakhawunti yebhanki, enjengeyokulungisa iholo okanye ukwakha, kufanele kwenziwe amalungiselelo okuba ihlolwe. Yakuba ihloliwe, kufanele kwaziswe ibandla emva kwengxelo elandelayo yemali yebandla. Amabandla abhaliswe njengePublic Benefit Organizations (PBO) afanele athumele iingxelo zemali yebandla zikaDisemba, uJanuwari kunye noFebruwari kwiofisi yesebe emva kokuba ihloliwe. Emvulophini ngaphandle makubhalwe Accounting Office.

◼ Amabandla afanele anike abavakalisi iinkupho ezisandul’ ukufika zeMboniselo noVukani! ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka. Loo nto iya kunika abavakalisi ithuba lokwazi oko kuqulethwe ngaloo maphephancwadi ngaphambi kokuba bawahambise entsimini.

◼ Iofisi yesebe ayizithumeli iioda zoncwadi ezithunyelwa ngabavakalisi ngabanye. Abavakalisi bafanele baode uncwadi lwabo ngebandla. Umveleli owongamelayo ufanele alungiselele ukuba kwenziwe isaziso nyanga nganye ngaphambi kokuba kuthunyelwe ioda kwiofisi yesebe ukuze bonke abanomdla wokufumana uncwadi bathethe nomzalwana osingatha uncwadi. Ncedani nikhumbule ukuba ziziphi iincwadi ezifakwa njengezicelo ezikhethekileyo. Ibandla lifanele liziode kuphela xa zifunwa ngabantu. IFomu Yesicelo Soncwadi (S-14) ifanele ithunyelwe ngokukhawuleza nyanga nganye.

◼ Amabandla afanele aqalise ukuoda imiqulu yowama-2006 yeMboniselo noVukani! Le miqulu iya kufumaneka ngesiTshayina (Esiqhelekileyo), ngesiNgesi, ngesiFrentshi, nangesiPhuthukezi. De ibe ithunyelwe le miqulu, iza kubhalwa “Pending” kwi-invoyisi yebandla. Imiqulu zizinto zesicelo esikhethekileyo.

◼ Ukuba ulalisiwe esibhedlele kwaye ufuna ukuba abadala bebandla lakho okanye abakwiQela Elityelela Abaguli bakwazi, nceda uchaze ukuba uliNgqina likaYehova esibhedlele kwaye ucele ukuba ubhaliswe njengeNgqina. Bachazele esibhedlele ukuba ungakuvuyela ukutyelelwa ngabalungiseleli abangamaNgqina kaYehova.

◼ Abadala, ngokukodwa abaVeleli Bezifundo Zencwadi Zebandla, bafanele baqiniseke ukuba bonke abavakalisi ababhaptiziweyo abakumaqela abo balizalisile ikhadi elitsha leDPA njengoko kubonisiwe kucwangciso lwentlanganiso yenkonzo lukaJanuwari 22, 2007, neleta ebisiya kuwo onke amaqumrhu abadala kaOktobha 8, 2006.

◼ Izicaka zoncwadi zifanele ziphawule ukuba iseti yeealbham ezintlanu ethi Sing Praises to Jehovah—On Audiocassette (csLsb) ebisetyenziswa kwiintlanganiso zebandla ayisafumaneki. Ngoku kufanele kuodwe iseti yeeCD ezisibhozo ethi Sing Praises to Jehovah—On Compact Disc (cdsb).

◼ Indibano ekhethekileyo yosuku olunye yesiPhuthukezi iza kuqhutywa ngoMatshi 3, 2007. Indibano yesiphaluka yesiPhuthukezi iza kuqhutywa ngoJulayi 21, 22, 2007. Zombini ziza kuqhutywa kwiHolo YeNdibano Yase-Eikenhof, eRhawutini.

◼ Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:

Hlala Uyikhumbula Imini KaYehova (jd)—isiBhulu, isiFrentshi, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTsonga, isiTswana, isiXhosa, isiZulu

INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike (bi7)—isiChichewa

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share