Abantu Abaselula Bayabuza . . .
Ndinokuwugcina Njani Umculo Ukwindawo Efanelekileyo?
OSELULA ogama linguJackie uthi: “Ndicinga ukuba kukokwemvelo ukuthanda umculo, kuba unokuchaza indlela ovakalelwa ngayo. Udlala indima enkulu ebomini bakho xa ungoselula.”
UJackie uchanile. Nangona kubonakala ngathi ulutsha luwunandipha ngokukhethekileyo umculo, isiphiwo sokunandipha isandi nokuvumelana komculo sikho kuthi sonke. Xa uphulaphula ingoma emnandi yentaka entyilozayo okanye isingqi esithuthuzelayo sokubethabethana kwamaza unokutsho wazi ukuba umculo usisipho esithandekayo esivela kuMdali wethu owonwabileyo. (1 Timoti 1:11; Yakobi 1:17) Sekunjalo, usisipho ngokufuthi esithi sisetyenziswe kakubi. Enyanisweni, ukuba umculo awugcinwanga ukwindawo efanelekileyo, unokuba ngowenzakalisayo kunokuba ngolungileyo.
Ngaba Ulikhoboka Lomculo?
Umculo olungileyo unokuba ngowakhayo, uze ube yingenelo. Phofu ke, nkqu nento elungileyo xa ininzi inokuba yingozi kuwe. Iqhalo lobulumko lilumkisa lisithi: “Ufumene ubusi, yidla obukulingeneyo, hleze udikwe, ubuhlanze.” (IMizekeliso 25:16) Ubusi bunamandla okuphilisa. Sekunjalo, “ukudla ubusi obuninzi akulungile” yaye kunokukugulisa. (IMizekeliso 25:27) Kusifundisa ntoni oku? Izinto ezilungileyo zifanele zinanditshwe ngokulungeleleneyo.
Phofu ke, umculo ubulawula ngokoqobo ubomi bolunye ulutsha. Ngokomzekelo, ibhinqa eliselula eligama linguJodie liyavuma ukuba lisekwishumi elivisayo, ‘lalisoloko liphulaphule umculo ngalo lonke ixesha.’ Ngaba ngokufanayo nawe uzama ukuchitha lonke ixesha lakho unento ekhalayo? Ngoko oko osenokukuthethelela ngokuba kukuthanda umculo enyanisweni kusenokuba kukukhotyokiswa ngumculo.
Oselula ogama linguSteve ukhumbula oku: “Ndandifunda nabantwana ababephulaphula umculo kwanasegumbini lokufundela.” Phofu ke, uyavuma ukuba: “Ukusoloko befake [iiheadphones] zeWalkman ezindlebeni kwabenzakalisa ngokwenene kwizifundo zabo.” Ngokufanayo, ngaba uzifumanisa udlala umculo ophazamisayo nkqu naxa usenza umsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya? Yaye kuthekani ngaloo maxesha abekelwa ecaleni ukwenzela ukufundisisa iBhayibhile okanye ukulungiselela iintlanganiso zamaKristu? Ngaba ezi zinto uzenza kukhala eyona ngoma uyithandayo?
Kwakhona, qwalasela ukuba ulahlekelwa kangakanani ngokuzama ukuhlala unawo wonke umculo osandul’ ukukhutshwa. Ingakanani imali oyichitha kumacwecwe, kwiikhasethi okanye kwiicompact discs kwimali oyamkelayo okanye kumxhesho wakho? Ngaba inxalenye yaloo mali ibinokusetyenziselwa enye into ebalulekileyo?
Kuthekani ngolwalamano lwentsapho? Ngaba uyabandakanyeka kwiincoko zentsapho, ubakho ngamaxesha okutya—okanye ngaba uzivalela kwigumbi lakho uphulaphule umculo? IBhayibhile ilumkisa isithi: “Ozahlulayo ufuna umnqweno wakhe; into yonke ezimasayo uyayivungamela.”—IMizekeliso 18:1.
Ukulungelelanisa Imikhwa Yakho Yokuphulaphula
Ukuba umculo uthabatha ixesha elininzi kubomi bakho, uya kuba wenza kakuhle ukuqwalasela amazwi akweyabase-Efese 5:15, 16: “Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko; nizongela ixesha eli, ngokuba imihla le ayindawo.” Oku kusenokuquka ukuzisikela amaxesha uze ulungelelanise noko ukuphulaphulayo. (Thelekisa eyoku-1 kuTimoti 3:2.) Ngokomzekelo, kusenokufuneka wahlukane nomkhwa wokuvulela umculo ukungena kwakho nje ekhaya. Funda ukuwanandipha amaxesha okuzola.
Ubuncinane, ukwenjenjalo kunokukunceda uphucule amanqaku owafumanayo esikolweni. Amaxesha okuthi cwaka aluncedo ekufundisiseni. Ngoku, usenokuvakalelwa kukuba ukudlala umculo kukunceda uphumle. Kodwa kutheni ungakhe uzame ukufunda ngaphandle komculo, uze ubone ukuba akuyi kunikela ingqalelo ngakumbi na? USteve oselula uthi: “Usenokukwazi ukufunda izifundo zakho xa udlala [umculo] kodwa uya kufunda okungakumbi xa umculo ucinyiwe.”
Kwakhona usenokufuna ukuzongela, okanye ukucwangcisa ixesha lokufunda nokufundisisa iBhayibhile kunye neempapasho ezisekelwe eBhayibhileni. UYesu Kristu ngamathuba athile wayefuna “indawo engasese” ukuze athandaze yaye acamngce. (Marko 1:35, NW) Ngaba indawo ofundisisa kuyo ngokufanayo inenzolo yaye inoxolo? Ukuba ayinjalo, usenokuba uyayidodobalisa inkqubela yakho yokomoya.
Ukufunda Ukuzicingela
Noko ke, mhlawumbi eyona nto inkulu omele uyixhalabele luhlobo lomculo owuphulaphulayo. USteve ukubeka ngolu hlobo: “Kutheni iingoma ezimnandi zisoloko zihambisana namazwi amabi ngokwenene?” Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kwakukho iingoma ezazikhuthaza ubunxila kunye nobuhenyu. (INdumiso 69:12; Isaya 23:15, 16) Ngokufanayo, inkoliso yomculo othandwayo namhlanje ukhuthaza ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, isini sangaphambi komtshato nobundlobongela.a
Abahlobo banokubeka ingcinezelo enkulu kuwe ukuba uphulaphule umculo onjalo. Kukwakho nengcinezelo evela kumashishini omculo ngokwawo. Ngoncedo lukanomathotholo nomabonwakude, umculo werock ulishishini elinamandla nelixabisa amakhulu ezigidi zeerandi. Iingcali ezinempembelelo enamandla zezentengiso ziqeshelwe ukuxonxa—nokulawula—uhlobo lomculo owuthandayo.
Kodwa xa uvumela abahlobo bakho okanye amaziko osasazo alawule oko ukuphulaphulayo, uya kuphelelwa ngamandla akho okhetho. Uba likhoboka elingenangqiqo. (Roma 6:16) IBhayibhile isibongoza ukuba sizicingele. Isixelela ukuba ‘sicikide ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.’ (Efese 5:10) Ngokuqinisekileyo besingenakulindela ukuba ibandla lamaKristu lihlolisise ngenyameko amawakawaka eengoma ezikhutshwa minyaka le lize lilungiselele uludwe lweengoma ezinconyelwayo okanye ezingavumelekanga. Nakanye, umele uqeqeshe ‘izimvo zakho zokucalula okuhle kwanokubi.’—Hebhere 5:14.
Unokukwenza njani oko? Ngoko, khawuqwalasele la macebiso alandelayo:
Hlolisisa Isingxobo: Ngokufuthi, ukusithi krwaqu nje isingxobo okanye loo nto ibhengezwayo kwanele. Imifanekiso ebonisa isini, ubundlobongela okanye ubugqi ifanele ibe sisilumkiso. Umculo ongaphakathi kusenokwenzeka ukuba nawo awuthandeki ngokufanayo. Ukuba kunokwenzeka, kufunde oko kubhaliweyo kwisingxobo.
Hlolisisa Okungaphakathi: ‘Cikida amazwi’ engoma ngokunikel’ ingqalelo kwimixholo namazwi ayo. (Yobhi 12:11) Athini? Ngaba ngenene ufuna ukuphulaphula okanye ukuphinda ezi ngcamango ngokufuthi? Ngaba ezi ngcinga zihambisana nemigaqo yakho kunye nemilinganiselo yobuKristu?—Efese 5:3-5.
Qwalasela Imiphumo: Inawuphi umphumo kuwe? Ngaba lo mculo ukwenza unxunguphale okanye uvuye gqitha? Ngaba uzifumana usoloko ucinga izinto ezimbi emva kokuwuphulaphula? Ngaba amabinzana entetho yasesitratweni asetyenziswe emculweni aqalisa ukungena kwincoko yakho?—1 Korinte 15:33.
Cingela Abakungqongileyo: Bavakalelwa njani abazali bakho ngalo mculo wakho? Babuze uluvo lwabo. Kwakhona, cinga ngendlela amanye amaKristu avakalelwa ngayo ngomculo wakho. Ngaba uyabaphazamisa abanye?—Roma 15:1, 2.
Ukuphangalala Kuhlobo Lomculo Owuthandayo
Kusenokwenzeka ukuba kufuneka wenze iinguqulelo ezithile kuhlobo lomculo owuthandayo. Kodwa ekubeni uhlobo lomculo owuthandayo lufumaneka, nalo lusenokuguqulwa. Enye imvumi eyaziwayo yathi: “Inkoliso yabantwana ayizange iphulaphule nayiphi na enye into ngaphandle kolu hlobo lunconyelwa ngabezorhwebo.” Siyintoni isicombululo? Musa ukuzimisela kuhlobo olunye kuphela lomculo. Zama ukwandisa iindidi zomculo owuthandayo.
Kakade ke, kusafuneka ube ngokhethayo. Kukho intabalala yomculo oluncuthu onokuwunandipha, phakathi kumculo wakwantu, owejazz ewe, noweklasiki. Enyanisweni, usenokuba ubuwunandipha umculo onjalo nangona ubungaqondi. Ngokomzekelo, umculo weklasiki, usenokuba nguwo obangele ukuba ube nomdla kweminye imiboniso neenkqubo zikamabonwakude. Khawucinge nje ngendlela osenokunandipheka ngayo loo mculo ukuba unokuwuphulaphula ungaphazamisekanga.
Olunye ulutsha olungamaKristu luye lwaqalisa ukulungelelanisa uhlobo lomculo oluwuthandayo ngokuphulaphula iikhasethi zeeKingdom Melodies ezenziwe yiWatch Tower Society. Ezi ngoma, eziqhelekileyo kuwo onke amaNgqina kaYehova, zibandakanya izimbo ezahlukahlukeneyo zomculo. Kukho nezinye iintlobo zomculo olungileyo abahlobo bethu abanokuzincomela. UMichelle uthi: “Omnye umhlobo wam wandifundisa ukuthanda umculo weorchestra—ofana nokaBeethoven.” Uyavuma, “ndandiwuthiyile.”
Enye indlela yokuphangalala kukuzifundisa ukudlala isixhobo esithile somculo. Oku akuyi kuba lucelomngeni kuze kukwanelise nje kuphela, kodwa kuya kukuqhelanisa nezinye iintlobo zomculo ngaphandle komculo werock. “Ukudlala umculo kuyinto emnandi ngokwenene, kuba usebenzisa isiphiwo sakho onaso,” utsho njalo uJackie. Ngokwenza umgudu ongephi usenokude wonwabise abanye ngendlela eyakhayo.
Ngokwenene umculo sisipho esivela kuThixo, kodwa umele ukulumkele ukusisebenzisa kakubi. Omnye oselula uthi: “Ndinomculo endaziyo ukuba ndimele ndiwulahle. Kodwa uvakala kamnandi gqitha.” Noko ke, cinga ngengozi ayenzayo lo uselula engqondweni nasentliziyweni yakhe ngokuphulaphula oko kungcolileyo! Wuphephe loo mgibe. Musa ukuvumela umculo ukonakalise okanye ulawule ubomi bakho. Bambelela kwimilinganiselo ephakamileyo yamaKristu kumculo wakho. Thandazela ukhokelo noncedo lukaThixo ekukhetheni umculo wakho. Funa izinxulumani ezineembono ezifana nezakho.—Roma 12:2, 12.
Umculo unokukunceda uphumle. Unokukwenza uzive uhlaziyekile xa unesithukuthezi. Kodwa xa umculo uyeka ukudlala, iingxaki zakho zisekho. Yaye iingoma azizithabatheli indawo izihlobo zokwenene. Ngoko musa ukuvumela umculo ube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. Wunandiphe, kodwa wugcine ukwindawo efanelekileyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona inkupho kaFebruwari 8 nekaMatshi 8, 1993, kaVukani!
[Umfanekiso okwiphepha 11]
Ngaba umculo uphazamisana nezifundo zakho?