Siyakumema
Sikuvuyele ukuthetha nawe sisebenzisa amaphepha ale ncwadana inemifanekiso. Sinethemba lokuba nawe ukuvuyele ukufunda okungakumbi ngamaNgqina kaYehova. Ngoku ke siyakumema ukuba usityelele kwiHolo yethu yoBukumkani yasekuhlaleni. Yiya ukuze ubone indlela eziqhutywa ngayo iintlanganiso zethu. Bona umzamo esiwenzayo ukuze sabelane nabanye ngeendaba ezilungileyo zomhlaba oyiparadesi phantsi koBukumkani bukaKristu.
UThixo wathembisa. “Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:13) Ngoku sekudlule iinkulungwane ezininzi. Oku sikulindileyo sele kuza kwenzeka. Iimeko zehlabathi zibonisa oko.
Umpostile uPawulos wathi: ‘Njengoko nibona ukuba imini iyasondela, masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye.’ (Hebhere 10:24, 25) Sikumema ukuba wamkele icebiso likaPawulos ngokuhlanganisana nathi.