IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w24 Aprili iphe. 31
  • Ngaba Ubusazi?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ubusazi?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
  • Amanqaku Afanayo
  • Xelisa Ukunyaniseka KukaItayi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Incwadi YeBhayibhile 10—2 Samuweli
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
  • “Ndifundise Ukwenza Ukuthanda Kwakho”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2012
  • Thembela Kumoya KaThixo Xa Izinto Ziguquka Ebomini
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2024
w24 Aprili iphe. 31

Ngaba Ubusazi?

Kwakutheni ukuze abantu abangengomaSirayeli babe kumkhosi kaKumkani uDavide?

AMANYE amajoni awayekumkhosi kaDavide yayinguTseleke umAmoni, u-Uriya umHiti noItemaya umMowabhi.a (1 Kron. 11:​39, 41, 46) Kwakukho ‘amaKereti, amaPeleti namaGati.’ (2 Sam. 15:18) Kubonakala ngathi amaKereti namaPeleti ayezalana namaFilisti. (Hez. 25:16) AmaGati ayesuka kwisixeko samaFilisti, iGati.​—Yosh. 13:​2, 3; 1 Sam. 6:​17, 18.

Kwakutheni ukuze uDavide avumele abantu abangengomaSirayeli ukuba babe kumkhosi wakhe? Wayeqinisekile ukuba babenyanisekile kuye, kodwa esona sizathu sibalulekileyo kukuba babenyanisekile kuYehova. Ngokomzekelo, xa sithetha ngamaKereti namaPeleti esinye isichazi-magama seBhayibhile sithi: “Xa uDavide wayelawula, ahlala enyanisekile kuye naxa kwakunzima kakhulu.” Kutheni sisitsho? Xa “onke amadoda akwaSirayeli” amshiyayo uKumkani uDavide, aza alandela “indoda eyayihlupha, egama linguShebha,” wona amaKereti namaPeleti awazange amshiye, ancedisa ekwenzeni uShebha ayeke loo nto wayeyenza. (2 Sam. 20:​1, 2, 7) Nonyana kaKumkani uDavide, uAdoniya, wakha wazama ukuzenza ukumkani. Nalapho, amaKereti namaPeleti ahlala enyanisekile kuDavide aza ancedisa ekubeni ibe ngukumkani okhethwe nguYehova, uSolomon, olawulayo emva koDavide.​—1 Kum. 1:​24-27, 38, 39.

Omnye umntu owayengengomSirayeli owahlala enyanisekile kuDavide nguItayi, umGati. Le ndoda nomkhosi wayo wamajoni ayi-600 bema noKumkani uDavide xa unyana kaDavide uAbhisalom wamjikelayo, waza wenza namadoda akwaSirayeli amjikela. Ekuqaleni uDavide wathi kuItayi akukho sizathu sokuba amlwele kuba yena akangomSirayeli. Kodwa uItayi wathi: “Ephila nje uYehova yaye iphila nje inkosi yam ukumkani, naphi na apho ikhoyo inkosi yam ukumkani, nokuba kusekufeni nokuba kusebomini, siza kuba lapho isicaka sakho!”​—2 Sam. 15:​6, 18-21.

UItayi uncokola noKumkani uDavide.

UItayi wayenyanisekile kukumkani owakhethwa nguYehova, uDavide

Ngoxa amaKereti, amaPeleti namaGati ayengengomaSirayeli, ayemhlonipha kakhulu uYehova, uThixo oyinyaniso, noDavide owayekhethwe nguYehova. Inoba uDavide wayeyibulela kakhulu into yokuba enamadoda anyaniseke kangaka!

a Umthetho kaThixo okwiDuteronomi 23:​3-6 wawungawavumeli ama-Amoni namaMowabhi ukuba angene kwibandla lamaSirayeli. Kodwa kubonakala ngathi wawuthetha ngokuba ngummi osemthethweni kuhlanga lakwaSirayeli. Wawungathi mabangadibani okanye bahlale nabantu bakaThixo. Jonga i-Insight on the Scriptures, Umqulu 1, iphe. 95.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share