IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g90 12/8 iphe. 8-10
  • Ubuzalwana Bazwenibanzi Buyinto Eqinisekileyo!

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ubuzalwana Bazwenibanzi Buyinto Eqinisekileyo!
  • Vukani!—1990
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • AmaNgqina KaYehova Ahlukile
  • Indlela Olufikelelwa Ngayo Olu Manyano
  • Ukuzalisekiswa Kweziprofeto ZeBhayibhile
  • Xa Zonke Iintlanga Zihlelisene Ngoxolo
    Vukani!—1993
  • Ngoku Kubekwa Isiseko Sehlabathi Elitsha
    Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?
  • Ubuhlanga
    Vukani!—2014
  • Ukufumana Imvisiswano Phakathi Kweentlanga KuMzantsi Afrika Ozaliswe Ziinkathazo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
Khangela Okunye
Vukani!—1990
g90 12/8 iphe. 8-10

Ubuzalwana Bazwenibanzi Buyinto Eqinisekileyo!

KWAKUNGETHUBA lide umvangeli wasemazweni eseNtshona Afrika xa wathi waya kwindibano yonqulo ekummandla osezilalini. Njengoko wayesondela kule ntsapho yasekuhlaleni, inkwenkwana eneminyaka emibini ubudala, kungekho sizathu sibonakalayo, yaqalisa ukulila.

Lo mvangeli wasemazweni wazama ukumthuthuzela lo mntwana, kodwa le nkwenkwana yatsho esikrakra ngoku. Umvangeli wasemazweni wabuza umama wayo, “Kwenzeke ntoni ngoku?” Ebuntloni waphendula wathi: “Ndicinga ukuba ubona wena. Woyika ibala lakho. Akazange ambone umntu omhlophe ngaphambili.”

Ukususela ebusaneni sisenokuzazi kakuhle iiyantlukwano ezingokwasemzimbeni eziphakathi kweentlanga. Ikhethe libakho kamva. Iimbono zabantwana zixonxwa njengoko bephawula isimo sengqondo nokuziphatha kwabantu abadadlana kunabo, njengabazali babo. Esikolweni baphenjelelwa ngokubhekele phaya ngabafundisi-ntsapho babo, abahlobo nabantwana abafunda nabo kwigumbi lokufundela.

Ngokohlolisiso olwathabatha ithuba elide eUnited States, ngethuba abathi abantwana bafike kwiminyaka eli-12 ubudala, sele beneembono nesimo sengqondo esingaphangalalanga ngamaqela eentlanga, obuzwe nangamaqela onqulo abangqongileyo. Ngethuba sebekhulile ezi mbono zendele ngokunzulu.

AmaNgqina KaYehova Ahlukile

Kwihlabathi elinekhethe ngokugqithiseleyo, amaNgqina kaYehova ahlukile. Aziwa zizizwe ngezizwe ngokuvisisana kwezizwe ezahlukeneyo anako. Oku ngokufuthi kuphawulwa ngabo bawabukelayo kwiindibano zawo ezinkulu zaminyaka le.

Ngokomzekelo, iphephandaba iStates-Item lanikela ingxelo ngendibano enkulu yamaNgqina eyaqhutyelwa emazantsi eUnited States: “Imvakalelo yobuzalwana yayizalise iLouisiana Superdome njengoko amaNgqina kaYehova aselula nakhulileyo, antsundu namhlophe ayehleli phantsi ukuze aqalise . . . ukufunda nokwabelana ngamava. . . . Ucalucalulo lobuzwe . . . aluyongxaki yawo amangqina.”

Kwindibano yamaNgqina, eMzantsi Afrika, ibhinqa elingumXhosa lathi: “Kuyamangalisa ukuba apha eMzantsi Afrika abantu bazo zonke izizwe bamanyane kangaka. Kwahluke kwaphela koko ndikuqhelileyo ezicaweni.”

Xa iindwendwe ezazivela eMntla naseMzantsi Merika ndawonye naseYurophu zeza kwiindibano ezinkulu zamaNgqina kwiiMpuma Ekude naseMzantsi Pasifiki, ngokutsho kwenye ingxelo, “zazingenawo nomzila wobuzwe ibe, wawungekho nakwabo babetyelelwe.”

Ngaloo ndlela, into ebangela oku kwahluka kungaka ngezigidi zamaNgqina kaYehova asehlabathini jikelele lumanyano nemvisiswano yobuzwe eyeyokwenene. Amanyaniswa luthando lokwenyaniso lobuKristu. Oku kunjengokuba kanye uYesu wathi kwakuya kuba njalo: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”​—⁠Yohane 13:⁠35.

Ngoko amaNgqina kaYehova sele enobuzalwana bezizwe ngezizwe bokwenyaniso nobusisigxina! Akuthabathela entliziyweni oko kwathethwa nguYesu kuMateyu 23:⁠8 esithi: “Nina ke nonke ningabazalwana.” Yaye akwenza oku ngeli xesha kanye iiyantlukwano ezingokobuzwe nezingokobuhlanga neentiyo zahlulahlula iintlanga.​—⁠Bona kwaneyoku-⁠1 kwabaseKorinte 1:​10; 1 Yohane 3:​10-12; 4:​20, 21; 5:​2, 3.

Indlela Olufikelelwa Ngayo Olu Manyano

Into esisiseko kolu manyano yimfundo esekelwe eBhayibhileni efunyanwa ngamaNgqina kaYehova kwiiHolo zawo zoBukumkani nakufundisiso lwawo lobuqu lweBhayibhile. Afana namaKristu aseTesalonika, awathi ngawo umpostile uPawulos: “Okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo.”​—⁠1 Tesalonika 2:⁠13.

Ngenxa yoko, amaNgqina akholelwa koko kuthethwa yiBhayibhile, yaye ngokunyanisekileyo azama ukuxelisa indlela kaThixo yokucinga. Akuthabathela entliziyweni oko kwakuthethwa ngumpostile ongumKristu uPetros phantsi kokuphefumlelwa esithi: “Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.”​—⁠IZenzo 10:​34, 35.

Ngokuvisisana noku, uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba benze abafundi abantu bazo “zonke iintlanga.” (Mateyu 28:​19) Ngenxa yoko, amaNgqina kaYehova ngokukhutheleyo afuna abathandi bobulungisa kuwo onke amaqela obuzwe nawobuhlanga, engakhethi bani. Yaye xa bonke abo beemvelaphi nobuzwe obahlukahlukeneyo bemanyana elunqulweni, emsebenzini baze bahlale kunye, ingcinga engaphangalalanga iyoyiswa. Bafunda ukuxabisana, ukuthandana.

Kuyinyaniso ukuba, umntu obe nekhethe lobuzwe kangangethuba elide usenokungaziguquli ngokukhawuleza iimbono zakhe. Kodwa xa esiba liNgqina, uqalisa ‘ukwambatha ubuntu obutsha’ bobuKristu bokwenyaniso, yaye usebenza nzima ukuze oyise iimbono abenazo ngaphambili. (Efese 4:​22-24) Akazami kukuthethelela ukuba nekhethe kwakhe ngokuthi, ‘Yindlela endakhuliswa ngayo.’ Akunjalo, wenza umgudu wokulungisa ingqondo yakhe nowokuba ‘athande bonke abazalwana.’​—⁠1 Petros 2:⁠17.

Ukuzalisekiswa Kweziprofeto ZeBhayibhile

Okwenzekayo phakathi kwamaNgqina kaYehova namhlanje kubaluleke gqitha. Eneneni, kwaprofetwa ngako eBhayibhileni.

Qwalasela oko kwaxelwa kwangaphambili kuIsaya 2:​2-⁠4 okwakuza kwenzeka “ekupheleni kwemihla,” kule ‘mihla yokugqibela’ yale nkqubo imbi yezinto. (2 Timoti 3:​1-5, 13) Eso siprofeto sikaIsaya sabonisa ukuba unqulo lokwenyaniso lukaYehova lwaluya kusekwa kwesi sizukulwana, nokuba ‘zaziya kuba ngumsinga ukuya kulo zonke iintlanga. Kwaye izizwe ezininzi ziya kuthi: “Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe.”’

Isiprofeto sikaIsaya sakwabonisa umphumo olandelayo ongaqhelekanga, oye wabonakala kumlinganiselo wezizwe ngezizwe kumaNgqina kaYehova ukutyhubela le nkulungwane: “Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”

Kwakhona, incwadi yeBhayibhile yeSityhilelo, ithetha ngexesha lethu, yaxela kwangaphambili ukuba isihlwele esikhulu sabantu ‘esiphuma kuzo zonke iintlanga, nezizwe, nabantu, neelwimi’ sasiya kumanyana kubuzalwana bokwenyaniso ukuze sikhonze uThixo ngokumanyeneyo.​—⁠ISityhilelo 7:​9, 15.

Oku akungomnqweno nje weengcinga. Isihlwele esikhulu esiphuma kuzo zonke iintlanga, kuwo onke amaqela obuzwe naweentlanga sele sisakhiwa. Ubuzalwana bokwenyaniso nobuhlala buhleli behlabathi lonke buyakhiwa kanye ngoku! Busisiseko sebutho elitsha ngokupheleleyo labantu abasemhlabeni wonke abamanyanisiweyo, abantu abonwabileyo abaya kuthabatha indawo yeli butho likhoyo lonakeleyo eliza kuthi kungekudala litshatyalaliswe nguThixo. Eli butho labantu limanyeneyo, njengokuba uYesu watshoyo, liya “kulidla ilifa ilizwe,” ibe liza kuhlala kulo ngonaphakade phantsi kolawulo loBukumkani bukaThixo.​—⁠Mateyu 5:​5; 6:​9, 10; INdumiso 37:​10, 11, 28, 29, 37, 38.

Kutheni ungaziboneli oku ngokwakho? Wamkelekile ukuba utyelele nayiphi na iHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova uze uzibonele imvisiswano anayo phakathi kwezizwe ezahlukahlukeneyo. Okanye kwithuba elizayo xa amaNgqina ekutyelele, wamemele ngaphakathi uze uwacele akubonise ngokusuka eBhayibhileni oko kusisiseko semvisiswano yawo yezizwe ngezizwe. Wavumele akubonise ithemba analo elingokweBhayibhile lehlabathi elitsha apho ubuzalwana bokwenyaniso buya kubakho kumhlaba wonke.

UThixo uSomandla, uYehova unikela isiqinisekiso sakhe sokuba injongo yakhe yokuseka ubuzalwana balo lonke uluntu iya kuzalisekiswa. Uthi: “Liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko.”​—⁠Isaya 55:⁠11.

Siyakumema ukuba uhlolisise ubungqina obuphuma kwiziprofeto zeBhayibhile nobuphuma kwinzaliseko yezo ziprofeto. Ukuba wenjenjalo, uya kubona ukuba imvisiswano engokobuzwe asinto enokwenzeka kuphela kodwa yinto engenakuphepheka!

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 9]

Oko kwenzekayo kumaNgqina kaYehova namhlanje kwakuprofetiwe ngako eBhayibhileni

[Umfanekiso okwiphepha 10]

AmaNgqina kaYehova ahlukile ngokuba nemvisiswano yokwenyaniso yezizwe ngezizwe phakathi kwawo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share