Iimbekiselo Zencwadi Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela
NOVEMBA 2-8
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | EKSODUS 39-40
“UMoses Wayithobela Yonke Imiyalelo”
(Eksodus 39:32) Wagqitywa ke wonke umsebenzi wentente engcwele, eyintente yokuhlangana, yaye amaSirayeli ayenza yonke into uYehova awayeyiyalele uMoses. Enza loo nto kanye.
Ngaba Uyaziwa NguYehova?
13 Ngokwahlukileyo, uMoses ‘wayengoyena mntu ululamileyo kubantu bonke ababephezu komhlaba.’ (Num. 12:3) Wabonakalisa ukululama nokuthobeka ngokuzimisela ukulandela ulwalathiso lukaYehova. (Eks. 7:6; 40:16) Akukho nto ebonisa ukuba uMoses wayedla ngokuthandabuza indlela kaYehova yokwenza izinto okanye adikwe kukulandela imiyalelo ebekwe nguYehova. Ngokomzekelo, uYehova wakhupha umyalelo ophathelele ukwakhiwa komnquba echaza nezona nkcukacha zincinci, njengombala womsonto nenani lamarhintyela awayemele asetyenziswe ekwenzeni amalaphu entente. (Eks. 26:1-6) Ukuba kukho umveleli ongumntu entlanganweni kaThixo okhupha imiyalelo eneenkcukacha ezininzi ngokugqithiseleyo, mhlawumbi usenokudikwa ngamanye amaxesha. Kodwa ke, uYehova ungumveleli ogqibeleleyo, okhe abasebenzise abakhonzi bakhe nobathembayo. Xa enika iinkcukacha ezininzi, uyenza loo nto ngesizathu esihle. Kodwa ke, phawula ukuba uMoses akazange adikwe nguYehova xa wamnika ezo nkcukacha, ngokungathi uYehova uyamdelela okanye ubujongela phantsi ubuchule anabo, emohlutha inkululeko yokuzenzela izinto. Kunoko, uMoses waqinisekisa ukuba abasebenzi “benza kanye njengoko” ukulandela ulwalathiso lukaThixo. (Eks. 39:32) Wayethobeke ngokwenene! UMoses wayeqonda ukuba yayingumsebenzi kaYehova yaye yena wayefana nje nesixhobo sokwenza loo msebenzi.
(Eksodus 39:43) Wathi akuwuhlola uMoses wonke loo msebenzi ayewenzile, wabona ukuba awenze kanye ngendlela awayeyalele ngayo uYehova, waza uMoses wawasikelela.
(Eksodus 40:1, 2) Emva koko uYehova wathi kuMoses: 2 “Ngomhla wokuqala, ngenyanga yokuqala, uze umise intente engcwele, intente yokuhlangana.
(Eksodus 40:16) UMoses wayenza yonke into awayeyiyalelwe nguYehova. Wenza kanye ngaloo ndlela.
Ngaba Uthembekile Kuzo Zonke Izinto?
3 AmaHebhere 3:5 athi: “UMoses njengomlindi wayethembekile.” Yintoni eyenza ukuba umprofeti uMoses athembeke? Ekwakhiweni nasekumisweni komnquba, “wenza ke uMoses njengako konke awamyalela kona uYehova. Wenza kanye njengoko.” (Eksodus 40:16) Njengabakhonzi bakaYehova, sibonakalisa ukuthembeka ngokumkhonza ngentobelo. Ngokuqinisekileyo oku kuquka ukuhlala sinyanisekile kuYehova ngoxa sijamelene nezilingo ezinzima okanye iimvavanyo eziqatha. Noko ke, ukwazi ukujamelana neemvavanyo ezinkulu asikuphela kwesibakala esibonisa ukuba sithembekile. UYesu wathi: “Umntu othembekileyo kokona kuncinane uthembekile nakokukhulu, nomntu ongelolungisa kokona kuncinane akalolungisa nakokukhulu.” (Luka 16:10) Simele sihlale sithembekile nakwezona zinto zibonakala zincinane.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Eksodus 39:34) izinto zayo zokogquma eziziimfele zeenkunzi zegusha ezidaywe zabomvu nezikhumba zeentini, ikhethini yomkhusane,
it-2-E 884 ¶3, 4
Isikhumba Sentini
Indlela awayesifumana ngayo amaSirayeli. Ukuba itaʹchash luhlobo lwesikhumba sentini, eyona nto sizibuza yona kukuba amaSirayeli ayesifumana phi isikhumba sentini? Nangona iintini zihlala kwiindawo ezibanda kakhulu ezinjengeArctic neAntarctic, ezinye iintini ziyahlala kwiindawo ezinobushushu. Kule mihla, zikhona iintini ezimbalwa ezikuLwandle LweMeditera, nakwezinye iindawo ezinamanzi ashushu. Sele kuyiminyaka emininzi abantu bezibulala iintini, ibe kungenzeka ukuba ezi zilwanyana zazininzi kakhulu kuLwandle LweMeditera nakuLwandle Olubomvu. Ngo-1832 iCalmet’s Dictionary of the Holy Bible yesiNgesi (iphe. 139) yathi: “Kukho iintini ezininzi kwiziqithi ezikulwandle Olubomvu ngaseSinayi.”—Jonga neThe Tabernacle’s Typical Teaching, ka-A. J. Pollock, waseLondon, iphe. 47.
AmaYiputa akudala ayethenga aze athengise kuLwandle Olubomvu, loo nto yayisenza ukuba afumane izinto ezininzi zakwiindawo ezikwiMeditera. Le nto ithetha ukuba amaYiputa ayenokukwazi ukufumana isikhumba sentini. Kungenzeka ukuba amaSirayeli asithatha isikhumba sentini kunye nezinye izinto ezixabisekileyo awayezinikwa ngamaYiputa ngexesha awayehamba ngalo eYiputa.
(Eksodus 40:34) Ilifu layogquma intente yokuhlangana, lwaza nozuko lukaYehova lwaba kuyo yonke loo ntente ingcwele.
Izikhumbuzo ZikaYehova Zikholosekile
9 Ukunduluka kwamaSirayeli ethabatha uhambo lweminyaka eyi-40 ‘kwintlango enkulu neyoyikekayo,’ uYehova akazange awanike iinkcukacha zendlela awayeya kuwakhokela, awakhusele aze awanyamekele ngayo. Nakuba kunjalo, wawabonisa ngokuphindaphindiweyo ukuba ayenokuthembela kuye nakwimiyalelo yakhe. UYehova wasebenzisa ilifu emini nomqulu womlilo ebusuku, ukuze awakhumbuze ukuba wayewaxhasa njengoko ayenqumla loo ntlango iyingozi. (Dut. 1:19; Eks. 40:36-38) Wayewanika nezinto eziyimfuneko. “Izambatho zabo azizange ziphele, neenyawo zabo azizange zidumbe.” Abantu bakaThixo “abazange baswele nto.”—Neh. 9:19-21.
Ufundo LweBhayibhile
(Eksodus 39:1-21) Benza iimpahla ezenziwe ngamalaphu aphothwe kakuhle, zokusebenza kwindawo engcwele, bezenza ngomsonto oluhlaza, ngoboya obumsobo nangoboya obubomvu krwe. Benzela uAron iimpahla ezingcwele kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses. 2 Iefodi wayenza ngegolide, ngomsonto oluhlaza, ngoboya obumsobo, ngoboya obubomvu krwe, nangelinen ephothiweyo yodidi. 3 Bakhanda igolide, bayenza yasicaba, waza wayisika yaba yimicu ukuze ayiphothe kunye nomsonto oluhlaza, uboya obumsobo, uboya obubomvu krwe nelinen yodidi, zenziwa umhombiso. 4 Bayenza yanamagxa okuyixakatha adityaniswe emiphethweni yayo emibini. 5 Ibhanti eliphothiweyo elidityaniswe ne-efodi ukuze liyibambe ihlale endaweni yayo, lenziwa ngezinto ezifanayo: igolide, umsonto oluhlaza, uboya obumsobo, uboya obubomvu krwe nelinen ephothiweyo yodidi, kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses. 6 Bafaka amatye eanikis kwizakhelo zegolide, baza babhala kuwo amagama oonyana bakaSirayeli, ngendlela ekubhalwa ngayo isixhobo sokubeka isitampu. 7 Wawafaka emagxeni e-efodi, ukuze abe ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses. 8 Emva koko wenza isingxobo ngobuchule bokuhombisa, wasenza kwangeza zinto kwenziwe ngazo iefodi, ngegolide, umsonto oluhlaza, uboya obumsobo, uboya obubomvu krwe nelinen ephothiweyo yodidi. 9 Saba sisikwere xa siphindwe kubini. Benza isingxobo esasithi xa sisongiwe sibe nobude nobubanzi obulingana nesandla esoluliweyo. 10 Benza imiqolo emine yamatye kuso. Kumqolo wokuqala kwakukho irubhi, itopazi ne-emeraldi. 11 Kumqolo wesibini kwakukho itekoyisi, isafire neyaspisi. 12 Kumqolo wesithathu kwakukho ileshem, iagate neamethiste. 13 Kumqolo wesine kwakukho ikrizolite, ianikis nejeyidi. Onke la matye ayefakwe kwizakhelo zegolide. 14 La matye ayelingana namagama ayi-12 oonyana bakaSirayeli. Litye ngalinye lalibhalwe ngendlela ekubhalwa ngayo isixhobo sokubeka isitampu, yaye gama ngalinye elibhaliweyo lalimela isizwe esinye kwezo ziyi-12. 15 Emva koko benza amatsheyini ngegolide esulungekileyo, bawaphotha okwentambo, bahombisa ngawo isingxobo. 16 Benza izakhelo zegolide ezibini namakhonkco egolide amabini, bawafaka ezikoneni zombini zesingxobo. 17 Bazifaka ezo ntambo zimbini zegolide kuloo makhonkco mabini asezikoneni zesingxobo. 18 Bathatha iincam zombini zezo ntambo bazifaka kwizakhelo ezibini ezisemagxeni e-efodi ngaphambili, baza bazibophelela. 19 Emva koko benza amakhonkco egolide amabini, bawafaka ezikoneni zombini zesingxobo, kwicala elingaphakathi elithene nca ne-efodi. 20 Benza namanye amakhonkco egolide amabini, bawafaka ngaphambili kwiefodi, ezantsi kwamagxa e-efodi, kodwa emantla kwendawo elidibana kuyo ibhanti eliphothiweyo ne-efodi. 21 Ekugqibeleni basibopha isingxobo ngentambo eluhlaza, badibanisa amakhonkco aso namakhonkco e-efodi, ukuze isingxobo sihlale endaweni yaso kwiefodi, emantla ebhanti eliphothiweyo kanye njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.
NOVEMBA 9-15
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LEVITIKUS 1-3
“Isizathu Sokwenziwa Kweminikelo”
(Levitikus 1:3) “ ‘Ukuba umnikelo wakhe ngumnikelo otshiswayo othathwe emhlambini weenkomo, ufanele azise inkunzi ephilileyo. Ufanele ayizise ngokuzithandela kumnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova.
(Levitikus 2:1) “ ‘Ukuba umntu uzisa umnikelo wokutya kuYehova, loo mnikelo umele ube ngumgubo ocoliweyo, aze agalele ioli nentlaka yokuqhumisa phezu kwawo.
(Levitikus 2:12) “ ‘Ningazizisa kuYehova zibe ngumnikelo wesivuno sokuqala, kodwa azimele zisiwe esibingelelweni njengevumba elimnandi.
it-2-E 525
Iminikelo
Iminikelo etshiswayo. Iminikelo etshiswayo yayinikelwa yonke kuThixo, kungabikho nendawo encinci enikwa umntu. (Jonga ABagwebi 11:30, 31, 39, 40.) Umntu wayeyenza ukuze amkeleke kuYehova ibe ngamanye amaxesha yayisenziwa kunye nomnikelo wesono. NoYesu Kristu wazinikela ngokupheleleyo “njengomnikelo otshiswayo.”
it-2-E 528 ¶4
Iminikelo
Iminikelo yokutya. Iminikelo yokutya yayisenziwa kunye neminikelo yobuhlobo, iminikelo etshiswayo, neminikelo yesono, kwakunye nesivuno sokuqala, kodwa ngamanye amaxesha yayisenziwa yodwa. (Eks 29:40-42; Lev 23:10-13, 15-18; Num 15:8, 9, 22-24; 28:9, 10, 20, 26-28; isahluko 29) Abantu babesenza le minikelo ukuze babonise indlela abambulela ngayo uYehova kuba ebanceda ibe ebasikelela. Iminikelo yokutya yayisenokuba ngumgubo ocoliweyo, iinkozo ezigcadiweyo, isonka esimnandi esinencasa esirawundi okanye amaqebengwane asicaba abhakiweyo okanye aphekiweyo. Eminye iminikelo yokutya yayibekwa kwisibingelelo somnikelo otshiswayo, eminye yayityiwa ngababingeleli, kodwa kwiminikelo yobuhlobo umkhonzi wasetempileni naye wayethatha. (Lev 6:14-23; 7:11-13; Num 18:8-11) Kodwa ke iminikelo yokutya eyayisiwa esibingelelweni yayifanele ingabinalo igwele okanye “ubusi”.—Lev 2:1-16.
(Levitikus 3:1) “ ‘Ukuba umnikelo wakhe ngumbingelelo wobuhlobo, ibe uwuthatha emhlambini weenkomo, nokuba yinkunzi okanye yimazi, ufanele ube sisilwanyana esiphilileyo phambi koYehova.
it-2-E 526 ¶1
Iminikelo
Iminikelo yobuhlobo (okanye iminikelo yoxolo). Iminikelo yobuhlobo eyamkelekileyo kuYehova yayibonisa uxolo kunye naye. Umkhonzi nentsapho yakhe nabo babesitya (ngendlela ekwakuqhele ukwenziwa ngayo kwiyadi yentente engcwele, iintente zazibekwa ngakwikhethini ejikeleze iyadi yetempile; kwakukho neendawo zokutyela). Umbingeleli omkhulu wayefumana eyakhe intwana, nababingeleli ababesebenza ngaloo mini nabo babefumana eyabo. UYehova wayefumana umsi olivumba elimnandi lamanqatha atshiswayo. Igazi elimela ubomi lalinikwa uThixo. Kwakubangathi ababingeleli, abakhonzi, kunye noYehova batya kunye, loo nto yayibonisa ukuba banobuhlobo obuhle. Wayemele abulawe umntu owayesitya engacocekanga (nangayiphi na indlela yokungacoceki echaziweyo kuMthetho) okanye umntu owayesitya inyama esele ibolile (kuba ubushushu babunokuyenza ibole xa kukudala ikhona). Wayekungcolisa oko kutya, kuba engacocekanga yena okanye esitya into embi phambi koYehova uThixo, ebonisa ukuba akazihloniphi izinto ezingcwele.—Lev 7:16-21; 19:5-8.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Levitikus 2:13) “ ‘‘Yonke iminikelo yakho yeenkozo imele inongwe ngetyiwa. Ingaze yenzeke into yokuba ungayifaki ityiwa yesivumelwano sikaThixo wakho kumnikelo wakho weenkozo. Yonke iminikelo yakho yizise inetyiwa.
(Hezekile 43:24) Umele uzizise phambi koYehova, yaye ababingeleli bamele bazigalele ityiwa ukuze zibe ngumnikelo otshiswa ngokupheleleyo oya kuYehova.
Iimbalasane Zencwadi YeLevitikus
2:13—Kwakutheni ukuze kufuneke kubekho ityuwa ‘kuyo yonke iminikelo’? Oku kwakungenzelwa incasa yombingelelo. Ehlabathini lonke ityuwa isetyenziselwa ukuthintela ukubola. Kusenokwenzeka ukuba yayigalelwa kumbingelelo ngenxa yokuba yayimela ukukhululeka ekonakaleni nasekuboleni.
(Levitikus 3:17) “‘Lo ngumthetho oza kuhlala uhleli kwizizukulwana zenu, kuzo zonke iindawo enihlala kuzo: Nimele ningalityi tu inqatha negazi.’”
it-1-E 813
Inqatha
Isizathu sokuba kubekho lo mthetho. Kwisivumelwano somthetho igazi nenqatha yayizezikaYehova kuphela. Ubomi busegazini ibe busuka kuYehova qha, yiloo nto igazi ilelakhe kuphela. (Lev 17:11, 14) Amanqatha yeyona nto ityebileyo kwinyama yesilwanyana. Umntu onikela ngamanqatha esilwanyana wayebonisa ukuba uyayazi ukuba ezona zinto zibalulekileyo zezikaYehova opha kakhulu, ibe xa umntu esenza le nto ubonisa ukuba ufuna ukunika uYehova konke anako. Kuba le mibingelelo yayibonisa oku, xa iphezu kwesibingelelo yayibangathi “kukutya” ‘nevumba elimnandi’ kuYehova. (Lev 3:11, 16) Yiloo nto ukutya amanqatha kwakulityala lokwenza umonakalo kwizinto ezingcwele zikaThixo, nokwenza into efanele ukwenziwa nguYehova kuphela. Kangangokuba umntu otya amanqatha wayefanele abulawe. Ngokungafaniyo negazi, amanqatha ayenokusetyenziswa kwezinye izinto, njengaxa isilwanyana siye safa okanye sibulewe sesinye isilwanyana.—Lev 7:23-25.
Iimbalasane Zencwadi YeLevitikus
3:17. Ekubeni amanqatha ayegqalwa njengeyona nxalenye ibalulekileyo, ukwalelwa kokutyiwa kwawo kwabethelela kumaSirayeli isibakala sokuba inxalenye ebalulekileyo yekaYehova. (Genesis 45:18) Oku kusikhumbuza ukuba sifanele sinike uYehova ezona zinto zilungileyo kwesinazo.—IMizekeliso 3:9, 10; Kolose 3:23, 24.
Ufundo LweBhayibhile
(Levitikus 1:1-17) UYehova wabiza uMoses waza wathetha naye esententeni yokuhlangana, wathi: 2 “Thetha namaSirayeli, uthi kuwo, ‘Ukuba nabani na kuni uzisa umnikelo osisilwanyana sasekhaya kuYehova, nifanele nizise umnikelo lowo wenu niwuthatha emhlambini weenkomo nasemhlambini weegusha. 3 “ ‘Ukuba umnikelo wakhe ngumnikelo otshiswayo othathwe emhlambini weenkomo, ufanele azise inkunzi ephilileyo. Ufanele ayizise ngokuzithandela kumnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova. 4 Umele abeke isandla sakhe phezu kwentloko yaloo mnikelo utshiswayo, ibe uza kwamkelwa umnikelo egameni lakhe ukuze zihlawulelwe izono zakhe. 5 “ ‘Emva koko elo thole liyinkunzi yenkomo limele lixhelwe phambi koYehova, bona oonyana baka-Aron, ababingeleli, baza kuzisa igazi baze balifefe kuwo onke amacala esibingelelo esikumnyango wentente yokuhlangana. 6 Umnikelo otshiswayo umele uhlinzwe uze unqunqwe. 7 Oonyana baka-Aron, ababingeleli, bamele babeke umlilo phezu kwesibingelelo baze babeke iinkuni emlilweni. 8 Baza kuyibeka kakuhle inyama enqunqiweyo, kunye nentloko namanqatha, phezu kweenkuni ezisemlilweni ophezu kwesibingelelo. 9 Amathumbu namanqina awo aza kuhlanjwa ngamanzi, yaye umbingeleli umele aqhumise ngazo zonke ezo zinto esibingelelweni, zibe ngumnikelo otshiswayo, umnikelo otshiswa ngomlilo olivumba elimnandi kuYehova. 10 “ ‘Ukuba umnikelo wakhe otshiswayo yigusha okanye ibhokhwe, imele ibe yinkunzi ephilileyo. 11 Imele ixhelelwe kwicala elingasemntla kwesibingelelo phambi koYehova, ibe oonyana baka-Aron, ababingeleli, baza kufefa igazi layo kumacala onke esibingelelo. 12 Iza kunqunqwa, aze umbingeleli ayibeke kunye nentloko namanqatha ayo phezu kweenkuni ezikumlilo ophezu kwesibingelelo. 13 Wona amathumbu namanqina uza kuwahlamba ngamanzi, aze umbingeleli azibeke zonke, aqhumise ngazo esibingelelweni. Ngumnikelo otshiswayo lowo, umnikelo otshiswa ngomlilo olivumba elimnandi kuYehova. 14 “ ‘Kodwa ukuba uzisa iintaka zibe ngumnikelo otshiswayo kuYehova, uza kuthatha kumahobe asendle okanye kumantshontsho amahobe afuywayo. 15 Umbingeleli uza kuyizisa esibingelelweni loo ntaka, ayivule inxeba entanyeni aze aqhumise ngayo esibingelelweni, kodwa lona igazi layo limele livuziswe ecaleni kwesibingelelo. 16 Umele akhuphe indlelo neentsiba zayo aze azilahle ecaleni kwesibingelelo, ngasempuma, kwindawo yothuthu. 17 Uza kuyihlinza emaphikweni kodwa angayahluli kubini. Emva koko uza kuqhumisa ngayo esibingelelweni phezu kweenkuni ezisemlilweni. Ngumnikelo otshiswayo lowo, umnikelo otshiswa ngomlilo olivumba elimnandi kuYehova.
NOVEMBA 16-22
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LEVITIKUS 4-5
“Nika UYehova Konke Onako”
(Levitikus 5:5, 6) “ ‘Ukuba uye wanetyala nakweyiphi na kwezo zinto, umele achaze ukuba wone kweyiphi. 6 Uza kuzisa nomnikelo wetyala kuYehova ngenxa yesono sakhe, ithokazi alithathe emhlambini nokuba lithokazi legusha okanye itakane lebhokhwe elilithokazi, libe ngumnikelo wesono. Emva koko umbingeleli uza kumhlawulela loo mntu ngesono sakhe.
it-2-E 527 ¶9
Iminikelo
Iminikelo yetyala. Iminikelo yetyala yayisenziwa xa kukho isono esenziweyo. UMthetho wawusithi xa umntu enze isono uba netyala. Iminikelo yetyala yayisenzelwa izono ezithile kodwa yayahluke kancinci kwiminikelo yesono. Kubonakala ngathi yona yayisenziwa xa umntu emoshe omnye umntu okanye uYehova. Umntu oguqukileyo wayeyenza ukuze axolise kuYehova, okanye akwazi ukuphila ubomi bakhe ngaphandle kwesazela sesono asenzileyo.—Jonga uIsaya 53:10.
(Levitikus 5:7) “ ‘Kodwa ukuba loo mntu akanayo igusha, umele azise kuYehova amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo abe ngumnikelo wakhe wetyala, elinye libe ngumnikelo wesono lize elinye libe ngumnikelo otshiswayo.
Uyazazi Iintsilelo Zethu
UMthetho wawuluchaza kanje uvelwano analo uYehova: “Ukuba, ke, awunako okwanele imvu, mawuzise kuYehova amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amavukuthu abe ngumnikelo wawo wetyala ngenxa yesono osenzileyo.” (Indinyana 7) Ukuba umSirayeli wayelihlwempu kangangokuba wayengenakukwazi ukunikela ngemvu, uThixo wayesamkela loo nto awayenokukwazi ukuyifikelela—amantshontsho amabini amavukuthu okanye amahobe amabini.
(Levitikus 5:11) “ ‘Ukuba akanawo namahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo, umele azise isishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wesono. Akamele agalele oli kuwo okanye abeke intlaka yokuqhumisa phezu kwawo, kuba ngumnikelo wesono lowo.
Uyazazi Iintsilelo Zethu
Kuthekani ukuba loo mntu wayengenakukwazi ukunikela nangezo ntaka zimbini? UMthetho wawusithi: “Ngoko umele uzise umnikelo wesono osisahlulo seshumi se-efa [iikomityi ezisibhozo ukuya kwezilithoba] yomgubo ocolekileyo, ibe ngumnikelo wawo lowo ngenxa yesono osenzileyo.” (Indinyana 11) UYehova wayezivumela impula zikaluJaca ukuba zenze umnikelo wesono ekwakungazukuphalazwa gazi kuwo. KwaSirayeli kwakungekho mntu owayethintelwa bubuhlwempu ukuba afumane intsikelelo yokucamagushela izono okanye ilungelo lokwenza uxolo noThixo.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Levitikus 5:1) “ ‘Ukuba umntu uye wabona okanye wazi ngesono esenziweyo, ulingqina. Ukuba emva kokuba eve isaziso sokuba aze kuba lingqina ngeso sono aze angasixeli, sisono eso. Umele aphenduliswe ngesono sakhe.
Funda Kubakhonzi BakaYehova Abanyanisekileyo
14 Nawe unako ukunyaniseka kuYehova kuqala, uze unyaniseke nakwabanye ngokuthi ube nobubele. Ngokomzekelo, usenokuba nobungqina bokuba umzalwana othile wenze isono esinzulu. Usenokufuna ukuhlala unyanisekile kuye, ingakumbi ukuba ungumhlobo osenyongweni okanye ilungu lentsapho. Kodwa uyazi nokuba okona kubalulekileyo kukunyaniseka kuYehova. Ngoko njengoNatan, thobela uYehova kodwa ube nobubele kumzalwana wakho. Mxelele ukuba acele uncedo lwabadala ngokukhawuleza. Ukuba akafuni, umele ubaxelele ngokwakho abadala. Ngokwenjenjalo, uhlala unyanisekile kuYehova. Ibe kwangaxeshanye, ubonisa ububele kuye kuba abadala baza kumnceda abe nobuhlobo obuhle noYehova kwakhona. Baza kumluleka ngobubele.—Funda iLevitikus 5:1; Galati 6:1.
(Levitikus 5:15, 16) “Ukuba umntu uthe ngempazamo wophula umthetho ongezinto ezingcwele zikaYehova, umele azise kuYehova inkunzi yegusha ephilileyo ethathwe emhlambini ibe ngumnikelo wetyala. Ixabiso layo leeshekele zesilivere liqingqwa ngokweshekele yendawo engcwele. 16 Yaye uza kuhlawula ngenxa yokwaphula umthetho ongezinto ezingcwele, aze ongeze isihlanu selo xabiso. Yonke loo nto uza kuyinika umbingeleli ukuze asihlawulele isono sakhe ngenkunzi yegusha yomnikelo wetyala, aze ke axolelwe.
it-1-E 1130 ¶2
Ubungcwele
Izilwanyana Nenzala. Amazibulo eenkomo, iigusha, neebhokwe ayengcwele kuYehova ibe ayengafanele asetyenziswe. Kwakubingelelwa ngazo ibe intwana yayisiya kubabingeleli abathanjisiweyo. (Num 18:17-19) Isivuno sokuqala nezishumi nazo zazingcwele, njengayo yonke imibingelelo nezipho ezazisiwa kwingcwele. (Eks 28:38) Zonke izinto ezazingcwele kuYehova zazibalulekile ibe zazingafanele zisetyenziswe nakanjani na. Umzekelo wale nto sithetha ngayo ngumthetho wezishumi. Ukuba umntu wayebeke ecaleni isishumi, nokuba yingqolowa, aze yena okanye omnye umntu kwintsapho yakhe ayithathe ngempazamo apheke ngayo, loo mntu wayeba netyala lokwaphula umthetho kaThixo ongezinto ezingcwele. UMthetho wawusithi ukuze axolelwe wayefanele aze nenkunzi yegusha ephilileyo, aze ongeze isihlanu sexabiso saloo gusha. Ngenxa yaloo nto, izinto ezingcwele zikaYehova zazihlonitshwa kakhulu.—Lev 5:14-16.
Ufundo LweBhayibhile
(Levitikus 4:27–5:4) “ ‘Ukuba nabani na ebantwini belizwe uye wona engaqondanga ngokwenza enye yezinto uYehova ayalele ukuba zingenziwa waza wanetyala, 28 okanye uye wabona ukuba kukho isono asenzileyo, umele azise itakane lebhokhwe elilithokazi eliphilileyo, libe ngumnikelo ngenxa yesono asenzileyo. 29 Uza kubeka isandla sakhe phezu kwentloko yomnikelo wesono, aze umnikelo wesono awuxhelele kwindawo enye neyomnikelo otshiswayo. 30 Umbingeleli uza kuthi nkxu umnwe wakhe egazini lomnikelo wesono, aliqabe ezimpondweni zesibingelelo somnikelo otshiswayo, aze igazi elishiyekileyo aligalele esisekweni sesibingelelo. 31 Uza kususa onke amanqatha awo, kanye ngendlela asuswa ngayo amanqatha ombingelelo wobuhlobo, aqhumise ngawo esibingelelweni abe livumba elimnandi kuYehova, yaye umbingeleli uza kumhlawulela, aze ke axolelwe. 32 “ ‘Kodwa ukuba umnikelo wakhe wesono litakane legusha, ufanele azise ithokazi lalo eliphilileyo. 33 Uza kubeka isandla sakhe phezu kwentloko yomnikelo wesono, aze alixhele libe ngumnikelo wesono, kwindawo oxhelelwa kuyo umnikelo otshiswayo. 34 Umbingeleli uza kuthi nkxu umnwe wakhe egazini lomnikelo wesono, aliqabe ezimpondweni zesibingelelo somnikelo otshiswayo, aze igazi elishiyekileyo aligalele esisekweni sesibingelelo. 35 Uza kuwasusa onke amanqatha awo ngendlela asuswa ngayo amanqatha enkunzi yetakane legusha yombingelelo wobuhlobo, aqhumise ngawo esibingelelweni phezu kweminikelo kaYehova etshiswa ngomlilo, yaye umbingeleli uza kumhlawulela ngesono asenzileyo, aze ke axolelwe.
5 “ ‘Ukuba umntu uye wabona okanye wazi ngesono esenziweyo, ulingqina. Ukuba emva kokuba eve isaziso sokuba aze kuba lingqina ngeso sono aze angasixeli, sisono eso. Umele aphenduliswe ngesono sakhe. 2 “ ‘Okanye xa umntu echukumise into engacocekanga, nokuba sisidumbu serhamncwa, esesilwanyana sasekhaya okanye sesinye sezilwanyana ezinyakazelayo, uza kuba netyala enoba ebengazazi ukuba azicocekanga. 3 Okanye ukuba uthe ngenxa yokungazi wachukumisa nakuphi na ukungcola komntu, nantoni na engacocekanga enokumenza angacoceki, aze ayazi loo nto, uza kuba netyala. 4 “ ‘Okanye ukuba umntu ufunge ngokungxama ukuba uza kwenza into, nokuba ilungile okanye imbi, nokuba yintoni na, waza wabona ukuba ukhawuleze wafunga, uza kuba netyala.
NOVEMBA 23-29
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LEVITIKUS 6-7
“Ukubonisa Umbulelo”
(Levitikus 7:11, 12) “ ‘Nanku ke umthetho wombingelelo wobuhlobo onokuziswa ngumntu kuYehova: 12 Ukuba uzisa umbingelelo wombulelo, uza kuzisa namaqebengwana arawundi angenagwele agalelwe ioli, izonka ezisicaba ezingenagwele eziqatywe amafutha, namaqebengwana arawundi enziwe ngomgubo ocoliweyo oxovwe kakuhle waza wagalelwa ioli.
Izinto Esinokuzifunda Kwincwadi YeLevitikus
9 Okwesibini: Isizathu sokuba sikhonze uYehova kukuba sifuna ukumbulela. Ukuze siyiqonde le nto, makhe sithethe ngenye into ebalulekileyo eyayisenziwa ngamaSirayeli xa enqula uYehova, imibingelelo yobudlelane. KwiLevitikus sifunda ukuba umSirayeli wayesenza umbingelelo wobudlelane xa ‘ebulela’ kuYehova. (Lev. 7:11-13, 16-18) Wayengawenzi kuba enyanzelekile, wayewenza kuba efuna. Ngoko, umntu wayezikhethela ukwenza lo mnikelo kuba ethanda uThixo wakhe, uYehova. Kwakufuneka eso silwanyana anikela ngaso asitye kunye nentsapho yakhe nababingeleli. Kodwa enye inyama kwakufuneka anikele ngayo kuYehova. Yeyiphi loo nyama?
(Levitikus 7:13-15) Uza kuzisa umnikelo wakhe kunye namaqebengwana arawundi esonka esinegwele nombingelelo wombulelo ongowemibingelelo yakhe yobuhlobo. 14 Umele athathe inxalenye enye kumnikelo ngamnye ibe ngumnikelo ongcwele oya kuYehova. Uza kuba ngowombingeleli ofefa igazi lemibingelelo yobuhlobo. 15 Inyama yombingelelo wombulelo ongowemibingelelo yobuhlobo iza kutyiwa ngaloo mini ayinikela ngayo. Umele angashiyi nto kuyo kude kuse.
Imibingelelo Eyayikholisa UThixo
15 Omnye umnikelo wokuzithandela yayingumbingelelo wobudlelane, ochazwe kwiLevitikus isahluko sesi-3. Eli gama lisenokuguqulelwa ngokuthi “umbingelelo weminikelo yoxolo.” NgesiHebhere, igama elithi “uxolo” alibhekiseli nje ekubeni kungabikho mfazwe okanye siphazamiso. Incwadi ethi Studies in the Mosaic Institutions ithi: “EBhayibhileni, libhekisela koku, yaye likwabhekisela nasekubeni noxolo noThixo, impumelelo, uvuyo nolonwabo.” Ngaloo ndlela, imibingelelo yobudlelane yayinganikelwa ngenjongo yokufuna ukuba noxolo noThixo, ngokungathi babefuna ukumxolisa, kodwa yayinikelwa ngenjongo yokuvakalisa umbulelo okanye ukubhiyoza ngenxa yokusikelelwa ngokuba seluxolweni noThixo ngabo babekholekile kuye. Ababingeleli nalowo ebenikela babewudla umbingelelo emva kokuba kunikelwe ngegazi namanqatha kuYehova. (Levitikus 3:17; 7:16-21; 19:5-8) Ngendlela entle nefuziselayo, lowo unikelayo, ababingeleli kunye noYehova uThixo babesiba nesabelo ekutyeni, bebonakalisa ulwalamano loxolo olukhoyo phakathi kwabo.
(Levitikus 7:20) “ ‘Nabani na ongacocekanga otya inyama yombingelelo wobuhlobo kaYehova, umele abulawe.
Imibingelelo Yendumiso Ekholisa UYehova
8 Kuthekani ngomntu owenza umbingelelo? UMthetho wawusithi nabani na owayesiza phambi koYehova kwakufuneka acoceke yaye ahlambuluke. Ubani oye wadyobheka ngenxa yaso nasiphi na isizathu kwakufuneka kuqala anikele umnikelo wesono okanye wetyala ukuze abuyisele ukuma kwakhe okucocekileyo phambi koYehova ukuze umnikelo wakhe otshiswayo okanye umbingelelo wakhe wobudlelane wamkeleke kuye. (Levitikus 5:1-6, 15, 17) Ngoko ke, ngaba siyakuqonda ukubaluleka kokulondoloza ukuma okucocekileyo phambi koYehova? Ukuba sifuna unqulo lwethu lwamkeleke kuThixo, simele sikulungise ngokukhawuleza nakuphi na ukwaphulwa kwemithetho kaThixo. Simele sikhawulezise ukuxhakamfula ilungiselelo likaThixo lokusinceda—“amadoda amakhulu ebandla” ‘nombingelelo wokucamagushela izono zethu,’ uYesu Kristu.—Yakobi 5:14; 1 Yohane 2:1, 2.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Levitikus 6:13) Umlilo uza kuhlala uvutha esibingelelweni. Awumele ucime.
it-1-E 833 ¶1
Umlilo
Umlilo owawukwintente engcwele nasetempileni. Qho kusasa nangokuhlwa, umbingeleli omkhulu wayefanele atshise isiqhumiso kwisibingelelo saso. (Eks 30:7, 8) Umthetho kaThixo wawusithi umlilo okwisibingelelo somnikelo otshiswayo wawungafanele ucinywe. (Lev 6:12, 13) AmaYuda akholelwa ukuba esibingelelweni umlilo wawuqalwa ngokungummangaliso nguThixo ibe abantu abaninzi bayayikholelwa le nto. Kodwa iBhayibhile ithetha enye into. Kaloku kwasekuqaleni uYehova wayalela uMoses ukuba axelele oonyana baka-Aron ukuba “bamele babeke umlilo phezu kwesibingelelo baze babeke iinkuni emlilweni” ngaphambi kokubeka umnikelo kwisibingelelo. (Lev 1:7, 8) Kwaphuma umlilo uvela kuYehova watshisa umnikelo emva kokuba kumiselwe ububingeleli buka-Aron, nasemva kokuba imibingelelo yokumiselwa kwabo itshisiwe. Le nto ibonisa ukuba umlilo kaYehova ongummangaliso akuzange kuvuthiswe ngawo iinkuni zesibingelelo, kodwa “watshisa umnikelo otshiswayo namanqatha asesibingelelweni.” Umlilo owawuhlala uvutha esibingelelweni kusenokwenzeka ukuba wawenziwe ngumlilo owabekwa ngoonyana baka-Aron nomlilo ovela kuYehova. (Lev 8:14–9:24) Ngendlela efanayo, umlilo ovela kuYehova ngokungummangaliso watshisa umnikelo otshiswayo emva nje kokuba egqibile ukuthandaza uSolomon xa kwakunikelwa itempile.—2Kr 7:1; jonga ABagwebi 6:21; 1 Kumkani 18:21-39; 1 Kronike 21:26 ukuze ufunde ngamanye amaxesha apho uYehova wasebenzisa ngawo umlilo ukuze abonise ukuba uyayamkela iminikelo yabakhonzi bakhe.
(Levitikus 6:25) “Yithi kuAron nakoonyana bakhe, ‘Lo ngumthetho womnikelo wesono: Endaweni ekuxhelelwa kuyo umnikelo otshiswayo, nomnikelo wesono uza kuxhelelwa apho phambi koYehova. Uyeyona nto ingcwele.
Incwadi YeBhayibhile 3—Levitikus
15 (3) Xa kwenziwe izono ngokungenanjongo okanye ngempazamo, kufuneka idini lesono. Uhlobo lwesilwanyana ekwenziwa idini ngaso luxhomekeka kwisono salowo ucanyagushelwayo—esombingeleli, esesizwe siphela, esesikhulu okanye esomntu nje oqhelekileyo. Ngokungafaniyo namadini anyukayo nawoxolo angawokuzithandela awenzelwa abantu ngabanye, idini lesono liyanyanzeliswa.—4:1-35; 6:24-30.
Ufundo LweBhayibhile
(Levitikus 6:1-18) UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 2 “Ukuba umntu uye wona waza akathembeka kuYehova ngokuqhatha ummelwane wakhe ngento ebeyigcinisiwe okanye esisibambiso, ngokubela ummelwane wakhe okanye amqhathe, 3 okanye ufumana into ebilahlekile aze azenze ongenalwazi ngayo, yaye ukuba ufunga exoka ngaso nasiphi na isono esinjalo anokusenza, nantsi into amakayenze: 4 Ukuba loo mntu uye wona waza waba netyala, umele ayibuyise into ayibileyo, into ayithathe ngenkohlakalo, into ayirhwaphilizileyo, into ebeyigcinisiwe okanye ebilahlekile waza wayifumana, 5 okanye nantoni na aye wayifungela exoka. Uza kuyibhatala yonke kumniniyo aze ongeze isihlanu sexabiso layo. Uza kuyinika umnikazi wayo ngemini afunyaniswe ngayo enetyala. 6 Uza kunika umbingeleli inkunzi yegusha ephilileyo ethathwe emhlambini eyeyexabiso elibekiweyo. Iza kuba ngumnikelo wetyala kuYehova. 7 Umbingeleli uza kuwunikela kuYehova loo mnikelo aze loo mntu acoceke, aze axolelwe ngayo nantoni na ayenzileyo emenze wanetyala.” 8 UYehova waqhubeka esithi kuMoses: 9 “Yalela uAron noonyana bakhe uthi: Nanku umthetho womnikelo otshiswayo: Umnikelo otshiswayo uza kuhlala eziko phezu kwesibingelelo ubusuku bonke kude kuse. Umlilo uza kuhlala uvutha esibingelelweni. 10 Umbingeleli uza kunxiba impahla yakhe yokusebenza eyenziwe ngelinen, anxibe nempahla yangaphantsi yelinen. Emva koko, uza kususa uthuthu lomnikelo otshiswe ngomlilo phezu kwesibingelelo, aze alubeke ecaleni kwaso. 11 Akugqiba, uza kuyikhulula loo mpahla anxibe enye, aze ayokululahlela ngaphandle kwenkampu olo thuthu, kwindawo ecocekileyo. 12 Umlilo uza kugcinwa uvutha kwisibingelelo. Awumele ucime. Umbingeleli umele abase iinkuni kuso ntsasa nganye aze awubeke kakuhle umnikelo otshiswayo phezu kwazo, aqhumise phezu kwawo ngamanqatha ombingelelo wobuhlobo. 13 Umlilo uza kuhlala uvutha esibingelelweni. Awumele ucime.14 “ ‘Nanku ke umthetho womnikelo wokutya: Nina bonyana baka-Aron, niza kuwuzisa phambi koYehova ngaphambi kwesibingelelo. 15 Omnye wabo uza kukha isandla sigcwale kumgubo ocoliweyo oneoli nentlaka yokuqhumisa. Emva koko uza kuqhumisa ngawo kwisibingelelo ube ngumnikelo omela wonke umnikelo uze ube livumba elimnandi kuYehova. 16 Into eseleyo iza kutyiwa nguAron noonyana bakhe. Baza kuyityela endaweni engcwele njengamaqebengwana angenagwele. Baza kuyityela ngaphakathi eyadini yentente yokuhlangana. 17 Loo mnikelo mawungabhakwa ngayo nantoni na enegwele. Usisabelo sabo endibanike sona kumnikelo wam otshiswa ngomlilo. Siyeyona nto ingcwele, njengomnikelo wesono nanjengomnikelo wetyala. 18 Bonke oonyana baka-Aron baza kuwutya. Sisibonelelo sabo eso esisuka kwiminikelo kaYehova etshiswa ngomlilo esiza kuhlala sihleli kwizizukulwana zenu. Yonke into eyichukumisayo iza kuba ngcwele.’ ”
NOVEMBA 30–DISEMBA 6
UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | LEVITIKUS 8-9
“Kwacaca Ukuba UYehova Uyabasikelela”
(Levitikus 8:6-9) Ngoko uMoses wasondeza uAron noonyana bakhe waza wabahlamba ngamanzi. 7 Emva koko wanxibisa uAron umwunduzo, wambhinqisa umbhinqo, wamnxibisa isambatho esingenamikhono, wamnxibisa iefodi waza wayibopha ngebhanti elihonjisiweyo le-efodi, wayibopha nkqi ngalo. 8 Emva koko wamfaka isingxobo waza wafaka iUrim neTumim kuso. 9 Wamthwalisa entloko iqhiya yamadoda waza wabeka ipleyiti ekhazimlayo yegolide ngaphambili kuloo qhiya, eluphawu olungcwele lokuzinikela, kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses.
(Levitikus 8:12) Ekugqibeleni wagalela enye yayo entlokweni ka-Aron, wamthambisa ukuze abe ngcwele.
it-1-E 1207
Ukumiselwa
UMoses wahlamba uAron noonyana bakhe uNadabhi, uAbhihu, uEleyazare noItamare (okanye wabayalela ukuba bazihlambe) kwisitya sekopolo esasiseyadini waza wanxibisa uAron iimpahla ezintle zombingeleli omkhulu. (Num 3:2, 3) Njengokuba uAron wayenxityiswe kakuhle, isinxibo sakhe sasibonisa umsebenzi awayeza kuwenza neempawu eziwufaneleyo. UMoses wathambisa intente engcwele, nazo zonke izinto zayo, isibingelelo somnikelo otshiswayo, izitya nezinto ezisetyenziswayo. Ngolo hlobo, zaba ngcwele, zilungele ukusetyenziswa kumsebenzi okhethekileyo nokukhonzwa kukaThixo kuphela. Ekugqibeleni, uMoses wathambisa uAron ngokumgalela ioli entloko.—Lev 8:6-12; Eks 30:22-33; Nd 133:2.
(Levitikus 9:1-5) Ngomhla wesibhozo uMoses wabiza uAron, oonyana bakhe namadoda amakhulu akwaSirayeli. 2 Wathi kuAron: “Thatha ithole lenkomo eliza kuba ngumnikelo wesono nenkunzi yegusha yomnikelo otshiswayo, zibe zeziphilileyo, uzizise phambi koYehova. 3 Kodwa kumaSirayeli uza kuthi, ‘Thathani inkunzi yebhokhwe yomnikelo wesono, ithole lenkomo, itakane legusha eliyinkunzi, ezinonyaka ubudala, eziphilileyo, nenze ngazo umnikelo otshiswayo, 4 inkunzi yenkomo nenkunzi yegusha, zibe ngumbingelelo wobuhlobo, kubingelelwe ngazo kuYehova, nomnikelo oziinkozo ogalelwe ioli, kuba namhlanje uYehova uza kubonakala kuni.’ ” 5 Ngoko ke, bazithatha izinto uMoses awayeziyalele, bazizisa phambi kwentente yokuhlangana. Basondela bonke abantu, bema phambi koYehova.
it-1-E 1208 ¶8
Ukumiselwa
Ngomhla wesibhozo, ababingeleli babekulungele ukuqala umsebenzi wabo, ngoko ke zange balibazise, baqalisa bengancedwa nguMoses. Benza umsebenzi wokuhlawulela amaSirayeli, kungekhona nje kuba enesono awazalwa naso, kodwa ayedinga ukucocwa ngenxa yokungathobeli kwawo, azenzela ithole legolide waza uYehova wacaphuka. (Lev 9:1-7; Eks 32:1-10) Emva nje kokuba bewugqibile umsebenzi wabo wokuqala bemiselwe, uYehova wabonisa ukuba uyabamkela futhi uyabaxhasa ngokuthumela umlilo ovela kuye. Ngokuqinisekileyo wawukhupha kwilifu elaliphezu kwentente engcwele, waza loo mlilo watshisa umnikelo otshiswayo oseleyo esibingelelweni.—Lev 9:23, 24.
(Levitikus 9:23, 24) Ekugqibeleni uMoses noAron bangena ententeni yokuhlangana baza baphuma babasikelela abantu. Lwabonakala uzuko lukaYehova kubo bonke abantu, 24 kwaza kwaphuma umlilo uvela kuYehova, watshisa umnikelo otshiswayo namanqatha asesibingelelweni. Bathi bakuyibona loo nto abantu, bakhwaza bonke baza baqubuda.
Izinto Esinokuzifunda Kwincwadi YeLevitikus
13 Okwesine: UYehova uyayisikelela inxalenye yentlangano yakhe esemhlabeni. Khawucinge ngento eyenzeka ngo-1512 B.C.E. xa umnquba wawumiswe phambi kweNtaba YaseSinayi. (Eks. 40:17) UMoses wayebeka uAron noonyana bakhe ukuba babe ngababingeleli. Isizwe sakwaSirayeli sasize kubukela aba babingeleli xa babeqala ukubingelela. (Lev. 9:1-5) Wenza ntoni uYehova ukuze abonise ukuba uyabamkela aba babingeleli batsha? Bathi uMoses noAron besasikelela abantu, kwehla umlilo ovela kuYehova wayitshisa yaphela imibingelelo.—Funda iLevitikus 9:23, 24.
Ukwemba Ubuncwane ObuseBhayibhileni
(Levitikus 8:6) Ngoko uMoses wasondeza uAron noonyana bakhe waza wabahlamba ngamanzi.
Isizathu Sokuba Simele Sibe Ngcwele
6 Into yokuba ababingeleli bakwaSirayeli kwakufuneka bacoceke emzimbeni ithetha lukhulu kubantu bakaYehova bale mihla. Abantu esifunda nabo iBhayibhile badla ngokuphawula indlela ezicoceke ngayo iindawo esinqulela kuzo kunye nendlela esicoceke nesinxiba kakuhle ngayo. Kodwa ke, ukucoceka kwababingeleli kusinceda siqonde ukuba nabani na onyukela entabeni kaYehova umele abe ‘ngohlambulukileyo entliziyweni.’ (Funda iNdumiso 24:3, 4; Isa. 2:2, 3.) Xa sinikela inkonzo engcwele kuThixo simele sicoceke engqondweni, entliziyweni nasemzimbeni. Oku kufuna ukuba siman’ ukuzihlola, kwaye abanye kusenokufuneka benze utshintsho olukhulu ukuze babe ngcwele. (2 Kor. 13:5) Ngokomzekelo, umntu obhaptiziweyo obukela iphonografi ufanele azibuze lo mbuzo, ‘Ngaba ndingcwele xa ndisenza le nto?’ Emva koko umele acele uncedo ukuze ayeke lo mkhwa mbi.—Yak. 5:14.
(Levitikus 8:14-17) Emva koko wazisa inkunzi yenkomo yomnikelo wesono, waza uAron noonyana bakhe babeka izandla zabo phezu kwentloko yaloo nkunzi yenkomo yomnikelo wesono. 15 UMoses wayixhela, wathi nkxu umnwe wakhe egazini waza wathambisa iimpondo zesibingelelo ngalo, wasicoca isibingelelo esonweni, kodwa igazi elishiyekileyo waligalela esisekweni sesibingelelo, ukuze asenze ngcwele aze ahlawulele isono kuso. 16 Akugqiba wathatha onke amanqatha asemathunjini, umhlehlo wesibindi, izintso zombini namanqatha azo, waqhumisa ngazo esibingelelweni. 17 Yonke into eshiyekileyo kwinkunzi yenkomo, isikhumba sayo, inyama yayo nomswane wayo wazitshisa ngomlilo ngaphandle kwenkampu, kanye njengokuba uYehova wamyalelayo uMoses.
it-2-E 437 ¶3
UMoses
UThixo wakhetha uMoses ukuba abe ngumlamli wesivumelwano soMthetho kuba wayesondele kakhulu kuYehova ibe akukho mntu wakha wangumlamli phambi kukaThixo ngaphandle kukaYesu Kristu, onguMlamli wesivumelwano esitsha. UMoses wathatha ihafu yegazi lesilwanyana ekwakubingelelwe ngaso wafefa incwadi yesivumelwano eyayimela uYehova, waza wathatha enye ihafu wafefa amadoda amakhulu amiselweyo. Wathatha incwadi yesivumelwano, wayifunda abantu besiva, baza abantu bathi: “Yonke into ayithethileyo uYehova sikulungele ukuyenza, yaye siza kuthobela.” (Eks 24:3-8; Heb 9:19) Kumsebenzi wakhe omkhulu nokhethekileyo wokuba ngumlamli, uMoses wayeqinisekisa ukuba intente engcwele nezinto zayo yakhiwe ngendlela efanele yenziwe ngayo kuba uThixo wayeyinike yena kuphela imiyalelo yokuyakha. Nguye owakhetha ababingeleli, ibe uAron ongumbingeleli omkhulu nentente engcwele bathanjiswa nguye ngeoli eyenziwe kakuhle. Ikwanguye owaqinisekisa ukuba umsebenzi wokuqala owawusenziwa ngababingeleli abangcwele wenziwe kakuhle.—Eksodus izahluko 25-29; Levitikus izahluko 8, 9.
Ufundo LweBhayibhile
(Levitikus 8:31–9:7) Wathi uMoses kuAron noonyana bakhe: “Yibiliseni inyama ngakumnyango wentente yokuhlangana, nize niyityele apho nesonka esisengobozini, kanye njengokuba ndayalelwayo kwathiwa, ‘UAron noonyana bakhe baza kuyitya.’ 32 Inyama eshiyekileyo nesonka esishiyekileyo niza kuzitshisa ngomlilo. 33 Ningaphumi emnyango wentente yokuhlangana iintsuku ezisixhenxe, de ziphele iintsuku zokumiselwa kwenu, kuba ukumiselwa kwenu nibe ngababingeleli kuza kuthatha iintsuku ezisixhenxe. 34 UYehova uyalele ukuba senze ngale ndlela senze ngayo namhlanje ukuze zihlawulelwe izono zenu. 35 Niza kuhlala kumnyango wentente yokuhlangana imini nobusuku iintsuku ezisixhenxe, niyenze imisebenzi eniyinikwe nguYehova, ukuze ningafi, kuba ndiyalelwe ngaloo ndlela.” 36 UAron noonyana bakhe bazenza zonke izinto ezaziyalelwe nguYehova ngoMoses.
9 Ngomhla wesibhozo uMoses wabiza uAron, oonyana bakhe namadoda amakhulu akwaSirayeli. 2 Wathi kuAron: “Thatha ithole lenkomo eliza kuba ngumnikelo wesono nenkunzi yegusha yomnikelo otshiswayo, zibe zeziphilileyo, uzizise phambi koYehova. 3 Kodwa kumaSirayeli uza kuthi, ‘Thathani inkunzi yebhokhwe yomnikelo wesono, ithole lenkomo, itakane legusha eliyinkunzi, ezinonyaka ubudala, eziphilileyo, nenze ngazo umnikelo otshiswayo, 4 inkunzi yenkomo nenkunzi yegusha, zibe ngumbingelelo wobuhlobo, kubingelelwe ngazo kuYehova, nomnikelo oziinkozo ogalelwe ioli, kuba namhlanje uYehova uza kubonakala kuni.’ ” 5 Ngoko ke, bazithatha izinto uMoses awayeziyalele, bazizisa phambi kwentente yokuhlangana. Basondela bonke abantu, bema phambi koYehova. 6 UMoses wathi: “Nantsi into uYehova ayalele ukuba niyenze, ukuze nilubone uzuko lukaYehova.” 7 Emva koko wathi kuAron: “Sondela esibingelelweni uzise umnikelo wakho wesono nomnikelo wakho otshiswayo, uzihlawulele wena nendlu yakho, uzise umnikelo wabantu ubahlawulele, kanye njengokuba uYehova eyalele.”