IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/10 iphe. 2
  • Owona Msebenzi Ubaluleke Kakhulu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Owona Msebenzi Ubaluleke Kakhulu
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Nawe Uza Kunceda Abantu Babe Ngabafundi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Kukhuthalele Ukushumayela NjengoYesu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2025
  • Masiqhubeke Siyikhuthalela Intsimi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Ukwazisa Igama LikaThixo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2010
km 3/10 iphe. 2

Owona Msebenzi Ubaluleke Kakhulu

1. Uxabiso lwethu ngobulungiseleli luya kusishukumisela ukuba sincame ntoni?

1 Kutheni sisoloko sikhuthazwa ukuba sinikele ngexesha, ngamandla nangezinto zethu kubulungiseleli? Ngenxa yokuba awukho omnye umsebenzi oxabiseke ukodlula lo! Ukucinga ngemiphumo kuya kukhulisa umnqweno wethu wokufuna ukuba nenxaxheba kulo msebenzi ungasokuze uphindwe.—IZe. 20:24.

2. Umsebenzi wethu wokushumayela unceda njani ekungcwalisweni kwegama likaYehova elikhulu?

2 Ungcwalisa Igama LikaYehova: Umsebenzi wokushumayela ubethelela ukuba uBukumkani bukaYehova obuza kulawulwa nguYesu Kristu buya kuthathel’ indawo bonke oorhulumente boluntu buze buzise isicombululo kuzo zonke iingxaki zoluntu. (Mat. 6:9, 10) UYehova uzukiswa njengokuphela konako ukusisindisa kukugula nokufa. (Isa. 25:8; 33:24) Ekubeni sithwele igama lakhe, abanye abayijongileyo indlela esiziphethe kakuhle ngayo nenzondelelo yethu baya kumzukisa. (1 Pet. 2:12) Kuyasanelisa ngenene ukwazisa ehlabathini jikelele igama leNkosi enguMongami uYehova!—INdu. 83:18.

3. Ziziphi iingenelo ezifunyanwa ngabo basabelayo kwiindaba zoBukumkani?

3 Usindisa Ubomi: UYehova “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Pet. 3:9) Sekunjalo, ngaphandle komntu wokubafundisa, abantu baya kwazi njani ukuba yintoni uYehova ayigqala njengehambo efanelekileyo nengafanelekanga? (Yona 4:11; Roma 10:13-15) Xa abantu besabela kwiindaba ezilungileyo, indlela yabo yokuphila iyaphucuka njengoko belahla imikhwa eyingozi. (Mika 4:1-4) Ukongezelela koko, bafumana ithemba elivuyisayo lobomi obungunaphakade. Umsebenzi wethu wokushumayela nokufundisa usindisa thina nabo basiphulaphulayo. (1 Tim. 4:16) Enjani ukubaluleka indima esiyidlalayo kulo msebenzi ubaluleke kakhulu!

4. Kutheni sifanele senze konke okusemandleni ethu kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani nowokwenza abafundi?

4 Kungekudala imbandezelo enkulu iza kuzisa isiphelo esikhawulezileyo kweli hlabathi lingenabulungisa. Abo bema ngakwicala likaYehova baya kusinda. Ngoko ke, ukushumayela nokwenza abafundi ngowona msebenzi ungxamisekileyo, ubalulekileyo noyingenelo owenziwayo namhlanje. Mawube kwindawo yokuqala ebomini bethu!—Mat. 6:33.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share