Hlala Ulungele Ikamva Eliqaqambileyo
“YIBANI nilungile,” uYesu wabongoza. (Luka 12:40) Ukuba senjenjalo, xa uKristu esiza “enamandla nobuqaqawuli obukhulu,” sinokusabela ngovuyo kumyalelo wakhe othi: “Sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.”—Luka 21:27, 28.
Hlobo luni lwenkululeko? Ewe, uhlobo lwenkululeko uNowa nentsapho yakhe abayinandiphayo—ewe, ukusinda kwisiphelo seli hlabathi! Umpostile uYohane wabhala: “Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.”—1 Yohane 2:17.
Kwihlabathi elitsha likaYehova, abalawulwa basemhlabeni boKumkani, uYesu Kristu, baya kunandipha ubomi obungunaphakade. IBhayibhile ithi: “Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” (INdumiso 37:29) Elinjani lona ukuzuka ikamva uThixo alithembisa abantu bakhe! ILizwi lakhe lithi: “Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.” Esi sisiprofeto esiyinyaniso!—ISityhilelo 21:3, 4.
Sekunjalo, ukuze unandiphe eli kamva, umele wenze okuthile. Ukufumana ulwazi kuyinto yokuqala ebalulekileyo. IBhayibhile ithi: “Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.”—Yohane 17:3.
Kwakhona kufuneka uhlanganisane rhoqo nabanye abafuna olu lwazi, njengokuba umpostile wabongozayo: “Masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu, . . . niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela.” (Hebhere 10:24, 25) Eneneni, abantu bakaYehova bajonge imini yokusindiselwa kwihlabathi elitsha likaThixo esondelayo, yaye ngaloo ndlela bayaziwa ngokuhlanganisana kwabo kunye.
Igqabaza ngenye indibano kwibala lemidlalo elikhulu, iSunday Telegraph yaseLondon yanikela le ngxelo: “Abo bavakalisa ukuba ‘Isiphelo Sikufutshane’ abanxubanga. Sisenokuba sisondele. Okwangoku bonke babonakala bezonwabisa ngendlela enesidima, ebekekileyo, ebonisa ukuhlonel’ uThixo kodwa evuyisayo.” Eli phephandaba longezelela ngelithi: “Ukuba le nkqubo yehlabathi ikhoyo ngokwenene sele iza kuwohloka, amaNgqina aseTwickenham abonakala ekulungele ukulungiselela entsha.”
Ukuhlala ulungile kuthetha ukuhlala uxakekile, usenza umsebenzi onjengalowo wenziwa nguNowa, owayekhonza ngaphambi koMkhukula ‘njengomvakalisi wobulungisa.’ (2 Petros 2:5) Kwakhona ukuhlala ulungile kuthetha ukuxakeka “ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo.” Ewe, uyamenywa, ubongozwa ukuba uthelele abantu bakaYehova ‘ulindele, ukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo.’—2 Petros 3:11, 12.