IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g93 4/8 iphe. 12-14
  • Ndinokwenza Ntoni Ngomsebenzi Wesikolo Owenzelwa Ekhaya Omninzi Kangaka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ndinokwenza Ntoni Ngomsebenzi Wesikolo Owenzelwa Ekhaya Omninzi Kangaka?
  • Vukani!—1993
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ngaba Awufumani Xesha Laneleyo?
  • Imbono Elungeleleneyo Ngomsebenzi Wesikolo
  • Ukubaluleka Kokuzenzela Ucwangciso
  • Lilungelelanise Ixesha Lakho!
  • Ndingalifumana Njani Ixesha Lokwenza Umsebenzi Wam Wesikolo Owenzelwa Ekhaya?
    Vukani!—2004
  • ‘Ndinomsebenzi Omninzi!’
    Vukani!—2009
  • Kutheni Ndifanele Ndifundisise Ngamandla Esikolweni?
    Vukani!—1992
  • Ndinokuphucula Njani Esikolweni?
    Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 2
Khangela Okunye
Vukani!—1993
g93 4/8 iphe. 12-14

Abantu Abaselula Bayabuza . . .

Ndinokwenza Ntoni Ngomsebenzi Wesikolo Owenzelwa Ekhaya Omninzi Kangaka?

Kuye kwathiwa “umsebenzi wesikolo omninzi” ungomnye woonobangela abaqhelekileyo boxinezeleko kubantu abaselula.

“Ukuba ungumntu ongalungelelananga, uchitha ixesha elininzi uceba into oza kuyenza ngokulandelayo”

‘ASINAXESHA laneleyo!’ Lakhalaza latsho elinye iqela labafundi kwisikolo samabanga aphakamileyo. Sasiyintoni isizathu sale ngxaki? Koko kufunwa sisikolo nangumsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya. UVéronique oselula uthi: “Ndiqalisa esikolweni ngentsimbi yesi–8:00 kusasa ndize ndigqibe nge–5:30. Ndifika ekhaya nge–6:30. Kunzima. Abazali bacinga ukuba ukuba sesikolweni kububomi obunandiphekayo. Abaqondi ukuba isikolo siyakruqula yaye siyacinezela, size xa sifika ekhaya, kuphinde kubekho umsebenzi wesikololo owenzelwa ekhaya.” USandrine one-17 leminyaka ubudala wongeza ngelithi: “Ndichitha iiyure ezimbini ukuya kwezintathu busuku ngabunye ndisenza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya nangeempela-veki.”

UVéronique noSandrine bahlala eFransi, enye yezona ndawo abafundi abachitha ixesha elide ezikolweni ngosuku kuzo eYurophu. Kwamanye amazwe amaninzi abafundi ngokufanayo baziva bexinezelekile, benxunguphele yaye besoyiswa zizo zonke izinto ekufuneka bezenzile ngexesha labo. Kuye kwathiwa “umsebenzi wesikolo omninzi” ungomnye woonobangela abaqhelekileyo boxinezeleko kubantu abaselula.

Ekubeni kunzima ngakumbi ukufumana umsebenzi kumazwe amaninzi ehlabathini, inkoliso yabantu abaselula ikugqala ukufumana imfundo elungileyo njengeyona nto ibalulekileyo kwikamva labo empangelweni. Kunjengoko uViolaine, umfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo, ekubeka: “Amathuba okufumana umsebenzi ofanelekileyo kunzima ukuwafumana kangangokuba abantwana namhlanje bayaqonda ukuba inye kuphela into abanokuyenza—KUKUFUNDA!”

Ngaba Awufumani Xesha Laneleyo?

Sekunjalo, abo baqhuba kakuhle esikolweni bayazi ukuba oko kuthabatha ixesha namandla amaninzi. Yaye ukuba ungumKristu oselula kukho nezinye izinto ofanele uzenze ngexesha lakho: ukuya kwiintlanganiso zamaKristu, ukufundisisa iBhayibhile nokwabelana nabanye ngokholo lwakho. (Yohane 17:3; Roma 10:10; Hebhere 10:24, 25) Ukongezelela iBhayibhile ithi “ukuhleka kunexesha lako” nokuba nexesha lokuchwayita. (INtshumayeli 3:1, 4; 11:9) Njengolutsha oluninzi, mhlawumbi ufuna ukufumana ubuncinane ixesha elithile lokuphumla nelokuzihlaziya. Kodwa umsebenzi wesikolo usenokubonakala ukushiyela ixesha elincinane lokwenza izinto ekufuneka uziphumeze—libe lincinane ngakumbi elokwenza izinto obunokuthanda ukuzenza.

Noko ke, ngokufuthi, ingxaki ayikokuswela ixesha kuphela. Uhlolisiso lwakutshanje lubonise ukuba izizathu ezibini kweziphambili ezibangela abafundi abakwizikolo zamabanga aphakamileyo babe neengxaki “kukulisebenzisa kakubi ixesha labo” kunye “nokungalungelelani.” Kunjengokuba oselula ogama linguOlivier wafumanisa ukuba, ukungalungelelani kobuqu kunokuchaphazela okungakumbi kunamanqaku owafumana esikolweni. Uthi: “Ukuba ungumntu ongalungelelananga, uchitha ixesha elininzi ugqiba ngokuba yintoni oza kuyenza ngokulandelayo.” Ngoko ke, unokuzenza njani ube ngolungeleleneyo?

Imbono Elungeleleneyo Ngomsebenzi Wesikolo

Okokuqala, ufanele uwujonge ngendlela efanelekileyo umsebenzi wakho wesikolo. IBhayibhile isixelela ukuba ‘sizicikide izinto eziziincamisa.’ (Filipi 1:10) Yaye xa ucinga ngako oku, yintoni ngokwenene efanele ibe yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho? Ngaba ayizombopheleleko zakho zokomoya? Ngapha koko, uYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe.” (Mateyu 6:33) Oko kuthetha ukubeka iintlanganiso zamaKristu, umthandazo, ukufundisisa nomsebenzi wokushumayela kwabanye kwindawo yokuqala.

Ngaba oku kuthetha ukuba umsebenzi wesikolo awubalulekanga? Akunjalo konke konke. Kodwa ke njengomKristu, usukelo lwakho ekuzuzeni imfundo alufanele lube kukuzixhobisela umsebenzi wempangelo. Kunoko, lufanele lube kukufunda ubuchule obuya kukunceda kumsebenzi wakho njengomlungiseleli kaThixo. Kwangaxeshanye, uzilungiselela ukukwazi ukufumana umsebenzi wokuzixhasa, yaye mhlawumbi nentsapho yakho ngenye imini. (1 Tesalonika 4:11, 12; 1 Timoti 5:8) Ukwazi oku kufanele kukuncede uzabalazele ukwenza okusemandleni akho esikolweni. Kwangaxeshanye, ufanele wenze umgudu ofanelekileyo wokuzigcina womelele ngokomoya.

‘Ukuzongela ixesha’ ukwenzela iimbopheleleko zokomoya, imisetyenzana ethile, ukuzihlaziya kunye nomsebenzi wesikolo, kusenokuba lucelo-mngeni lokwenene, kodwa kunokwenziwa.—Efese 5:15, 16.

Ukubaluleka Kokuzenzela Ucwangciso

Enye indlela yokuzongela ixesha kukubonakalisa ubuchule kwindlela ofunda ngayo. Isahluko 18 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo inikela amacebiso aluncedo aliqela.a Ngokomzekelo, ngaba uye wazama ukuzenzela ucwangciso lokwenza umsebenzi wesikolo?—Thelekisa eyabaseFilipi 3:16.

Kwincwadi yakhe ethi How to Study, uHarry Maddox ubhala athi: “Ngaphandle kwamathandabuzo obona bunzima buqhelekileyo ekufundeni kukungakwazi ukuhlala phantsi uze unikel’ ingqalelo emsebenzini ngokuthe rhoqo.” Kuthekani ngawe? Ngaba ukubekela amangomso ukwenza umsebenzi wesikolo wasekhaya de ube uziva unomdla wokuwenza—okanye uwenza xa ixesha lokuwenza libonakala likulungele ngakumbi? INtshumayeli 11:4 iyalumkisa: “Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna.”

Ngokubhekele phaya uHarry Maddox uthi: “Kuyinto elula ukuchitha ixesha lakho ngokuthe ngcembe. Ukuba akulicwangcisi ixesha usenokuchitha ixesha lakho laxa ubufanele ukuba uyafunda ekubukeleni umabonwakude, ekufundeni iphephancwadi, . . . okanye ekwenzeni nayiphi na enye yezinto ezininzi abafundi abangenabuchule abakulungeleyo ukuyenza kunohlala phantsi benze umsebenzi. Ukuba unocwangciso yaye uzimisele ukubambelela kulo, ucwangciso lunawo onke amandla omthetho afanele athotyelwe, yaye njengokuba ithuba lihamba ukubambelela kulo kuba lula, yaye uqalisa ukulugqala njengenxalenye yobomi bakho.”

Ukuba umsebenzi wakho wesikolo uwuqhuba ngendlela elungeleleneyo nebonisa ukuqeqesheka, usenokuba nexesha elingakumbi olifumanayo. Ukuceba kakuhle kukwanokukunceda ukhusele ukungqubana phakathi kokugqiba izabelo zakho zesikolo kunye neembopheleleko zakho njengomKristu, ezifana nokuya kwiintlanganiso zebandla.

Lilungelelanise Ixesha Lakho!

Kuthekani ngezinye izinto ofuna ukuziphumeza, ezifana nemisetyenzana yasekhaya? Nalapha kwakhona, ukuba ngolungeleleneyo kungundoqo. Zama ukusebenzisa la macebiso alandelayo:

Gcina uludwe lwezinto oza kuzenza. Umcebisi ngokucwangciswa kwexesha uStephanie Winston uncomela ukuba uphathe incwadana elingene ipokotho ngalo lonke ixesha. Yisebenzisele ukubhala “zonke iingcamango, izabelo, ukutsala iminxeba, imisebenzi okanye uthumo—enoba zincinane okanye zinkulu, zizinto ezingenamsebenzi okanye ezibalulekileyo—njengoko zivela.” Xa ulithi krwaqu okokuqala, uludwe lakho lusenokubonakala lulukhulu, kodwa ukusebenzisa la macebiso alandelayo, usenokulinciphisa libe kumlinganiselo ofikelelekayo.

Zidwelise ngokubaluleka kwazo. Oku kunokukunceda unikel’ ingqalelo kwizinto ekunyanzeleke ukuba zenziwe. Kwangaxeshanye, usenokubekela ecaleni izinto ezisenokulinda okanye ongenaxesha lakuzenza.

Lungiselela ucwangciso. Ewe, guqulela uludwe lwakho ekubeni yinto oqinisekileyo ngokuyenza—ucwangciso olubhaliweyo. Ikhalenda encinane eyanela ipokotho, okanye incwadi yeziganeko zemihla ngemihla (diary), zisenokukunceda kule nkalo. Ngaphandle kokuthintela inkululeko yakho, ucwangciso olulungelelene kakuhle lunokukunceda ube nendlela elunge ngakumbi yokulawula ixesha lakho.

Yenza izinto ngendlela esengqiqweni. Ngokuwa uvuka, yenza umgudu uceba ixesha elilungileyo lokwenza izinto ezithile. Ngokomzekelo, usenokukufumanisa kuyingenelo, ukucwangcisa amaxesha okwenza umsebenzi wesikolo kusasa, xa ingqondo idlamkile.

Noko ke, qonda ukuba akunyanzelekanga ukuba ucebe lonke ixesha lobomi bakho. Gcina ucwangciso lwakho lubhetyebhetye, ube nokukwazi ukwenza izinto ezinokuvela ungazilindelanga nezizenzekelayo. Yenza uhlengahlengiso xa luyimfuneko, kodwa namathela kucwangciso lwakho kangangoko kunokwenzeka. Phawula: Ngokuqhelekileyo kuyeyona nto ilungileyo ukuthelekelela ixesha elithe chatha oya kulisebenzisa ukuphumeza umsebenzi othile. Usenokusoloko ulungelelanisa ucwangciso xa ugqibe kwangethuba.

Zimisele ixesha oya kugqiba ngalo. Oku kukunceda uphephe umkhwa wokulinda de kube ngumzuzu wokugqibela ngaphambi kokwenza enye into. Ukuba unomsebenzi wesikolo, zama ukuzimisela umhla wokuwugqiba ongaphambi kwexesha ofuneka ngalo esikolweni.

Ziqeqeshele ukunamathela kucwangciso lwakho. Kusenokuhenda ukutyelela ikhaya lomhlobo wakho ngexesha ofanele ufundele iimviwo zokugqibela. Kodwa ukuba uhlwayela ngokuvimba kwizifundo zakho, uya kuvuna amanqaku aphantsi kamva. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 9:6.) Ngokungakumbi, ngokuqhelekileyo uya kulinandipha ixesha lakho lokuphumla ukuba uwugqibile umsebenzi wakho. Umgaqo oluncedo nanku, Izinto ezibalulekileyo kuqala, kulandele ukuzihlaziya kamva.

Ukucwangcisa nokuzilungelelelanisa kuya kuthatha ixesha, umonde wokuziqeqesha okuphawulekayo, kodwa amaKristu axelelwa ukuba aqhelisele ukuzeyisa, kuzo zonke izinto. (1 Korinte 9:25) Ukufunda ukunamathela kucwangciso yeyona ndlela ilungileyo yokusebenzisa lo mgaqo. Imiphumo isenokuba kukwaneliseka kokufezileyo, ukwenza ubomi bakho bulawuleke ngakumbi, yaye uya kufumana nexesha elingakumbi lokwenza izinto ofuna ukuzenza.

[Umbhalo osemazantsi]

a Ipapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.

[Umfanekiso okwiphepha 14]

Zimisele ucwangciso lokufunda uze unamathele kulo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share