Izinto Ezimele Zikhunjulwe Xa Kulungiselelwa ISikhumbuzo
ISikhumbuzo salo nyaka siza kuba ngoMvulo, Aprili 2. Abadala bafanele bakhumbule ezi zinto zilandelayo.
◼ Xa nikhetha ixesha lale ntlanganiso, qinisekani ukuba imifuziselo ayihanjiswa de kube semva kokutshona kwelanga.
◼ Wonke umntu, kuquka isithethi, ufanele aziswe ngexesha nendawo esiza kuqhutyelwa kuyo iSikhumbuzo.
◼ Kufanele kulungiswe isonka newayini efanelekileyo.—Bona IMboniselo kaFebruwari 15, 2003, iphe. 14-15.
◼ Iipleyiti, iiglasi, itafile kunye nelaphu letafile zifanele zibe seholweni yaye zilungiswe kwangethuba.
◼ IHolo yoBukumkani okanye indawo ekuza kuqhutyelwa kuyo le ntlanganiso ifanele icocwe kwangethuba.
◼ Abalindi nabo baza kuhambisa imifuziselo bafanele bakhethwe baze bachazelwe kusengaphambili ngemisebenzi yabo, indlela abaza kuyenza ngayo, nento yokuba bafanele banxibe yaye bazilungise ngendlela endilisekileyo.
◼ Kufanele kwenziwe amalungiselelo okusa imifuziselo kuye nawuphi na umthanjiswa ongaphilanga nongayi kukwazi ukubakho.
◼ Ukuba iHolo yoBukumkani iza kusetyenziswa ngamabandla aliqela, loo mabandla afanele asebenzisane ukuze kuphetshwe ukuxinana ezipasejini okanye kwiminyango yokungena, kwiindledlana zokuhamba nakwiindawo zokupaka iimoto.