Kwavakala Ilizwi Elinye Kuthe Cwaka
KWIMINYAKA engama-50 eyadlulayo irhamncwa labulawa. Ekugqibeleni xa ihlabathi latyhila umkhusane ukuze lijonge uRhulumente Wesithathu WaseJamani owoyisiweyo, labona umbono ohlathuzelisa amanwele ekwakuhambis’ umzimba ukuwucinga. Amajoni nabantu nje abaqhelekileyo ngokufanayo bema nematha besoyika kukubona izinto ezimanyumnyezi ezenziwe ngaba babulali baneengcwangu.
Ebutsheni balo nyaka amawaka abantu enze isikhumbuzo seminyaka engama-50 sokukhululeka kwiinkampu zoxinaniso ngokuhamba ngokuzolileyo kumanxuwa azo. Aye azama ukuqonda ubunzulu bolu lwaphulo-mthetho. Kaloku, kwaye kwabulawa abantu abamalunga nesi-1 500 000 kwinkampu ekwakubulawelwa kuyo abantu eAuschwitz kuphela! Yayilixesha lokuthi cwaka, ixesha lokucinga ngenkohlakalo yomntu komnye umntu. Kwakunkenteza imibuzo ekhathazayo njengokuba ayebona iionti ezibandayo, izindlu zamajoni ezingasasetyenziswayo nemfumba yezihlangu ezithinjiweyo.
Namhlanje kukho uloyiko; kukho ingqumbo. UkuBulawa Kwabantu Ngenkohlakalo, apho kwabulawa izigidi eziliqela ngendlela ecetyiweyo, kutyhila indlela ubuNazi obabungendawo nobabuneengcwangu ngayo. Kodwa kwenzeka ntoni? Ngubani owathetha ngokungafihlisi? Ngubani ongazange athethe?
Abaninzi, baqala ukwazi ngokubulawa kwenyambalala yabantu kuphela ekupheleni kweMfazwe Yehlabathi II. Incwadi ethi Fifty Years Ago—Revolt Amid the Darkness iyachaza: “Imifanekiso engashukumiyo nemifanekiso eshukumayo yamaziko ekwakubulawelwa kuwo abantu neenkampu ekwalamla kuzo iMikhosi Emanyeneyo ngowe-1944 nowe-1945 okokuqala ngqa yabhenca okwakusenzeka apho okwabambis’ ongezantsi wonke ubani, ngakumbi kumazwe asentshona.”
Kanti, kwanangaphambi kokuba kusekwe iinkampu ekwakubulawelwa kuzo abantu, ilizwi lalivakalisa iingozi zobuNazi ngoVukani!, eli phephancwadi uliphethe ngesandla. Kuqala lalisaziwa ngokuba yiThe Golden Age laza ngowe-1937 laphiwa igama elithi Consolation. Ukususela ngowe-1929, la maphephancwadi, apapashwa ngamaNgqina kaYehova, ayelumkisa ngenkalipho ngeengozi zobuNazi, esenza ngokuvisisana nesibhengezo esibhalwe ngaphandle, “Ulindixesha Othetha Izibakala, Onikela Ithemba Nokhuthazo.”
Ngowe-1939 iConsolation yabuza: “Ubani unokuhlala njani ethe cwaka, ngokuphathelele amasikizi amazwe, afana nelaseJamani, apho kuthi kubanjwe ngaxeshanye abantu abamsulwa abangama-40 000; kubulawe kubo abangama-70 ngobusuku obunye kwintolongo enye; . . . apho kutshatyalaliswa onke amakhaya, amaziko nezibhedlele zokunyamekela abantu abalupheleyo, amahlwempu nabantu abangenakuzenzela nto, neendawo ezigcina abantwana abaziinkedama?”
Enyanisweni, ubani unokuhlala njani ethe cwaka? Ngoxa ihlabathi lonke lalingazi nto okanye lingaqinisekanga ngeengxelo ezihambis’ umzimba ezaziphuma eJamani nakumazwe eyayiwathimbile, amaNgqina kaYehova ayengenakuthula. Ayeyazi kakuhle inkohlakalo yorhulumente wamaNazi, yaye ayengoyiki ukuthetha ngokungafihlisi.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 17]
U.S. National Archives photo