IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 4/8 iphe. 20-25
  • Ukunyamekela Abalupheleyo—Ingxaki Eyandayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunyamekela Abalupheleyo—Ingxaki Eyandayo
  • Vukani!—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Umgudu Okhethekileyo Wokunyamekela Abakho Abalupheleyo
  • Xa Kuyimfuneko Ukusa Othile Kumakhaya Okunyamekela Abakhulileyo
  • “Indawo Leyo Yimfanelo Yoluntu Lonke”
  • Asihlali Nabo Kodwa Asibalibali
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2008
  • Intsapho YamaKristu Iyabanceda Abalupheleyo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Ukunyamekela Abakhulileyo—Imbopheleleko YamaKristu
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Ukubeka Abazali Bethu Abalupheleyo
    Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho
Khangela Okunye
Vukani!—1991
g91 4/8 iphe. 20-25

Ukunyamekela Abalupheleyo—Ingxaki Eyandayo

KUKHO bali lithile lingentwazana eyabuza unina oku: “Kutheni uMakhulu etyela esityeni somthi kodwa thina sonke sityela ezityeni zethu ezihle?” Unina wachaza esithi: “UMama unedumbe, yaye unokuziwisa izitya zethu ezihle aze azaphule, ngoko endaweni yazo usebenzisa esi somthi.” Emva kokucinga ngale nto okomzuzwana, le ntwazana yabuza: “Ngoko ngaba unokundigcinela isitya somthi ukuze ndikuphakele kuso xa ndikhulile?” Ukulungiselelwa okulolu hlobo kwexesha elizayo kusenokuba kwamothusa lo mama, kwada kwamnkwantyisa kancinane. Kodwa xa ecingisisa, kusenokuba kwamqinisekisa okuthile​—⁠ukuba intwazana yakhe encinane yayiceba ukumnyamekela!

Ikamva labaninzi kwabo bakhulileyo lisenokungabi leliqaqambe kangako. Baye baba lelona qela labemi landa ngokukhawuleza kwimimandla emininzi yehlabathi. IWorld Press Review ka-Agasti 1987 yanikela ingxelo yokuba abantu abanokuba ngama-600 ezigidi, i-12 ekhulwini labemi bomhlaba ngelo xesha, ngoko babengaphezu kwama-60 eminyaka ubudala.

EUnited States, isantya sokwanda kwabantu abakhulileyo sisigqwesa lee esabo bakwishumi elivisayo ngendlela engazange ibekho ngaphambili. Umhleli wephephandaba lesiXeko saseNew York kwicandelo lezenzululwazi wanikela le ngxelo: “Ngoku amaMerika azizigidi ezingamashumi amathathu aneminyaka engama-65 okanye ngaphezulu​—⁠oko kungumlinganiselo womntu omnye kwabasibhozo kuthi, nto leyo engazange ibekho ngaphambili, yaye: Abemi abakhulileyo banda ngokuphindwe kabini xa kuthelekiswa nabanye abemi. . . . Ngowe-1786 umlinganiselo wokuphila owawulindelekile kummi waseMerika wawuyiminyaka engama-35. Umntwana waseMerika ozelwe ngowe-1989, ulindeleke ukuba aphile engama-75.”

EKhanada inani labo bakhulileyo, abaneminyaka engama-85 nangaphezulu, lilindeleke ukuba liphindaphindeke ngaphezu kwezihlandlo ezithathu ngasekupheleni kwale nkulungwane.

EYurophu kwiminyaka elikhulu eyadlulayo, abantu abakhulileyo babesisinye ekhulwini xa kuthelekiswa nesimbuku sabemi balapho. Namhlanje inani labo lande ngokuphawulekayo ukusa kwi-17 ekhulwini.

Ingxelo yeSebe laseUnited States Lokubalwa Kwabemi ethi “Ukwaluphala Kumazwe Asakhasayo” yathi: “Ulwando oluqhubekayo lwabantu abane kwabahlanu abakhulileyo lwenzeka kuMazwe Asakhasayo.”

Kumashumi amane eminyaka eyadlulayo umlinganiselo wokuphila owawulindelekile kubantu baseTshayina wawuyiminyaka enokuba ngama-35. Ngowe-1982 lo mlinganiselo wanyuka ukuya kufikelela kuma-68 eminyaka. Namhlanje amaTshayina angaphezu kwezigidi ezingama-90 agqalwa njengabakhulileyo, ibe kuthelekelelwa ukuba ekupheleni kwale nkulungwane, eli nani liya kunyuka ukusa kwizigidi ezili-130, okanye i-11 ekhulwini labemi.

Umgudu Okhethekileyo Wokunyamekela Abakho Abalupheleyo

Njengoko inani labakhule kakhulu lisanda ehlabathini lonke, umbuzo odidayo ongendlela yokubanyamekela uya usiba ngontsonkothe ngakumbi. Kumaxesha okubhalwa kweBhayibhile le ngxaki yayingenzima kangako. Abantu babeneentsapho ezinkulu, apho abantwana, abazali noomawokhulu babehlala kunye. Abantwana noomawokhulu babesebenzelana ngokunengenelo omnye nomnye, ibe abazali babesenza amalungiselelo ayimfuneko ezinto eziphathekayo baze kwakhona baqinisekise ukuba abakhulileyo entsatsheni babefumana nayiphi na inyameko eyimfuneko kubo. Iintsapho ezinkulu ngolo hlobo ezinyamekela abantu abakhulileyo zisekho kumazwe athile namhlanje. (Ngokomzekelo, nceda ubone ibhokisi ekwiphepha 8.) Kodwa oko akunjalo kumazwe ahambele phambili apho ingabazali nabantwana kuphela abayila isangqa sentsapho. Xa abantwana bekhula baze batshate babe nababo abantwana, ngokufuthi bajamelana nengxaki yokunyamekela abazali babo abakhulileyo, ababuthathaka ngokufuthi nabagula gqitha.

Kule nkqubo ikhoyo yezinto, ukwenza oku kunokuba yingxaki enzima ngokwenene! Nangona kuyinto enganqweneleki kwaphela, kwezi meko zikhoyo zoqoqosho, kusenokuba yimfuneko ukuba abazali bobabini basebenze. Amaxabiso okutya aphakamileyo, intlawulelo yezindlu eziqeshisayo ixhomile, kungasathethwa ke ngamatyala ezinye izinto. Kwaneetsheki ezimbini zomvuzo zisenokuphel’ emehlweni. Ukuba umam’ ekhaya akaphangeli, usenokuxakekiswa ngabantwana, umsebenzi wokuthenga, owokucoca indlu​—⁠umsebenzi osisigxina wona ngokwawo. Oku akuthethi kuthi umzali, okanye abazali abakhulileyo bafanele banganyanyekelwa ekhayeni. Kuthetha ukuthi oko kunokuba sisabelo esinzima. Abakhulileyo banamahlatyana abo, ibe iyaqondakala into yokuba maxa wambi basenokuba ngabakhalaza njalo baze bacaphuke msinyane, besoloko bengakhululekanga yaye bengatyhilekanga. Akukho nanye kwezi zinto ethetha ukuba kufanele kungenziwa mgudu ongamandla wokunyamekela umzali okhulileyo ekhayeni.

Ngokufuthi, le mbopheleleko idla ngokuthwalwa ziintombi zelo khaya. Uhlolisiso olwenziwe izihlandlo ngezihlandlo lubonisa ukuba nangona amadoda esenokuxhasa ngemali, ngokuyintloko ngamabhinqa anikela inyameko yobuqu engokwasemzimbeni. Aphekela abakhulileyo​—⁠ngokufuthi ebatyisa⁠—​ayabahlamba aze abanxibise, abatshintsha izinto zokunxiba, abasa koogqirha nasezibhedlele, akhangele enoba banawo amayeza. Ngokufuthi asebenza njengamehlo, iindlebe neengqondo zabazali bawo abakhulileyo. Umsebenzi wawo unzima gqitha, ibe ukuwenza kwawo ngomoya ovumayo phezu kwazo nje iinzima zawo ngokwenyaniso kuyancomeka yaye kuyamkholisa uYehova uThixo.

Ngokutsho kukaCarl Eisdorfer, onguGqirha wezamayeza nowentandabulumko, nokwangumalathisi kwiZiko Eliphanda Ngokukhulela Ebuntwini Obukhulu Nokwaluphala kwiYunivesithi yaseMiami, eFlorida, eUnited States, inkolelo yokuba inkoliso yabantwana abakhulileyo ithumela abazali bayo ukuba baye kuchitha iminyaka yabo yokwaluphala kumakhaya okunyamekela abalupheleyo asiyonyaniso nje kwaphela. Wathi, “Uhlolisiso lubonise ukuba ubukhulu becala abantu abakhulileyo banyanyekelwa ziintsapho zabo.”

Ubalo-manani luyakuxhasa oko akuthethayo. Ngokomzekelo, eUnited States, ama-75 ekhulwini abo kwadliwanw’ indlebe nabo bathi, ukuba abazali babo babengasakwazi ukuhlala bodwa, bebeya kufuna ukuhlala nabo. UGqr. Eisdorfer wathi, “Oku kububungqina bokuba iintsapho ziyafuna ukunyamekela abazali bazo.” Ibe ingxelo yephephancwadi iMs. yathi: “Ngalo naliphi na ixesha kuphela sisi-5 ekhulwini sabo baneminyaka engaphezu kwengama-65 abakwikhaya lokunyamekela abakhulileyo ngenxa yokuba abantu abakhulileyo nenkoliso yezalamane zabo bakhetha ukunyanyekelwa ekhaya kunakwiziko elinjalo.”

Oku kulandelayo kubonisa umgudu owenziwa ngabathile ekunyamekeleni umzali okhulileyo. Le ngxelo ivela kummeli wamaNgqina kaYehova ohambahambayo otyelela amabandla akulo lonke elaseUnited States. Ucacisa indlela yena nomkakhe ababezimisele ngayo ukugcina umkhwekazi wakhe ekunye nabo kunokumsa kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo. Wagqabaza esenjenje, “Ndakhumbula intetho ethi, umama omnye unokubanyamekela abantwana abali-11, kodwa abantwana abali-11 abanakumnyamekela umama omnye. Ewe, sobabini sasizimisele ukunyamekela umama omnye osel’ ekhulile. Nangona wayesaqala ukuhlaselwa sisifo sika-Alzheimer, wahamba nathi ngenqwelo ekwayindlu.

“Ekuqaleni wayehamba nathi xa sasishumayela isigidimi soBukumkani kwindlu ngendlu. Kamva kwafuneka simhlalise kwisihlalo esinamavili. Abaninimzi babebonakala beyixabisa indlela esasimnyamekela ngayo. Maxa wambi wayedla ngokuthetha izinto ezingachananga, kodwa sasingaze simphoxe ngokumlungisa. Noko ke, wayesenjalo ukuhlekisa. Ndandidla ngokumlumkisa ndize ndithi, ‘Watch your step, Mother,’ ibe wayedla ngokuphendula athi, ‘I don’t have a stepmother.’ Samnyamekela de wafa, eneminyaka engama-90 ubudala.”

Xa Kuyimfuneko Ukusa Othile Kumakhaya Okunyamekela Abakhulileyo

EUnited States abantu abakhulileyo abaphantse babe zizigidi ezibini bahlala kumakhaya okunyamekela abakhulileyo. Phofu ke, kwiimeko ezininzi lo asingombandela nje “wokulahlelwa kwelokulibala kwabantu abakhulileyo,” njengoko abathile beye bakubiza njalo ukusiwa kwabo kumakhaya okunyamekela abakhulileyo. Kunoko, kudla ngokuba kuphela kwento ekunokubhenelwa kuyo ukuze kunyanyekelwe ngokwaneleyo abo bangenakuzinyamekela. Kumaxesha amaninzi, abantwana babantu abakhulileyo ababi kwimeko entle yokunyamekela abazali babo abalupheleyo, abaninzi babo abasenokuba bahlaselwe kanobom sisifo sika-Alzheimer okanye balele ngandletyana-nye ngenxa yesinye isifo esibenza babe yimilwelwe efuna inyameko ekhethekileyo ubusuku nemini. Kwiimeko ezinjalo amakhaya okunyamekela abakhulileyo asenokuba yekuphela kwendawo ekwaziyo ukuzalisa ezi mfuno zikhethekileyo.

Umvangeli wasemazweni weWatch Tower Society eSierra Leone, eAfrika, wabalisa ngentlungu awayekuyo unina xa kwafuneka ese owakhe umama kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo esithi: “Kutshanje umama wam oseFlorida uye wasa unina, uHelen, kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo. Esi yayisisigqibo ekwakunzima ukuba afikelele kuso. Wayemnyamekele uHelen kangangeminyaka emine, kodwa ngoku uHelen wayefuna ukunyanyekelwa ubusuku nemini. Abahlobo bakamama, intsapho yakowabo noonontlalontle noogqirha abahlukahlukeneyo bonke basixhasa isigqibo sokusiwa kukaHelen kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo, kodwa kwakusenzima ukufikelela kweso sigqibo. UMama wavakalelwa kukuba ekubeni unina wayemnyamekele ukususela ebuntwaneni, ngoku kwakulungile ukuba naye amnyamekele unina ekwaluphaleni kwakhe​—⁠imbuyiselo okanye ‘umbuyekezo,’ awathetha ngawo umpostile uPawulos. Noko ke, kwakukokulunge ngakumbi, njengoko oko kwakunjalo, ukuba uHelen anyanyekelwe kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo kunokuba abe kwikhaya likamama.”​—⁠1 Timoti 5:⁠4.

Elinye iNgqina, elisebenza kwikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova, labalisa ngokuhlaselwa kukayise ngumhlaza. “UTata wayeliNgqina elinenzondelelo ngaphezu kweminyaka engama-30. Kwiminyaka yokugqibela esithoba yobomi bakhe, waba nomhlaza. Mna nomfazi wam sachitha iintsuku zethu zeholide saza asabikho kwisabelo sethu kangangexesha elide ukuze sibe naye size simncede. Ezinye izalamane zanceda ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Kodwa amaxesha amaninzi wayenyanyekelwa ngumfazi wakhe nentombi yakhe etshatileyo eyayihlala kufutshane nabo. Wayekwatyelelwa ngamalungu ebandla lamaNgqina elo wayenxulumana nalo. Kwiminyaka emibini yokugqibela, wayequqa esibhedlele, ibe iinyanga ezintlanu zokugqibela, wazichithela kwiziko lenyameko eyongezelelekileyo apho wayenokufumana khona inyameko ekhethekileyo awayeyifuna.

“Intsapho yafikelela kwisigqibo sokumfudusa ekhaya imse kwelo ziko, ibe naye esixhasa. Wagqiba kwelokuba kwakuya kusiba nzima gqitha, de kube yinto engenakwenzeka, ukuba intsapho imnyamekele ekhaya. Wavakalisa oku, ‘Oku kuza kuniqoba nonke! Lifikile ixesha lokuba ndiye kweli ziko lenyameko eyongezelelekileyo. Oko kuya kunilungela ngakumbi; kulungele nam.’

“Ngoko wahamba. Elona xesha lininzi kuloo minyaka isithoba wayenyanyekelwe yintsapho yakhe, ibe kwakulilinge nje lokugqibela ukuya kwakhe kwiziko lenyameko eyongezelelekileyo ukuze afumane loo nyameko ikhethekileyo, enyanyekelwa ubusuku nemini nto leyo eyayiyimfuneko kuye.”

Xa, njengelinge lokugqibela, kusiba yimfuneko ukuba kubhenelwe kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo ukwenzela inyameko eyaneleyo, intsapho ifanele ifune elo licocekileyo nelinabasebenzi abanobubele nabakhutheleyo. Ukuba kunokwenzeka, lungiselelani ukuba yonke imihla kubekho uthile otyelelayo​—⁠ilungu lentsapho, uthile osebandleni​—⁠ubuncinane kutsalwe umnxeba, ukuze umntu okhulileyo angazivi elahlwe kwesinomhlwa, ephoswe kwelokulibala, elikheswa, yaye ecinga ukuba akukho bani umkhathaleleyo. Xa abanye kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo betyelelwe, kodwa kube kungekho bani oze kubona othandekayo wenu​—⁠oku kunokuyityumza kunene intliziyo. Ngoko zamani ukumbona rhoqo loo mntu. Ncokolani naye. Mphulaphuleni. Thandazani kunye naye. Oku kukhankanywe mva kubaluleke kakhulu. Kwanaxa ebonakala ngathi akakho zingqondweni, thandazani. Akunakuwazi umlinganiselo ava ukusa kuwo!

Xa usenza izigqibo ezichaphazela abazali, zama ukuzenza nabo endaweni yokubenzela. Benze bazive besenelungelo lokulawula ubomi babo. Nikela uncedo olufunekayo ngolona thando nomonde nokuqonda onokukubonisa. Njengoko umpostile uPawulos wabhalayo, elo lixesha lokubuyekeza oko sibatyala kona abazali noomawokhulu bethu.

“Indawo Leyo Yimfanelo Yoluntu Lonke”

Kulo ngxashingxashi wehlabathi lale mihla, kulula ukuba abantu abakhulileyo balahlelwe kwesinomhlwa. Ngokukhethekileyo, abo baselula abasaqalisa iminyaka yabo yobomi nabasangxamele iziyolo zobomi ngokukhawuleza batyekela ekuvakalelweni kukuba abantu abakhulileyo bayimiqobo nokuba akusekho yabo. Mhlawumbi sifanele sonke sikhe sinqumame size sicinge oku: Kakade yintoni eyenza ubomi bube nentsingiselo? Kulula ukuba abaselula bangabuxabisi ubomi babo bakhulileyo baze baxabise kakhulu obabo.

Noko ke, asikuba nje ngabakhulileyo nabangasenamandla abasenokuba benza okuncinane okanye abenzi nento le koko kubonakala kubalulekile. Kwincwadi yeNtshumayeli uKumkani uSolomon wayesoloko ethetha ngemisebenzi yabantu ngokubanzi njengengamampunge. Wathetha ngolutsha nangodlamko lwalo lokwexeshana waza wabonisa indlela ukudlula kweminyaka okuya kukubangela ngayo ukuwohloka kwemizimba yalo kanye njengoko oko kwenzekile kwabanye abazizigidi. Yonke iphelela ekubeni luthuli kuze kufunyaniswe oku ngayo: “Amampunge awo amampunge.” “Yonke into ingamampunge,” watsho njalo uSolomon.​—⁠INtshumayeli 12:⁠8.

Kodwa wawothulel’ umnqwazi amazwi abo bazizilumko waza wakushwankathela konke awayekuphawulile ngobomi ngala mazwi: “Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke.” (INtshumayeli 12:​13) Le yindlela yokuphila ubomi obunentsingiselo, ingebubuncinane okanye ubudala okubo okanye igama ozenzele lona kweli hlabathi lithanda izinto eziphathekayo nelidlulayo.

Ukuze silawule ulwalamano lwethu nabantu, uYesu wasinika lo mgaqo okhokelayo oye waziwa ngokuba nguMthetho Omkhulu: “Hlala ubaphatha abanye ngendlela obuya kuthanda bakuphathe ngayo.” (Mateyu 7:​12, The New English Bible) Ukuze sisebenzise loo mgaqo, simele sikwazi ukuzibeka kwindawo yomnye umntu, ukuze sibone indlela ebesiya kuthanda ukuphathwa ngayo ukuba besisendaweni yakhe. Ukuba sikhulile, sibuthathaka yaye sifuna uncedo, besiya kuthanda ukuphathwa njani ngomnye wabantwana bethu? Ngaba besiya kubahlawula abazali bethu ngeminyaka engama-20 abaye bayichitha besinyamekela yaye besixhasa ngoxa sasisengabantwana abangenakuzinceda ngokuthi ngoku sibanyamekele xa bengasenakuzenzela nto kwiminyaka yabo yokwaluphala?

Njengoko sikhangela koko kuyimfuneko kubazali bethu abakhulileyo, mhlawumbi siya kuhlolisisa ubuntwana bethu size sikhumbule konke oko basenzela kona ngoxa sasiseziintsana, singabantwana, besinyamekela kuko konke ukugula kobuntwana, besondla yaye besambesa, besisa kwiindawo ezazisonwabisa njengabantwana. Ngoko, uyixhalabele ngokunothando impilo-ntle yabo, hlolisisa oko kukokona kulungileyo ukuze uhlangabezane neemfuno zabo.

Oko kusenokuba kukwenza amalungiselelo ayimfuneko okubagcina ekhaya ukuba oko kunokwenzeka. Kwelinye icala, elona lungiselelo libalungeleyo bonke ababandakanyekileyo, kuquka abazali abakhulileyo, lisenokuba liziko okanye ikhaya labo bakhule gqitha. Nasiphi na isigqibo ekufikelelwa kuso, sifanele sihlonelwe ngabanye. Kunjengokuba sixelelwa: “Yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Hi wena, yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho?” Ibe kwakhona: “Ungubani na wena, umgwebayo omnye?”​—⁠Roma 14:​10; Yakobi 4:⁠12.

Nantoni na enokwenzelwa abazali abakhulileyo, enoba kukuhlala nabantwana babo okanye kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo, ukuba ingqondo yabo isasebenza kakuhle, basenokunandipha ubomi obunentsingiselo. Banokufunda ngenjongo kaYehova yokuba lonke uluntu oluthobelayo luphile ngonaphakade lusempilweni entle kumhlaba oyiparadisi. Banokufumana umsebenzi omtsha wobomi, ovuyisayo nowanelisayo wokukhonza uMdali wabo, uYehova uThixo. Kuya kwandula ke oku kube lelona xesha linentsingiselo nelonwabisayo kubomi babo. Abanye bekwiminyaka yabo yokwaluphala, xa kanye abanye sele bebuncamile ubomi, baye bazi amadinga kaYehova obomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha lobulungisa obungenakuphela ibe baye bafumana uvuyo olutsha ekuthetheni nabanye ngelo themba.

Ukuqukumbela ngenye imeko ephathelele oku. Xa lalineminyaka eli-100 ubudala, elinye ibhinqa laseKhalifoniya laziswa ngezi ntsikelelo zithenjisiweyo ngumongikazi othile kwikhaya lokunyamekela abakhulileyo, ibe likweyona minyaka yalo yobudala eli-102, labhaptizwa njengomnye wamaNgqina kaYehova. Labugqibezela ubomi balo, kungekhona kwisiphelo sokufa ‘samampunge awo amampunge,’ kodwa ngokuzalisekisa ‘indawo eyimfanelo kubomi’ balo, leyo ‘ikukoyika uThixo nokugcina imithetho yakhe.’

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 22]

Kuye kwathiwa kude kudala kwiminyaka eyadlulayo umama omnye wayenokunyamekela abantwana abali-11; ngoku abantwana abali-11 abanakumnyamekela umama omnye

[Ibhokisi ekwiphepha 24]

Ukubonakalisa Intlonelo Ngokunyamekela Abakhulileyo​—⁠Amagqabaza Avela Emhlabeni Jikelele

“EAfrika asinto iqhelekileyo okanye ayikho kwaukubakho into yokuba urhulumente alungiselele abantu abakhulileyo​—⁠akukho makhaya okunyamekela abakhulileyo, akukho lungiselelo lenkqubo yokunyamekela abakhulileyo ngamayeza okanye leNkuselo Engokwentlalo, akukho mali yomhlala-phantsi. Abantu abakhulileyo banyanyekelwa ngabantwana babo.

“Isizathu esisisiseko sokuba ukuba nabantwana kubaluleke kangaka kubantu bamazwe asakhasayo sikukuba abantwana babo baya kubanyamekela kwixesha elizayo. Kwanabantu abangamahlwempu bazala bophul’ uluthi, beqiqa ngelithi okukhona bebaninzi abantwana abanabo, kokukhona emaninzi amathuba okuba abathile baya kuphila baze babanyamekele.

“Nangona imilinganiselo iguquka eAfrika, ubukhulu becala, iintsapho ziyithabatha nzulu imbopheleleko yokunyamekela abakhulileyo. Ukuba abanabantwana, amanye amalungu entsapho aya kubanyamekela. Abo babanyamekelayo badla ngokungabi namali yaneleyo, kodwa leyo banayo babelana ngayo.

“Enye indlela abantwana ababanyamekela ngayo abazali babo kukubaboleka ababo abantwana. Ngokufuthi iba ngabazukulwana abaqukezayo besenza wonke umsebenzi wendlu.

“Kumazwe ahambele phambili, abantu baphila ixesha elidana ngenxa yenkqubela-phambili kwezonyango. Oku akunjalo kumazwe asakhasayo. Abantu abangamahlwempu bayafa ngenxa yokuba bengakwazi ukuhlawula kwanonyango olukumgangatho olinganiselweyo olufumanekayo. Isaci esaziwayo eSierra Leone sithi: ‘Akukho nalinye ihlwempu eligulayo.’ Oko kukuthi, ekubeni umntu olihlwempu engenamali yonyango, uphilile okanye ufile.”​—⁠URobert Landis, umvangeli wasemazweni eAfrika.

“EMexico abantu babahlonela kakhulu abazali abakhulileyo. Abazali basala bodwa emakhaya xa oonyana babo betshata, kodwa xa abazali besaluphala ibe befuna uncedo, abantwana babathabathela kweyabo imizi baze babanyamekele. Bavakalelwa kukuba oku kuyimbopheleleko yabo.

“Kuyinto eqhelekileyo ukubona oomawokhulu behlala kwikhaya elinye noonyana nabazukulwana babo. Abazukulwana bayabathanda ibe bayabahlonela oomawokhulu babo. Intsapho isondelelana kakhulu.

“EMexico anqabile amakhaya okunyamekela abantu abakhulileyo kuba oonyana neentombi zabo ziyabanyamekela. Ukuba kukho oonyana abaliqela, maxa wambi lowo utshata mva kunabanye uhlala ekhaya kunye nabazali.”​—⁠UIsha Aleman, waseMexico.

“EKorea sifundiswa ekhaya nasesikolweni ukuhlonela abantu abakhulileyo. Kujongwa kunyana omkhulu ekhaya ukuba anyamekele abazali bakhe abakhulileyo. Ukuba akakwazi ukubanyamekela, omnye unyana okanye intombi iya kukwenza oko. Izibini ezininzi ezitshatileyo zihlala zize zinyamekele abazali bazo abakhulileyo. Abazali balindela ukuhlala nabantwana babo, ibe bathanda ukufundisa nokunyamekela abazukulwana babo. Kujongwa njengento elihlazo xa isibini esiselula sisisa abazali baso abakhulileyo kwikhaya lokunyamekela abantu abanjalo.

“Ubawo wayengunyana omkhulu kowabo, ibe sasihlala noomawokhulu bethu ekhaya. Nanini na sihamba ekhaya, sasisazisa bona apho sasisiya khona nangexesha esasiza kubuya ngalo. Xa sibuyela ekhaya, sasidlula kwindlu yabo kuqala size sibabulise siqubude iintloko yaye sibazise ukuba sasibuyile ngenxa yokuba babenenkxalabo ngempilo-ntle yentsapho yonke.

“Xa sasibanika into ethile, sasiyinikezela ngezandla zozibini. Kukungabi nantlonipho ukudlulisa nantoni na ngesandla esinye kubantu abahlonelwayo, njengabazali, oomawokhulu, abafundisi-ntsapho, okanye abaseburhulumenteni abakwizikhundla eziphezulu. Xa kwakutyiwa ukudla okukhethekileyo, kwakuphakelwa oomawokhulu kuqala.

“Ukuhlonela abakhulileyo akupheleliselwe nje kumalungu entsapho kodwa nakwabanye abantu abakhulileyo. Ukususela kwisikolo samabanga aphantsi ukusa kwesamabanga aphezulu, kukho izifundo zemigaqo yokuziphatha. Ebudeni bezo zifundo, sasifundiswa indlela yokuhlonela abakhulileyo ngeentsomi nangezifundo ezithile .

“Xa umntu omkhulu engena endlwini, kwakulindelwa ukuba abaselula basukume. Ukuba oselula uhleli phantsi kuduladula ibe umntu omkhulu eyindoda okanye elibhinqa umile, ngoko kulisiko ukuba oselula asuke esihlalweni. Ukuba indoda ekhulileyo ibonakala intsintsitheka nomthwalo, uyema uze uyibuze enoba ifuna uncedo okanye akunjalo kusini na. Ukuba iyavuma, uyithwalela loo mthwalo de ifike apho iya khona.

“Njengoko iBhayibhile yaprofetayo, kule mihla yokugqibela yale nkqubo yezinto, umgangatho wokuziphatha uya usehla suku ngalunye. NaseKorea ikho le mpembelelo. Sekunjalo, abantu abaninzi baseKorea basenalo olu hlobo lwesimo sengqondo sokuhlonela abantu abakhulileyo.”(2 Timoti 3:​1-5)​—⁠UKay Kim, waseKorea.

[Umfanekiso okwiphepha 23]

Ixesha elichithelwa ekutyeleleni okhulileyo akunakuzisola ngalo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share