IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g91 11/8 iphe. 3
  • Ukwanda Kwabemi Bomhlaba—Imbambano Ebalulekileyo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwanda Kwabemi Bomhlaba—Imbambano Ebalulekileyo
  • Vukani!—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubalwa Kwabantu, IBhayibhile Nekamva
    Vukani!—2004
  • Inani Labemi Bomhlaba​—⁠Kuthekani Ngekamva?
    Vukani!—1991
  • Ukuba Nabantwana—Ngaba Kuyingenelo Okanye Kuyilahleko?
    Vukani!—1993
Vukani!—1991
g91 11/8 iphe. 3

Ukwanda Kwabemi Bomhlaba—Imbambano Ebalulekileyo

“USANA lweWaka Lesihlanu Lezigidi.” Leyo yindlela urhulumente waseTshayina awamchaza ngayo uWang He, usana oluyintombazana olwazalelwa kwisibhedlele saseBeijing ezinzulwini zobusuku, ngoJulayi 11, 1987. Enoba ngokwenene ukuzalwa kolo sana kwathetha ukuba bebonke abemi bomhlaba baba zizi-5 000 000 000 ngelo xesha, akukho bani waziyo. Sekunjalo, lwazalwa kanye ngexesha elalityunjwe ziZizwe Ezimanyeneyo lokuba abemi bomhlaba babeya kufikelela kwelo nani. Urhulumente waseTshayina wasebenzisa nje eso siganeko ukuze abalaselise imbambano enkulu ejamelene nelaseTshayina nehlabathi yokwanda kwabemi.

Amanani abonisa ukuba inani labantu abasemhlabeni landa ngomlinganiselo okhwankqisayo kwezinye iingcali. Ngokomlinganiselo abanda ngawo ngoku abantu, abemi bomhlaba bobe beliphinda kabini inani labo kwiminyaka nje emalunga nama-40. Iingcaphephe zisixelela ukuba, ngeso santya, isixa sokutya okufunekayo ukondla abemi bomhlaba kungekudala sobe singaphezu koko kuveliswayo, ibe oko kuya kuphumela kwindlala ehlabathini. Ngaphezu koko, ekubeni ubuncwane bemvelo bomhlaba bulinganiselwe, buya kuqongqothwa kuthi tu ngephanyazo koku kwanda kwabemi, ibe oku kunokuthetha nje intlekele emhlabeni jikelele. Iingcali zithi ukuba asitshatyalaliswanga kukungabikho kokutya nobuncwane bemvelo, ngokuqinisekileyo siya kutshatyalaliswa ngulo monakalo esiwenzayo kwimeko-bume. Sizikrwitsha ngokwethu ngokoqobo ngoko sikwenzayo emoyeni, emanzini nasemhlabeni, kwaye ukwanda kwabantu kuya kubangel’ ukuba oku kuthabath’ unyawo kuphela. Konke oku kubonakalisa ukuza kwentlekele yokwenene.

Noko ke, kunokwenziwa ntoni ngako? Kukho iingcamango ezininzi ngalo mbandela. Bambi banoluvo lokuba ngaphandle kokuba kuthatyathwe inyathelo elikhawulezileyo lokunciphisa ukwanda kwabemi, intlalo-ntle yabo bonke abantu iya kuba sengozini. Abanye bakholelwa kwelokuba njengoko kwakunjalo ngaphambili, kuya kufunyanwa iindlela ezintsha zokucombulula iingxaki zokutya, ubuncwane bemvelo, ungcoliso, nazo naziphi na ezinye izinto ezibandakanyekileyo. Ukanti abanye banoluvo lokuba ekugqibeleni abantu baza kuyeka ukwanda ngokukhawuleza, ngoko akukho mfuneko yakuzixhalabisa kakhulu ngaloo nto. Enyanisweni, abantu baneengcamango neembono ababambelele kuzo ngokuqinileyo phantse ngazo zonke iinkalo zalo mbandela. Kucacile ukuba ukwanda kwabemi bomhlaba yimbambano enobuzaza nebalulekileyo.

Noko ke, into ephawulekayo kukuba ngokuqhelekileyo abona bantu bathetha bophele ngale ntshabalalo ezayo ngabo bahlala kumazwe asenomhlaba omninzi ovulekileyo nafumileyo ngokwentelekiso. Bavakalisa ukunxuba kwabo kuba benoluvo lokuba umgangatho wabo wokuphila okanye intlalo-ntle yabo yangomso isengozini. Kodwa kuthekani ngabo bahlala kumazwe ahlwempuzeke ngakumbi, asakhasayo nanabemi abaninzi gqitha? Bavakalelwa njani ngale mbambano yokwanda kwabemi? Abantu baphila njani kwiimbombo ezixineneyo zehlabathi?

UVukani! ukukhenkethisa kwezinye zezona ndawo zinabemi abaninzi gqitha ehlabathini ukuze uzibonele ngokwakho indlela ekuphilwa ngayo kwingcinezelo yokwanda kwabemi nokuze akuncede uqonde ezinye zeembambano ezibandakanyekileyo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share