IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 1/11 iphe. 1
  • Owona Msebenzi Uvuyisayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Owona Msebenzi Uvuyisayo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Nawe Uza Kunceda Abantu Babe Ngabafundi?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Yintoni Onokuyenza Ukuze Uncede Umntu Omfundelayo Ade Abhaptizwe?​—Inqaku Lesibini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
  • Fumana Uvuyo Kumsebenzi Wokwenza Abafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Icandelo 1: Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2004
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2011
km 1/11 iphe. 1

Owona Msebenzi Uvuyisayo

1. Nguwuphi umsebenzi wokuphilisa ngokomoya owenziwayo namhlanje?

1 Ngenkulungwane yokuqala babevuya ngokwenene abo babezibonela ngawabo xa kuphiliswa abantu. (Luka 5:24-26) Namhlanje sivuyiswa ngumsebenzi wokuphilisa ngokomoya. (ISityhi. 22:1, 2, 17) Kuchulumancisa ngokwenene ukufunda amava abonisa indlela obuguqulwa ngayo ubomi babantu liLizwi likaYehova nomoya oyingcwele. Eyona nto isivuyisa ngakumbi kukuba nenxaxheba kumsebenzi wokuqhuba izifundo zeBhayibhile ezinenkqubela.

2. Yintoni esivuyisayo xa sifundisa umntu inyaniso?

2 Ngubani igama likaThixo? Kutheni evumela ukubandezeleka? UBukumkani bukaThixo buya kubenzela ntoni abantu? Asivuyiswa nje kukuphendula le mibuzo kuphela, kodwa nakukubona indlela avuya ngayo umntu xa efunda inyaniso. (IMize. 15:23; Luka 24:32) Njengoko lo mntu esenza inkqubela, uqalisa ukusebenzisa igama likaYehova, aphucule indlela anxiba nazilungisa ngayo, ayeke imikhwa emibi, aze aqalise ukushumayela kwabanye. Ukuba ude azahlulele aze abhaptizwe, uya kuba ngumzalwana nomsebenzi olidlelane lethu. Linyathelo ngalinye kula ke, into esenza sivuye.—1 Tes. 2:19, 20.

3. Zintoni esinokuzenza ukuze siqalise isifundo seBhayibhile?

3 Ngaba Unokuba Nenxaxheba? Ukuba ufuna ukufak’ isandla kulo msebenzi uvuyisayo, thandaza kuYehova ucele isifundo seBhayibhile, emva koko wenze ngokuvisisana naloo mthandazo. (1 Yoh. 5:14) Shumayela apho kukho bantu nangamaxesha abafumaneka ngawo. Sebenzisa lonke ithuba elivelayo ucele abantu ukubaqhubela isifundo seBhayibhile. (INtshu. 11:6) Xa udibana nomntu onomdla uze utyale imbewu yenyaniso, buyela uye kuyinkcenkceshela.—1 Kor. 3:6-9.

4. Kutheni sifanele sicele izifundo zeBhayibhile ngemvo yongxamiseko?

4 Basebaninzi abantu abalambele nabanxanelwe ubulungisa. Ngubani oya kwanelisa loo ntswelo yabo yokomoya ngokubaqhubela isifundo seBhayibhile? (Mat. 5:3, 6) Masizinikele ukuze sifeze umsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi ngaphambi kokuba isivuno siphele.—Isa. 6:8.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share