Ukufumana Imvisiswano Phakathi Kweentlanga KuMzantsi Afrika Ozaliswe Ziinkathazo
Ngokubaliswa nguMerlyn Mehl
NDINGUMMI waseMzantsi Afrika, okanye, njengoko ibekwa ngobuchule kweli lizwe, ngokwebala ndingowaseMzantsi Afrika. Ndikwangunjingalwazi kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni, eyona yunivesithi inkulu neyona inabantu abantsundu abaninzi kweli lizwe. Ndinesidanga sobugqirha kwizifundo zenzululwazi. Ukususela kwiminyaka engama-20 edlulileyo, bendikwangomnye wamaNgqina kaYehova. Ngoko yiyiphi kwezi zinto zimbini endincedileyo ukuba ndibone imvisiswano phakathi kweentlanga kweli lizwe lokruthakruthwano nongquzulwano?
Ukukhulela EMzantsi Afrika
IKapa, kwincam esemazantsi eAfrika, liye lachazwa ‘njengelona Phondo libukekayo emhlabeni.’ Ukubukela iinkwenkwezi kubusuku obuzolileyo eKapa kungamava achukumisayo. Ngenye imini, xa sasibukele zona, ndikhumbula ndisithi kumhlobo wam: “Iyintoni intsingiselo yayo yonke le nto? Ngokuqinisekileyo imele ukuba ithetha okuthile; ukanti, phantsi apha izinto azinantsingiselo. Kutheni abantu becalucalulana kangaka nje? Kutheni abanye bedlelw’ indlala kangaka nje?”
Ukuzalelwa eMzantsi Afrika kuthetha ukulwazi ucalucalulo usemncinane. Iingxaki zobuhlanga kubonakala ngathi zikho kuzo zonke iindawo. Kwandisengumntwana, abantu bahlulwa baze bahlelwe ngokobuhlanga. Intsapho yakowethu ihlelwe ‘njengabebala’ yimithetho yaseMzantsi Afrika. Njengoko sasingabantwana, safundiswa ukuba abamhlophe ngabo abacinezelayo ngoxa thina siphakathi kwabacinezelweyo. Yaye ukususela ngoko, njengokuba sasikhula, ukuxubana kweentlanga esikolweni okanye ekuhlaleni kwakuyinto engekhoyo ngokupheleleyo, ibe kuqondakala ukuba abantu bolunye uhlanga babejongwa ngokurhanelwa. Kuthi kwakubonakala ngathi abamhlophe babengabokuqala kwinto yonke—kuquka izindlu, izakhiwo nezikolo. “Ucalucalulo,” gama elo elithetha ukwahlulwa kweentlanga ngokwasemthethweni, laba lelona gama lithiyiweyo kwisigama sethu.
Ngaphambi kokuba ndigqibe ukufunda kwisikolo samabanga aphantsi, intsapho yakowethu kwanyanzeleka ukuba ilishiye ikhaya layo elalikummandla ekwakuhlala kuwo iintlanga ezixubeneyo apho mna nodadewethu sazalelwa khona. Kwakutheni? Ngenxa yoMthetho Wokwahlulwahlulwa Kwemimandla Ngokweentlanga (iGroup Areas Act,) owawuvumela ukuba ummandla othile wabelwe uhlanga oluthile kuphela. Safudukela komnye ummandla, apho sahlala khona kangangeminyaka eliqela de nawo loo mmandla wavakaliswa ‘njengommandla wabamhlophe.’ Ngoko, saphinda sahamba kwakhona.
Ngenxa yokungabikho kokusesikweni ngokucacileyo, abazali bam kunye nabafundisi-ntsapho bethu basikhuthaza ukuba sizimisele kwizifundo zethu esikolweni. Babesoloko besithi “Nimele nimbonise umlungu lo ukuba nina nibhetele kunaye.” Oku kwasichaphazela isimo sam sengqondo ngesikolo. Nangona ndandingumntu oneentloni gqitha, ndandikuthanda ukufunda. Ixesha lam elininzi ndandilichithela ekufundeni. Ngenxa yoku, ndagqiba ukufunda ndiphakathi kwabafundi abagqwesileyo kweli lizwe. Ngoko kwakulindeleke ukuba ndiye eyunivesithi. Ngenxa yokuba ndandizithanda izifundo zenzululwazi nemathematika, kwakulula kum ukugqiba ekubeni ndifundele ukuba nesidanga kwinzululwazi, ibe ezona zifundo zam zaziphambili yayiyinzululwazi yezinto ezingaphiliyo nemathematika.
Ukususela ngowe-1960 (unyaka endaqalisa ngawo eyunivesithi) uMthetho Wokwahlulwahlulwa KweeYunivesithi waqalisa ukusebenza, ndanyanzeleka ukuba ndiye kwiyunivesithi yabantu bebala lam. Yayininzi into eyayithetheka ngabafundi ababekwezi yunivesithi zahluliweyo. Nyaka ngamnye ndandiphumelela ngokusemagqabini yaye ekugqibeleni ndafumana isidanga seMasters kwizifundo zenzululwazi yenyukliya, yaye oku kwabangela ukuba ndinikelwe ingqalelo ethile, ingakumbi ekubeni ndathi ngenxa yoko ndanyulelwa ukusebenza kwisebe leYunivesithi yaseNtshona Koloni—umfundi wokuqala webala ukunyulelwa koku.
Kanti, ngeli xesha ndandiziva ndiphelelwe lithemba gqitha. Ndandingayazi impendulo yombuzo obaluleke gqitha ebomini: Iyintoni injongo yobomi? Amazwi aya kumhlobo wam, akhankanywe ngaphambilana, ndawathetha malunga neli xesha.
Ukuphenduleka Kwemibuzo Endandinayo
Kude kube ngoko, unqulo lwalungenandima ingako kubomi bam. Ngoxa ndandingumntwana, ndandihamba iCawa yaseTshetshi ndaza ndabekw’ izandla xa ndandineminyaka eli-16 ubudala. Kodwa ayizange iphenduleke imibuzo endandinayo. Ngoko njengoko ndandikhula, ndandisiya ndirhoxa ecaweni yaye ekugqibeleni ndayeka mpela.
Kwathi ke ngaminazana ithile ndatyelela kwikhaya lomhlobo wam endandinaye eyunivesithi. Umfazi wakhe, uJulia, wasebenzisa iBhayibhile ukundibonisa ukuba sasikho isicombululo kwiingxaki zobupolitika nezobuhlanga kungekuphela nje ezoMzantsi Afrika wodwa kodwa nezehlabathi lonke. Ndothuka ndaza ndaba buthandabuza. Kodwa ndayamkela incwadana eyayisithi Basis for Belief in a New World, ndagoduka, ndaza ndaqalisa ukuyifunda ngenxa nje yokufun’ ukwazi.
Ngentsimbi yesibini ngentsasa elandelayo, ndandisayifunda! Kuyo ndafumana iingxoxo eziqiqekayo mayela nesizathu sokuba iBhayibhile inyanisile, isizathu sokuba iziprofeto zayo zinokuthenjwa, isizathu sokuba uluntu lukwingxaki engaka nje, isizathu sokuba owe-1914 ingunyaka obaluleke kangaka nesizathu sokuba sibe nethemba lenkqubo entsha yobulungisa apha emhlabeni. Ngokuqinisekileyo le imele ukuba yinyaniso!
Ngosuku olulandelayo ndabuyela kwikhaya lomhlobo wam. Ndambuza umfazi wakhe ndisithi: “Ngaba unalo olunye uncwadi olunjengolu?” Ndahamba ndineencwadi ezininzi ezithetha ngeemfundiso ezisisiseko zeBhayibhile, inkcazelo ngesiprofeto sikaDaniyeli neseSityhilelo, iintsuku ezintandathu zokudala, nokunye okuninzi gqitha. Okona kubalulekileyo kukuba, zazibonisa ukuba akukho ndawo eBhayibhileni apho kuthethelelwa khona ucalucalulo lobuhlanga, njengoko ‘uThixo engemkhethi wabuso bamntu.’ (IZenzo 10:34) Kwakamsinya ndagqiba ukulufunda lonke olu ncwadi. Kulo ndafumana iimpendulo zemibuzo ebisoloko indikhathaza. Emva kwesifundo seBhayibhile esasilungiselelwa kakuhle esathabatha malunga nonyaka, ndabhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Oku kwenzeka ngoNovemba 21, 1967.
Njengentlangano, ngokwenyaniso amaNgqina kaYehova awanabuhlanga yaye awazibandakanyi kwiipolitiki. Athembeke kurhulumente omnye, obuBukumkani bukaThixo. Kuwo isikhundla sezentlalo asibalulekanga ngokwenene. Kodwa eMzantsi Afrika, kusoloko kukho iingxaki eziphathelele imbambano zobuhlanga. Ngenxa yoMthetho Wokwahlulwahlulwa Kwemimandla Ngokweentlanga, amabandla asoloko ecinga ngeentlanga ezikwimimandla akuyo. Ngoko kwiBandla laseClaremont apho ndandizingenela khona iintlanganiso, inkoliso yabantu yayingabebala. Iqaqobana nje labamhlophe elaliziqhubela apho iintlanganiso lalingabavangeli basemazweni okanye amadoda akwizikhundla zokuvelela.
Emva kwayo yonke le minyaka, ndisakhumbula izihlandlo ezibini ezibonisa indlela ekunzima ngayo ukuba ubani ahlukane nesimo sengqondo sobuhlanga. Kwiindibano, abamhlophe ababekho babedla ngokuya phambili kuluhlu lweendawo zokudla, bathabathe ukutya kwabo, baze bahambe baye kudla bodwa, ngoxa thina sonke sasimile silindile. Oku kwakundicaphukisa. Kwakhona amaNgqina abamhlophe ayethanda ukubazisa ngolu hlobo abafazi bawo: “Sithandwa, nguMerlyn lo. Ufundisisa iBhayibhile.” “Merlyn, ngumkam lo, uDade Zipeqengeshe.” Babendibiza ngegama lam lokuqala, kodwa kwakufuneka mna ndithi “Dade” okanye “Mzalwana.” Oku kwakundikhubekisa!
Kodwa emva koko ndaqalisa ukucingisisa. Ingxaki kukuba usoloko uvakalelwa kukuba ngomnye umntu lo unomoya wobuhlanga. Ukanti kwibutho labantu elizaliswe ngumoya wobuhlanga njengoMzantsi Afrika oku kumele kuchaphazele wonke umntu ohlala apha. Enyanisweni, wambi amaNgqina abamhlophe kwakufuneka eluphucule unxulumano lwawo nabantu bebala elahlukileyo. Kodwa ke, kwakunjalo nangam. Kule nkalo iBhayibhile inikela eli cebiso lilungileyo: “Musa ukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.” (INtshumayeli 7:9) Ewe, kwafuneka ndisebenzele ukuba ndingathabatheki msinya yaye ndingahlab’ amadlala ngakumoya wobuhlanga.
Kwakhona ndifanele ndikhankanye ukuba imeko nje eqhelekileyo ngoku kweli lizwe iye yaguquka ngandlel’ ithile ukususela ngoko. Kwiminyaka engaphambili, yayilinani nje elilinganiselweyo labamhlophe elalivunyelwa ukuba libekho kwiindibano zonqulo zezinye iintlanga, yaye kwakufuneka lidle lodwa. Oku akusenjalo.
Noko ke, okona kubalulekileyo apha yayikukuba, kwakukho intlangano yabantu abanxulumana ngokukhululekileyo, ababesamkelana emakhayeni abo, nababebizana omnye nomnye ngokuthi mzalwana nodade yaye besitsho ngokunyanisekileyo! Olu lweyiseko kwakubanjelelwe kulo ngokuqinileyo ibe lusekelwe kwimigaqo yeBhayibhile. Ngoko xa kuphakama iingxaki zobuhlanga—yaye eMzantsi Afrika phantse ukuba azinakuthintelwa—ukucinga ngezi zibakala kusoloko kuzidambisa iimvakalelo zam. Njengoko iminyaka iqengqeleka, ndifunda ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile ngokufaneleke ngakumbi yaye ngaloo ndlela ndinoxolo olungakumbi lwengqondo kwimicimbi engokobuhlanga. Kodwa ubani umele asebenzele koku!
Ubulungiseleli Bexesha Elizeleyo
Kungekudala emva kokubhaptizwa kwam, ndayibona imfuneko yokwandisa ubulungiseleli bam. Ndandilisoka yaye ndingenazimbopheleleko zingako, ngoko ngo-Oktobha 1, 1968, ndaqalisa ubuvulindlela obuthe ngxi. Oku kwabothusa abaninzi, njengoko kwathetha ukuyishiya iyunivesithi nokutyeshela into abaninzi ababeyigqala njengomsebenzi wekamva eliqaqambileyo. Umxholo ophambili wephephandaba malunga neli nyathelo ndandilithabathile wawusithi: “Isazinzulu Esiphambili Sishumayela Ngamandla NgeBhayibhile.” Kungekudala ndandiqhuba izifundo zeBhayibhile ezilishumi okanye nangaphezulu nabantu okanye iintsapho ezahlukahlukeneyo. Kwenye indibano ababini kwabo bantu babhaptizwa, kwelandelayo, kwabhaptizwa abane; emva koko abasixhenxe, njalo njalo.
NgoSeptemba 17, 1969, ndatshata noJulia, iNgqina elandazisa inyaniso. Wayefumene imvume yokuqhawula umtshato ngokwasemthethweni nangokweZibhalo ngaxa lithile ngaphambi kokuba sitshate. Oku kwathetha ukuba ndaye ndazuz’ ilifa intsapho eseyikho, njengoko wayenamakhwenkwe amabini, uJohn noLeon. Sagqiba ekubeni siqhubeke nenkonzo yobuvulindlela kangangoko kunokwenzeka, nto leyo eyangqineka isisiseko esihle kula makhwenkwe neyandinceda ukuze ndiphumelele kule ntsapho yethu yomtshato wesibini.
Iminyaka yokuqala yee-1970 yayilithuba elibangel’ umdla gqitha kwinkonzo yexesha elizeleyo, njengoko la mava ebonisa. Xa sasishumayela kwindlu ngendlu, sadibana nenenekazi elibizwa ngokuba nguAnnabel. Ngokukhawuleza lamkela incwadi ethi INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade neBhayibhile. (Kamva safumanisa ukuba laluhlawulela olo ncwadi ngemali yokugqibela elalinayo—umthengisi wobisi kwanyanzeleka ukuba abuye kwiveki elandelayo ukuze afumane imali yakhe!) Kwasekuqaleni nje, lalisilungiselela kakuhle isifundo salo seeveki ngeeveki phezu kwako nje ukukhathaza komntwana. Kwakhona laqalisa ukuxelela intsapho yalo ngezinto elalizifunda. Kungekudala umyeni walo, uBilly, walipheleka ukuya ezintlanganisweni. Abazali baka-Annabel babebathiye abantwana babo abahlanu ngoonobumba abalandelelanayo. Udade wabo uBeattie waqalisa ukufundisisa. UCharlie nomfazi wakhe abazange bafun’ ukushiyeka. UDaphne naye wabonakalisa umdla, waza uEdna nomyeni wakhe bangenelela. Namhlanje yonke loo ntsapho ibikhonza ngokunyanisekileyo kangangeminyaka emininzi. Amadoda angabadala okanye izicaka zolungiselelo, ibe uninzi lwabafazi luye lwakhonza njengoovulindlela.
Kwakhona kukho uStanley. Sadibana naye kumsebenzi wendlu ngendlu, kutyelelo lwethu lokugqibela emva kwemini yangoMvulo eyayibanda. Enjani yona ukufudumala indlela awasamkela ngayo! Umfazi wakhe wasimemela ngaphakathi, yaye kwacaca zisuka nje ukuba sasiqhubana nendoda ehloniphekileyo. Eneneni, wayegqiba kuthandaza efuna uncedo lokuqonda iBhayibhile. Ingxubusho yethu yokuqala yayisekelwe kwimfundiso kaBathathu Emnye. Emva kwengxubusho eyathabatha iyure, wabonakala eyisekile. Kwiveki elandelayo, wasamkela ngala mazwi: “Ninyanisile. Ndiyifunde yonke ‘iTestamente Entsha’, yaye akakho uBathathu Emnye. Ndikhe ndaya kubona umfundisi ukuze ndimbuze isizathu sokuba andilahlekise. Walile ukundibona, ngoko ndiye ndazibuyisela iimvulophu zekoleki ebendidla ngokuzisebenzisela ukuqokelela imali kwamanye amalungu ecawa.” Yaye konke oku ukwenze engekayifumani nanye impampasho yethu! Wayenqwenela ukuya kwiintlanganiso, yaye sathembisa ukumphuthuma. Kodwa ngaloo Cawa safika ngemizuzu emihlanu emva kwexesha esasilibekile. Sadibana naye ekhwele ibhayisekile yakhe esiya ezintlanganisweni! Wathi: “Bendicinga ukuba nindilibele.” Sasifundisisa kathathu ngeveki, yaye wabhaptizwa kwiinyanga ezintathu emva kokudibana kwethu okokuqala. UStanley uye wakhonza kangangeminyaka emininzi enalaa nzondelelo wayenayo ekuqaleni.
Xa besibala, mna noJulia siye sesisobabini safumanisa ukuba kwiminyaka edlulileyo, siye sanelungelo lokunceda abantu abanokuba ngama-50 ukuba babe ngamaNgqina kaYehova.
Ukubuyela Kumsebenzi Wempangelo
Emva kweminyaka emine sikwinkonzo yobuvulindlela, phantse ukuba sasingenamali. Iindleko zokuphila zazinyukile, yaye namakhwenkwe ayekhula. Ngoko, kubuhlungu yaye singathandi, sagqiba ekubeni sibushiye ubulungiseleli bexesha elizeleyo. Oku sakwenza ngoSeptemba 1972. Emva koko senza ntoni? Kwithuba nje elingangonyaka kamva, ngoJanuwari 1, 1974, ndabuyela ekufundiseni kwiyunivesithi xa kwathi kwavela isithuba kwisebe lenzululwazi. Oku kwathetha ukwenza uhlengahlengiso olukhulu kwanokuzilinda nxamnye nokutyhafa. Kodwa ngenxa yokuxhaswa ngokuqinileyo nguJulia, ndakwazi ukwenza uhlengahlengiso. Kwangqineka kuluncedo olukhulu ukuhlala ndikhuthele gqitha kubulungiseleli nasebandleni—enyanisweni ndiqhubeka ‘ndifuna ubukumkani tanci.’—Mateyu 6:33.
Njengokuba bonke abahlohli baseyunivesithi belindeleke ukuba benze uphengululo, kwavela ingxaki engokubuyela kwizifundo zenzululwazi yenyukliya. Ndakufumanisa kunzima gqitha ukwenza olu phengululo lwenziwa ngabantu abambalwa ngoxa ixesha lam lokuba ngaphandle kweyunivesithi ndandilichithela ekuzameni ukufundisa abantu inyaniso yeBhayibhile. Kwabonakala kulilize ukubandakanyeka kuphengululo kuphela ngenxa yezi zifundo zenzululwazi. Ibe, kambe ke, kunokwenzeka ukuba uphengululo lwenzululwazi yenyukliya lusetyenziswe kwezomkhosi, yaye oku kunokuzisa iingxaki mayela nobundilele bomKristu.—Isaya 2:2-4.
EMzantsi Afrika iyunivesithi enjengale yakwiNtshona Koloni inabafundi abaninzi ababizwa ngokuba ‘ngabaselishweni.’ Beza eyunivesithi bengavuthwanga ngenxa yemfundo ekumgangatho ophantsi nezinye izibakala ezingokwentlalo nezingokoqoqosho. Kwiimeko ezininzi asikukuba baswele amandla—basuke nje abafumana mathuba. Kwiminyaka eli-13 edlulileyo, bendisenza uphengululo ngeengxaki zokufunda zabafundi abanjalo yaye ndilungiselela iindlela ezizezinye zokufundisa, njengoko oku kuyinxalenye yomsebenzi wam waseyunivesithi. Olu phengululo luye lwandibangela ukuba ndifumane isidanga sobugqirha kwizifundo zenzululwazi yaye oku kuye kwaphumela ekubeni ndinyuselwe ndibe ngunjingalwazi. Uphengululo oluhambisana nolu luyenziwa ngoku neeyunivesithi zaseUnited States nezakwelakwaSirayeli. Kubangel’ umdla ukuthelekisa izinto ezifunyaniswa kolu phengululo neendlela zokufundisa zamaNgqina kaYehova.
Inkcazelo eye yaveliswa nguNjingalwazi Reuven Feuerstein nabo asebenza nabo kwaSirayeli ibizwa ngokuba Ngamava Okufunda Ngokudluliselwa Kwengcamango Nguthile (Mediated Learning Experience). Umongo wale nkcazelo ukukuba abantwana bavelise amandla okucinga kungekuphela ngempembelelo yangaphandle abayifumana ngokuzicingela kodwa kwakhona ngokubakho kothile obacaciselayo oko. Ukuba oku akwenziwa, abantwana abakwazi ukuvelisa amandla okucinga ngendlela abebeya kwenza ngayo.
AmaNgqina kaYehova ayigxininisa ngamandla indima yomzali njengomhlohli oyintloko womntwana wakhe. Abazali abangamaNgqina bachitha iiyure ezininzi behlolisisa amancedo okufundisisa iBhayibhile anemifanekiso nabantwana babo, bebabuza ngoko bakubonayo yaye bebanceda ukuze bafumane intsingiselo ngamabali eBhayibhile. Bagxininisa kungekuphela nje imfuneko yesifundo seBhayibhile seeveki ngeeveki kodwa neyokufundiswa rhoqo, ingakumbi ngemigaqo yeBhayibhile. (Duteronomi 6:6-8) Uhlolisiso ekuthethwa ngalo ngasentla lubonakala lubonisa ukuba ngokwenza oku, eneneni abazali bayabukhulisa ubukrelekrele babantwana babo.
Ukuba ngonobuchule bokuvelisa into yenye inkcazelo ebonisa ukuba ukufundisa asikokudluliselwa nje kolwazi lusuka kwingqondo yalowo ufundisayo lusisiwa kwingqondo yomfundi. Kunoko, mntu ngamnye uvelisa okwakhe koko akubonayo okanye akuvileyo okanye anamava ako. Kungenxa yoko lento abantu ababini besenokuphulaphula inkcazelo efanayo baze bafikelele kwizigqibo ezahlukahlukeneyo. Ukuze abantu bafunde ngokunempumelelo, bamele bona ngokwabo baqhubane nenkcazelo.
Iintlanganiso zamaNgqina kaYehova zikhuthaza kanye oku. Elowo ulindeleke ukuba ayilungiselele kwangaphambi kwexesha inkcazelo eya kuxutyushwa kuncwadi olukhoyo. Ebudeni bentlanganiso ngokwayo, abaphulaphuli bagqabaza ngombandela abawulungiseleleyo. Ngale ndlela abantu abakhuthazwa kuphela nje ukuba bavakalise oko bakufundileyo kodwa bakwakhuthazwa ukuba bangenelwe ekulungiseleleni kwabanye.
Ukuveliswa kwemfundo esekelwe kwikhompyutha kuye kothulelw’ umnqwazi njengoqeqesho olulungiselelwe umntu ngamnye. Kanti, umsebenzi wokufundisisa iBhayibhile obusenziwa ngamaNgqina kangangeminyaka emakhayeni abantu uye wagqwesa koko! Umhlohli omnye unceda umntu omnye, ababini, okanye abathathu (akuxhaphakanga ukuba babe ngaphezu koko) ukuba baqwalasele umbandela oshicilelweyo ngomxholo othile weBhayibhile athe umfundi wenza impinda yawo ngokuwulungiselela. Umfundi ukhuthazwa ukuba akuchaze oko akuqondayo, isiqendu ngesiqendu, yaye emva koko oku kuyaxutyushwa—enyanisweni olu lufundisiso lweBhayibhile lobuqu. Ekubeni enendlela yokusebenzisa imigaqo enjalo yokufunda nesengqiqweni, akumangalisi ukuba amaNgqina kaYehova esanda ngohlobo anda ngalo. Kambe ke, akuyomfuneko ukuba le migaqo ayifundele eyunivesithi. Ayifumana kumthombo ophakamileyo—iBhayibhile.—Mateyu 28:19, 20; Yohane 6:45.
Imvisiswano Phakathi Kweentlanga Ithabathel’ Indawo Ingcinezelo Yobuhlanga
Sekudlule iminyaka engaphezu kwama-20 ukususela ekubeni ndathi ndaba ngomnye wamaNgqina kaYehova. UJohn noLeon, oonyana bam bomtshato wesibini asebekhulile ngoku bobabini babhaptiziwe yaye bakhonza ngokuthembekileyo. UGraeme unyana wethu wazalwa ngowe-1976. Kulilungelo ukuba naye simkhulisele kwindlela yenyaniso. Intsapho yethu iye yasikelelwa kuba uJulia uye wakwazi ukuba nguvulindlela kwakhona, ngoxa mna ndisiba nguvulindlela ongumncedani ubuncinane kathathu ngonyaka. EMzantsi Afrika, singqongwe lulwando olunxubisayo lwengcinezelo yobuhlanga. Ubani ukubona oku kwimikrwelo ekwizakhiwo aze akuve emoyeni. Kanti, phakathi kwayo yonke le mpembelelo yobuhlanga, kukho into engummangaliso eyenzekayo. Ngokunyenyiswa kwemithetho kaRhulumente yokunxulumana, ngoku amaNgqina kaYehova ayakwazi ukuhlanganisana phantse ngokukhululekileyo, ingakumbi kwiindibano ezinkulu. Ndiye ndanelungelo lokuba nenxaxheba ekulungiseleleni ezinye zezi ndibano zeentlanga zonke. Kwezo ndibano sibona intsebenziswano ngaphandle kobuhlanga, abantu abafundiswe ngemilinganiselo ephakamileyo yeBhayibhile ukuba ngenene abananto yokwenza nebala! Aba ngabantu ababajonga abanye into abayiyo ngaphakathi, kungekhona nje ibala lolusu labo.
AmaNgqina kaYehova namhlanje abumba ekukuphela kobuzalwana boluntu bokwenyaniso bazwenibanzi. Kungekudala, kwinkqubo yakhe entsha yezinto, uYehova ‘uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.’ Ndawonye nabazalwana noodade bam abazizigidi zwenibanzi, ndijonge phambili kwilizwe elitsha elinolonwabo, elinobulungisa nelingenakhethe lobuhlanga.—ISityhilelo 21:3-5.