IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 1/8 iphe. 22-24
  • Ngaba Ndifanele Ndisebenze Ngoxa Ndisesesikolweni?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ndifanele Ndisebenze Ngoxa Ndisesesikolweni?
  • Vukani!—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu Sokuba Lusebenze
  • Ukubala Iindleko
  • Ukugcina Ulungelelwano Lwakho
  • Ngaba Ndifanele Ndifumane Umsetyenzana Wempangelo Emva Kwesikolo?
    Vukani!—1990
  • Yintoni Endinokuyenza Ukuzilungiselela Ukuphangela?
    Vukani!—1992
  • Ngaba Ukuba Nomsetyenzana Wempangelo Emva Kwesikolo Kuya Kundinceda Ndikhule?
    Vukani!—1990
  • Kutheni Ndifanele Ndifundisise Ngamandla Esikolweni?
    Vukani!—1992
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 1/8 iphe. 22-24

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ngaba Ndifanele Ndisebenze Ngoxa Ndisesesikolweni?

IINTSUKU zesikolo ziyaxakekisa kulutsha oluninzi. Ukufundiswa kwigumbi lokufundela kuthabatha inxalenye enkulu yosuku ngalunye lweveki. Umsebenzi wesikolo owenziwa ekhaya nokufundisisa ziyaxakekisa ngeenjikalanga. Yaye phakathi kukho imisetyenzana yasendlwini eliqela efuna ukunikelwa ingqalelo.a

Kumazwe aseNtshona ulutsha olukwintanga yesikolo lunokusoloko lujonge phambili kwimpela-veki njengexesha lokonwaba nelokuzihlaziya. Kodwa kwiindawo ezininzi zehlabathi, iimpela-veki asingomathuba okuzihlaziya. Ngokomzekelo, kwimimandla yasemaphandleni eAfrika, ulutsha ludla ngokuchitha iimpela-veki luncedisa abazali balo emasimini, lubuyisa elinye lexesha elilahleke ebudeni beveki ngenxa yesikolo. Yaye kumaNgqina kaYehova, ulutsha lunembopheleleko eyongezelelekileyo yokuba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu nokuya kwiintlanganiso zamaKristu.​—⁠Hebhere 10:​23-⁠25.

Ngoko ke, kusenokubonakala kungenakwenzeka ukuba ulutsha lwaseAfrika beluya kufuna ukuthabatha uxanduva olongezelelekileyo lomsebenzi wengqesho. Kodwa ulutsha oluninzi olunjalo luyasebenza yaye ngeendlela ezahlukeneyo: lulima izitiya zalo luze luthengise imveliso, lwaluke umsingizane luze lwenze iminqwazi, okanye iibhaskithi ukuze luzithengise kwindawo yentengiso. Sekunjalo olunye luyaloba, luthengise amaphephandaba, luze luvune okanye luthengise iziqhamo.

Noko ke, kutheni olu lutsha lusenza umsebenzi wengqesho? Ngaba oku ngokuyimfuneko kuthetha ukuba ufanele wenze okufanayo?

Isizathu Sokuba Lusebenze

Olunye ulutsha phantse ukuba lunyanzelekile ngokupheleleyo ukuba lusebenze ngenxa yeemeko ezingaphaya kwamandla alo, ezinjengokufa komzali. (Oku kunokushiya ulutsha lungenabani wokuluxhasa kwimfundo yalo.) Kwelinye icala, olunye ulutsha luyasebenza ukuze lungaxhomekeki kubazali balo.

Qwalasela uKofi, umfana waseGhana. Ngoxa wayesesikolweni sobugcisa, wasebenza njengomqeshwa kwifama ethile iiyure ezimbini suku ngalunye emva kokuphuma kwesikolo.b UKofi ucacisa athi: “Abazali bam babezilungiselele iintswelo zam ukutyhubela isikolo sabaqalayo. Kodwa andifunanga kuqhubeka ndixhomekeke kubo ngazo zonke izinto endizifunayo. Ngoko ndaqalisa umsebenzi wempangelo. Ndaziva ndonwabe ngakumbi ngokuba ndikwazi ukuzithengela izinto zokubhala neencwadi ndize ndizihlawulele imali yesithuthi sesikolo.”

Umnakwabo Kofi uMoses ngokufanayo wayesebenza. Ngoxa wayekwisekondari, uMoses wayefundisa ngasese abantwana abaselula besikolo. Kodwa ngoxa umvuzo kaKofi ngokufanelekileyo wawuhlawula iimfuno zakhe, enye imali kaMoses yayisetyenziswa yintsapho yakowabo. Ngoba? Ekubeni wayevela kwintsapho yabantwana abasibhozo, uqiqa ngelithi: “Ukwenza kwam umsebenzi wesingxungxo kwabaphumza abazali bam ekunyamekeleni iimfuno zabanye abanakwethu noodade wethu.” Ukwavuma ukuba kunemvakalelo yolwaneliseko ukukwazi ukuzithengela izinto.

Ukunceda abazali bakabani ngokwemali xa kukho imfuneko yokwenene kusenokuba yindlela yokunikela imbeko ebafaneleyo. (Efese 6:​1, 2) Noko ke, kwangaxeshanye, akukho nto ngokuyimfuneko ephosakeleyo ekusebenzeni ukuze ubani abe nemali ayichithela kwizinto zakhe.

Ukuba nomsebenzi kusekwanokwenza okuninzi ukufaka engqondweni yolutsha imvakalelo yembopheleleko. Kunokunceda ulutsha lube nobuchule obunokuthi kamva busetyenziswe ekuxhaseni intsapho. Ngokomzekelo, uYesu Kristu ngokucacileyo wafunda ukuchwela ngokusebenza noyise owayengumgcini wakhe njengoselula. (Mateyu 13:​55; Marko 6:⁠3) Sekunjalo, ‘ixesha leli hlabathi lifinyele,’yaye oselula olumkileyo uyaqinisekisa ukuba ixesha lakhe ulisebenzisa ngokuyingenelo. (1 Korinte 7:​29; Efese 5:​16) Ngoko ngaphambi kokwenza umsebenzi othile, ufanele uzihlolisise zonke iimeko ezibandakanyekileyo​—⁠kuquka iintshukumisa zakho.

Ukubala Iindleko

Eminye imibuzo osenokuyiqwalasela yile: Ngaba abazali bam baluswele ngokwenene okanye bade balufune uncedo lwam olungokwemali? Okanye ngaba bakulungele ukwaneliswa kokuncinane ukuze ndikwazi ukwenza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya ndize ndikhule ngokomoya? Ngaba ndiyiswele ngokwenene imali esecaleni, okanye ngaba ndilandela “inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi”?​—⁠1 Yohane 2:⁠16.

Isilumko uSolomon saphawula oku: “Ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya. . . . Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya.”​—⁠INtshumayeli 4:​4-⁠6.

Enye imeko emayiqwalaselwe ibiya kuba ngumphumo ukusebenza okusenokuba nawo ekuhambeni kwakho isikolo. UKofi, obekhankanywe ngaphambili, ukhumbula oku: “Ngonyaka wam wokuqala kwisikolo sobugcisa xa ndandingenzi msebenzi wengqesho, indlela endandiqhuba ngayo kwizifundo zam yayibalasele. Kwandula ke kwangunyaka wesibini endaqalisa ngawo umsebenzi wengqesho, yaye amanqaku endandiwafumana aqalisa ukuhla. Sekunjalo ndakwazi ukuba ngaphezu komlinganiselo wamanqaku amiselweyo, kodwa kwakudinisa kakhulu.” Okubangel’ umdla kukuba, uphengululo olwenziwa eUnited States lwafumanisa ukuba “ukusebenza kukhokelela ekuhleni komgangatho ubani aqhuba ngawo esikolweni yaye kunciphisa ukubandakanyeka kukabani kwimicimbi yesikolo ngokomntu ofikelela kubuntu obukhulu.”

Ngaba uyamkhumbula umntakwabo Kofi uMoses, owayenomsebenzi wokufundisa abantwana abangekayi esikolweni? Uvuma oku: “Ngaphandle kokuba ubani ungolumke kakhulu, unokuqalisa ukuthabatha abafundi abaninzi kunabo banokufundiswa ngexesha elilinganiselweyo elifumanekayo.” UMawuli, enye indoda yaseAfrika, wasebenza ixesha elincinane njengomlobi. Uthi: “Kwakusiba sisilingo kakhulu ukubambisa kakhulu elunxwemeni. Kwakuqhubela ekubeni ushiye iincwadi uhambe uze uzenzele imali engakumbi. Amakhwenkwe amaninzi elalini enza oko aza asiyeka isikolo.”

Isikolo nomsebenzi zikwanokuphelisa amandla oselula ukusa kwinqanaba lokuchaphazela ngokuyingozi ubumoya bakhe. Kusenokuba nzima ngaye ukuya kwiintlanganiso zamaKristu okanye ukunikela ingqalelo xa elapho. Isifundo sobuqu seBhayibhile neseempapasho ezisekelwe eBhayibhileni sisenokuphelela esithubeni.

Ukugcina Ulungelelwano Lwakho

Sekunjalo, emva kokuhlolisisa zonke iimeko, wena nabazali bakho nisenokugqiba ekubeni ukusebenza kumsebenzi wohlobo oluthile kuya kuba neengenelo. Unokulisebenzisa ngokuyingenelo njani eli thuba?

Ukuziqeqesha kuyimfuneko. Umpostile uPawulos wathetha ngemigudu yakhe, esithi: “Ndisuka ndiwuqobe umzimba wam, ndiwuxinzelele phantsi.” (1 Korinte 9:​27) Kuya kufuna ukuziqeqesha ngawe ukonga​—⁠yaye kungekhona ukuyichitha⁠—​imali oyifumanayo. Kwakhona kuya kufuna ukuziqeqesha ngawe ukusebenzisa ngokufanelekileyo ixesha lakho eliseleyo. Kambe ke, ukuzihlaziya nokuphumla okwaneleyo kunendawo yako yaye kunokwandisa umsebenzi onemveliso. Kodwa lumkela ukuba izinto zokuzonwabisa nokuzihlaziya azithathi xesha lomsebenzi wesikolo owenziwa ekhaya nelezinto zokomoya.

Ngoko ke kuya kufuneka wenze ucwangciso lokwenene lwamathuba okufundisisa​—⁠yaye unamathele kulo. Ngokomzekelo, kusenokulunga ngakumbi ukuqalisa umsebenzi wakho wesikolo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka ekufikeni ekhaya ukuvela emsebenzini, ungalindi de kube semva kwesidlo sangokuhlwa ngexesha osenokuziva usozela. Abanye banyula ukuya kulala kwangoko baze banyamekele izifundo zabo kuqala ekuseni. Nokuba iyintoni na imeko, yenza amathuba akho okufundisisa abe nemveliso kangangoko kunokwenzeka. Kuphephe ukudlala umculo okanye ukuzifica kwezinye izinto eziphazamisayo. Umsebenzi wakho wesikolo owenzela ekhaya usekwanokuba lula ukuba unikela ingqalelo kwindlela ophulaphula ngayo kwigumbi lokufundela, uthabatha amanqaku eengongoma eziyintloko naweenkcukacha ezixhasayo.​—⁠Thelekisa uLuka 8:⁠18.

Noko ke, okona kubaluleke kuzo zonke ziintswelo zokomoya. (Mateyu 5:⁠3) Ukuze ezi zaneliswe, ukwamele ubekele ecaleni ixesha lesifundo seBhayibhile sobuqu, leentlanganiso zamaKristu nelokuba nesabelo kubulungiseleli basesidlangalaleni. Kuyinyaniso ukuba, ukusebenza nokufunda kuluxanduva. Kodwa ukuba umele uzenze zombini, izinto zokomoya mazize kuqala. Qhubeka uthandaza kuYehova uThixo ukuba akuncede ugcine ulungelelwano lobumoya bakho. Ukuba kwenziwe isigqibo sokuba kusetyenzwe, ukongezelela ekufundeni, yena unokukomeleza ukuba umelane neengcinezelo zemeko.​—⁠Isaya 40:​29-⁠31.

[Imibhalo esemazantsi]

a Eli nqaku lixubusha ngokuyintloko ngemeko olujamelana nayo ulutsha olukumazwe asakhasayo. Sekunjalo, amacebiso abekwe apha asekelwe kwimigaqo yeBhayibhile yaye aya kuthi ngaloo ndlela angqineke eluncedo kubantu abaselula kwihlabathi lonke.

b Kwamanye amazwe, emva kokuphumelela kwisikolo sabaqalayo ulutsha lunokhetho lokuya nokuba kukwisekondari, okanye kwisikolo semfundo ephakamileyo (esifundisa izifundo ezininzi) okanye kwisikolo sobugcisa.

[Umfanekiso okwiphepha 24]

Olunye ulutsha lwaseAfrika lukwimisetyenzana yempangelo emva kokuphuma kwesikolo. Kodwa ziyintoni iingenelo neengxaki zokwenjenjalo?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share