Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ngaba Ukuba Nomsetyenzana Wempangelo Emva Kwesikolo Kuya Kundinceda Ndikhule?
ABABINI kwabathathu—lowo ngumlinganiselo wabeshumi elivisayo abaninzi abasebenzayo ngoku eUnited States. Yaye basebenza umlinganiselo weeyure ezisusela kwezili-16 kuse kwezingama-20 ngeveki!a
Kutheni ulutsha oluninzi kakhulu luthontelana emisebenzini? UBrian oneminyaka eli-16 ubudala uchaza athi: “Kwimeko yam kuyimfuneko [ukusebenza]. Umama notata baqhawule umtshato, yaye kufuneka ndincedise umama nangayiphi na indlela endingamnceda ngayo.” Iintsapho ezininzi ngokufanayo zifuna uncedo ngokoqoqosho. Yaye naxa oselula engancedisi ngokuthe ngqo kwiindleko zasendlwini, ukuba nje uyazihlawulela iimpahla zakhe okanye ezinye izinto zobuqu, kuphawuleka ukuba oku kuyabaphumza abazali bakhe kwingcinezelo engokoqoqosho.
Enyanisweni, ulutsha oluninzi lusebenza ukuze lwanelise umnqweno walo weempahla, wezihlangu okanye wokutya okwenziwa kwizindlu zokutyela okuxabisa kakhulu. Kodwa ngolunye ulutsha, umsebenzi ngokuyintloko ulinyathelo elikhulu lokuya kubuntu obukhulu. USuzanne oneminyaka eli-19 ubudala wabhala oku kwiphephancwadi iSeventeen: “Ndiyasebenza kuba ndiyakunandipha ukuzibonelela iimfuno zam. Akuyomfuneko ukuba ndixhomekeke kubazali bam ukuze ndihlawule amatyala am. . . . Abazali banokubanika abantwana babo imali, kodwa abanakubanika imvakalelo yolwaneliseko oluza ngokwamkela into.” Yaye mhlawumbi uvakalelwa ngendlela efanayo—yokuba ukusebenza kuya kuba ngamava afanelekileyo, ukuba kuya kukunceda ukhule ngokukhawuleza ngakumbi. Kodwa ngaba kuya kwenjenjalo ngokwenene?
Iingenelo Zokusebenza
IBhayibhile iyabugweba ubuvila. IMizekeliso 13:4 ithi: “Umphefumlo wevila uyanqwenela, ungazuzi, umphefumlo wabakhutheleyo uyatyetyiswa.” Ngoko ukuba uyifuna ngokwenene into exabisa ngaphezu koko abazali bakho bazimisele ukukuhlawula, okanye okungaphezu kwamandla abo, ingcamango yokusebenza ngokukhutheleyo ukuze uzithengele yona isenokuba yinto efanelekileyo.
Abaninzi baqiqa ngokubhekele phaya ngelithi ukusebenza kunokunceda ekufundiseni ulutsha indlela yokuphila kweli hlabathi. UEllen Greenberger noLaurence Steinberg benze uphando olubanzi nolwaziwa kakhulu nguwonke wonke kumbandela wolutsha olusebenzayo. Bafumanisa ukuba ulutsha olunjalo “lufunda ngokuqhuba ishishini, ngokuphatha imali nangezibalo zabathengi.” Umsebenzi unokuthi kwakhona ufundise ulutsha kungekuphela nje amava okusebenza ndawonye nabantu abakhulileyo kodwa neengcinezelo neembopheleleko zobuntu obukhulu. Kusenokufuneka lufunde indlela yokusebenza phantsi komphathi ‘ekunzima ukumkholisa’ okanye ocaphuka msinya, okanye indlela yokuqhubana ngobubele nabathengi abanolunya—nabo basebenza nalo. (1 Petros 2:18) UAnthony ukhumbula oku: “Ndandingoyena umncinane emsebenzini, yaye wonke umntu wayendithiyile. Kodwa ndafunda indlela yokuqhubana nabantu.”
Ukusebenza kunokuthi kwakhona kufundise oselula ubuchule neendlela zokusebenza, njengokubamba ixesha, okunokungqineka kuluncedo kamva ebomini. (Thelekisa IMizekeliso 22:29.) “Ndafunda ukusingatha iimbopheleleko,” utsho njalo umfana ogama linguEric. “Ukusebenza nomalume kwandifundisa indlela yokwenza umsebenzi osemgangathweni,” wongezelela atsho uDuane. “Wayebalaselisa ukucoceka, yaye ukuba yonke into ayenzekanga kakuhle, besiphinda siyenze kwakhona.” uOlga, owayesenza umsebenzi wokubhala ngoxa wayesesikolweni, “Ndazuza amava amahle omsebenzi. Yaye ukusoloko ndithetha emnxebeni kwandifundisa ukusebenzisa intetho elungileyo.”
Ukusebenza kukwanokukufundisa ukuba neqhayiya ngoko ukuphumezileyo. UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo.”—INtshumayeli 2:24.
Ubani Ufunda Kangakanani Ngokwenene?
Sekunjalo, abaninzi bakholelwa ekubeni imisebenzi yanamhlanje ayinagalelo kangako ekuncedeni oselula ukuba akhule. Kumaxesha adluleyo, ulutsha olusebenzayo lwalufunda umsebenzi wezandla okanye ubuncinane obunye ubuchule obusebenzisekayo. Noko ke, namhlanje ulutsha oluninzi (ingakumbi eUnited States) lusebenza kwizindlu zokutyela ukutya okwenziwa ngokukhawuleza okanye kumashishini asebenza ngokutya apho umsebenzi uquka imisetyenzana enjengokufaka iihamburgers ezibhokisini okanye ukusebenza ngoomatshini ekuhlawulwa kubo. Abaninzi bayayithandabuza ingenelo ehlala ihleli yomsebenzi onjalo. UGreenberger noSteinberg bakhala ngelithi: “Umntu oselula oqhelekileyo uchitha ngaphantsi kwe-10 ekhulwini lexesha lakhe emsebenzini—imizuzu nje emalunga nemihlanu yeyure nganye—kwimisebenzi enjengokufunda, ukubhala nokubala. . . . Imisebenzi emininzi iquka imisetyenzana emincinane eyahlukahlukeneyo, imisebenzi eqhelekileyo kakhulu, nokuphindaphindwa okuzingisileyo kwemisetyenzana engabangeli mdla ngokupheleleyo.”
Inqaku elithile kwiThe Wall Street Journal lithi: ‘Uninzi lwabeshumi elivisayo abasebenzayo banamhlanje alufundi nto esebenziseka ngakumbi kunokubakho nje. Inkqubela yobugcisa ibenze baphantsa baba ziirobhothi. Oomatshini bokuhlola ixabiso emalihlawulelwe nabokubhala nokugcina imali abantsonkothileyo babadibanisela imali elityala baze bababalele itshintshi. Kwiindawo ezithengisa ukutya okuphekwa ngokukhawuleza, izitovu zokupheka ezizigcinela ixesha ziyalisusa ithemba lokugqibela lokuba okwishumi elivisayo usenokufunda ubuchule obuncinane bokupheka.’ Ngokungathandabuzekiyo imisebenzi enjalo inikela uncedo olufunekayo noluxabisekileyo. Noko ke, isenokwenza okuncinane ekuxhobiseleni oselula ukwenza umsebenzi wabantu abakhulileyo.
Kodwa kuthekani ngamava okusebenza nabantu abakhulileyo? UGreenberger noSteinberg bathi: “Indawo yokusebenza apho abantu abaselula baqeshwe khona iya isahlulahlulwa ngokobudala ngakumbi nangakumbi. Kunokusebenza ndawonye nabantu abakhulu, . . . abantu abaselula banamhlanje batyekele kakhulu ekusebenzeni ndawonye nabanye abafikisa kubuntu obukhulu.” IThe Wall Street Journal ithi iindawo ezinjalo zomsebenzi “zindawo ababutha kuzo abafikisa kubuntu obukhulu.”
“Indyebo Ezuzwe Phambi Kwexesha Elililo”
Ulutsha oluninzi eUnites States lwamkela ngaphezu kwama-R520 ngenyanga kwimisebenzi yalo. Ngaba ukuphatha le mali bekungayi kuba ngamava axabisekileyo? Qwalasela uhlolisiso olwenziwa kubafundi besikolo esiphakamileyo abaqeshiweyo abavela kwizikolo ezahlukahlukeneyo ezingaphezu kwewaka. Kwafunyaniswa ukuba abathathu kwabane kubo abanikelanga nto kwimali yentsapho! Abaphantse babe ngama-60 ekhulwini kubo ababekanga nto elugcinweni! Ekubeni bengenaluxanduva lakuhlawula rhafu, i-inshorensi nokutya, abaninzi basebenzisa imali abayamkelayo njengemalana esecaleni—ukuze bayichithe ngendlela abayithandayo.
UJerald G. Bachman weZiko Lophando Kwezentlalo uthi xa “abeshumi elivisayo benemali eninzi,” “yindyebo ezuzwe phambi kwexesha elililo,” okanye ubutyebi. Kutheni kunjalo nje? UBachman ucacisa athi: “Abafundi abaninzi besikolo esiphakamileyo banoqingqo-mali lwezinto zobunewunewu abasenokungakwazi ukuzihlawulela kwiminyaka emihlanu ezayo, xa imali abayamkelayo sekuya kufuneka ihlawulele izinto ezingezozabunewunewu ezinjengokutya nerhafu.” Ewe, kunokufundisa oselula indlela yokuphatha imali, ukuba nemali eninzi kunokumfundisa okuchasene kakhulu noko. Kusenokudala umnqweno ongekho ngqiqweni wokuthanda ubunewunewu kuze kwenze ukungena kwihlabathi lokwenene lobuntu obukhulu kwenzakalise ngakumbi.
IBhayibhile ibonisa ngokubhekele phaya ukuba ukubulalekela ubutyebi lusukelo olungamampunge. Ithi: “Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; . . . Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.”—IMizekeliso 23:4, 5.
Enoba umsebenzi ungqineka ungamava okufunda axabisekileyo kuya kuxhomekeka kuhlobo lomsebenzi obandakanyekileyo, kuhlobo lwabantu osebenza nabo okanye obasebenzelayo, nakwindlela ozinikela ngayo emsebenzini. Oko kukushukumisela ukuba usebenze nendlela oyiphatha ngayo loo mali uyamkelayo kuya kwenza umahluko omkhulu enoba ukusebenza kuyakunceda okanye kuyakwenzakalisa.
Kodwa ukuba ukukhula koko unomdla kuko, phawula oko kwagqitywa nguGreenberger noSteinberg: ‘Kukho imisebenzi ekhoyo esenokuba yingenelo ngakumbi kunokusebenza. Loo misebenzi iquka ukufunda nokufundisisa ngaphandle kwesikolo nokuba neembopheleleko zomsebenzi wokuzithandela ongahlawuliyo okanye ukukhonza abantu basekuhlaleni.’ Ngokomzekelo, uNina wenza inkonzo exabiseke kakhulu eluntwini ukuphuma kwesikolo njengomlungiseleli wexesha elizeleyo wamaNgqina kaYehova. Uthi: “Ndenza isigqibo nomcebisi ondikhokelayo ukuba ndibe nosuku lwesikolo olufutshane ukuze ndibe nokuphuma esikolweni emini emaqanda. Ukususela ngoMvulo kuse ngoLwesithathu ndiya kumsebenzi wokushumayela esidlangalaleni. Ndiyakuthanda ukuwenza. Ndiwuthanda ngenene!” Ngaba ucwangciso neemeko zakho zobuqu ziya kukuvumela wenze okufanayo? Ukubonakalisa “ukuhlonela uThixo” ngale ndlela ngokungathandabuzekiyo bekuya kungqineka kuyingenelo ngakumbi kakhulu kunokusebenza komnye umsebenzi!—1 Timoti 4:8.
Kodwa olunye ulutsha lusenokufuna, okanye kufuneke lusebenzele izizathu zemali. Amanqaku exesha elizayo aza kuthelekisa iingenelo neengozi zokwenza oko.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukwanda kwabafundi abasebenzayo bekubizwa ngokuthi “sisimanga esiphawulekayo saseMerika.” (When Teenagers Work, nguEllen Greenberger noLaurence Steinberg) Kwamanye amazwe ulutsha luthwaliswa umsebenzi omninzi wesikolo, yaye imisebenzi idla ngokunqaba. Sekunjalo, eli nqaku ngokungathandabuzekiyo liya kubangel’ umdla kulutsha oluninzi olukumazwe apho amathuba omsebenzi akhoyo. Inkupho ezayo iya kuxubusha ngemeko ekumazwe asakhasayo.
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Umsebenzi unokufundisa oselula indlela yokuqhubana nabaqeshi nabo basebenza naye ngendlela yobuntu obukhulu