IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • yb15 iphe. 116-iphe. 117
  • Unyamezelo Luzisa Isiqabu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Unyamezelo Luzisa Isiqabu
  • Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
  • Imixholwana
  • Ukushumayela Ngobulumko
  • Kwatsho Kwee Qabu!
Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
yb15 iphe. 116-iphe. 117

EDOMINICAN REPUBLIC

Perseverance Brings Relief

Ukushumayela Ngobulumko

URafael Pared, oseBheteli nomfazi wakhe uFrancia, waba ngumvakalisi ngo-1957 xa wayeneminyaka eyi-18. Ukhumbula indlela abacuphi ababemlandela ngayo xa esiya entsimini kuba befuna ukumbamba kunye nabo wayeshumayela nabo. URafael uthi, “Ngamany’ amaxesha kwakufuneka sizimele, sitsib’ iingcingo kuba sibaleka ukubanjwa.” UAndrea Almánzar ubalisa oko bakwenzayo ukuze bangabanjwa: “Kwakufuneka silumke. Xa sisentsimini sasingena emzini sishumayele, size sitsibe eminye elishumi ukuze sishumayele kwakhona.”

Kwatsho Kwee Qabu!

Ngo-1959, uTrujillo wayesondela kwiminyaka eyi-30 elawula, kodwa iimeko kwezopolitiko zaziguquka. NgoJuni 14, 1959, abantu baseDominican ababeselubhacweni babuyela kwelo ukuze babhukuqe uTrujillo. Nangona loo malinge abhangiswa ngokukhawuleza baza nabo babesenza elo yelenqe babulawa okanye bavalelwa, iintshaba zikaTrujillo ezazisanda zazivakalelwa kukuba urhulumente wakhe unako ukubhukuqwa, ngoko ke zaba ngathi zithi chatha ekumvukeleni.

NgoJanuwari 25, 1960, emva kweminyaka iCawa yamaKatolika ixhasa urhulumente kaTrujillo, yabhala ileta ikhalazela ukunyhashwa kwamalungelo abantu. Umbhali-mbali waseDominican, uBernardo Vega uthi: “Uhlaselo lwangoJuni 1959 nokucinizelwa kwabo babevukela, kunye nokuhlaselwa kweqela elalilwela inkululeko kamva, zonke ezi zinto zanyanzela iCawa ukuba okwesihlandlo sokuqala ijikele uTrujillo.”

Into ebangela umdla kukuba ngoMeyi 1960 urhulumente wawuvula umsebenzi wamaNgqina kaYehova. Emva kweminyaka abantu bakaThixo bengavunyelwa bashumayele, inkululeko yavela kwindawo ababengenakuyicingela—kuba kaloku yavela kuTrujillo ngokwakhe—emva kokuba exabene neCawa yamaKatolika.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share