Izaziso
◼ Uncwadi oluza kuhanjiswa ngoFebruwari: Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho ngoMatshi: Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? NgoAprili: Unako Ukuba Ngumhlobo KaThixo nethi Indlela Ekhokelela Ebomini—Ngaba Uyifumene? okanye nayiphi na incwadana enemifanekiso ibandla lenu elinayo esitokhweni. NgoMeyi: IMboniselo noVukani!
◼ Intetho ekhethekileyo iza kunikelwa kwimpelaveki esemva kweSikhumbuzo yaye umxholo wayo uthi “Ngaba Isiphelo Sikufuphi Kunokuba Ucinga?”
◼ Nanini na uceba ukutyelela ilizwe ekungathethwa ngalo ngokukhethekileyo kwingxelo yonyaka wenkonzo yakutshanje okanye engachazwanga iadresi yalo kwiNcwadi Yonyaka, nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ukuze ufumane imiyalelo ecacileyo ngoko ufanele ukuphaphele. Kusenokwenzeka ukuba umsebenzi woBukumkani ubekelwe imiqathango kwelo lizwe. (Mat. 10:16) Kwamanye amazwe ayibobulumko ukubuzisa ngamaNgqina alapho okanye ibandla lasekuhlaleni. Nisenokunikwa eminye imiyalelo ngokuphathelele ukushumayela ngokungacwangciswanga okanye ukuphatha uncwadi. Ukuthobela kwenu imiyalelo kuya kubangela ukuba ningabi neengxaki ezingeyomfuneko kuze kuphazamiseke nomsebenzi woBukumkani kwilizwe enilityeleleyo.—1 Kor. 14:33, 40.
◼ Kuyasivuyisa ukunazisa ukuba kuye kwanikezelwa ezinye iiHolo zoBukumkani ezintathu. Ezo holo zezebandla laseEerstegeluk, naseMadibong eLimpompo nelaseEbony Park eMidrand.