Isimemo Sethu Kuwe
Sikunandiphile ukuthetha nawe ngokusebenzisa le ncwadana. Sithemba ukuba ukunandiphile ukufunda okungakumbi ngamaNgqina kaYehova. Khawamkele isimemo sethu sokusityelela kwiHolo yethu yoBukumkani yasekuhlaleni. Bona indlela iintlanganiso zethu eziqhutywa ngayo. Bona indlela esizabalaza ngayo ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo zomhlaba oyiparadisi phantsi koBukumkani bukaKristu.
UThixo uwuthembisile. “Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Sekudlule iinkulungwane ezilishumi elinesithoba. Ithuba lokulinda lisondela ekupheleni. Iimeko zehlabathi ziyakubonisa oku. Ukuzaliseka kwedinga likaYesu kusondele: “Zakubon’ ukuba ezi zinto ziyaqala ukuhla, sukani nime, niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela inkululeko yenu.”—Luka 21:28: “Xa nithe nazibona ezi zinto zisihla, yazini ukuba bukifuphi ubukumkani buka Thixo.”—Luka 21:31.
“Niyibona nje ukuba imini leyo iyasondela,” umpostile uPawulos wathi, “masinyamekelane, ukuba silolane eluthandweni nasemisebenzini emihle; singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu.” (Hebhere 10:24, 25) Isimemo sethu kuwe sesithi, Lamkele icebiso likaPawulos ngokuhlanganisana nathi.