Ucwangciso Lweveki KaJanuwari 10
IVEKI EQALA NGOJANUWARI 10
Ingoma 50 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
cf isahlu. 16 ¶1-6, (25 imiz)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: 2 Kronike 33-36 (10 imiz)
No. 1: 2 Kronike 34:12-21 (4 imiz okanye ngaphantsi)
No. 2: Yintoni Esinokuyifunda Kumzekelo KaMariya, Unina KaYesu? (5 imiz)
No. 3: Ngaba UYesu Wayeyinkokeli Nje Yezonqulo?—rs iphe. 396 ¶4 (5 imiz)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Izaziso.
10 imiz: Shumayela Ngemfudumalo. Ingxubusho esekelwe kwincwadi ethi ISikolo Sobulungiseleli, iphepha 118, isiqendu 1 ukusa kwiphepha 119, isiqendu 5.
10 imiz: Ngaba Unokuwelela EMakedoni? (IZe. 16:9, 10) Ingxubusho esekelwe kwiNcwadi Yonyaka Yowama-2010, iphepha 163-164 nelama-238-239. Emva kokuxubusha amava ngamanye, cela abaphulaphuli bagqabaze ngezinto abaye bazifunda. Abo banomdla wokuya kunceda apho kufuneka abavakalisi abangakumbi khona, bafanele bathethe nomveleli wesiphaluka sabo okanye babhalele iofisi yesebe.
10 imiz: “Owona Msebenzi Uvuyisayo.” Imibuzo neempendulo. Ngokufutshane dlan’ indlebe nomvakalisi oye wafumana uvuyo nolwaneliseko ngokuqhuba isifundo seBhayibhile esinenkqubela.
Ingoma 75 Nomthandazo