IGuyana
“ILizwe Elinamanzi Amaninzi”—leyo yintsingiselo yegama elithi “Guyana,” elilizwe elikuMzantsi Merika elinomda osemazantsi okwiikhilomitha ezili-130 ngentla kweikhweyitha. Lifaneleka ngokwenene elo gama, kuba imilambo engaphezu kwama-40 nentaphane yemingenela ifumana amanzi kumahlathi ashinyeneyo azalise iGuyana ezizikwekhilomitha ezingama-215 000! Eminye kule milambo ingumda owahlula iGuyana nabamelwane bayo—abanjengeBrazil, iSuriname, neVenezuela. Kanti iilali neefama zingqongwe yimilambo yaye ixhasa abantu abahlala apho. Eneneni urhwebo nembali yaseGuyana—kuquka imbali yabantu bakaYehova—inxulumene kakhulu namanzi.
Ukusuka entshona ukuya empuma, imilambo emine ephambili yiEssequibo, iDemerara, iBerbice, neCourantyne. Owona mkhulu, iEssequibo, uziikhilomitha ezili-1 000 ubude kwakunye neekhilomitha ezingama-30 ububanzi emlonyeni wawo yaye uneziqithi ezingama-365. Esinye kwezi ziqithi, iFort Island, sasinepalamente ebudeni bokulawula kwamaDatshi kwelo. Ukususela ekuphumeni kwayo kwiintaba eziphakathi elizweni ngasemazantsi, le milambo iya ngasentla ngaphambi kokuba yenze amajiko-jiko ize iye kufika kwiAtlantiki. Xa esiya apho, amanzi ayo adlula kwezona ngxangxasi zidumileyo ehlabathini, njengeeKaieteur Falls, apho uMlambo iPotaro oziimitha ezili-120 ububanzi ungena khona kwiEssequibo, kangangeemitha ezingama-226.
Ngobu buhle bayo, iGuyana iyiparadesi yokwenene kwabo bathanda indalo. Kumanzi ayo kuhlala iigiant river otters, iiblack caimans, neepirarucus, okanye iiArapaima, ezo ziphakathi kwezona ntlanzi zinkulu kwezakha zabonwa. Ezi ntlanzi zitya inyama zinokukhula zibe ziimitha ezintathu zize zibe nobunzima obuziikhilogram ezingama-220. Iijaguar zidakasa kwiintshinyela zamahlathi alapho neenkawu eziziihowler uya kufika zisenza iingxolo emithini, kwakuloo mithi kuhlala iindidi zeentaka ezingaphezu kwama-700 ekukho phakathi kwazo iinkozi, iimacaws neetoucans.
Abemi baseGuyana bamalunga nama-700 000. Eli nani liquka amaNdiya aseMpuma, anookhokho ababevela eIndiya beze kwelo ngomsebenzi; abantu abantsundu abaphuma kumakhoboka aseAfrika; AmaNdiya aseMerika (angama-Arawak, amaCarib, amaWapisiana, nama-Warrau); nabanye ke abemi abangumxube. Nakuba kuthethwa isicreole kulo lonke elo, ulwimi olusemthethweni sisiNgesi, nto leyo eyenza iGuyana ibe kuphela kwelizwe elintetho isisiNgesi kuMzantsi Merika.
Ukungena Kwamanzi Enyaniso EGuyana
Malunga nonyaka we-1900, “amanzi” obomi aqabula unxano lwabantu lokomoya aqalisa ukunkcenkcezela eGuyana. (Yoh. 4:14) Indoda egama linguPeter Johassen, esebenza kwinkampu yokusarha iinkuni ekuMlambo iCourantyne, yafumana umbhalo weZion’s Watch Tower and Herald of Christ’s Presence. Yabalisela uMnu. Elgin ngoko yayikufundile, owathi yena wabhalela kwiWatch Tower Society ukuze afumane uncwadi olungakumbi lweBhayibhile, kuquka incwadi ethi The Divine Plan of the Ages. Nakuba lo kaElgin engazange abambelele kwinyaniso awayeyifundile, wabangela ukuba abanye babe nomdla kuyo. Loo nto yabangela ukuba kusekwe iqela elincinane eNew Amsterdam, ekufutshane noMlambo iBerbice.
Ngelo xesha, eGeorgetown, elikomkhulu leGuyana, uEdward Phillips wafumana uncwadi olupapashwe ngaBafundi BeBhayibhile Bezizwe Ngezizwe, ngoku ababizwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova. Ezimisele ukwabela abanye ngoko wayekufundile, okaPhillips waqokelela izizalwana nezihlobo ekhayeni lakhe ukuze axubushe rhoqo iBhayibhile ngokungacwangciswanga. Ngowe-1908 wabhalela iWatch Tower Society, ecela ukuba kuthunyelwe ummeli eGuyana, ndawo leyo eyayibizwa ngokuba yiBritish Guiana ngelo xesha.a Kwiminyaka emine kamva, uEvander J. Coward wafika kwelo waza wanikela iintetho zeBhayibhile kumakhulukhulu awayehlanganisana kwiiholo zedolophu zaseGeorgetown naseNew Amsterdam.
Unyana kaPhillips, uFrederick, ukhumbula utyelelo lukaCoward. Ubhala athi: “Akuzange kube kudala, uMzalwan’ uCoward waduma eGeorgetown, yaye ngesigidimi awayesishumayela, abanomdla baqalisa ukuthelela iqela lethu laBafundi BeBhayibhile. Ngezo mini sasixubusha incwadi ethi, The Divine Plan of the Ages, ethi The New Creation, nezinye. Akuzange kube kudala, ikhaya lethu laba lincinane gqitha, ngoko ngowe-1913 saqesha igumbi eliphezulu eSomerset House eGeorgetown. Leyo yaba yindawo yokuhlanganisana kwebandla de kwangowe-1958.” Ngowe-1914, uEdward Phillips waphinda wavula ikhaya lakhe, ukuze libe yiofisi yesebe yokuqala yaseGuyana. Waba ngumveleli waloo ofisi de kwasekufeni kwakhe ngowe-1924.
Ngowe-1916 kwakhuthazwa umsebenzi wokushumayela ngokuboniswa kwe-“Photo-Drama of Creation,” enemifanekiso eshukumayo nengashukumiyo. UFrederick ubhala athi: “Ngelo xesha, sasinandipha uxolo nentabalala yokomoya.” Amaphephandaba asekuhlaleni ayeshicilela uthotho lweentshumayelo zikaCharles T. Russell, onguMfundi WeBhayibhile owayekhokela.”
Ngowe-1917 izinto zazitshintshile eGuyana. Ilizwe lalinomoya wemfazwe, yaye umfundisi odumileyo walapho wabongoza abantu ukuba bathandazele iBritani namahlakani ayo. Kwileta awayibhalela amaphephandaba, uCoward wachaza imeko yehlabathi eyidibanisa nesiprofeto seBhayibhile. Kanti kwiHolo yeDolophu yaseGeorgetown, wanikela intetho enamandla nenomxholo othi “Ukuwisa Iindonga ZeBhabhiloni.”
Ingxelo ekwiMboniselo kaOktobha 1, 1983 ithi: “Abefundisi babevutha ngumsindo kangangokuba bathofiyela amagunya ukuba agxothe uMzalwan’ uCoward kwanokuba kuvalwe ukusasazwa kweqela leempapasho zethu, nto leyo eyaqhubeka de kwangowe-1922.” Noko ke, abantu abaninzi babemhlonela lo kaCoward ngenxa yokunikela kwakhe ubungqina ngenkalipho. Kangangokuba, ukumka kwakhe babemi ngasenqanaweni bekhwaza besithi: “Nguye kuphela obeshumayela inyaniso.” Abasebenzi basezibukweni bada bathi baza kugwayimbela ukugxothwa kwalo kaCoward kodwa abazalwana babanqanda.
Emva kwemfazwe yehlabathi yokuqala, aBafundi BeBhayibhile bajamelana novavanyo oluchuliweyo nolwaphazamisana nokusasazwa kwenyaniso yoBukumkani kangangexesha elithile. Ndoda ithile eyayisakuba ngumzalwana neyayisebenza kwikomkhulu laseBrooklyn yayisele ingumwexuki yaye yatyelela iGuyana kangangezihlandlo eziliqela ngelokuzama ukurhwebeshela aBafundi BeBhayibhile kude nentlangano.
Le Mboniselo ikhankanywe ngasentla ithi: “Kangangethuba elithile, aBafundi BeBhayibhile bahlukana bangamaqela amathathu, abanye bethobela ulwalathiso lwentlangano, abanye beyichasile, kanti abanye besesizikithini bengazi ukuba mabaye kweliphi icala. Noko ke, intsikelelo kaYehova yafunyanwa liqela elalithembekile yaye ekugqibeleni landa.” Phakathi kwababethembekile kwakukho uMalcolm Hall owabhaptizwa ngowe-1915, noFelix Powlett owabhaptizwa ngowe-1916. Bobabini baqhubeka bengabakhonzi bakaYehova abazimiseleyo nabaphila de badlula kwiminyaka engama-90 ubudala.
UGeorge Young owayevela kwikomkhulu lehlabathi weza eGuyana ngowe-1922, waza wahlala malunga neenyanga ezintathu eze komeleza abazalwana ababesathembekile. UFelix Powlett wathi: “Wayengumsebenzi ongadinwayo.” Ulwazi lwalo kaYoung ngeZibhalo, ilizwi lakhe elinamandla, izimbo zakhe zomzimba, nemifanekiso awayeyiphatha yanceda abangakumbi ukuba balihlolisise ngokucokisekileyo iLizwi likaThixo. Ngokusekelwe kwingxelo kaYoung, IMboniselo kaJanuwari 1, 1923, yathetha “ngokuba nomdla kwabantu abaninzi kuloo mmandla enyanisweni, ukwanda kwenani labo beza kwiintlanganiso zesidlangalala, ukuzala kwezindlu ababehlanganisana kuzo, nokwanda kwenzondelelo nokuzinikela kwabazalwana.” Ngokomzekelo, eSomerset House, kwakubakho abamalunga ne-100 kwiintlanganiso, nakuba kwakukho malunga nabavakalisi boBukumkani abangama-25 kuphela ngelo xesha.
Ngowe-1923 abazalwana benza umgudu wokufikelela abazalwana abasembindini welo. Ngalo lonke ixesha, babephatha iibhedi ezijingiswayo noncwadi kuphela, bethembe abantu abanobubele ukuba baya kubapha ukutya. Ukuba banikwe indawo yokuhlala, babechitha ubusuku apho. Xa bengafumananga ndawo, babexhoma iibhedi zabo emithini baze balalise apho, benyamezele intaphane yeengcongconi. Ngentsasa elandelayo babeqwalasela iSibhalo ababesifumana kwincwadi epapashwe yintlangano kaYehova ethi Daily Heavenly Manna, baze ke behlise indlela okanye bakhwele isikhephe ukuya kummandla olandelayo.
Imigudu yokufikelela abantu abakwimimandla ethe qelele yaqhubeka de kwayiMfazwe Yehlabathi II xa ipetroli yayilinganiselwa, nto leyo eyayisenza kube nzima ukuhamba. Kungelo xesha kanye, abathi aBafundi BeBhayibhile bafumana igama elithi amaNgqina kaYehova ngowe-1931. Iqela elincinane laBafundi BeBhayibhile elalithe gqa gqa ngaselunxwemeni lalamkela ngolangazelelo olukhulu eli gama laza labonisa inkalipho ngokongeza isabelo salo entsimini. Ngasekupheleni kweminyaka yee-1930, abavakalisi baqalisa ukusebenzisa iigramafoni ezineentetho zeBhayibhile ezirekhodiweyo kubulungiseleli. UFrederick Phillips, owayengumveleli wesebe ngelo xesha ubhala athi: “Babengekho oonomathotholo ezilalini ngaloo maxesha, yaye xa sifikile elalini, sasivakala ngomculo owawuphuma kwisandisi-lizwi sethu, sisitsho phakathi komoya opholileyo walapho. Lo mculo wawulandelwa ziintetho ezirekhodiweyo. Kwakusiza phantse bonke abemi balapho, abanye besanxibe iimpahla zokulala.”
Namaziko kanomathotholo aba negalelo ekusasazweni kweendaba ezilungileyo. Elinye iziko laseGuyana lisasaza isigidimi soBukumkani rhoqo ngeeCawa nangooLwezithathu. Kambe ke, wonke lo msebenzi waphawulwa nguSathana, owasebenzisa ubuhlanga obuphuma kwiMfazwe Yehlabathi II ukuze awudubadube.
IMfazwe Yehlabathi II Nomsebenzi Wasemva Kwemfazwe
Ngowe-1941, ebudeni bemfazwe yehlabathi yesibini, babengama-52 abavakalisi boBukumkani abazimiseleyo eGuyana. Kwangaloo nyaka, umthetho welo wakuvala ukusasazwa kweMboniselo neConsolation (ngoku ebizwa ngokuba nguVukani!). Ngowe-1944 kwavalwa nalo lonke uncwadi olupapashwe ngabantu bakaYehova. Ingxelo ekwiMboniselo kaJulayi 1, 1946 ithi: “Kwanemibhalo yeBhayibhile Engcwele engenamagqabaza eWatch Tower, epapashwe yeminye imibutho yeBhayibhile kwakungavumelekanga ukuba amangqina kaYehova abe nayo.”
NgoAprili 1946, uNathan Knorr ovela kwikomkhulu lehlabathi watyelela iGuyana. Wayehamba noWilliam Tracy, owayesandul’ ukuphumelela eGiliyadi. Babezimisele ukukhuthaza abazalwana nokubongoza urhulumente ukuba avule ukusasazwa kwezi mpapasho. Ebudeni bentlanganiso eyayiseGeorgetown, uMzalwan’ uKnorr waxelela abazalwana abali-180 kunye nabantu abanomdla ababehlanganisene apho ukuba abafundi bakaYesu bangaphambili babengenazo iiBhayibhile noncwadi ababenokulusebenzisa entsimini. Sekunjalo, uYehova wabasikelela ngolwando olwaphul’ izikeyi. Ngoba? Ngenxa yokuba baqhubeka beshumayela. Ngoko ngaba uThixo akanakubenzela okufanayo abakhonzi bakhe banamhlanje njengoko beqhubeka ngokuzimisela nomsebenzi? Ngokwenene wayeza kubasikelela!
Kwangelo xesha, abazalwana baqhubeka bezama ukuba abezomthetho babancedise ekuqinisekiseni ukuvulwa kokusasazwa koncwadi. Ngokomzekelo, kwisithuba esingaphantsi konyaka emva kokuphela kwemfazwe, abantu abangama-31 370 batyikitya isicelo becela ukuba kuvulwe ukusasazwa koncwadi. Esi sicelo sasiwa kurhulumente. Ukongezelela, ukuze yenze abantu baseGuyana bazi, intlangano kaYehova yapapasha iphecana elichaza yonke into. Umxholo walo ufundeka ngolu hlobo: “IBHAYIBHILE ENGCWELE AYIVUMELEKANGA EBRITISH GUIANA—ABANTU ABANGAMA-31 000 BATYIKITYA ISIVUMELWANO ESIYA KUMPHATHI ukuze kubuyiselwe inkululeko yonqulo kubo bonke abemi beli thanga, kungakhathaliseki ukuba banaziphi iinkolelo.”
NoMzalwan’ uKnorr waya kunobhala wethanga, uW. L. Heape, ngelokucela ukuba ipheliswe le miqathango. Emva kodliwano-ndlebe lwemizuzu engama-30, uMzalwan’ uKnorr wanika uMnu. Heape umbhalo wencwadi ethi “Inyaniso Iya Kunikhulula” waza wamcela ukuba ayifunde ngokucokisekileyo. UMnu. Heape wathembisa ukuba uya kwenjenjalo. Ukongezelela, waxelela uMzalwan’ uKnorr ukuba imiqathango ephathelele uncwadi lwethu isashukuxwa ngamalungu asithoba ekomiti yolawulo kanye ngelo xesha! Kwathi kanti unyanisile, kuba ngoJuni 1946, lo mlawuli wakhupha isindululo esiphelisa le miqathango.
Kungekudala emva koko, iibhokisi ezili-130 ezilele uthuli nezineencwadi neencwadana ezili-11 798 zanikwa abazalwana. Benemincili kukuphinda basasaze uncwadi kwakhona, aba bavakalisi boBukumkani nababesele bengama-70 balusasaza lonke olo ncwadi kwiiveki nje ezilishumi. NgoAgasti baqalisa nokushumayela ezitratweni, yaye oko kwaba nemiphumo emihle. Isebe linikela le ngxelo: “Kwahanjiswa amaphephancwadi phantse ngomkhamo amaphephandaba alapho awayesasazwa ngawo.”
Kwanangexesha lemiqathango, abazalwana baqhubeka befumana ukutya okuxabisekileyo kokomoya, ngokuyinxenye ngoncedo lomnye umzalwana owayesebenza kwiposi yaseGeorgetown. Ubhala athi: “Ndaziva ndinyanzelekile ukuqinisekisa ukuba imibhalo yeMboniselo iyafika esebeni. Oodade babencedisa ekuchwethezeni nasekukhupheleni imibhalo yamanqaku afundisiswayo baze bayisasaze kwiintsapho zalapho ukuze ziyisebenzise ezintlanganisweni.”
Abavangeli Basemazweni Abatsha Bahambisela Phambili Umsebenzi
Umsebenzi wokushumayela eGuyana waba ngathi uxhom’ isantya, ekufikeni kwabavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi phakathi kwiminyaka yee-1940. Phakathi kwabo kwakukho uWilliam Tracy, owaphumelela kwiklasi yesithathu, kwakunye noJohn noDaisy Hemmaway noRuth noAlice Miller, abaphumelela kwiklasi yesihlanu. La maNgqina anenzondelelo abelana nabazalwana basekuhlaleni ngezinto awayezifunde eGiliyadi yaye amisela umzekelo omhle entsimini.
UMzalwan’ uTracy wayebaxhalabele abo bahlala kwimimandla esemaphandleni. Wabhala wathi: “Ndehla ndinyuka unxweme lwelo kwakunye nemilambo ndikhangela abantu abanomdla. Ndahamba ngololiwe ogugutha unxweme, iibhasi, ibhayisikile, ngezikhephe ezikhulu nezincinane nangamaphenyane.”
Kanti abavangeli basemazweni banceda oovulindlela balapho ukuba balungelelanise izinto ukuze bayifikelele kakuhle loo ntsimi baze xa kunokwenzeka baye kufika nakwimimandla ekungazange kushunyayelwe kuyo ngaphambili. Khumbula ukuba ngowe-1946, iGuyana yayinamabandla amahlanu kuphela nabavakalisi boBukumkani abangama-91. Kodwa alukho ucelomngeni olungenakoyiswa ngabo bomelezwa ngumoya kaThixo.—Zek. 4:6.
Ekuqaleni oovulindlela abaninzi ababesebenza nabavangeli basemazweni babesele bekhulile. Noko ke, nakuba babesele bekhulile bawuxhasa kakuhle gqitha umsebenzi. Phakathi kwabo kwakukho uIsaac Graves, uGeorge Headley, uLeslie Mayers, uRockliffe Pollard, noGeorge Yearwood. Phakathi koodade kwakukho uMargaret Dooknie, uIvy Hinds, uFrances Jordan, uFlorence Thom, uAtalanta Williams, noPrincess Williams (aba babini abazalani). Beneencwadi, iincwadana namaphephancwadi basasaza isigidimi soBukumkani.
UIvy Hinds (ngoku onguWyatt) noFlorence Thom (ngoku onguBrissett) babelwa kwilokishi yaseBartica engakuMlambo iEssequibo, malunga neekhilomitha ezingama-80 ukusuka kwisizikithi selo. Le lokishi ikukhokelela kwimigodi yegolide nedayimani yalapho. Kwakuhlala umzalwana omnye apho. UJohn Ponting, ongumveleli wesebe nowesiphaluka ngelo xesha ubhala athi: “Ngeenyanga nje ezimbini, babesele bengama-20 abeza ezintlanganisweni yaye bangama-50 abeza eSikhumbuzweni.” Omnye wabo bamkela inyaniso yindoda egama linguJerome Flavius. Wayengaboni kwaphela. UJohn uthi: “Akuzange kube kudala waqalisa ukunikela iintetho engancediswa mntu, emva kokuba efundelwe umbandela izihlandlo eziliqela nguIvy Hinds.”
Nakuba babesele beyigabhule iminyaka engama-60 ubudala, oodade abangoovulindlela uEsther Richmond noFrances Jordan bafunda ukukhwela ibhayisikile ukuze bakwazi ukugubungela umhlaba ongakumbi. UMzalwan’ uPonting uthi: “UMargaret Dooknie, ongasalikhumbuliyo inani leminyaka awayenguvulindlela ngayo, wayedla ngokuhamba de adinwe kangangokuba sasidla ngokufika elele kwisitulo sasepakini. Asinakuze siwulibale umzekelo omhle ngolo hlobo.”
Bekhuthazwa ngumzekelo wabavangeli basemazweni noovulindlela abasele bekhulile, uninzi lwabaselula lwaba ngoovulindlela. Ngenxa yawo wonke lo msebenzi, baninzi abantu abamkela inyaniso, yaye kwasekwa amaqela namabandla kwiindawo ezahlukeneyo zelo lizwe. Ngowe-1948 kwakukho abavakalisi abangama-220 eGuyana. Ngowe-1954 elo nani landa laba ngama-434. Kwangelo xesha, iqela labazalwana abavela eKitty-Newtown nababehlanganisene eSomerset House landa kangangokuba bakwazi ukubumba elinye ibandla—elibizwa ngokuba yiNewtown—elesibini kwikomkhulu lalapho. Namhlanje iGeorgetown inamabandla asithoba.
Iinqwelo Ezinesandisi-lizwi, Abakhwele Iibhayisikile Needonki
Ebutsheni beminyaka yee-1950, ngaphantsi kolwalathiso lweofisi yesebe, abazalwana banikela iintetho zesidlangalala elubala kuyo yonke iGeorgetown, oko bekwenza ubukhulu becala ngeengokuhlwa zangeMigqibelo nasemva kwemini ngeCawa. Babesebenzisa inqwelo enesandisi-lizwi ababezenzele yona. Yayinomatshini onamandla wesandisi-lizwi, imiboko emibini emikhulu, izinto zokuyixhasa kwakunye neentambo. UAlbert Small, owabhaptizwa ngowe-1949 uthi: “Emini kwakubekwa ibhodi kwindawo ekwakuhlanganiswana kuyo. Yayibhalwe ngolu hlobo ‘Kuphendulwa Imibuzo YeBhayibhile Onayo’ kuze ke kubhalwe ixesha lokuhlanganisana. Baninzi ababephulaphula ezo ntetho, yaye kamva abanye bayamkela inyaniso.”
Bebonisa ulwando olusenokubakho, uNathan Knorr nonobhala wakhe uMilton Henschel, banikela iintetho kwiGlobe Cinema eseGeorgetown ebutsheni bowe-1954. Wayelapho noJohn Ponting. Unikela le ngxelo: “Zazizele zonke izihlalo ezili-1 400 zalapho, yaye abangama-700 babephulaphule bengaphandle ngoncedo lwemiboko eyongezelelekileyo de abaninzi banyanzelwa yimvulakazi ukuba baye kuzinyakathisa ngaphakathi. Le ndibano sayibhengeza sisebenzisa ungcelele lwabakhwele iibhayisikile ababephethe amakhadi. Emva kokuba kurhatyele, sasebenzisa isibhengezo esikhanyisiweyo esasirhuqwa yidonki ephelekwa ngomnye umzalwana owayesenza isaziso ngesandisi-lizwi.”
Kuyiwa Kaliqela Embindini Welo
Ngoxa wayengumveleli wesebe, uWilliam Tracy wakhuthaza abazalwana ukuba bafikelele abo bahlala kwimimandla ekwanti. Yena kuqala watyelela iindawo ezikummandla womlambo iEssequibo neBerbice waza walungiselela iindibano zesiphaluka zamaqela amancinane namabandla akuloo mimandla. Ngokuqhelekileyo ezi ndibano zaziqhutyelwa kwiindawo zemiboniso bhanya-bhanya nakwizikolo zikawonke wonke, yaye ezona ndawo zazanele ziindawo zemiboniso bhanya-bhanya. Ngowe-1949 kwindibano eyayikwindawo yomboniso bhanya-bhanya eSuddie, kufutshane nasekungeneni kwe-Essequibo, intetho yesidlangalala eyaba phambili yethi “Isihogo, Sisetyenziswa Njengomgibe.” Abanye babhekisela kumaNgqina kaYehova njengecawa yoosihog’ asikho.
Ngowe-1950, uWilliam Tracy, owayesandul’ ukutshata wabelwa eUnited States. UJohn Ponting wangena ezihlangwini zakhe njengomveleli wesebe nowesiphaluka. Kanti uJohn wancedisa ekusetyenzweni kommandla ongasemlanjeni. Abazalwana babesebenzisa iinqanawa ezazithutha abantu apho. Xa abantu bezo lali nababehamba ngamaphenyane babesisa izinto zabo kwiposi ehambayo, abazalwana babedla ngokucela ukuya kubekwa ngaselunxwemeni, ngethemba lokuba abantu babeza kubanika ukutya nendawo yokuhlala. Babeshumayela kwezo lali baze ebusuku bamkelwe ngobubele yenye yezo ntsapho. Ngosuku olulandelayo kwakubakho umntu obathatha ngephenyane abase kwilali ababeza kushumayela kuyo ngokulandelayo. Ngenye imvakwemini batyelela indawo yokusarha imithi. Umphathi walapho wemisa umsebenzi, wahlanganisa amadoda awayesebenza apho waza wavumela abazalwana ukuba banikele intetho yemizuzu eli-15. Bonke bathabatha uncwadi.
UThomas Markevich, owaphumelela kwiklasi ye-19 yaseGiliyadi wabelwa eGuyana ngoJulayi 1952. Kanti watyelela nemimandla ekungazange kwashunyayelwa kuyo ngaphambili. UTom uthi: “Kuvuyisa gqitha ukushumayela isigidimi soBukumkani kumntu ongazange ashunyayezwe ngaphambili. Kodwa ukhe wothuke maxa wambi nto leyo eyakha yandehlela. Ndaya eDemerara ngesikhephe ndaza ndahamba ndangena ehlathini apho ndadibana nendlwana. Umninimzi wandibulisa, wandingenisa, wathi mandihlale phantsi waza wandiphulaphula. Ndathi ndakujonga kuloo ndlu, ndamangaliswa kukuphawula ukuba iindonga zizele ngamaphepha eeMboniselo, zonke izezeminyaka yee-1940! Kuyabonakala ukuba, lo mninimzi wakha wadibana nesigidimi soBukumkani, mhlawumbi esikhepheni okanye eGeorgetown okanye eMackenzie.”
Umvangeli wasemazweni uDonald Bolinger wayengowokuqala ukuhamba uhambo olude oluya kwiiNgxangxasi zeKaieteur. Ngoxa wayenikela ubungqina kumaNdiya aseMerika, wadibana negosa laseburhulumenteni elalisebenza nawo. Ekugqibeleni, le ndoda yazahlulela kuYehova yaza yanyamekela iqela elasekwa apho kamva. Abanye abavakalisi baya kwimimandla ekwanti, njengemigodi yedayimani okanye eyegolide ngenxa yomsebenzi wempangelo. Nakuba babekwanti, babekhe babonwe beshumayela kwizindlwana ngezindlwana ngoxa babehlala ezinkampini. Yintoni eyabanceda baqhubeka bomelele ngokomoya? Babenocwangciso oluhle lokufundisisa nokushumayela.
Inkonzo ‘Evuyisayo Neyanelisayo’
Abavangeli basemazweni uJohn noDaisy Hemmaway basebenza eGuyana ukususela ngowe-1946 ukuya kutsho ngowe-1961. Maxa wambi babechitha iiveki ezimbini zekhefu labo kwisithili esikumntla-ntshona kufutshane neVenezuela, apho kwakuhlala amaCarib, ama-Arawak, nezinye iintlanga zomthonyama. Bakha bahambisa iincwadi ezininzi kuma-Arawak. Abazange bayithande loo nto oonongendi bamaKatolika ababenesikolo apho. Aba nongendi bada babuza abantwana enoba abazali babo baye bathabatha uncwadi kusini na. Besakuva ngoku kuncinwa kwabantwana babo, abazali baba nomsindo baza baxelela umfundisi walapho ukuba bona baza kuzikhethela izinto abazifundayo. Ngetshova, kwinkonzo yangeCawa, lo mfundisi wayigxeka incwadana enomxholo othi Can You Live Forever in Happiness on Earth? ababenayo abaninzi. Kodwa akazange aphumelele, kuba ngemini ababehamba ngayo apho abakwaHemmaway, abantu abaninzi baloo lali bacela umbhalo waloo ncwadana kanye.
Ukuze bafikelele lo mmandla omalunga neekhilomitha ezingama-300 embindini welo, uJohn noDaisy babesebenzisa izikhitshane, oololiwe neelori. Babeziphathela izinto eziyimfuneko kwakunye noncwadi nebhayisikile, eyayibanceda kakhulu kwiindlela zomhlaba eziya kwiindlela zamaNdiya. UJohn uthi: “Ezi ndlela zazixananazile, ngoko kwakufuneka sisebenzise iinkumbulo zethu okanye sihamba sishiya amahlamvu kwiindawo ezithile ukuze sikwazi ukuqiniseka ukuba sibuya ngendlela ekhuselekileyo. Ukuba kwenzekile wadibana nezinye kwizilwanyana zasendle, kwakumele uqiniseke ukuba akushukumi yaye usithi ntsho ngamehlo. Ekugqibeleni, esi silwanyana sithi nyosho nyosho sisuke endleleni. Iinkawu zona zazijakatyeka phezulu emithini, zinxwala abangeneleli, ngoxa isilwanyana ekuthiwa si-‘sloth,’ uya kufika sijinga intloko ijong’ ezantsi, sikuthe ntsho ngaloo mehlo onqenayo njengoko udlula. Kwiindawo ezithile ezingenamithi, uyakwazi ukubona iintaka ezimibalabala ezizii-‘toucans’ zisitya iziqhamo ezikwimithi eyi-‘papaya.’”
Emva kweminyaka eli-15 yokuba ngumvangeli wasemazweni eGuyana, uMzalwan’ uHemmaway wayishwankathela ngolu hlobo indlela avakalelwa ngayo: “Kwakubangel’ imincili ngokwenene! Yaye kusanelisa ngokwenene! Ukuhlala bhaxa phantsi kwindlu eyenziwe ngamagqabi esundu uze uthethe namaNdiya aseMerika ngoBukumkani bukaThixo, uwafundisa indlela entsha yokuphila, kwanelisa ngendlela engathethekiyo. Ukubona abo bantu bathobekileyo besamkela imfundiso yeBhayibhile baze bahlulele ubomi babo kuThixo kungamava angasayi kuze acime ezingqondweni zethu.”
Oovulindlela Balapho Baya EGiliyadi
Noovulindlela abaliqela balapho banandipha ilungelo lokuya kwiSikolo saseGiliyadi, yaye abanye kubo babelwa eGuyana ukubuya kwabo. Phakathi kwabo kukho uFlorence Thom (ngoku onguBrissett), owaphumelela kwiklasi yama-21, ngowe-1953; uAlbert noSheila Small, abaphumelela kwiklasi yama-31, ngowe-1958; noFrederick McAlman, owaphumelela kwiklasi yama-48, ngowe-1970.
UFlorence Brissett uthi: “Ndandilindele ukuba ndiza kwabelwa kwilizwe lasemzini kodwa ukwabelwa kwam eSkeldon eGuyana kwaba yintsikelelo kaYehova. Abaninzi kwabo ndandifunda nabo, ootitshala, abahlobo nabantu endibaziyo basamkela isifundo seBhayibhile ngenxa yokuba bendazi. Enyanisweni, abanye basicela kum isifundo! Phakathi kwabo kwakukho uEdward King, yaye ndandisele ndifundisisa nomfazi wakhe. Okubangel’ umdla kukuba, umfundisi waseTshetshi weva ukuba umfazi kaEdward uqhutyelwa isifundo. Ngoko wabiza uEdward, waza wamyalela ukuba amyekise. Kodwa kunokuba enjenjalo, uEdward wamkela isifundo.”
Ekubuyeni kwabakwaSmall eGiliyadi, uAlbert waba lilungu leKomiti Yesebe nomveleli wesiphaluka kangangeminyaka emininzi. Sithethanje, ekunye noSheila, bayaqhubeka bengoovulindlela abakhethekileyo kwibandla lalapho, yaye uMzalwan’ uSmall ungumdala, nakuba benempilo enkenenkene. Kambe ke, asingabo bonke abaseGuyana ababelwa apho. Ngokomzekelo, uLynette Peters, owaphumelela kwiklasi yama-48, wabelwa eSierra Leone. Usakhonza ngokuthembeka kweso sabelo sakhe sikwilizwe lasemzini.
Umfanekiso Oshukumayo Uvusa Umdla
Umfanekiso oshukumayo owawusetyenziswa kakhulu ngamaNgqina kaYehova ngeminyaka yee-1950 wawunomxholo othi The New World Society in Action. Wawugxininisa kakhulu kwikomkhulu lehlabathi eliseBrooklyn nakwindibano enkulu eyaqhutyelwa eYankee Stadium kwisiXeko saseNew York ngowe-1953. Lo mfanekiso wanceda wonke umntu—oliNgqina nongelilo—ukuba ayiqonde bhetele intlangano kaYehova nendlela enkulu ngayo. Ngokuqinisekileyo, lo mfanekiso wabachukumisa gqitha abantu ababehlala kumahlathi ashinyeneyo, abaninzi kubo ababengazange bayibone kwaukuyibona into efana nawo!
Umfanekiso lo wawudla ngokuboniswa phandle kwiyadi enkulu. Abantu babedla ngokuhamba kangangeekhilomitha eziliqela. Kodwa usenokuba uyazibuza ukuba, ‘Abazalwana babewubonisa njani umfanekiso oshukumayo kwiindawo ezingenambane?’ UAlan Johnstone, owaphumelela eGiliyadi wafika ngowe-1957 waza wakhonza njengomveleli wesiphaluka, wawubonisa kangangezihlandlo eziliqela lo mfanekiso. Ubhala athi: “Kwiindawo ezingenambane, sasisebenzisa iijenereyitha esizibolekwe ngabantu balapho abanobubele nababezisebenzisela ukukhanyisa iivenkile zabo ebusuku. Ukuze abantu babone umfanekiso oshukumayo sasixhoma ishiti elikhulu phakathi kwemithi.”
Ngenye imini, emva kokuba bebonise umfanekiso, uJohn noDaisy Hemmaway bakhwela inqanawa egodukayo. Abaninzi ababekhwele apho babevile ngalo mfanekiso yaye baba nomdla wokuwubona. Ngoko ngemvume yomqhubi, abakwaHemmaway baxhoma ishiti labo balungisa nomatshini wokubonisa lo mfanekiso. UJohn ubhala athi: “Apho kwakukhwele amaKatolika namaTshetshi. Nakuba engazange avume ukuwubukela lo mfanekiso singekakhweli enqanaweni, mhlawumbi ngoku ayewubukela ngokunyanzeleka kuba ekhwele apho. Kuba ke, lo mfanekiso ushukumayo sawubonisa kwindawo awayekhwele kuyo. Kamva abanye ababelapho bawahlaba imibuzo emininzi neyayinokuphendulwa ngamaNgqina kaYehova kuphela.”
Egqabaza ngendlela owawunamandla ngayo lo mfanekiso ushukumayo, uJohn Ponting ubhala athi: “Ukubonisa umfanekiso oshukumayo ngaloo maxesha kwakuyingenelo gqitha kwiindawo ezinamaNgqina ambalwa nalapho ayengajongelwe ntweni. Abo babewathandabuza bafumana ithuba lokubona intlangano yomhlaba wonke eneentlanga ezahlukahlukeneyo yaye baqalisa ukuba nentlonelo ngathi. Kwabatshintsha abaninzi yaye bamkela isifundo seBhayibhile. Abanye kwaba kamva baba ngabadala. Omnye umveleli wesiphaluka wakha wabonisa umfanekiso oshukumayo kangangezihlandlo ezili-17 kwiiveki nje ezimbini, ewubonisa phandle, kubantu abangama-5 000.
“Kolunye uhambo olwalubandakanya ukuchitha iintsuku ezimbini kumlambo onemisinga enamandla nokunyuka iintaba ezinamahlathi, omnye umveleli wesiphaluka wavuzwa ngendlela engathethekiyo ngaloo nto kuba kwindawo awayesiya kuyo lo mfanekiso ushukumayo wananditshwa yintaphane yamaNdiya aseMerika—yaye ayeqala ngqa ukubona umfanekiso oshukumayo. Ngosuku olulandelayo, uninzi lwabemi baloo lali ababengamaRhabe, bathatha amaphephancwadi ethu. Ngenxa yolu tyelelo, indlela ababejongwa ngayo abantu bakaYehova yatshintsha gqitha.”
Ukususela ngowe-1953 ukuya kutsho ngowe-1966, iGuyana yaba nezidubedube zezobupolitika nezobuhlanga. Unyaka we-1961 ukuya kutsho kowe-1964 yaba yeyona minyaka inzima inezidubedube, ukuphanga, ukubulala nezinye izixholoxholo. Inkqubo yezothutho kawonke wonke yema ngxi yaye abantu babesoyika. Abazalwana abazange batshutshiswe ngokungqalileyo kodwa abanye babandezelwa yindlela izinto ezazisenzeka ngayo. Ngokomzekelo, abazalwana ababini babethwa, kuquka uAlbert Small, bedutyulwa ngeembumbulu ezincinane ekwafuneka ziye kukhutshwa esibhedlele. Ngendlela ekwakukubi ngayo kwada kwangenelela namajoni aseBritani.
Yafaneleka ngokwenene into yokuba umfanekiso oshukumayo othi The New World Society in Action uthethe ngabantu abavela kuzo zonke iintlanga abanoxolo nomanyano lokwenene, nakuba kwakukubi kwelo! Ngaphezu koko, abazalwana abazange bayeke ukuya ezintlanganisweni nasentsimini ngenxa yokuqhwalela kwezothutho. Babehamba ngeenyawo imigama emide, okanye bakhwele iibhayisikile. Ngaphezu kwako konke, babonisa uthando lobuKristu bokwenyaniso omnye komnye. UAlbert Small wanikela le ngxelo: “Babenyamekelana yaye besabelana.”
Oodade Bahambisela Phambili Umsebenzi
Noodade basasaza isigidimi soBukumkani kwiindawo ezikude. Ngokomzekelo, uIvy Hinds noFlorence Thom, bamiselwa njengoovulindlela abakhethekileyo eBartica, ekwincam yehlathi. UMahadeo, umvakalisi owayekwanti, wayehlala apho nomfazi wakhe, uJamela. Njengawo onke amantombazana akwiMpuma yeIndiya ngelo xesha, uJamela akazange asiwe esikolweni yaye wayengakwazi ukufunda engakwazi nokubhala. Kodwa, wayefuna ukuzifundela iBhayibhile aze afundise noonyana babo ababini abaselula. UFlorence uthi: “Ngenxa yentsikelelo kaYehova nokuqhubeka ndimnceda, wakhawuleza wakwazi ukufunda, ukubhala nokunikela ubungqina kwabanye.”
Yaba ziinyanga ezimbini uFlorence noIvy belapho kodwa bengayifumani indawo efanelekileyo yokuhlala. Kanti babefuna nendawo yokuqhuba iintlanganiso, njengoko babesele beqhuba izifundo zeBhayibhile ezilishumi. Baba phantsi koxinezeleko olukhulu bakufumana ileta echaza ngotyelelo lomveleli wesiphaluka. Ngaphezu koko, lwalucwangciselwe iveki yaxa abasebenzi abasuka embindini welizwe kwakunye nentlaninge yoonongogo abavela eGeorgetown babesiya eBartica, bebaphinda kathathu abemi baloo dolophu!
Kodwa isandla sikaYehova asikho sifutshane. UFlorence uthi: “Ngosuku lwangaphambi kokufika komveleli wesiphaluka, xa lisithi ndithenge, sadibana nomnye umnini-mhlaba owavumayo ukuba siqeshe isakhiwo esinamagumbi amabini okulala amancinane embindini wedolophu. Sabila sisoma, sikhuhla iindonga, sizipeyinta, sipolisha nemigangatho. Saxhoma ikhethini, safaka ifanitshala, nto leyo esayigqiba ekuzeni kokusa. Asizange sixakeke njengangobo busuku ngaphambili! UJohn Ponting, umveleli wesiphaluka, wayengasikholelwa xa simbalisela okwenzekileyo. Ngobusuku bokuqalisa kwakhe utyelelo, kwakukho abangama-22, nto leyo eyasinika ithemba lokuba liseza kubakho iBandla laseBartica.”
Ukuxwes’ Imilambo NgeeKingdom Proclaimers
Kwiminyaka yangaphambili abazalwana babesebenzisa zonke izikhephe ezazifumaneka ukuze bakwazi ukufikelela imimandla ekufuphi nasemilanjeni. Kamva, bafumana izikhephe zabo, ezazinala magama, Kingdom Proclaimer I, Kingdom Proclaimer II, njalo njalo, de zifikelele kwiKingdom Proclaimer V. (Ezi zikhephe zibini zokuqala azisasetyenziswa.)
UFrederick McAlman uthi: “Sasibhexa kulo msinga sishumayela siye kutsho kwimpuma yoMlambo iPomeroon, de siye kufika eHackney, kwiikhilomitha ezili-11 ukusuka elunxwemeni. Apho sasiye silale kamnandi kwikhaya likaDade DeCambra, owayengumbelekisi ngelo xesha kuloo ndawo. Ngentsasa elandelayo sasiye siqhubeke siye kutsho ekupheleni komlambo ngaphambi kokuba siwelele ngasentshona. Emva koko sasiphinda sibhexe kangangeekhilomitha ezingama-34 sibuyela eCharity.” Kangangeminyaka emihlanu, abazalwana babebhexa besihla benyuka ePomeroon ngaphambi kokuba basebenzise iphenyane elihamba ngenjini enamandla anokulingana nawamahashe amathandathu.
Ukuhamba emanzini kwakungadli ngokubangela ngozi, kodwa abazalwana kwakufuneka balumke, kuba kwakukho amanye amaphenyane. Yaye iKingdom Proclaimer I no II yayingamaphenyane amancinane, ngoko ayengenamendu. UFrederick uthi: “Xa ndandigoduka ndivela kushumayela kuMlambo iPomeroon ngenye imva kwemini yangoMgqibelo, ndatshayiswa sisikhephe esikhulu esasibaleka gqitha. Umqhubi nabasebenzi babenganikelanga ngqalelo kuba babenxile bemanzi. Ndaphuma kwiKingdom Proclaimer I, ndaya kutshona emlanjeni phantsi kwesikhephe sabo. Ndehla ndaya kutshona ezantsi ndifuna ukusindisa ubomi bam kobo bumnyama, intloko yam imana ukungqubeka emazantsi esikhephe sabo kwiisentimitha nje ezimbalwa ukusuka ngasephikweni. Ebona indlela endandisengxakini ngayo omnye umfana watsiba kwesinye isikhephe efuna ukundinceda. Kwaphela iiveki ndiqaqanjelwa kodwa eyona nto yayindivuyisa kukuba ndandiphila!”
Loo ntlekele ayizange imdimaze uFrederick. Uthi: “Ndandizimisele ukuqhubeka ndishumayela ngenxa yendlela ababenomdla ngayo eBhayibhileni abantu abahlala kufuphi nomlambo. ESirikie, ekwiikhilomitha ezili-11 ukusuka eCharity, kwakukho iSifundo Sencwadi Sebandla esasiqhutywa ndim.”
Iveki Sikunye Nomveleli Wesiphaluka
Ukuba ngumveleli ohambahambayo emaphandleni eGuyana kuvavanya ukholo. Ngaphandle kokufuneka bawele imilambo, iindlela zegrabile, namahlathi, abaveleli besiphaluka nabafazi babo kufuneka banyamezele iingcongconi nezinye izinambuzane, izilwanyana ezinobungozi, izantyalantyala zemvula yaye kwezinye iindawo nabaphangi. Kwakhona baye babe sengxakini yokwasulelwa yimalariya, icesina nezinye izifo ezibakho kwiindawo ezifumileyo.
Umveleli ohambahambayo uchaza ukutyelela kwakhe abavakalisi abakwanti kufuphi noMlambo iDemerara. Ubhala athi: “Emva kokutyelela iBandla laseMackenzie, sahamba ngesikhephe ngoMvulo siye kutyelela omnye umzalwana kwilali yaseYaruni emalunga neekhilomitha ezingama-40 ukusuka eMackenzie. Sakufika apho sasebenza amacala onke omlambo ngesikhephe, sehla ngomlambo sehlela eMackenzie.
“Abantu balapho babenobubele gqitha baza basipha iziqhamo basimema ukuze sitye nabo. NgoLwesihlanu, saphinda sabhexa saphuma emlanjeni saza saya kukhwela uloliwe. ESoesdyke, satshintsha uloliwe saza sakhwela iphenyane sabuyela elunxwemeni. Safika silindwe ngumzalwana waza wahamba nathi sawela iDemerara saya ekhayeni lakhe eGeorgia. Ngalo ngokuhlwa saqhuba iintlanganiso naloo ntsapho.
“Ngosuku olulandelayo sonke sahamba eDemerara sisiya eSoesdyke, sisebenza loo mmandla kwanendawo eshinyeneyo kufuphi neSikhululo Seenqwelo-moya saseTimehri. Kwakhona saya nakwindawo eyayinesanti eninzi, apho abantu babelayisha isanti eya eGeorgetown. Ngengokuhlwa yangoMgqibelo saphinda saqhuba enye intlanganiso nentsapho yaseGeorgia. Ngosuku olulandelayo sonke sawela umlambo sisiya eSoesdyke kwinkonzo yasentsimini ekuseni emva koko salandelisa ngentetho yesidlangalala emva kwemini kwiveranda yaseposini. Yaphela njalo ke iveki yethu.” Lo msebenzi wokuzibhokoxa wabaveleli besiphaluka abazinikeleyo nabafazi babo wavuzwa, kuba ngoku likhulu ibandla laseSoesdyke. Ngoku abazalwana baneHolo yabo yoBukumkani, eyagqitywa ngowe-1997.
Abaveleli beziphaluka nabo babeneengxaki. Xa babehamba ngesithuthuthu uJerry noDelma Murray badibana nomjelo onebhulorho eyayidityaniswe ngamaplanga ambalwa. UDelma walinda ngoxa uJerry wayewela ibhulorho ngesithuthuthu. Kodwa akazange akwazi ukuwela kakuhle kuba uJerry, isithuthuthu nesutikheysi zawa ebhulorhweni zaya kutshona eludakeni. UDelma wakhwaza kakhulu ekhala, yaye abantu beza kumnceda. Kamva, abantu bahleka xa njengokuba omnye umzalwana ebhala, “le ndoda imhlophe yayigqunywe ziingubo zamasele yaye izihlangu zayo zazizele ludaka.”
AmaNdiya AseMerika Asabela Kwiindaba Ezilungileyo
Ebutsheni beminyaka yee-1970, ngoxa wayeshumayela kwindawo yezoshishino eCharity, uFrederick McAlman wahambisa IMboniselo noVukani! kwibhinqa eliliNdiya laseMerika elinguMonica Fitzallen. (Bona ibhokisi ekwiphepha 176.) UMonica, owayehlala kwindawo yamaNdiya aseMerika wagoduka nawo loo maphephancwadi. Ngesinye isihlandlo xa wayegula wawafunda waza waqonda ukuba le yinyaniso. Kungekudala waba ngumvakalisi weendaba ezilungileyo—nguye kuphela owayehlala kuloo ndawo—yaye wabhaptizwa ngowe-1974.
UMonica uthi: “Ndazibhokoxa kumsebenzi wendlu ngendlu, ndivuyela ukwabelana nabantu basekuhlaleni ngolwazi lwam olutsha endilufumeneyo. Noko ke, ukuze ndifikelele kumakhaya abo kwakufuneka ndibhexe iphenyane emilanjeni nakumatheku. Njengoko lalisanda inani labo banomdla, ndaqalisa ukuqhuba iintlanganiso nabo, ndandifunda ndize ndixubushe nabo incwadi ekwakuqhutywa ngayo izifundo zeBhayibhile ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade.”
Ngaba lo msebenzi ungaka kaMonica wavelisa isiqhamo? Ewe, enyanisweni ngoku kukho abavakalisi abali-13 kuquka umyeni wakhe, unyana nomolokazana wakhe, kwakunye nomzukulwana. Ngaphambili eli qela lincinane kwakufuneka lihambe iiyure ezili-12 ngephenyane lisiya eCharity, kwibandla elikufutshane. Noko ke, ngoku liqhuba iintlanganiso kwindawo elihlala kuyo, yaye inani labo bezayo liliphindaphinda kathathu inani labavakalisi!
Nalo ibandla laseCharity liye laqhubeka likhula. Ngoku linabavakalisi abangama-50, uninzi lwabo lungena iintlanganiso ePomeroon. Umlinganiselo wabo bezayo ezintlanganisweni udlula ama-60, yaye kwiSikhumbuzo sowama-2004 kwakukho abantu abangama-301. NeBandla laseCharity lineHolo yoBukumkani entsha.
Ulwando Olumangalisayo EBaramita
Enye indawo eGuyana enabemi abaninzi bomthonyama abaye basabela kwisigidimi soBukumkani yiBaramita. Njengoko imi kumntla-mpuma welizwe, iBaramita likhaya kubantu abangamaCarib aseIndiya. AmaCarib ngabantu bokuqala ukuhlala kummandla waseCaribbean, ivela kulo mmandla indlela ababizwa ngayo. Kwanolwimi abaluthethayo kuthiwa sisiCarib.
URuby Smith, ongumCarib, waqala ukuba nomdla enyanisweni ngowe-1975 xa wafumana iphecana kuninakhulu. (Bona ibhokisi ekwiphepha 181.) URuby wayeneminyaka eli-16 ubudala ngelo xesha. Waqhuba kakuhle ngokomoya waza wabhaptizwa ngowe-1978 kwiNdibano ‘Yokholo Olweyisayo.’ Kungekudala emva koko, intsapho yakowabo yaya eGeorgetown ngenjongo yokushishina. Apho watshata noEustace Smith. UEustace wayengakwazi ukuthetha isiCarib, sekunjalo yena noRuby babezimisele ukuya eBaramita ukuze babelane ngesigidimi soBukumkani nezalamane zikaRuby kunye nabanye. URuby uthi: “UYehova wakubona oko kwakusentliziyweni waza wayiphendula imithandazo yethu ngenxa yokuba ngowe-1992 saya eBaramita.”
URuby uthi: “Ukufika kwethu apho ndakhawuleza ndashumayela ebantwini. Sasiqhuba iintlanganiso ngaphantsi kwendlu yethu encinane eyayinomgangatho ophakame kangangemitha enesiqingatha. Kungekudala babebaninzi abantu, ngoko babengenako ukwanela, saboleka iintente. Njengoko abantu babeqhubeka bebalisa ngeentlanganiso, inani labo bezayo landa laya kutsho kuma-300! Ngenxa yokuba ndandikwazi ukusifunda kakuhle isiCarib, ndabelwa ukuba ndiguqulele IMboniselo. Babesiva njani abantu abangako? Sasisebenzisa umatshini wesandisi-lizwi onexabiso eliphantsi owawunceda abo beze noonomathotholo babo ukuba bafumane ucwangciso.
“Ngelo xesha, mna noEustace saqonda ukuba eli qela kwakufuneka libe neHolo yoBukumkani. Ngoko emva kokuba sibale iindleko saza sakuxubusha nabanye oku, saqalisa umsebenzi. Umntakwethu uCecil Baird wanikela ngezinto zokwakha ezininzi, ngoxa abanye bancedisa kumsebenzi wokwakha. Umsebenzi waqalisa ngoJuni 1992, yaye lo msebenzi wagqitywa ekuqaleni konyaka olandelayo, ngaphambi nje kweSikhumbuzo. Samangaliswa xa sabona abantu abangama-800 beze kuphulaphula intetho eyayinikelwa nguGordon Daniels, umveleli ohambahambayo.
“Iqela laseBaramita laba libandla elisemthethweni ngoApril 1, 1996, yaye iHolo yoBukumkani yanikezelwa ngoMeyi 25. Ukususela ngelo xesha, iye yandiswa yaye ngoku inokuhlala abantu abangaphezu kwama-500, nto leyo enceda abazalwana ukuba bakwazi ukuqhuba iindibano zesiphaluka nezosuku olunye. Eneneni, elo qela lalilincinane ngelo xesha libandla ngoku elinabavakalisi abasondele kwi-100 yaye umlinganiselo wabeza kwiNtlanganiso Yasesidlangalaleni ungama-300. Abali-1 416 baye beza eSikhumbuzweni!”
Owona Mtshato Mkhulu!
KwisiXeko saseBaramita, izibini eziliqela ezazihlalisana, zawubhalisa umtshato wazo ukuze zivisisane nemigaqo yeBhayibhile. Noko ke, abaninzi baba nengxaki yokufumana amaphepha asemthethweni njengeziqinisekiso zokuzalwa. Sekunjalo, emva kokuzama kangangoko nokuncedwa ngabazalwana ukuba zifumane izazisi zokuzalwa nezinye iinkcukacha, ezi zibini zakwazi ukutshata.
Ngesinye isihlandlo kwatshatiswa izibini ezingama-79. UAdin Sills, olilungu leKomiti yeSebe, wanikela intetho yomtshato. Kwintsuku ezintathu kamva, abantu abangama-41, uninzi lwabo ingabo basandul’ ukutshata, bavakalisa umnqweno wokuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga.
Baninzi abantu abaye banomdla kwiLizwi likaThixo eBaramita kangangokuba bonke abantu basekuhlaleni baye babona uphuculo. Xa kwakunikezelwa iHolo yoBukumkani, omnye umdala wathi: “IBaramita yindawo egquba uxolo ngoku. Isizathu sokuba nditsho kungenxa yokuba abantu basekuhlaleni abangaphezu kwama-90 ekhulwini baya rhoqo ezintlanganisweni.”
Ngowe-1995 eBaramita kwabakho imbalela enkulu. Bajamelana njani nale meko abantu bakaYehova? Utitshala uGillian Persaud wayefundisa eBaramita ngelo xesha. Xa weva inqwelo-moya encinane ifuna ukumisa kwisikhululo sayo esincinane esikufuphi wagqotsa esiya kuyo efuna umqhubi amise ngaphambi kokuba ahambe kwakhona. Wamcela ukuba amse eGeorgetown, apho wafika waya ngqo kwiofisi yesebe eye kuchaza imeko yabazalwana.
UJames Thompson, owayelilungu leKomiti yeSebe ngelo xesha uthi: “IQumrhu Elilawulayo lasivumela ukuba sithumele ukutya namanzi ngenqwelo-moya eBaramita. Sakwazi nokunceda abavakalisi abangama-36 ukuba bathunyelwe eGeorgetown ukuze baye kwindibano yesithili. Abaninzi babeqala ukuya endibanweni.”
ISikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli
Ekubeni iSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli saqalisa ngowe-1987, amazwe amaninzi aye angenelwa kumsebenzi owenziwa ngabadala abangatshatanga nezicaka zolungiselelo ezaya kweso sikolo. Nayo iGuyana iya yangenelwa. Emva kokuba beye kwisikolo esikufuphi saseTrinidad, abazalwana abaninzi basekuhlaleni baye bakwazi ukuxhasa umsebenzi woBukumkani eGuyana. Abanye bakhonza njengoovulindlela abathe ngxi, oovulindlela abakhethekileyo, nabadala bamabandla. Abo baye babuyela emabandleni benza konke okusemandleni abo ukuze banyamekele izimvu zikaYehova.
Abazalwana abaninzi abavela kwesi sikolo baye bakwazi ukwamkela iimbopheleleko ezingakumbi. Ngokomzekelo, uFloyd nomntakwabo uLawani Daniels, babelwa njengoovulindlela abakhethekileyo kumabandla afuna abadala ngokungxamisekileyo. UDavid Persaud wanikwa ilungelo lokukhonza njengomveleli wesiphaluka. Omnye owayekunye nabo esikolweni uEdsel Hazel wanyulwa njengelungu leKomiti yeSebe yaseGuyana. Ethetha ngabo bavela esikolweni, umveleli wesiphaluka wathi: “Ndiye ndababona abazalwana bekhula ngokomoya ingakumbi emva kokuba beye baya kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo.”
Ukukhonza Apho Kukho Imfuneko Enkulu
Ekupheleni kweminyaka yee-1970, kuNxweme lweAtlantiki kwintshona yoMlambo iEssequibo kwakukho abemi abangama-30 000 yaye abavakalisi babengama-30 kuphela. Ngoko maxa wambi, isebe lalithumela oovulindlela abakhethekileyo ukuze basebenze lo mmandla kangangenyanga. Omnye umzalwana owayekhokela elinye iqela wathi: “Abazalwana bakwazi ukuwugqiba loo mmandla baza bashiya iincwadi ezili-1 835, yaye benza amabuyelo amaninzi baza baqalisa izifundo zeBhayibhile eziliqela.”
Omnye umzalwana wathi: “Sabhexa iphenyane lethu elincinane kangangeeyure ezimbini, sihamba umgama ongangeekhilomitha ezingama-27. Maxa wambi, kwakufuneka sirhuqe iphenyane kudaka oluphela emadolweni, kodwa loo migudu yethu ayizange iwe phantsi kuba abaninimzi babenobubele. Omnye utitshala owayefundisa umculo wayesebenzisa iculo lethu ukufundisa umculo. Wathi: ‘Ndiyixabisa gqitha indlela olungelelaniswe ngayo umculo wenu.’ Emva koko wasidlalela iingoma ezimbini waza wathabatha iincwadi ezintandathu.”
Abanye abazalwana bazenza bafumaneka ukuze bancede kwiindawo ezinemfuneko enkulu. Ngokomzekelo cinga ngoSherlock noJuliet Pahalan. USherlock ubhala athi: “Ngowe-1970, mna noJuliet samenywa ukuba siye kunceda iBandla lase-Eccles elikwiikhilomitha ezili-13 kumazantsi eGeorgetown kuMlambo iDemerara. Kwakukho iingxaki kwelo bandla, yaye abanye kwafuneka basuswe kubudlelane. Le nto yabangela ukuba kusale abavakalisi abakhutheleyo abali-12 kuphela kuquka nabantwana babo abangekabhaptizwa. Kangangexesha elide, yayindim kuphela umdala. Ukongezelela ibandla lalinceda neqela elincinane laseMocha, idolophana ethe qelele. Ngorhatya lwangoMvulo ndandiqhuba iSifundo Sencwadi Sebandla eMocha nesinye e-Eccles.
“Kwakhona kwakufuneka ndiqhube iSifundo seMboniselo. Ngenxa yokuba sasingabi nawo sonke amaphephancwadi, sasiqala ngokufunda isiqendu size sibuze umbuzo emva koko ngokwahlukileyo kwindlela ekwakusenziwa ngayo ngela xesha. Sasiphatha amakhandlela xa sisiya kwiintlanganiso ngenxa yokuba umbane wawuthanda ukumka; ngexesha leemvula kwakufuneka sinyamezele inyambalala yeengcongconi. Ngezo mini, abazalwana abaninzi babehamba ngeenyawo okanye ngeebhayisikile xa besiya ezintlanganisweni okanye besiya kushumayela. Abavakalisi baseMocha babesenza ngaloo ndlela xa besiza e-Eccles. Emva kweentlanganiso, ndandiye ndikhwelise abavakalisi abaliqela kwiveni yam ndize ndibagoduse ndibase eMocha.”
Ngaba ndiyazisola ngako konke oku? Xa ecinga ngelo xesha, uMzalwan’ uPahalan uthi: “Xa ndandise-Eccles, mna nenkosikazi yam safundisisa iBhayibhile nabantu abaliqela, uninzi lwaba basesenyanisweni kuquka neentsapho zabo. Yaye amanye kuloo madoda ngabadala. Ayikho into enokuthelekiswa naloo ntsikelelo!”
Ukukhonza “Kwiparadesi Yoovulindlela”!
Kwiminyaka embalwa edluleyo, bamalunga nama-50 abazalwana noodade—ngokukhethekileyo oovulindlela—abavela eBritani, eFransi, eIreland, eKhanada, naseUnited States abaye baya kwiLizwe Elinamanzi Amaninzi ukuze basabele kwisimemo esithi: “Yiza! . . . Lowo uthandayo makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhi. 22:17) Abanye baye bahlala iinyanga; abanye bahleli iminyaka. Xa bephelelwe yimali, abaninzi babuyela kumazwe akomawabo, kangangexesha elithile ukuze basebenze emva koko baphinde babuyele. Abaninzi baziva besikelelekile ngokuba bekhonze eGuyana. Ngokukhethekileyo baye bakuxabisa ukuxubusha izinto zokomoya nabantu ngokuqhelekileyo abayixabisayo iBhayibhile. Nabanye abaninzi abangengomaKristu bayakunandipha ukuxubusha namaNgqina kaYehova. Kwakhona maxa wambi abaninimzi baye babaphe ukutya abazalwana. URicardo Hinds ongusihlalo weKomiti yeSebe uthi: “Asizibaxi izinto xa sisithi iGuyana yiparadesi yoovulindlela.”
UArlene Hazel, ngoku okhonza esebeni nomyeni wakhe, uEdsel, ukhumbula amanye amava awaba nawo kwiilali zaseGuyana: “Ngowe-1997, emva kokuba sibhalelwe lisebe, safumana isabelo sokuba sikhonze eLethem, idolophu ekufuphi nomda waseBrazil. Sasikhonza nabantu baseKhanada, uRobert noJoanna Welch nomnye udade waseMerika, uSarah Dionne, abafika eLethem kwiinyanga ezimbalwa ngaphambili. Kwakukho umzalwana obhaptiziweyo—uRichard Achee, ugqirha wezilwanyana—owayehlala apho ngelo xesha. Isebe lasinika uludwe lwabantu abangama-20 ababekhe baqhutyelwa isifundo ngaphambili, kodwa safumanisa ukuba uninzi lwabo lwalungasenamdla. Noko ke, ababini babefuna ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga.
“Intlanganiso yethu yokuqala yaqhutyelwa phantsi komthi weemango, yaye kwakukho abali-12, kuquka thina singoovulindlela aba-6. Kwiinyanga ezimbalwa kamva, kweza abangama-60 eSikhumbuzweni sethu sokuqala. Ngelo xesha, iqela lethu loovulindlela lehla laba ngabantu abathathu. Sekunjalo kwakufuneka siqhube izifundo zeBhayibhile ezingama-40! Xa wafikayo umveleli wesiphaluka wasicebisa ukuba siyeke ukufunda nabani na ongayiyo ezintlanganisweni. Sangenelwa gqitha kwesi siluleko kuba izifundo zethu zenza inkqubela entle gqitha.”
Enyanisweni, emva kweminyaka emine, iLethem yaba libandla elinabavakalisi abali-14. Abantu ababesiya kwiindibano ezikhethekileyo eLethem banda baba-li-100. Ubungqina obunjalo bentsikelelo kaYehova kwimigudu yabakhonzi bakhe benza zingavakali zonke iintlungu ekusenokufuneka bazinyamezele.
Iiholo Eziqeshisayo ‘Namagumbi Angaphantsi Komhlaba’
Oko kwaqala umsebenzi eGuyana, ukufumana iindawo ezifanelekileyo zokunqula kwakunzima gqitha. Emva phayaa ngowe-1913, abazalwana abambalwa baseGeorgetown babeqeshe igumbi eSomerset House, elalibanceda gqitha kangangeminyaka engama-45. Ngowe-1970, yayingamabandla amabini kuphela awayeneHolo yoBukumkani—iBandla laseCharlestown eGeorgetown neBandla lasePalmyra eBerbice. Sekunjalo, kwiminyaka emithathu ngaphambili, iGuyana yayinabavakalisi abangaphezu kwe-1 000! Ngoko amabandla amaninzi ayehlanganisana kwiindawo eziqeshiweyo, ezinye zazo ezazikwimeko engentle kangako.
Ngokomzekelo, ngasekupheleni kweminyaka yee-1950, iBandla laseWismar, elalimi kuMlambo iDemerara lakhula kangangokuba abazalwana kwakufuneka bafune iholo efanelekileyo. Banikwa indawo ekuthiwa yi-Islander Hall. Babehlanganisana phakathi evekini ukuze baqhube iSikolo soBulungiseleli Sobuthixo neNtlanganiso Yenkonzo baze badibane ngeCawa ngokuhlwa ukuze banandiphe iNtetho Yesidlangalala neSifundo seMboniselo. Kodwa ukulungiselela ukuqhuba iintlanganiso yayingumsebenzi onzima gqitha. Okokuqala abazalwana babewela uMlambo iDemerara besuka eMackenzie besiya eWismar ngephenyane elincinane. Omnye umzalwana wayephatha ibhokisi yamaphephancwadi, omnye aphathe eyeencwadi yaye umzalwana wesithathu ephatha enye eneefomu ezahlukahlukeneyo zebandla neebhokisi zeminikelo. Yaye zazifanele zicwangciswe ngolungelelwano ngaphambi kweentlanganiso. Emva koko, kwakugodukwa nazo zonke ezo bhokisi.
Kwakhona iintlanganiso zaziqhutyelwa kwiindawo ezivulekileyo ezingaphantsi kwemigangatho yezindlu. Ngenxa yokuba kuthanda ukubakho izikhukula eGuyana izindlu zakhona ngokuqhelekileyo zakhelwa phezu kwekhonkile okanye phezu kwamaplanga. Ngenxa yokuba izindlu zisakhiwa ngale ndlela, kubakho indawo eyaneleyo yokuqhuba iintlanganiso zebandla. Noko ke, eGuyana, abantu abaninzi banembono yokuba, ukuba unqulo alunasakhiwo sifanelekileyo, loo nto ithetha ukuba alusikelelwa nguThixo.
Kwakhona, iintlanganiso ezaziqhutyelwa ngaphantsi kwemigangatho yezindlu zaziphazamiseka, ziphazamisa ukundiliseka kwesihlandlo. Ngesinye isihlandlo inkuku eyayileqwa yinja, yabhabha yaya kuwela kwenye intombazana eneminyaka emithandathu. Le ntwazana yakhala ikhwaza kakhulu kangangokuba kothuka wonke umntu. Emva kwentlanganiso, abantu babephethwe yintsini kodwa kwakhona loo nto yabonisa imfuneko enkulu yokuba nendawo efanelekileyo yokunqula. Okungakumbi, ukuqhubela iintlanganiso kwiiHolo zoBukumkani ezingaphantsi kwemigangatho yezindlu kwakubenza bangabi namdla wokuya abantu abanomdla.
Ukwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani
UFrederick McAlman uthi: “Xa ndikhumbula iminyaka engama-32 ndikunye neBandla laseCharity, saqesha iiHolo ezintlanu ezahlukahlukeneyo. Ekubeni zazingaphantsi kwezindlu, kwakufuneka siqiniseke ukuba asingqubeki ngeentloko kwiintsika. Ngoxa wayefunqule umntwana wakhe, omnye udade akazange abubone kakuhle ubude beentsika waza wamngqubekisa ngentloko. Kamva lo mntwana waxelela uyise owayengengomKristu. Abazali bakhe bagqiba kwelokuba ibandla kufuneka libe nendawo yalo yokunqula. Eneneni, unina wathi uza kunikela ngesiza somhlaba ebandleni, yena uyise wathi uza kuhlawula iindleko zokwakhiwa kweHolo yoBukumkani. Yaye kwenzeka kanye oko. Namhlanje emva kokuba ilungiswe izihlandlo eziliqela, loo Holo yoBukumkani iseyindawo yonqulo lokwenyaniso kulo mmandla. Kwakhona ikhe ibe yiHolo yeNdibano encinane kwisiphaluka salapho.”
Kwiminyaka yakudala, iiHolo zoBukumkani zazithabatha iinyanga ngaphambi kokuba zigqitywe. Kwaba njalo nakwiholo yase-Eccles. USherlock Pahalan, owayengumdala e-Eccles ngelo xesha uthi: “Iintlanganiso zethu zaziqhutyelwa esikolweni. Sasisazi ukuba kwakuza kuza abantu abaninzi kakhulu ukuba sasineHolo yethu yoBukumkani. Kodwa abavakalisi abambalwa base-Eccles babengenamali. Nangona kunjalo, basenza isigqibo sokwakha iholo. Ndakhangela umhlaba ofanelekileyo kuloo mmandla kodwa ndabuya nemband’ esikhova.
“Ngelo xesha, abazalwana baseGeorgetown basiboleka izixhobo ezibini zokwenza izitena baza basifundisa nendlela yokuzenza. Ekuqaleni, sasithabatha iiyure eziliqela ukwenza nje izitena ezili-12, kodwa emva kwexesha elithile saba ngamachule, ingakumbi oodade. Olunye ucelomngeni yayikukufumana isamente kuba yayikalwa ngelo xesha. Kwafuneka ndicele imvume yokuba ndifumane eyongezelelekileyo. Ngoko ukuze ndiqiniseke ukuba ndifumana isabelo sam, kwakufuneka ndivuke ndiye kuma emgceni kwasekuseni. Emva koko kwakufuneka ndifumane ilori eya e-Eccles enendawo eyaneleyo yokufaka loo samente. UYehova wayesoloko esinceda ngalo lonke ixesha. Kodwa sasisafuna umhlaba.”
USherlock uthi: “Ngowe-1972, mna noJuliet saya eholideyini eKhanada sityelele umza ongeloNgqina. Wasixelela ukuba uneziza ezibini zomhlaba e-Eccles yaye izihlobo zakhe ezazimele ukuba zinyamekele ezo ziza zazingawenzi umsebenzi wazo. Ngoko wandicela ukuba ndimncede. Ndamxelela ukuba ndingakuvuyela ukumnceda, ndongeza ngelithi nam bendifuna isiza sokwakha iHolo yoBukumkani e-Eccles. Akazange alibazise, wathi mandikhethe kwezo ziza.
“Kwakhona sabubona ubungqina bokuncedwa nguThixo xa sasisakha. Nangona ezinye izinto zokwakha zazingafumaneki lula ngaphandle kwesamente, kwafuneka sisebenzise ezinye endaweni yezo zazicetywe ngaphambili, ukuze umsebenzi uhambele phambili. Kwakhona, babembalwa abazalwana abanobuchule, yaye loo nto yabangela ukuba kuthabathe ixesha elide ukuhlengahlengisa kuze kufunyanwe amatsha-ntliziyo esizeni. Eneneni, iveni yam yahamba amakhulu eekhilomitha ithutha abazalwana. Ekugqibeleni yagqitywa iHolo yethu yoBukumkani. Kwakukho nelungu leQumrhu Elilawulayo, uKarl Klein, eze kunikela intetho yonikezelo. Esinjani sona ukuvuyisa isihlandlo!”
IiHolo ZoBukumkani Ezakhiwe Ngokukhawuleza
Kutshanje ngowe-1995, ngaphezu kwesiqingatha samabandla aseGuyana ayehlanganisana kwindawo eziqeshiweyo, kuquka izindlu zangaphantsi. Ngenxa yoko, isebe lalungiselela ikomiti yokwakha ukuze kuhlangatyezwane naloo ngxaki. Ngo-Oktobha waloo nyaka, abazalwana bakha iHolo yoBukumkani yabo yokuqala eMahaicony malunga neekhilomitha ezingama-50 kwimpuma yeGeorgetown kuMlambo iMahaicony. Xa waxelelwa ukuba amaNgqina kaYehova aza kwakha iHolo yoBukumkani ngeempela-veki ezine, omnye ummelwane wathi: “Inokwenzeka loo nto xa nisakha ihoko yeenkuku kungekhona xa nisakha isakhiwo esenziwe ngekonkile.” Okuvuyisayo kukuba wakhawuleza wayitshintsha imbono yakhe.
Kumazwe ekugquba kuwo ukucalulana ngokobuhlanga, ukwakhiwa kweeHolo zoBukumkani kuye kwabonisa ukuba kungakhathaliseki ukuba luluphi uhlanga, amaNgqina kaYehova asebenza kunye njengamaKristu amanyeneyo okwenyaniso. Enyanisweni elinye ibhinqa esele likhulile elalibukele xa kwakusakhiwa eMahaicony lathi kumveleli wesiphaluka: “Ndibona iintlanga ezintandathu ezisebenza kunye kwesa sakhiwo!”
Ukwakhiwa Kweofisi Yesebe
Ngowe-1914, iofisi yesebe yokuqala yaseGuyana yayikwikhaya lakwaPhillips, de kwangowe-1946. Ngaloo nyaka, kwakukho abavakalisi abangama-91. Ngowe-1959, elo nani lalande laya kutsho kuma-685, yaye umsebenzi waqhubeka usanda. Ngoko ngoJuni 1960, abazalwana bafumana isakhiwo e-50 Brickdam eGeorgetown. Emva kokulungiswa kancinane, ezi zakhiwo zakwazi ukuba yiofisi yesebe nekhaya labavangeli basemazweni. Kodwa ngowe-1986, esi sakhiwo saba sincinane. Ngoko iQumrhu Elilawulayo lancomela ukuba kwakhiwe isebe elitsha kwakweso siza. Bencediswa ngabazalwana basekuhlaleni, Abakhonzi Bokwakha Bamazwe Ngamazwe bawugqiba loo msebenzi ngowe-1987.
Kanye njengeentombi zikaShalum, ezancedisa uyise ekwakheni icala elithile leendonga zaseYerusalem, oodade baba negalelo elikhulu kweso sakhiwo sesebe. (Neh. 3:12) Ngokomzekelo oodade abali-120, bazahlula baba ngamaqela alishumi, emva koko benza izitena ezili-12 000 ezazifuneka kweso sakhiwo. Besebenzisa iinkonkxa ezili-16, bawugqiba loo msebenzi ngeentsuku ezingama-55. Loo msebenzi wawungelula konke konke! Umxube wekonkile kwakufuneka ungaqini kakhulu kwangaxeshanye ungathambi kakhulu ukuze izitena zingawi, zikwazi ukuphuma kakuhle enkonkxeni xa zikhutshwa.
Abazalwana basekuhlaleni babengabalindi ebusuku, yaye xa bebuya emsebenzini babesiya ngqo esakhiweni. Abanye babesebenza kunye nabakhonzi bamazwe ngamazwe ababafundisa ubuchule obahlukahlukeneyo. Omnye waba bazalwana uHarrinarine (Indaal) Persaud, uthi: “Umsebenzi wam yayikukuhombisa ungqameko olusemazantsi kweefestile—nto leyo endingazange ndiyenze ngaphambili. Ndazibhokoxa kuwo ndada ndakwazi. Emva kokuwubuka lo msebenzi wam umveleli owayaneliseke gqitha wathi: “Ngoku uza kuwenza kuso sonke esi sakhiwo sesebe.” Namhlanje, lo mzalwana wabelana nabanye ngobu buchule xa kusakhiwa iiHolo zoBukumkani.
Ekubeni kwakufuneka abazalwana bathenge ezinye izinto zokwakha kwamanye amazwe, kwakufuneka basebenzisane nabasemagunyeni. Ngenxa yoko, abaninzi kubo beza kubona isakhiwo sethu, kuquka uMongameli Forbes L. Burnham negqiza lakhe. Bonke bachukumiseka gqitha ngumgangatho womsebenzi wethu, nomchweli wasekuhlaleni ngokunjalo. Wada wathi: “Nenza owona msebenzi usemagqabini kwesi sakhiwo senu.” NgoJanuwari 14, 1988, kwafika umzalwana waseBrooklyn, uDon Adams, njengomveleli wecandelo, waza wanikela intetho yonikezelo.
NgoFebruwari 12, 2001, kwalungiswa umhlaba ukuze kwakhiwe—ngeli xesha kwesinye isiza. Kwakhona, eso sakhiwo sakhiwa ngabazalwana basekuhlaleni bencediswa ngabakhonzi bamanye amazwe. Eli sebe litsha lanikezelwa ngoMgqibelo, ngoFebruwari 15, 2003. URichard Kelsey owayevela kwisebe laseJamani wanikela intetho yonikezelo kubantu abangama-332.
Abavangeli basemazweni abaninzi bakudala babuyela eGuyana ukuze baphulaphule ucwangciso isihlandlo sokuqala emva kwamashumi eminyaka! NgeCawa kwintlanganiso ekhethekileyo kwakukho abangama-4 752 bevela kumazwe ali-12—yaye elo nani laliliphindaphinda inani labavakalisi baseGuyana.
Iindibano Zifuna Ubulumko
Abazalwana kwakufuneka baqeshe iindawo zokuqhuba iindibano zesiphaluka nezikhethekileyo. Ezilalini kwakufuneka bade bazakhele indawo yabo. UThomas Markevich, owayekhonza eGuyana ukususela ngowe-1952 de kwangowe-1956 uthi: “Indibano yethu yayiqhutywa malunga neekhilomitha ezingama-60 kuMlambo iDemerara ukusuka eGeorgetown. AmaNgqina avela edolophini angamakhulu amabini ayefuna ukuza kuncedisa abazalwana basekuhlaleni. Ngoko sagqiba kwelokuba sakhe iHolo yeNdibano yexeshana sisebenzisa izinto zasekuhlaleni—iintsika nezihlalo sazenza ngoqalo, sasebenzisa amagqabi ebhanana njengophahla.
“Saqokelela izinto zokwakha, sazikhwelisa kwinqwelwana ethile yakwaloliwe, saza sayitshova ukuba yehle. Kodwa okubuhlungu kukuba, le nqwelwana yajika egopheni, yathambeka yaza yawulahla emlanjeni wonke loo mthwalo. Noko ke, loo ntlekele yajika yaba luncedo, kuba loo mthwalo wadada kakuhle waya kutsho kwindawo yesakhiwo! Xa kwaqalisa indibano, abazalwana abatyeleleyo bavuya gqitha xa kukho abantu abangamakhulu abavela apho elalini beze kuphulaphula ucwangciso lweentsuku ezintathu.”
UThomas wongezelela ngelithi: “Ukuphela kwendibano, sonke sasebenza umhlaba ongabelwanga bani kufuphi nalapho. Kwenye ilali sanikela intetho yesidlangalala, yaye bonke abantu belali beza—kuquka nenkawu eyayihamba nomnikazi wayo. Yaphulaphula kangangexesha elithile yaza yagqiba kwelokuba izijonge ngenye indlela izinto. Ngoko yaxhumela egxalabeni lam. Yalaqaza yaza yaphinda yabuyela kumnikazi yada yaphela intetho, ndatsho ndee qabu!”
Iindibano
Ebutsheni bale nkulungwane, kwakubakho iindibano ezinkulu xa kukho ummeli okhethekileyo ovela kwikomkhulu lehlabathi, njengaBazalwana uCoward noYoung. Ngowe-1954, uNathan Knorr noMilton Henschel beza eGuyana kwiNdibano yeNew World Society, ekwakukho kuyo abantu abangama-2 737.
Kwiinkulungwane kamva ngowe-1999, kwakukho iindwendwe ezingaphezu kwama-7 100 kwezo ndibano zimbini zaseGuyana. Enye yayiseGeorgetown, enye eBerbice. Kwindibano yaseGeorgetown kwafuneka kwenziwe uhlengahlengiso ngomzuzu wokugqibela, nto leyo eyabafaka engxakini abazalwana. “Omnye umdlali owaziwayo weemovie nabo wayedanisa nabo bafika bevela eIndiya, yaye iNational Park Commission yavakalelwa kukuba ayinakukwazi ukuwubekela elinye ixesha loo mdlalo nangona isithi ababeyifune kuqala loo ndawo,” libhala litsho isebe.
“Sakhawuleza sacinga ngenye indawo—ibala lomdlalo weqakamba—yaye sakhawulezisa sazisa amabandla. Kwakusele nje iintsuku ezisibhozo ukuba indibano iqale! Kodwa iingxaki azizange ziphelele apho. ECaribbean, iqakamba lithandwa gqitha yaye amabala eqakamba agqalwa njengangcwele. Ngoko abaphathi babengayiqondi ncam into yokuhamba engceni. Kodwa sasiza kuwudlala njani umdlalo? Yaye sasiza kulibeka phi iqonga?
“Sekunjalo, saqhubeka nocwangciso lwethu, siqinisekile ukuba uYehova uya kusinceda. Yaye wasinceda ngokwenene! Sanikwa imvume yokusebenzisa indawo enengca, ukuba nje siza kwenza umgangatho ophakamileyo oya eqongeni. Ukuze sikwenze oko wonke umntu wasebenza nzima ngobo busuku. Imozulu yayingentle noko kuba yayinetha ngalo lonke ixesha. Phezu kwabo nje obu bunzima, ucwangciso lwaqala kanye ngexesha.
“Indibano yaqhubeka kakuhle, imozulu intle kodwa yana ngosuku lokugqibela, ngeCawa. Savuswa yimvula. Kungekudala amabala eqakamba ayezele ngamanzi yaye amanzi ayemalunga neesentimitha ezi-5 ngaphantsi kwalo mgangatho naseqongeni. Imvula yayeka kanye nje ngaphambi kokuba kuqale ucwangciso. Okuvuyisayo kukuba, iintambo zombane zazingabekwanga nje ebaleni kodwa zaziqhushekwe ecaleni kwamaplanga. Ngoko kwaba yintsikelelo gqitha kuthi ukwakha umgangatho neqonga eliphakamileyo!”
Xa kwakuqalisa umdlalo, bonke abangama-6 088 ababekho banandipha ukugqatswa lilanga. Kwiiveki ezimbini kamva, abali-1 038 beza kwindibano yesibini, eyayiqhutyelwa eBerbice. Inani labantu abangama-7 126 lelona nani likhulu kwelakha labakho eGuyana ngelo xesha. Kutshanje kuye kwakho abantu abamalunga ne-10 000.
Ikamva Eliqaqambileyo
Kwisiprofeto sakhe uHezekile wabona itempile kaYehova ebuyiselweyo nezukileyo. Kuyo kwakumpompoza amanzi awayesiba banzi yaye esiba nzulu de abe ‘ngumsinga omkhulu’ ophilisa yonke into ekuLwandle Olufileyo.—Hez. 47:1-12.
Ngenxa yokuhambela phambili konqulo olunyulu ukususela ngowe-1919, abantu bakaThixo baye basibona eso siprofeto sizaliseka. Namhlanje, umlambo wokwenene wokomoya uvelisa—iiBhayibhile, izinto zokufundisisa iBhayibhile, iintlanganiso, iindibano ezincinane nezinkulu—uphelisa unxano lokomoya lwezigidi ngezigidi emhlabeni wonke.
AmaNgqina kaYehova eGuyana akugqala kulilungelo ukuba nesabelo ekuzalisekeni kweso siprofeto. Okungakumbi aya kuqhubeka esebenzisa imilambo ngokoqobo ehambisa ukutya kokomoya kubo bonke abo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade,’ naphi na apho bahlala khona kweli Lizwe Linamanzi Amaninzi.—IZe. 13:48.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukufumana kweBritish Guiana inkululeko ngoMeyi 1966, igama lelo lizwe latshintshwa laba yiGuyana. Siza kusebenzisa elo gama ke, ngaphandle kokuba iimeko zinyanzela ukuba senze ngolunye uhlobo.
[Ibhokisi ekwiphepha 140]
Amavandlakanya NgeGuyana
Ukuma komhlaba: Ngummandla ogudle unxweme ngaphantsi komphakamo wolwandle ukhuselwe yimisele emalunga neekhilomitha ezingama-230, enomhlaba okhukuliswe yimilambo. Amahlathi agubungela ama-80 ekhulwini eli lizwe, kuquka imimandla ephakamileyo yangaphakathi, apho ivela khona imilambo emininzi yaseGuyana.
Abantu balapho: Malunga nesiqingatha sabo siphuma kumaNdiya aseMpuma, abangaphezu kwama-40 ekhulwini banemvelaphi yaseAfrika okanye baxubile, yaye abamalunga ne-5 ekhulwini ngamaNdiya aseMerika. Abangama-40 ekhulwini bazigqala njengamaKristu; abangama-34 ekhulwini, ngamaHindu; abasi-9 ekhulwini ngamaSilamsi.
Ulwimi lwabo: IsiNgesi lulwimi olusemthethweni, kodwa isicreole sithethwa kulo lonke elo.
Indlela abazixhasa ngayo: Ezolimo ziqesha abantu abamalunga nama-30 ekhulwini. Eminye imizi-mveliso iquka ukuloba, amahlathi, nemigodi.
Ukutya kwabo: Ezona zinto ziveliswayo ziquka irayisi, iicacaos (okanye, iimbotyi zekoko), iiorenji, iikhokhonathi, ikofu, umbona, imanioc (okanye, icassava), iswekile, nezinye iziqhamo nemifuno yasehlotyeni. Izilwanyana ezifuyelwa ukutya ziquka iinkomo, iihagu, iinkuku, neegusha. Ukutya okuninzi okuvela elwandle yintlanzi neenqonci.
Imozulu: Kushushu eGuyana kodwa kuyatshintsha ngamaxesha onyaka. Ummandla oselunxwemeni ufumana iisentimitha ezili-150-200 zemvula nyaka ngamnye. Nangona ikufuphi neikhweyitha iGuyana ayitshisi kakhulu, ipholile nje, loo nto ibangelwa yimimoya ebhudla ivela kuLwandlekazi lweAtlantiki.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 143-145]
Akukho Mntu Wakwaziyo ‘Ukuvala’ Umlomo Wakhe
UMalcolm Hall
Wazalwa: 1890
Wabhaptizwa: 1915
Ingxelo ngobomi: Yinzalelwane yesiqithi saseLeguan, ungomnye wabantu bokuqala ukushumayela iindaba ezilungileyo kuloo mmandla yaye wanyamekela neqela lokuqala elalilapho.
Kubalisa umzukulwana wakhe uYvonne Hall.
Omnye osemagunyeni wakha wathi kuTatomkhulu: “Ngaba yinyani le yokuba akuvoti? Ukuba kunjalo, siza kukuvalela entolongweni size sithimbe naloo Bhayibhile yakho.” Emjonge emehlweni, uTatomkhulu wathi: “Kodwa uza kwenza ntoni ngomlomo wam? Ungavala umlomo wam ngenxa yokuba ndithetha inyaniso iinkokeli zenu zonqulo ezinifihlele yona kangangexesha elide kangaka?” Ekuphela kwendlela awasabela ngayo lo usemagunyeni kukuthi: “Ndiza kubuyela kuwe.”
Njengoko wabhaptizwa ngowe-1915, uTatomkhulu ungomnye wabantu bokuqala ukushumayela ngoBukumkani eGuyana. Omnye umzalwana wathi, “uyilwele ngokwenene inyaniso.” UTatomkhulu wayiva inyaniso yoBukumkani ngoxa wayehlala yaye esebenza eGeorgetown. Emva kokuba eve intetho nje enye yesidlangalala eSomerset House, wayibona inyaniso. Eneneni, wagoduka waza wazifundisisa eBhayibhileni zonke ezo zibhalo.
Emva koko, wabuyela kwikhaya lakhe eLeguan waza waqalisa ukushumayela kwabanye ngokukhawuleza. Abanye bokuqala ukwamkela isigidimi soBukumkani yayingoodadewabo ababini nabanye abatshana bakhe. Liqela lokuqala elaqala ukuhlanganisana kwikhaya likaTatomkhulu.
Ngaloo maxesha, abefundisi babenempembelelo enkulu gqitha kubantu basesiqithini, yaye kwakunzima ukuba abantu basabele kwiindaba ezilungileyo. Umfundisi wayedla ngokuthi uTatomkhulu “uphanjaniswa yiBhayibhile.” Kodwa oko akuzange kuyinciphise inzondelelo yakhe. Ngokomzekelo, ngeentsasa zangeCawa wayedla ngokubeka igramafoni yakhe kwiveranda aze adlale iintetho zeBhayibhile. Abantu babedla ngokuma endleleni baze baphulaphule.
Ekuhambeni kwexesha, abanye baba noxabiso. Oku kwabonakala kakuhle ngobusuku beSikhumbuzo, xa umgangatho ongaphezulu kwaTatomkhulu wawuzele ngabantu. Wayeba ngusihlalo, abe sisithethi aze athabathe kwimifuziselo. Esinye isifundo sakhe seBhayibhile, uLeroy Denbow, saqalisa inkonzo yobuvulindlela saza saba ngumveleli wesiphaluka kangangexesha elithile.
Emva kokuba efumene umhlala-phantsi njengomncedisi wasenqanaweni kuMlambo iEssequibo, uTatomkhulu waba nguvulindlela esebenza isiqithi saseLeguan nesinye esingummelwane iWakenaam. Usuku lwakhe lwaluqala nge-4:30 ekuseni, xa esenga iinkomo zakhe aze ondle neehagu. Malunga ne-7:30 ekuseni, wayecoca zonke izinto, afunde incwadi yetekisi nendinyana yeBhayibhile, adle isidlo sakusasa, aze alungiselele ukuya entsimini. Ndisenombono wakhe nangoku empompa umoya emavilini ebhayisikile yakhe ngaphambi kokuba ahambe. Wayedla ngokuhamba iikhilomitha ezingama-20 ngemini.
UTatomkhulu waligqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni ngoNovemba 2, 1985, emva kokuba ekhonze uYehova ngokuthembeka kangangeminyaka engama-70. Yaye ngalo lonke elo xesha, akukho mntu wakwaziyo ‘ukuvala’ umlomo wakhe. Enyanisweni, iSiqithi saseLeguan nesaseWakenaam zinamabandla ngoku.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 155-158]
Iimpendulo Endazifumana Kwimibuzo Endandinayo Ndisemncinane Zaguqula Ubomi Bam
UAlbert Small
Wazalwa: 1921
Wabhaptizwa: 1949
Ingxelo ngobomi: Waba nguvulindlela ngowe-1953. Ekunye nenkosikazi yakhe, uSheila, baya eGiliyadi ngowe-1958 yaye babuyiselwa eGuyana.
“Wenziwa nguThixo”—ndandisoloko ndixelelwa le nto ndiseyinkwenkwe. Ngoko xa uMama wathi ndingoyena mntwana usileyo kwaba bane, ndaqiqa ngelokuba uThixo wenze abathathu abalungileyo nomnye osileyo.
Xa ndandineminyaka elishumi ubudala, ndabuza utitshala wesikolo seCawa, ndathi, “Ngubani owenza uThixo?” Akazange andiphendule. Sekunjalo, njengabo bonke abantu ngelo xesha, xa ndandimdala ngokwaneleyo, ndaya ecaweni—ndakhetha iCawa yaseRhabe. Sekunjalo, imibuzo yam emininzi ayizange iphendulwe. Ngokomzekelo, ecaweni sasicula iculo elinenxalenye ethi: “Indoda esisityebi mayiye kwinqaba yayo, indoda elihlwempu iye esangweni layo. UThixo wabenza baba zizityebi namahlwempu; nguye obabeke kuloo meko.” ‘Ngaba ngokwenene uThixo “obabeke kuloo meko”?’ Ndazibuza. Ngesinye isihlandlo ndabuza umfundisi, “Ukuba uThixo wenza uAdam noEva, zavela phi zonke ezi ntlanga?” Wakhawuleza waphendula ngelithi, imbali yeGenesis iyintsomi.
Kwandula ke, ebudeni beMfazwe Yehlabathi II, sakhuthazwa ukuba sithandazele amajoni aseBritani. Oku kwakhawuleza kwandeyisela ekubeni oko kwakufundiswa yicawa yam kwakwahlukile koko ndandikufunda eBhayibhileni. Ndandizibuza, ‘Ndikhethe yiphi bethu?’ Ngoko ndasala ecaweni. Xa ndandineminyaka engama-24, ndatshata noSheila.
Ngenye imini xa ndandifika ndivela ecaweni kwafika iNgqina likaYehova. Sasidla ngokuthi amaNgqina ngabantu balaa cawa yoosihog’ asikho, ngoko ndandingenaxesha lawo. Ayeziqhubela emakhayeni iintlanganiso yaye kwakunganxitywa sinxibo sacawa. Okungakumbi kukuba, izinto ezenzeka ebomini bam, kuquka ukutshatela kwibhinqa elilungileyo, kwandikhokelela ekubeni ndigqibe kwelokuba uThixo uyandinyamekela.
Xa eli Ngqina—uNesib Robinson—wayezichaza kum, ndandifaka umoya kwitayala lebhayisikile elaligqabhukile. Ndathi: “Eli tayala ligqabhukile. Ukuba ungumKristu ndincede ndililungise.” Emva koko ndakhawuleza ndaya endlwini. Kwiveki elandelayo, xa ndandiphuma emnyango ndisiya ecaweni, ndiphethe iBhayibhile yam ngesandla, uNesib wayesenyuka izitepsi esiza. Ndathi: “Andinamdla kunqulo lwakho. Nantsi apha ngaphakathi inkosikazi. Thetha nayo.” Ndaphuma ke mna ndaya ecaweni.
Ndazisola ngokuthetha loo nto, kuba kunokuba ndiphulaphule umfundisi ecaweni, ndandicinga, ‘Ukuba uMnu. Robinson uyancokola nomfazi wam, wayengenakuba nalo ixesha lokupheka isuphu yethu ekhethekileyo yangeCawa.’ Kodwa ngendingazange ndikhathazeke; ukufika kwam ekhaya isuphu yayilungile. Ndambuza uSheila: “Ngaba uthethile nalaa ndoda yakwaRobinson?” “Ewe,” waphendula ngelitshoyo. “Uye wahlala phantsi washumayela ngoxa bendipheka.”
Kungekudala emva koko, uSheila wasamkela isifundo seBhayibhile. Kwakhona wazala umntwana wethu wokuqala, kodwa waba yimfambilini. Ndabuza uMnu. Robinson ukuba kutheni kusenzeka izinto ezinjalo. Waphendula ngelithi yayingekuko ukuthanda kukaThixo, kodwa kwakungenxa yokungathobeli kuka-Adam noEva nokungafezeki esakuzuz’ ilifa kubo. Le mpendulo yandanelisa.
UNesib wayedla ngokundityelela xa ndikwivenkile yam ethengisa ifanitshala. Sasithanda ukuncokola ngomsebenzi wam, kodwa wayedla ngokufakela ingongoma evela eBhayibhileni ngaphambi kokuba ahambe. Ekuhambeni kwexesha, sasingancokoli kangako ngefanitshala, kodwa sasincokola kakhulu ngeLizwi likaThixo. Ngenye imini ndagqiba kwelokuba ndimbuze nje umbuzo omnye okanye emibini eyayindikhathaza ubomi bam bonke, ndicinga ukuba iza kumdida naye—ngapha koko abafundisi “bokwenene” babengenazo iimpendulo.
Ndinyanzelisa ukuba impendulo kaNesib isekelwe eZibhalweni, ndabuza umbuzo wam wokuqala, “Ngubani owenza uThixo?” UNesib wafunda iNdumiso 90:2, ethi: “Ngaphambi kokuba neentaba zizalwe, okanye uzise ngokungathi kungenimba umhlaba nelizwe elinemveliso, ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo wena unguThixo.” Endijongile wathi: “Ngaba uyakuva oko ikuthethayo? Akakho umntu owenza uThixo; wayesoloko ekho.” Le mpendulo icacileyo nesengqiqweni kangaka yandimangalisa. Yaye yavula ithuba lokuba ndibuze yonke imibuzo endandisoloko ndinayo kangangeminyaka. Ukundiphendula kukaNesib ngeZibhalo ingakumbi ngokuphathelele injongo kaThixo yokuwenza iparadesi umhlaba, kwandivuyisa gqitha ngendlela endandingazange ndivuye ngayo ngaphambili.
Ndachukumiseka gqitha ndiqala nje ukuya kwiHolo yoBukumkani. Ngoba? Ngenxa yokuba ndamangaliswa kukubona abaphulaphuli besiba nenxaxheba ezintlanganisweni—into endingazange ndiyibone ecaweni. Umfazi wam owayengekayi ezintlanganisweni wayengekho ngelo xesha. Xa ndamxelelayo wathi: “Masihambe kunye.” Yaye sisahamba kunye nangoku kwiminyaka engama-55 kamva!
Mna noSheila sabhaptizwa kuLwandlekazi lweAtlantiki ngowe-1949. Ngowe-1953, ndaba nguvulindlela. Kwiminyaka emibini kamva uSheila wandithelela kumsebenzi wenkonzo yexesha elizeleyo owawuza kuthabatha iminyaka engama-50. Ngowe-1958 samenywa ukuba siye kwiklasi yama-31 yaseGiliyadi yaye sabuyela eGuyana. Siye sakhonza kumsebenzi wokuhambahamba kangangeminyaka engama-23 emva koko saba ngoovulindlela abakhethekileyo de kube namhlanje. Ewe, ndiyambulela uYehova ngokundinika iimpendulo kwimibuzo endandinayo ndisemncinane, nokundivumela mna nenkosikazi yam ukuba simkhonze.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 163-166]
“Ndikho! Thuma Mna”
UJoycelyn Ramalho (owayesakuba nguRoach)
Wazalwa: 1927
Wabhaptizwa: 1944
Ingxelo ngobomi: Ungumhlolokazi ngoku, uchithe iminyaka engama-54 ekwinkonzo yexesha elizeleyo, kuquka ukuhambahamba ekunye nomyeni wakhe.
Ndazalelwa kwisiqithi iCaribbean saseNevis. UMama wayengenaqabane lomtshato, engumWesile, engunesi. Wandifundisa ukuba ndikholelwe kuThixo. Ngenxa yomsebenzi wakhe saya kwenye ilali encinane kweso siqithi. NgeCawa elandelayo, saya kwicawa yamaWesile, safika sahlala.. Noko ke, kwimizuzu kamva saxelelwa ukuba “abanikazi” beso sihlalo bafikile yaye kwakufuneka sihlale kwenye indawo. Nangona elinye irhamente lasiyeka sahlala kwisihlalo “salo” uMama wagqiba kwelokuba asinakuphinda siye kulaa cawa. Kunoko, saya kwiCawa yaseTshetshi.
Ebutsheni beminyaka yee-1940, ngoxa uMama wayetyelele umhlobo wakhe wadibana neNgqina elalivela eSt. Kitts elamnika uncwadi. Ekubeni uMama wayekuthanda ukufunda, walufunda lonke olo ncwadi waza waqonda ukuba yinyaniso. Noko ke, kungekudala emva koko, watshata yaye sonke saya eTrinidad. Uncwadi lwethu lwaluvaliwe apho, kodwa sakwazi ukuya ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani. Kungekudala, uMama wayeka ukuya kwiCawa yaseTshetshi waza wakhonza uYehova, notata wam womtshato wesibini uJames Hanley wenjenjalo.
ETrinidad, ndadibana nodade oselula ogama linguRose Cuffie. Ndandingenalo nofifi lokuba kwiminyaka eli-11 kamva uRose wayeza kuba liqabane lam kwinkonzo yobuvangeli basemazweni. Ngelo xesha, umnqweno wam wokukhonza uYehova wakhula. Ndisakhumbula isihlandlo sokuqala endahamba ndedwa ukuya kushumayela. Kumzi wokuqala, umninimzi weza yaye ndavela ndasisimumu. Ndathabatha ixesha elide ndimi apho ngaphambi kokuba ndivule iBhayibhile, ndafunda uDaniyeli 2:44, ndaza ndakhawuleza ndahamba!
Ndaqalisa ubuvulindlela ngowe-1950, yaye ngaphezu kweminyaka nje emibini kamva, ndavuyela ukufumana isimemo sokuya kwiklasi yama-21 yaseGiliyadi. Eklasini yethu bathathu abantu ababelwa eGuyana: uFlorence Thom, owayevela eGuyana; uLindor Loreilhe, endandihlala naye; kunye nam. Safika ngoNovemba 1953 yaye sabelwa eSkeldon, idolophu emalunga neekhilomitha ezili-180 ukusuka eGeorgetown, kufuphi noMlambo iCourantyne. Eli qela likwanti lalisilindele ngamehlo abomvu.
Abantu abaninzi eSkeldon banemvelaphi yamaNdiya aseMpuma okanye yobuHindu nobuSilamsi. Abaninzi babengafundanga, ngoko xa ushumayela kubo, babedla ngokuphendula bathi: “Bruck am up, Sista,” nto leyo ethetha ukuba “Thetha ngokucacileyo, Dade.” Ekuqaleni kwakusiza abantu abangama-20 ukuya kwabangama-30 ezintlanganisweni, kodwa elo nani lancipha njengoko bayeka ukuza abo babengenamdla.
Elinye ibhinqa lenza inkqubela kangangokuba lafuna ukuba nesabelo kwinkonzo yasentsimini. Kodwa xa ndafikayo kwikhaya lalo ngexesha esasilibekile, kwavela unyana walo oneminyaka eli-14 ubudala owayenxibe kakuhle nowayekulangazelela gqitha ukuhamba nam. Unina wathi: “Nkosazana Roach, ungahamba noFrederick, andihambi mna.” Kamva safumanisa ukuba uyise weli bhinqa wayengumTshetshi ophambili, yaye wayelitshutshisa. Nangona kunjalo, unyana walo uFrederick McAlman, wenza inkqubela ngokomoya yaye kamva waya naseGiliyadi.—Bona ibhokisi ekwiphepha 170.
Kamva ndabelwa eHenrietta, apho kwakukho umvakalisi omnye nje kuphela. Lo mmandla wawunyanyekelwa liBandla laseCharity. Iqabane lam lobuvulindlela elitsha yayinguRose Cuffie, endimkhankanyileyo ngaphambilana. Mna noRose sasichitha iintsuku ezine veki nganye eHenrietta, yaye ngoLwezihlanu sasihamba kwangethuba, sihamba ngebhayisikile ngaphezu kweekhilomitha ezingama-30 kwezo ndlela zinothuli sisiya ezintlanganisweni eCharity. Sasiphatha ukutya, amashiti, iingubo, neenethi zeengcongconi.
Sasidla ngokushumayela endleleni size sime ukuze sikhuthaze abavakalisi abakwanti nodade owayepholile. Sasidla ngokufunda IMboniselo kunye nabo. NgeCawa, sasibuyela eHenrietta, siqhube iSifundo seMboniselo kunye nezifundo zethu zeBhayibhile njengeqela. Asizange sifumane ziingozi kangako, ngaphandle nje kokugqajukelwa ngamatayara okanye sibe manzi tixi xa sifunyenwe yimvula.
Uvuyo lwethu aluzange ludambe. Eneneni, ngenye imini elinye ibhinqa lathi kuthi: “Nisoloko nonwabile andiqondi ukuba ikho into enikhathazayo.” Ukongezelela kuvuyo lwethu, uYehova wasinika intsimi etyebileyo. Nalaa dade upholileyo sasimtyelela waqalisa ukukhonza uYehova. Usathembekile nangoku, emva kweminyaka engama-50.
NgoNovemba 10, 1959, ndatshata noImmanuel Ramalho, onguvulindlela. Sakhonza kunye eSuddie, malunga neekhilomitha ezingama-23 kumazantsi eHenrietta. Ndakhulelwa apho kodwa isisu saphuma. Ukuhlala ndixakekile entsimini kwandinceda ndakwazi ukuhlangabezana noko. Kamva saba nabantwana ababini. Nangona kunjalo, sakwazi ukuqhubeka nobuvulindlela.
Ngowe-1995, uImmanuel wafa. Sasikhonze uYehova kunye kwiindawo ezininzi ezahlukahlukeneyo. Sasibone amaqela amancinane esiba ngamabandla achumayo, enabadala, izicaka zolungiselelo, kwaneHolo yoBukumkani! Sanandipha neminyaka elishumi kumsebenzi wokuhambahamba. Nangona ndimkhumbula ngokwenene uImmanuel, kundithuthuzela gqitha ukomelezwa nokuthandwa nguYehova nalibandla.
Umprofeti uIsaya waphendula isimemo sokukhonza uYehova esithi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isa. 6:8) Mna nomyeni wam ongasekhoyo sazama ngamandla ukuxelisa esi simo sengqondo sihle saloo mprofeti. Liyinyaniso elokuba, njengoIsaya, siye sanyamezela iingxaki ezininzi, nezidandathekisayo maxa wambi. Kodwa uvuyo luye lwazigubungela zonke.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 170-173]
Ukuphumelela Kwam EGiliyadi Ndabelwa Kwidolophu Yasekhaya
UFrederick McAlman
Wazalwa: 1942
Wabhaptizwa: 1958
Ingxelo ngobomi: Akuphumelela kwisikolo saseGiliyadi, wabuyela eGuyana. Ekunye nenkosikazi yakhe uMarshalind, ngoku bakhonza njengoovulindlela abathe ngxi.
Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, umvangeli wasemazweni uJoycelyn Roach (ngoku onguRamalho) waqalisa ukufunda iBhayibhile nomama. Ndandidla ngokubakho kwiingxubusho zabo. Umama wayeka ukufunda, kodwa ndaqhubeka ndisiya kuzo zonke iintlanganiso. Xa ndandineminyaka eli-14 ubudala, uDade Roach nabanye abavangeli basemazweni uRose Cuffie noLindor Loreilhe bahamba kunye nam ukuya kushumayela ngeebhayisikile. Umoya wobuvangeli basemazweni ababenawo wandikhuthaza gqitha yaye ngelo xesha ndandingayiqondi loo nto.
Xa ndaqalisa ukufunda namaNgqina kaYehova, ndandilungiselela ukuba ngumTshetshi ogqibeleleyo. Ngesinye isihlandlo umfundisi wazama ukucacisa uBathathu Emnye “ongcwele.” Emva kokuba ndiphulaphule ithutyana, ndakhawuleza ndamxelela ukuba andiqondi ukuba ikho le mfundiso eBhayibhileni. Wandiphendula rhabaxa wathi: “Ndiyazi ukuba ufunda iincwadi ezithile yaye ezo ncwadi ziyingozi. Musa ukuzifunda. Umele ukholelwe kuBathathu Emnye.” Ukususela ngelo xesha andizange ndiphinde ndiye kwiCawa yamaTshetshi kodwa ndaqhubeka ndifunda namaNgqina. Ndabhaptizwa ngowe-1958.
NgoSeptemba 1963, ndafumana ileta eyayivela kwiofisi yesebe indimema ukuba ndiqalise umsebenzi wobuvulindlela obukhethekileyo. Ndasamkela eso simemo. Isabelo sam esitsha saba liBandla laseFyrish kuMlambo iCourantyne, yaye iqabane lam yayinguWalter McBean. Sasebenza kunye kangangonyaka, sisihla sinyuka kuloo mlambo. Oku kwasinceda kwisabelo sethu esilandelayo—kwiBandla laseParadise, elalinabavakalisi abalishumi ukufika kwethu ngowe-1964. Sachitha iminyaka engaphezu kwemine singoovulindlela apho yaye salibona ibandla likhula lisiba nabavakalisi abangama-25.
Ngowe-1969, ndamenywa ukuba ndiye kwiklasi yama-48 yaseGiliyadi. Kwangaloo nyaka ndavuya gqitha kuba ndandindwendwele intsapho yaseBheteli eBrooklyn ngowe-1969 yaye ndakwazi ukuya kwiNdibano Yezizwe Ngezizwe eyayisithi “Uxolo Emhlabeni.” Ndakuvuyela gqitha ukubona iqela labazalwana noodade elithembekileyo! Andisokuze ndilibale ukuba uFrederick W. Franz, weQumrhu Elilawulayo wasimemela egumbini lakhe. Wayeneencwadi ezininzi yaye ndandizibuza ukuba iphi ibhedi yakhe! Omnye umfundi obalaseleyo weLizwi likaThixo yayingu-Ulysses Glass, omnye wabahlohli baseGiliyadi. Ndisamkhumbula esithi: “Ukuze umntu akwazi ukubhala nokufundisa kakuhle kufuneka loo nto ichane, ingqale ize icace.”
Ndimele ndivume ukuba ndadana gqitha xa ndafumanisa ukuba isabelo sam siseGuyana. IGuyana yayilikhaya kum, ingesiso isabelo esikwilizwe lasemzini. Noko ke, uMzalwan’ uGlass wandibizela ecaleni waza wandinceda ndazijonga ngenye indlela izinto. Wandikhumbuza ukuba ukuya eGiliyadi kukodwa nje lilungelo elingenakuthelekiswa nanto yaye ndandinokuthunyelwa kwenye indawo eGuyana endingayaziyo. Kwenzeka kanye oko, kuba ndathunyelwa kwiBandla laseCharity kuMlambo iPomeroon. Ngelo xesha, kwakukho abavakalisi abahlanu kuphela eCharity.
Mna neqabane lam uAlbert Talboto sasinofifi nje lokuhamba emlanjeni, ngoko kwafuneka sifunde indlela yokukhwela iphenyane. Oku usenokucinga ukuba kulula, kodwa mandikuqinisekise ukuba akulula. Ukuba akuyiphapheli imimoya evuthuza ngamandla, unokuhlala apho nje ungenzi nto. Okuvuyisayo kukuba, sancedwa gqitha, omnye wabo babesifundisa ukubhexa iphenyane yayingudade wasekuhlaleni.
Kangangeminyaka elishumi, kwakufuneka sibe namandla okusebenzisa iphini lokubhexa iphenyane. Omnye umntu wasekuhlaleni wafuna ukuthengisela ibandla injini yesikhephe, kodwa sasingenamali yaneleyo yakuyithenga. Ngoko unokuyithelekelela indlela esavuya ngayo xa safumana itsheki eyayiza kusinceda ivela kwiofisi yesebe. Kuyabonakala ukuba, amabandla aliqela ayevile ngoncedo esasilufuna yaye ayefuna ukunceda. Ekuhambeni kwexesha, safumana izikhephe, ezathiywa ukuba ziiKingdom Proclaimer nezazilandelwa zezinye ezingenamagama.
Emva kokusebenza noovulindlela abahlukahlukeneyo, ndadibana nomnye owayeza kuba liqabane lam ubomi bam bonke, uMarshalind Johnson, uvulindlela okhethekileyo owayethunyelwe kwiBandla laseMackenzie. Uyise ongasekhoyo uEustace Johnson, wayesaziwa gqitha eGuyana, emva kokuba ngumveleli wesiphaluka kangangeminyaka elishumi ngaphambi kokuba afe. Ekubeni singoovulindlela abathe ngxi, sobabini noMarshalind siye sagqiba iminyaka engama-72 yenkonzo yexesha elizeleyo, kuquka engama-55 njengoovulindlela abakhethekileyo. Ngelo xesha, sakhulisa abantwana abathandathu.
UYehova uye wayisikelela imigudu yethu kubulungiseleli. Ngokomzekelo, ebutsheni beminyaka yee-1970, ngoxa sasishumayela ngasePomeroon, sadibana nomsiki weempahla oselula owavumayo ukufundisisa iBhayibhile. Wayengumfundi okhuthele gqitha. Samkhuthaza ukuba azazi ngentloko iincwadi zeBhayibhile. Akazange azifunde zonke ngentloko ngeveki enye kuphela kodwa wayewazi ngentloko namaphepha akuzo! Yena, nenkosikazi yakhe nabasixhenxe kubantwana bakhe abasithoba basenyanisweni, yaye sobabini sikhonza njengabadala kwibandla laseCharity. Bendingayi kufumana iintsikelelo ezinjengezi ukuba ibingenguwo umzekelo wabo bavangeli bakudala banenzondelelo.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 176, 177]
Ndafunda ILizwi LikaThixo Ngembalelwano
UMonica Fitzallen
Wazalwa: 1931
Wabhaptizwa: 1974
Ingxelo ngobomi: Ngenxa yokuba wayehlala kwanti, wafundisisa iLizwi likaThixo kangangeminyaka emibini ngembalelwano yaye wayeshumayela rhoqo kumaIndiya aseMerika. Ngoku akaboni, uyazicengceleza izibhalo xa esiya entsimini.
Ndihlala kwindawo yamaIndiya aseMerika ebizwa ngokuba yiWaramuri, emi kuMlambo iMoruka, ekumntla-ntshona wesithili saseGuyana. Ebutsheni beminyaka yee-1970, xa ndandifumana inyaniso, ibandla elikufuphi yayiyiCharity, kuMlambo iPomeroon. Ndandithabatha iiyure ezili-12 ukuya apho ngephenyane.
Ndadibana namaNgqina kaYehova xa ndandiye kuthenga eCharity. UFrederick McAlman wandinika IMboniselo noVukani! Ndaya nawo ekhaya la maphephancwadi ndaza ndawafaka etyesini yokugcina iimpahla, apho ahlala kangangeminyaka emibini. Emva koko ndagula, ndahlala ebhedini kangangexesha elithile, yaye ndadandatheka gqitha. Ndawakhumbula kanye ngelo xesha la maphephancwadi. Ndawafunda ndaza ndakhawuleza ndabona ukuba yinyaniso le.
Malunga nelo xesha, umyeni wam uEugene wayefuna umsebenzi, ngoko wagqiba kwelokuba ehle ngomlambo esiya ngaseCharity. Ndandisele ndibhetele, ngoko ndahamba naye. Noko ke, eyona njongo yam yokuhamba yayikukukhangela amaNgqina kaYehova. Andizange ndikhangele kude noko; elinye inenekazi eliliNgqina leza kanye kulo mzi sasihlala kuwo. Ndalibuza: “Ngaba ungumntu weWatchtower?” Xa lathi ewe, ndabuza ngendoda endandidibene nayo emarikeni kwiminyaka emibini eyadlulayo. Lakhawuleza laya kubiza uFrederick McAlman, owayekwiqela labavakalisi ababesentsimini kufuphi.
Xa babuyayo, uMzalwan’ uMcAlman wandibonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile esebenzisa incwadi ethi Inyaniso Ekhokelela Kubomi Obungunaphakade. Ndasamkela isifundo. Ekubeni kwafuneka sibuyele ekhaya noEugene, ndandifunda ngembalelwano. Ndazifunda ngaloo ndlela iincwadi ezimbini—Inyaniso nethi “Izinto Ekungenakwenzeka Ukuba UThixo Axoke Ngazo.” Xa ndandifunda Inyaniso, ndarhoxa ngokusemthethweni kwiCawa yamaTshetshi ndaza ndaba ngumvakalisi ongabhaptizwanga. Umfundisi wandibhalela esithi: “Musa ukuwaphulaphula amaNgqina kaYehova. Akayazi tu iBhayibhile. Ndiza kuza ndize kukucacisela ngokwam.” Kodwa akazange afike.
Ekubeni yayindim kuphela umvakalisi kulo mmandla, ndabelana nabamelwane bam ngolwazi olutsha endandilufumene. Kwakhona ndanikela ubungqina nakumyeni wam—yaye ndivuyiswa kukuthi—wabhaptizwa emva konyaka ndibhaptiziwe. Namhlanje, uEugene ungomnye wabavakalisi balapha abali-14.
Kutshanje, ndiye ndatyhaphaka, andiboni, ngoko ndizibethelela entloko izibhalo xa ndisiya kubulungiseleli. Nangona kunjalo, ndiyambulela uYehova kuba ndisamkhonza.
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 181-183]
UYehova Uye Wandinika ‘Izicelo Zentliziyo Yam’
URuby Smith
Wazalwa: 1959
Wabhaptizwa: 1978
Ingxelo ngobomi: NgumCarib, owaba negalelo elikhulu ekushumayeleni iindaba ezilungileyo eBaramita, yaye ungumNdiya waseMerika ohlala kumbindi weGuyana.
Ndaqala ukudibana namaNgqina kaYehova ngowe-1975. Ndandineminyaka eli-16 ubudala. Umakhulu wafumana iphecana kunyana wakhe waza wandicela ukuba ndiliguqulele, kuba yena wayengakwazi ukufunda isiNgesi. Ngenxa yokuba zazindimangalisa izithembiso ezibhalwe eBhayibhileni ezixutyushwa lelo phecana, ndabhala igama nedilesi ndaza ndalithumela kwiofisi yesebe. Xa zafikayo iimpapasho endandizicelile, ndazifunda ndaza ndathetha nabanye ngeenyaniso zeZibhalo endandizifundile. Ndaqala ndathetha nomakhulu nomakazi wam. Okubuhlungu kukuba, uTata akazange akuthande oko.
Kungekudala, umakhulu nomakazi nabo baqalisa ukushumayela. Loo nto yabangela ukuba abantu basekuhlaleni beze ekhaya beze kufunda okungakumbi ngeBhayibhile. Ngelo xesha, okukhona ndifunda, kwakukhona ndakhawuleza ndayiqonda imfuneko yokwenza iinguqulelo ebomini ukuze ndikwazi ukukholisa uYehova. Oku kwakuquka ukuba ndimxelele utata ukuba bendibe into ethile kumzi-mveliso wakhe nokuba ndihlale ndinoxolo nabantakwethu. Emva kokuba ndithandaze ngokunzulu, ndakwazi ukuzenza zombini.
Ngelo xesha iofisi yesebe yathumela uvulindlela okhethekileyo, uSheik Bakhsh, ukuba asityelele. Noko ke, uMzalwan’ uBakhsh akazange akwazi ukuhlala ithuba elide, ngoko omnye umzalwana uEustace Smith, owaba ngumyeni wam kamva, wafunda nam ngembalelwano.
Ngowe-1978, ndaya eGeorgetown kwiNdibano ‘Yokholo Olweyisayo.’ Ndakufika kweso sixeko, ndakhawuleza ndaya kwiofisi yesebe ndiye kuvakalisa umnqweno wam wokufuna ukubhaptizwa. Kwathunyelwa uAlbert Small ukuba andibuze imibuzo ebuzwa ngabadala kwabo bafuna ukubhaptizwa. Ndavuya gqitha xa ndakwazi ukubuyela eBaramita ndingumkhonzi kaYehova obhaptiziweyo!
Ndinenzondelelo engakumbi, ndakhawuleza ndaxakeka ngumsebenzi wokushumayela. Abaninzi baba nomdla, ngoko ndabacela ukuba bakhe nje indawo encinane yokunqulela. Xa sasilapho, Cawa nganye ndandidla ngokuguqulela IMboniselo yesiNgesi kwisiCarib. Noko ke, uTata wandichasa, wandinyanzela ukuba ndihlale ekhaya ngeeCawa. Ngoko ndandiye ndirekhode amanqaku kwikhasethi, yaye omnye umntakwethu wayelidlala kwiintlanganiso. Ngeli xesha, kwakusele kusiza abantu abali-100 rhoqo.
Emva koko, intsapho yakowethu yafudukela eGeorgetown, yena uMakhulu waya eMatthews Ridge. Umakazi wasala eBaramita kodwa wayeka ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo. Ngoko wayekwa umsebenzi woBukumkani apho kangangexesha elithile.
EGeorgetown, ndadibana noEustace Smith, yaye kungekudala emva koko satshata. Nangona uEustace wayengasazi isiCarib, wayefuna ukuba siye eBaramita siye kuhlakulela umdla owawulapho. Ngowe-1992 wazaliseka umnqweno wethu. Ngokukhawuleza saxakeka kubulungiseleli saza salungiselela neentlanganiso. Kungekudala, abantu banda baba ngama-300!
Kwakhona savula iklasi yabafunda ukulesa nokubhala eyayiza kuqhutywa emva kweSifundo seMboniselo. UYolande, umntwana wethu wokuqala, wayesincedisa ekufundiseni. Ukuqalisa kwakhe ukusincedisa wayeneminyaka eli-11 kuphela ubudala yaye wayengumvakalisi ongabhaptizwanga. Namhlanje, yena nentombi yethu yesibini uMelissa bakhonza njengoovulindlela abathe ngxi.
Ngowe-1993, uYehova wasikelela iBaramita ngeHolo yoBukumkani. Kwakhona wasinika “izipho ezingabantu” ababekwazi ukuthetha isiCarib nababeza kuthabatha ukhokelo ebandleni. (Efe. 4:8) Ukususela ngoApril 1, 1996, saba liBandla laseBaramita. Kwakhona, ndivuyiswa kukunichazela ukuba kwelo bandla kukho umama, umakhulu phantse nabo bonke abantwana basekhaya. Ngokwenene uYehova uye wandinika ‘izicelo zentliziyo yam.’—INd. 37:4.
[Umfanekiso]
Ndim noEustace namhlanje
[Chart/Picture on page 148, 149]
IGUYANA—ULUHLU LWEZIGANEKO
1900: Abantu baqalisa ukufunda baze baxubushe iZion’s Watch Tower nezinye iimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni.
1910
1912: UE. J. Coward unikela intetho kumakhulu abantu eGeorgetown naseNew Amsterdam.
1913: Igumbi eliseSomerset House liyaqeshwa njengendawo yokuqhuba iintlanganiso. Lisetyenziswa de kube ngowe-1958.
1914: Kumiselwa iofisi yesebe yokuqala eGeorgetown.
1917: Ephenjelelwa ngabefundisi, urhulumente uyekisa ukusetyenziswa kwezinye iimpapasho.
1922: Umsebenzi uyavulwa. UGeorge Young uyatyelela.
1940
1941: Kuthintelwa ukusasazwa kweMboniselo neConsolation (ngoku enguVukani!).
1944: Kuthintelwa ukusasazwa kwazo zonke iimpapasho zamaNgqina kaYehova.
1946: Umsebenzi uyavulwa ngoJuni. Kufika abavangeli basemazweni bokuqala baseGiliyadi.
1950’s: Umboniso othi The New World Society in Action uboniswa kulo lonke elaseGuyana.
1960: Isebe lithenga umhlaba eGeorgetown. Ezi zakhiwo zikhoyo zilisebe kwanekhaya labavangeli basemazweni.
1967: Kudlulwa incopho yabavakalisi abali-1 000.
1970
1988: Kunikezelwa isebe elitsha, kumhlaba obunezakhiwo zesebe ezidala.
1995: Kugqitywa iHolo yoBukumkani yokuqala eyakhiwe ngokukhawuleza.
2000
2003: Kunikezelwa isebe elitsha elakhiwe komnye umhlaba.
2004: Bangama-2 163 abavakalisi abakhutheleyo eGuyana.
[Igrafu]
(Yiya kwimpapasho)
Isimbuku Sabavakalisi
Isimbuku Soovulindlela
2 000
1 000
1910 1940 1970 2000
[Iimaphu ezikwiphepha 141]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
GUYANA
Baramita
Hackney
Charity
Henrietta
Suddie
GEORGETOWN
Mahaicony
Soesdyke
Bartica
Yaruni
New Amsterdam
Mackenzie
Wismar
Skeldon
Berbice
Orealla
Lethem
Essequibo
Demerara
Berbice
Courantyne
VENEZUELA
BRAZIL
SURINAME
[Ful-page picture on page 134]
[Umfanekiso okwiphepha 137]
UEvander J. Coward
[Umfanekiso okwiphepha 138]
ISomerset House eseGeorgetown, eGuyana, yayiyindawo yokuhlanganisana yebandla lalapho ukususela ngowe-1913 ukuya kutsho ngowe-1958
[Umfanekiso okwiphepha 139]
UGeorge Young
[Umfanekiso okwiphepha 146]
UFrederick Phillips, uNathan Knorr, noWilliam Tracy, ngowe-1946
[Umfanekiso okwiphepha 147]
NgoJuni 1946, kwakhutshwa esi sindululo, nesokupheliswa ngokusemthethweni ukuthintelwa kokusasazwa koncwadi lwethu eGuyana
[Umfanekiso okwiphepha 152]
UNathan Knorr, uRuth Miller, uMilton Henschel, uAlice Tracy (owayesakuba nguMiller), kwakunye noDaisy noJohn Hemmaway, ngowe-1954
[Umfanekiso okwiphepha 153]
UJohn Ponting
[Umfanekiso okwiphepha 154]
UGeraldine noJames Thompson bakhonza eGuyana kangangeminyaka engama-26
[Umfanekiso okwiphepha 168]
Iqela elinikela ubungqina ngesikhephe
[Umfanekiso okwiphepha 169]
Ukushumayela kufuphi noMlambo iMoruka kwi“Kingdom Proclaimer III”
[Umfanekiso okwiphepha 175]
UJerry noDelma Murray
[Umfanekiso okwiphepha 178]
UFrederick McAlman noEugene noMonica Fitzallen babelana ngeendaba ezilungileyo nomNdiya waseMerika olungisa iphenyane lakhe
[Umfanekiso okwiphepha 184]
Indibano yesiphaluka eBaramita, ngowama-2003
[Imifanekiso ekwiphepha 185]
Abaninzi kwisithili saseBaramita baye basabela kwinyaniso yeBhayibhile
[Umfanekiso okwiphepha 186]
Ukunikela ubungqina ngesiphenyane
[Umfanekiso okwiphepha 188]
USherlock noJuliet Pahalan
[Imifanekiso ekwiphepha 191]
IGuyana—“iparadesi yoovulindlela”
[Umfanekiso okwiphepha 194]
IHolo yoBukumkani eOrealla, eGuyana
[Umfanekiso okwiphepha 197]
Indawo eyayisakuba yiofisi yesebe e-50 Brickdam, eGeorgetown, yagqitywa ngowe-1987
[Umfanekiso okwiphepha 199]
IKomiti yeSebe, ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: uEdsel Hazel, uRicardo Hinds, noAdin Sills
[Umfanekiso okwiphepha 200, 201]
Isebe laseGuyana elisandul’ ukwakhiwa