IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb15 iphe. 120-iphe. 121 isiqe.¶ 3
  • UBukumkani Abulophupha Njee Kum

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UBukumkani Abulophupha Njee Kum
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
  • Amanqaku Afanayo
  • Ndandingumququzeleli Wezobupolitika Kodwa Ngoku NdingumKristu Ongundilele
    Vukani!—2002
  • Ukuvavanywa Kokholo EPoland
    Vukani!—2000
  • Ukusasaza Imbewu YoBukumkani Ngawo Onke Amaxesha
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1997
  • Ndibonile Ukuba UYebova Ulungile
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
yb15 iphe. 120-iphe. 121 isiqe.¶ 3

EDOMINICAN REPUBLIC

UBukumkani Abulophupha Njee Kum

UEfraín De La Cruz

  • WAZALWA Ngo-1918

  • WABHAPTIZWA Ngo-1949

  • IBALI LOBOMI Nangona wayevalelwe waza wabethwa ngenkohlakalo kwiintolongo ezisixhenxe, akazange ayeke ukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.

Umfanekiso okwiphepha 120

Ngo-1948, mna nomfazi wam uPaula kunye nentombi yethu saqalisa ukuya kwiintlanganiso zamaNgqina kaYehova eBlanco Arriba. Ukuya nokubuya kwakuziikhilomitha eziyi-40, kodwa ke asizange siphoswe nayenye intlanganiso. NgoJanuwari 3, 1949, mna noPaula sabhaptizwa.

Kwiinyanga ezintandathu kamva, abanye ebandleni babanjwa baza bagwetywa iinyanga ezintathu. Mna nabo basebandleni sasilala phantsi yaye sityiswa kanye ngosuku—iibhanana neti. Xa sakhululwayo, abasemagunyeni basoyikisa becinga ukuba siza kuyeka ukushumayela. Kodwa asizange siyeke, kunoko saqhubeka sisiya ezintlanganisweni yaye sishumayela ngokufihlakeleyo. Ekubeni abasemagunyeni babesoloko besibek’ esweni, sasihlanganisana emakhayeni abazalwana, kumasimi ekofu okanye kwiifama. Endaweni yokuba sisoloko sihlanganisana kwindawo enye, emva kwentlanganiso nganye, sasichaza indawo esiza kuhlanganisana kuyo kwixesha elilandelayo. Xa sishumayela umntu wayehamba yedwa, sinxiba iimpahla zokusebenza yaye sasingaphathi zincwadi okanye iBhayibhile. Nakuba kunjalo, phakathi kuka-1949 no-1959, ndandiphuma ndingena kwiintolongo ezisixhenxe ezahlukeneyo, ndigwetywe iinyanga ezintathu ukuya kwezintandathu ngexesha.

Kwakufuneka ndilumke ngeyona ndlela, kuba abanye ababenditshutshisa yayizizalamane zam. Ngamanye amaxesha ndandiye ndibhaqwe nangona ndandilala ezintabeni okanye ezifama kuba ndingafuni kubhaqwa. Ngesinye isihlandlo endabanjwa ngaso ndasiwa entolongweni iLa Victoria eseCiudad Trujillo, apho kwakufakwa amabanjwa ayi-50 ukuya ku-60 esiseleni esinye. Apho sasisitya kabini ngemini—kusasa babesivusa ngomgubo, size emini sityiswe intwana yerayisi neembotyi. Onke amaNgqina awayevalelwe ayeshumayela kumabanjwa, yaye sasisiba neentlanganiso rhoqo apho sasicengceleza iZibhalo esizinkqayileyo size sibalise namava esiwafumene entsimini.

Isihlandlo sokugqibela ndibanjwa, ijoni landibetha entloko nasezimbanjeni ngomva wompu. Nangona ndisenezivubeko zokubethwa nokuphathwa kakubi, oko kwalomeleza ukholo lwam, ukunyamezela nokuzimisela kwam ukukhonza uYehova.

Ngoku ndineminyaka eyi-96 yaye ndisisicaka solungiselelo ebandleni. Nangona ndingasakwazi ukuhamba imigama emide, ndihlala phambi kwendlu yam ndishumayele kubo bonke abagqithayo. UBukumkani abulophupha njee kum. Buyinto yokwenyani yaye bendishumayela ngabo ngaphezu kweminyaka eyi-60. Ihlabathi elitsha lisathe thaa engqondweni yam ngendlela elalingayo mhla ndeva ngesigidimi soBukumkani.a

a UEfraín De La Cruz usweleke ngoxa bekubhalwa eli bali lakhe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share