Imbono YeBhayibhile
Oko Umele Ukwenze Xa Usona Abanye
KUKHO undonakele. Uyazibonela nje ngokwakho. Umzalwana wakho ongumKristu akabonakalisi buhlobo kuwe. Akakhange akuxelele okumkhathazayo, kodwa ubulisa ngendlela engenamdla—yaye oko ukwenza kuphela xa uqale wambulisa! Ngaba umele uye kuye ukuze ufumanise undonakele?
Usenokucinga uthi: ‘Yimhemhe yakhe leyo. Ukuba unendawo ngakum, ufanele eze kuthetha nam ngaloo nto.’ Eneneni, iBhayibhile ikhuthaza umntu owoniweyo ukuba athabathe inyathelo lokuqala lokwenza uxolo kunye nomzalwana wakhe. (Thelekisa uMateyu 18:15-17.) Kodwa kuthekani ngomoni? Yiyiphi imbopheleleko anayo, ukuba ikho?
KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Ngoko xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukuba umzalwana wakho unendawo ngakuwe, wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.” (Mateyu 5:23, 24) Phawula ukuba apha amazwi kaYesu ajoliswe kumoni. Yiyiphi imbopheleleko anayo yokulungisa imicimbi? Ukuze siphendule oko, makhe siqwalasele oko kwakuthethwa ngamazwi kaYesu kubaphulaphuli bakhe abangamaYuda benkulungwane yokuqala.
‘Ukusondeza Umnikelo Wakho Esibingelelweni’
Apha uYesu usinika inkcazelo ecacileyo: Umnquli ongumYuda uze komnye wemithendeleko yaminyaka le eYerusalem. Uze nomnikelo—osenokuba sisilwanyana—ukuze anikele idini kuYehova.a Ukunikela amadini kwakungesosithethe singenantsingiselo. Incwadi ethi Judaism—Practice and Belief ithi: “Ukukhetha izilwanyana zedini ezityebileyo nezingenasiphako nokuzibona zihlolwa ngabanolwazi, behamba nazo isithuba seeyadi [iimitha] ezimbalwa zesibingelelo esivuthayo, bezibeka kuso, bebeka izandla entloko, bevuma ukungabi nyulu nokuba netyala, okanye ngenye indlela zinikela ngezi zilwanyana, zizinqumla umqala, okanye kwanangokuzibamba nje—ezi zinto zaziqinisekisa ukubaluleka nobukhulu besi sihlandlo. . . . Akukho namnye owayekholelwa kukuba yonke loo nkonzo yayisenziwa ngomyalelo kaThixo . . . owayenokuyenza ngaphandle kokunikela ingqalelo.”
Ngaloo ndlela amazwi kaYesu akuMateyu 5:23, 24 aphethulela ingqalelo yabaphulaphuli bakhe kwisihlandlo esibalulekileyo nesikhulu kumnquli ongumYuda. Omnye umphengululi weBhayibhile usicacisa ngale ndlela esi siganeko: “Umnquli ungenile eTempileni; uye wadlula udederhu lweenkundla zayo, iNkundla yabeeNtlanga, iNkundla yaBafazi neNkundla yaMadoda. Ngapha kwazo kwakukho iNkundla yabaBingeleli apho kwakungenakungena nabani na. Umnquli umi ngasesibingelelweni, elungele ukudlulisa isilwanyana sakhe kumbingeleli; izandla zakhe [zisentlokweni yesilwanyana] ukuze avume izono zakhe.”
Ngeso sihlandlo sibalulekileyo, lo mnquli ukhumbula ukuba umzalwana wakhe unendawo ngakuye. Kusenokuba sisazela sakhe esimxelela oku, okanye kusenokuba uye wabona kwisimo sengqondo somzalwana wakhe ngakuye ukuba ukhangeleka oniwe. Ufanele enze ntoni?
‘Wushiye Umnikelo Wakho Uhambe’
UYesu uthi: “Wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe.” Ngoba? Yintoni eyayinokubaluleka ngakumbi ngeso sihlandlo kunokunikela idini kuYehova? Ukongezelela uYesu uthi: ‘Yiya uxolelane nomzalwana wakho kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho.’ Ngoko lo mnquli ushiya umnikelo wakhe uphila kwisibingelelo sedini elinyukayo aze ahambe ekhangela umzalwana wakhe amonileyo.
Ekubeni ingumthendeleko, alithandabuzeki elokuba lo mzalwana amonileyo uphakathi kwabantu abeze kunqula abathontelene eYerusalem. Ekubeni inezitrato ezimxinwa kunye nezindlu ezisondelelene gqitha, iYerusalem inabemi abaninzi. Kodwa lo ngumthendeleko, kwaye esi sixeko sizaliswe ziindwendwe.b
Nokuba abantu abasuka kwidolophu enye bahambe baza bamisa iintente ndaweni-nye, ukungena kwisixeko esixineneyo ufuna uthile kunokuba ngumgudu othile. Ngokomzekelo, ebudeni boMthendeleko weMinquba, iindwendwe zazimisa iminquba kuso sonke eso sixeko nasezindleleni nasemiyezweni ejikeleze iYerusalem. (Levitikus 23:34, 42, 43) Sekunjalo, umnquli ongumYuda umele akhangele umzalwana wakhe amonileyo de amfumane. Ufika enze ntoni?
UYesu uthi: ‘Xolelana nomzalwana wakho.’ Ibinzana lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘xolelana’ lisuka kwisenzi esithi (di·al·lasʹso) esithetha “‘ukulungisa, ukutshintshiselana,’ yaye ngenxa yoko, sithetha ‘ukuxolelana.’” Emva kokuziduba efuna umzalwana wakhe amonileyo, lo mnquli ungumYuda uzama ukuxolelana naye. Andule ke, ngokutsho kukaYesu, abuyele etempileni aze awusondeze umnikelo wakhe, kuba ngoku uThixo unokuwamkela.
Ngaloo ndlela amazwi kaYesu akuMateyu 5:23, 24 asisifundo esibalulekileyo: Ukuxolelana, okanye uxolo, luza kuqala kunedini. Indlela esibaphatha ngayo abo sinqula nabo iluchaphazela ngokungqalileyo ulwalamano lwethu noThixo.—1 Yohane 4:20.
Oko Umele Ukwenze Xa Usona Abanye
Ngoko, kuthekani ukuba uzifumanisa ukwimeko echazwe ekuqaleni kweli nqaku—uvakalelwa kukuba uye wona okhonza kunye naye? Yintoni ofanele uyenze?
Usebenzisa isiluleko sikaYesu, thabatha inyathelo lokuqala ngokuya kumzalwana wakho. Ngayiphi injongo? Ngaba ukwenzela ukumqinisekisa ukuba akanasizathu sakuziva oniwe? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Ingxaki isenokuba ingaphezulu kokungaqondani nje okuqhelekileyo. UYesu wathi: ‘Xolelana.’ Ukuba kunokwenzeka, susa imvakalelo yobutshaba entliziyweni yakhe. (Roma 14:19) Ukuze ufeze oko, kuya kufuneka uyamkele, ungayithabathi lula into yokuba ubuhlungu. Kwakhona kusenokufuneka uzibuze: ‘Yintoni endinokuyenza ukuze ndilungise?’ Ngokufuthi, ukucela uxolo ngokusuka entliziyweni yeyona nto ifunekayo. Noko ke, kwezinye iimeko, umntu owoniweyo usenokufuna ixesha lokuzama ukwahlukana nendlela avakalelwa ngayo.
Noko ke, kuthekani ukuba phezu kwayo nje imigudu ephindaphindiweyo akakuxoleli? EyabaseRoma 12:18 ithi: “Ukuba kunokwenzeka, okukokwenu nina, hlalani ninoxolo nabantu bonke.” (Akekeliswe sithi.) Ngaloo ndlela unokuba nentembelo yokuba wakuba uzincamile ukuze wenze uxolelwaniso, uYehova uya kuvuyiswa kukwamkela ukumnqula kwakho.
[Imibhalo esemazantsi]
a Ixesha eliqhelekileyo lokusondeza iminikelo yamadini kwakusebudeni bemisitho emithathu eyayiqhutywa ngamaxesha amisiweyo—iPasika, iPentekoste noMthendeleko weMinquba.—Duteronomi 16:16, 17.
b Uqikelelo lwenani labantu ababesiza kunqula ababezalisa iYerusalem yamandulo ukuze banandiphe imisitho luyahluka. Umbhali-mbali wenkulungwane yokuqala ongumYuda uJosephus waqikelela ukuba phantse abe zizigidi ezithathu amaYuda awayebakho kwiPasika.—The Jewish War, II, 280 (xiv, 3); VI, 425 (ix, 3).