IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 6/8 iphe. 8-9
  • Imilinganiselo Yokuziphatha Okuhle Ezisa Ulonwabo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imilinganiselo Yokuziphatha Okuhle Ezisa Ulonwabo
  • Vukani!—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imiphumo
  • Isiseko Seyona Milinganiselo Ifanelekileyo Yokuziphatha
  • Ngaba Le Milinganiselo Yokuziphatha Iphelelwe Lixesha?
  • Imilinganiselo Yokuziphatha Yokonwabisa Wena
  • Mfundise Ukuba Ayazi Into Elungileyo Nengalunganga
    Vukani!—2019
  • Ukuzinza Ngenxa Yemilinganiselo Engatshintshiyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • Iindlela Zokuphila Ezibalulekileyo Nezisenza Sonwabe
    Vukani!—2013
  • Ukuguquka Kwemilinganiselo Yokuziphatha Okuhle Ngokuhamba Kwexesha
    Vukani!—1990
Khangela Okunye
Vukani!—1990
g90 6/8 iphe. 8-9

Imilinganiselo Yokuziphatha Okuhle Ezisa Ulonwabo

YINTONI ebeya kuyenza umntwana ukuba ebeshiywe phambi kwetafile ezaliswe kukutya okunempilo neelekese? Ukuba bekungekho bani umkhokelayo, kunokwenzeka ukuba ebeya kukhetha ukutya eyona nto ayithandayo​—⁠mhlawumbi iilekese⁠—​de agule.

Xa kuthethwa ngemilinganiselo yokuziphatha, umntu ujamelene nokhetho. Yintoni ayifuna ngokona kona? Ngaba bubomi bentsapho obonwabisayo nekamva elinqabisekileyo okanye bubomi bemihla ngemihla obusekelwe kwiziyolo, kungakhathaliseki oko kuya kuba yimiphumo? Enoba ukhetha ntoni na, loo nto ayikhethileyo iya kuxonxa ubomi bakhe ize ichaphazele ikamva lakhe​—⁠ngendlela entle okanye embi.

Imiphumo

Imiphumo yokuguquka kwemilinganiselo yokuziphatha ngokwesini nenkululeko engasikelwe mda ayikhange izise okulungileyo. Abantu abaye benza unothanda baye baba neengxaki ezininzi ezinganqwenelekiyo: ukuqhekeka kwamakhaya, ukumitha okungafunwayo, ukubulawa nguGawulayo nezinye izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, imeko elusizi yobomi ngenxa yokusebenzisa kakubi iziyobisi, neminye imiphumo enganqwenelekiyo. Le miphumo mibi ivisisana ngokupheleleyo noko kubhalwe eBhayibhileni kwiMizekeliso 16:​25: “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.”​—⁠Bona kwanamaGalati 5:​19-⁠21.

Ukuzingca okwesameleyo nenkululeko engasikelwe mda ikwavisisana nenkcazelo yexesha lethu efumaneka kweyesi-2 kuTimoti 3:​1-⁠4 ethi: “Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.”

Isiseko Seyona Milinganiselo Ifanelekileyo Yokuziphatha

Konke oku kubonisa imfuneko yomthombo wemilinganiselo yokuziphatha engaphezu kweyomntu ukuze sihambe ngobulumko kula maxesha anomngcipheko. UYeremiya, omnye wababhali beBhayibhile, wakuvuma oku xa wathi: “Ndiyazi, Yehova, ukuba ayikhona emntwini indlela yakhe; akukhona endodeni ehambayo ukuqinisela ukunyathela kwayo.”​—⁠Yeremiya 10:⁠23.

Kodwa ngubani onokumisela isiseko seyona milinganiselo ifanelekileyo yokuziphatha? Kwincwadi yakhe ethi Cours de philosophie, unjingalwazi ongumFrentshi uArmand Cuvillier ucacisa ukuba yena, njengenkoliso yabanye abathanda ubulumko, uye wathabatha “umntu njengesisiseko semilinganiselo yokuziphatha.” Kanti, usikhumbuza ukuba yonke imithetho yokuziphatha emiselwe ngumntu yophulwa lula yaye isenokuthatyathelw’ indawo yeminye kamva.

Umenzi womatshini othile udla ngokuba ngoyena mntu ukwaziyo ukuwenza usebenze ngeyona ndlela ifanelekileyo. Kunjalo ke nangoThixo emntwini. NjengoMdali womntu, uYehova ngoyena unokukwazi ukubonisa umntu imilinganiselo afanele aphile ngayo, nesizathu soko. EBhayibhileni, uYehova uthi unguLowo ‘usifundisa okungasincedayo, osinyathelisa ngendlela esifanele sihambe ngayo.’​—⁠Isaya 48:⁠17.

Ngaba Le Milinganiselo Yokuziphatha Iphelelwe Lixesha?

Ngaba imilinganiselo yeBhayibhile engokuziphatha inokusetyenziswa kwixesha lethu? Ngaphezu kweminyaka eli-⁠1 900 edlulileyo, umpostile uPawulos wadwelisa iimpawu eziyimfuneko kubakhonzi bakaThixo. Wakhankanya “uthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa.” Ngaba ezi mpawu ziphelelwe namhlanje? Nakanye! Ngoxa iimeko ziye zaguquka, le milinganiselo iphakamileyo iseyeyona ibalulekileyo.​—⁠Galati 5:​22, 23.

Kusenokuthethwa okufanayo ngezinto iBhayibhile ezalelayo. Ngokomzekelo, kwakutheni ukuze uThixo atshabalalise isixeko saseSodom neGomora? Umfundi uYuda wakucacisa oku esithi kwakungenxa yokuba abemi balapho ‘benza kakhulu umbulo, besimka belandela nyama yimbi.’ UYuda wongezelela ngokuthi intshabalalo yabo isebenza ‘njengomqondiso ongunaphakade.’ Ekubeni le ngxelo nezinye ezifana nayo ziye “zabhalelwa okwethu ukufundiswa,” “ukululeka thina aba,” izifundo ezingomlinganiselo wokuziphatha ezivela kuzo zisasebenza.​—⁠Yuda 7, Roma 15:⁠4; 1 Korinte 10:⁠11.

Imilinganiselo Yokuziphatha Yokonwabisa Wena

Khumbula ukuba iBhayibhile ayinakufaniswa nanto. Yamkele, ‘ingelilo ilizwi labantu, kodwa njengoko kunjalo okwenyaniso, ililizwi likaThixo.’ (1 Tesalonika 2:​13) Kwizigidi zeencwadi ezikhoyo ehlabathini, yiBhayibhile kuphela ‘ephefumlelwe nguThixo, yaye inokuzilungisa izinto.’ (2 Timoti 3:​16) Yiyo kuphela enokusinika imilinganiselo eyiyeyona ifanelekileyo ize isibonise indlela ekhokelela ngayo kubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha. Ngokuqinisekileyo, ikhondo lobulumko kukuyihlolisisa.

Oko koko kanye umfana ogama linguJoël wakwenzayo. Kwiminyaka embalwa edluleyo, wayenyuka esihla ezitratweni zedolophu yakowabo eFransi nolunye ulutsha​—⁠exhobile. Wayesaziwa ngomsindo awayenawo, yaye wayethengisa iziyobisi, ekwangumququzeleli wamahenyukazi. UJoël wafunda iBhayibhile nangethemba elifumaneka kuyo, yaye, ekuhambeni kwexesha, waguquka ngokupheleleyo, eyeka ukwenza izinto iBhayibhile ezalelayo. Iqela labahlobo bakhe bangaphambili leyiseka kukuba wayefumene inyaniso, ngoko nabo benza iinguqulelo ezinkulu ebomini babo yaye babhaptizwa njengamaNgqina kaYehova.

Kambe ke, inkoliso yabo baba ngamaNgqina kaYehova ayizange iphile ubomi bokuyityeshela ngamandla imilinganiselo yeBhayibhile njengokuba uJoël nabalingane bakhe babenjalo. Kodwa bonke abo baba ngamaNgqina bayavuma ukuhlolisisa imilinganiselo ababephila ngayo​—⁠kwanokuba yayingemibi kangako kubo⁠—​yaye beyisekile kwelokuba baye bafumana inkqubo yemilinganiselo enokubonwabisa.

Kulo lonke ihlabathi, phantse amaNgqina azizigidi ezine azama ukuphila ngale milinganiselo imihla ngemihla, kungakhathaliseki ilizwe okanye ibutho loluntu aphila kulo. Kwakhona abeka tanci izilangazelelo zoBukumkani bukaThixo, eyibeka kwindawo yokuqala imilinganiselo engokomoya ebomini bawo. Kutheni ungamkeli isimemo sawo sokukunceda ukuba uhlolisise iingenelo nawe onokuzizuza kule milinganiselo yokuziphatha? Bathenjiswa ‘ngoxolo olukhulu’ abo bakhetha yona.​—⁠INdumiso 119:​165; Mateyu 6:⁠33.

[Umfanekiso okwiphepha 9]

Abantu bafuna imilinganiselo yokuziphatha engaphaya kweyentandabulumko yabantu

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share