Ucwangciso Lweveki KaFebruwari 6
IVEKI EQALA NGOFEBRUWARI 6
Ingoma 101 Nomthandazo
□ ISifundo SeBhayibhile Sebandla:
bt isahl. 16 ¶8-12, ibhokisi kwiphe. 132 (25 imiz.)
□ ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo:
Ufundo lweBhayibhile: Isaya 47-51 (10 imiz.)
No. 1: Isaya 51:1-11 (4 imiz. okanye ngaphantsi)
No. 2: Umtshato Wokuqala Wawunaziphi Iinkqubo?—rs iphe. 358 ¶1-2 (5 imiz.)
No. 3: Inokwenzeka Njani Into Yokuba UThixo Onothando Abe Nabantu Abatshabalalisayo?—2 Tes. 1:6-9 (5 imiz.)
□ INtlanganiso Yenkonzo:
5 imiz: Izaziso.
10 imiz: Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngeewebhsayithi Zokuncokola?—Inxalenye 2. Intetho esekelwe kuVukani! kaAgasti 2011 iphepha 10-13 noVukani! kaFebruwari 2012 iphepha 8-9.
10 imiz: Iimfuno Zebandla.
10 imiz: Amacebiso Okuhambisa Amaphephancwadi ngoFebruwari. Ingxubusho. Kangangomzuzu omnye okanye emibini yithi gqabagqaba ngamanqaku anokubangela umdla kwintsimi yenu. Emva koko, cela abaphulaphuli bakhethe umbuzo nesibhalo abanokusisebenzisa xa behambisa leMboniselo. Yenza okufanayo nakuVukani! yaye ukuba ixesha liyavuma, yenza okufanayo nangelinye lamanqaku elikwelinye lala maphephancwadi. Yenza umboniso wendlela yokuhambisa ngalinye kula maphephancwadi.
Ingoma 96 Nomthandazo