Ngaba Umkhwa Wecuba Uyakhuthazwa?
“IB.A.T. [British American Tobacco] Uganda 1984 Ltd. ayikholelwa ukuba ukutshaya imidiza kuyingozi empilweni.” La mazwi, abhalwe kwincwadi eya kuMphathiswa Wezempilo e-Entebbe, eUganda, avusa ingxwabangxwaba eBritani phakathi kwezityholo zokuthandabuzeka kwemigaqo elawulayo yoshishino nemilinganiselo ephindaphindiweyo. Ngoba?
Izilumkiso zikarhulumente zempilo zimele zibekho kwizingxotyana zemidiza kumazwe aseNtshona apho umkhwa wokutshaya ngoku uhla ngesinye ekhulwini ngonyaka. Noko ke, kumazwe asakhasayo iimfuneko ezinjalo ezisemthethweni azidli ngakubakho, yaye apho zibe khona, zisenokungaphawulwa ukuba iintshayi zithenga imidiza yazo ngaminye, kunokuthenga izingxotyana. Intengiso kuloo mazwe inyuka ngesibini ekhulwini nyaka ngamnye. Kodwa leyo yinxalenye nje yengxaki ekhoyo. Icuba elinentshongo eninzi “eliyingozi kakhulu kuwo [amazwe aseYurophu] ukuba abemi bawo balitshaye” iYurophu ilithumela eAfrika nakwamanye amazwe asakhasayo, utsho njalo uGqr. Roberto Masironi, inkokeli yeWHO (World Health Organization [Intlangano Yezempilo Yehlabathi]) kwinkqubo yeCuba okanye Impilo.
Urhwebo olukhohlakeleyo lukwakhuthaza iindidi ezintsha, ezinentshongo eninzi nezixabisa kancinane. EZimbabwe, apho isiqingatha sabemi singaphantsi kweminyaka eli-16 ubudala yaye kungekho budala bumiselweyo ngabathenga icuba, koyikwa ukuba abantwana abaselula baya kukhotyokiswa ngumkhwa wokutshaya. UGqr. Timothy Stamps, umphathiswa wezempilo waseZimbabwe, naye uye wavakalisa inkxalabo “ngezigidimi ezichuliweyo ezibhekiswa kumabhinqa aselula” zokuwenza abambiseke kwintshongo, ebibizwa ngokuba “sisiyobisi esisebenza ngokukhawuleza kwihlabathi laseNtshona.” Lithetha kwingqungquthela yeWHO, igosa eliyintloko kwezonyango eBritani lathi: “Andikwazi ukuqonda indlela nabani na anokuqhubeka ewukhuthaza ngayo lo mkhwa ubulalayo.”
Nxamnye nezi ngcinezelo, kutheni iphulo lokwandisa le ntengiso lingasileli? Kukho izizathu ezibini ezisisiseko. Okokuqala, ukuba liye lasilela, amawaka emisebenzi kwimizi-mveliso yecuba eYurophu ibiya kuphela. Okwesibini, kucingelwa iimeko zoqoqosho zamazwe apho kuthengiswa icuba. Ngokomzekelo, iKenya izuza isihlanu ekhulwini sengeniso yayo epheleleyo yaseburhulumenteni kwirhafu yezinto zasekhaya nakwiirhafu zengeniso ekuthengisweni kwecuba. Enye into encedisa kwinkqubela yentengiso yecuba yinkxaso engokwemali enikelwa kubadlali kwezemidlalo yimizi-mveliso yecuba.
Kweli thuba, iingxaki zempilo zamazwe aseNtshona ngoku zithwethwela kumazwe aseAfrika. Njengoko eqhubeka esilwa nesifo seengcongconi nezinye izifo ezininzi ezisoloko zikho, afumanisa ukuba ubuncwane bawo obulinganiselweyo benziwa ukuba bugubungele nezifo ezinxulumene nokutshaya.
IAsiya yindawo yentengiso elandelayo iinkampani zecuba ezijonge kuyo. Apho, intengiso yomdiza ilungiselelwe ukuba inyuke ubuncinane nge-18 ekhulwini kwiminyaka elishumi ezayo. Kulindelwe ukuba iTshayina ekugqibeleni ilivulele icuba laseNtshona. Sele kusaziwa ukuba ama-30 ekhulwini emidiza yehlabathi atshaywa ngamaTshayina. Ingcali yomhlaza yaseBritani uNjingalwazi Richard Peto uthelekelela ukuba kubo bonke abantwana bamaTshayina abaphilayo namhlanje, izigidi ezingama-50 ekugqibeleni ziya kufa sisifo esinxulumene necuba, inikela loo ngxelo iThe Sunday Times yaseLondon.
Olunye lweempawu ezifanisa amaNgqina kaYehova—angaphezu kwezigidi ezine kwihlabathi lonke—kukuba akasebenzisi cuba. Kanti, abaninzi bawo babefudula beziingedle zecuba. Bayeka xa baqonda ukuba ukutshaya akuvisisani nokholo lwamaKristu. (Mateyu 22:39; 2 Korinte 7:1) Ukuba ukufuna ngokwenene ukukhululeka kubukhoboka becuba, cela uncedo necebiso komnye wawo. Uya kukunika ngovuyo.