IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g96 7/8 iphe. 9-10
  • Ngaba Ulungele Ukuya Ekhefini?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ulungele Ukuya Ekhefini?
  • Vukani!—1996
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ikhefu Linendawo Yalo
  • Ukuhamba, Kuyafundisa
  • Amalungiselelo Afanelekileyo
  • Nandipha Ikhefu Ngaphandle Kokuzisola!
    Vukani!—1996
  • Oko Ufanele Ukulumkele
    Vukani!—1996
  • Xhakamfula Amathuba Okunikel’ Ubungqina Ebudeni Behlobo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1990
Vukani!—1996
g96 7/8 iphe. 9-10

Ngaba Ulungele Ukuya Ekhefini?

LIGALELEKILE ihlobo kuMntla Ikhweyitha. Kungekudala izigidi ziya kuba zisiya ekhefini. Kodwa ikhefu alibikho sehlotyeni kuphela. Ezokhenketho ziye zalishishini lonyaka wonke, zingenisa amawaka ezigidi zeerandi minyaka le. Nangona uninzi lwabo baya ekhefini luhamba ngaphakathi kwilizwe lalo, ukuya kumazwe asemzini okwakuyinto yezinhanha, sithetha nje kuyinto eqhelekileyo.

Ixesha lekhefu elikhutshwa ngabaqeshi liyahluka ngokwamazwe ngamazwe. Ngowe-1979, yayisisi-2 ekhulwini kuphela sabasebenzi baseJamani esafumana iiveki ezintandathu zekhefu, kodwa sithetha nje uninzi lwabo luyazifumana. Umlinganiselo wekhefu elifunyanwa ngabo basebenza kwimizi-mveliso kwiNtshona Yurophu ungaphezu kweeveki ezintlanu.

Ikhefu Linendawo Yalo

Ntlandlolo ikhefu lalithetha into eyahluke gqitha kuleyo liyithethayo namhlanje. IThe New Encyclopædia Britannica iyachaza: “Indlela elichithwa ngayo ikhefu kule mihla . . . ithatyathwe kwikhalenda yonqulo lwamaRoma amandulo ngendlela eyahlukileyo. Iintsuku zonyaka ezingaphezu kwe-100 yayiziintsuku zomsitho ezinikelwa kwizithixo nezithixokazi ezahlukahlukeneyo zaseRoma. Ngeentsuku zemisitho engcwele, yaye ngaloo ndlela ngeentsuku ezingcwele, abantu babephumla kwimisebenzi yabo yemihla ngemihla. Iintsuku ezazingagqalwa njengezingcwele zazibizwa ngokuthi ziidies vacantes, iintsuku zokungenzi nto, ebudeni baxa abantu babesebenza.” Kunokuba zibe ziintsuku zokusebenza, “iintsuku zokungenzi nto” kule mihla ziintsuku zokuphumla.

Abantu baseJamani bayakuthanda ukubiza iintsuku zekhefu “ngokuthi zezona veki zimnandi zonyaka.” Kwelinye icala, amakhoboka omsebenzi “iintsuku zokungenzi nto” zanamhlanje asenokuzigqala njengezingenanto ngokwenene, ezingenamsebenzi usengqiqweni. Kodwa le isenokuba yimbono egabadeleyo. Imbono elungeleleneyo iyabamkela ubulumko bokwenza umsebenzi owahlukileyo kowesiqhelo ngamaxesha athile, ukwenza into eyahlukileyo nokuphumla.

Iinkalo ezifanelekileyo zekhefu zavunywa kuhlolisiso lowe-1991 olwenziwa kumaqumrhu aphetheyo ezoshishino aseYurophu, angama-78 kwali-100 athi ikhefu “ngokuqinisekileyo liyafuneka ukuthintela ukudinwa kwequmrhu eliphetheyo.” Ngamathathu kwamane awavakalelwa kukuba ikhefu liphucula ukwenziwa komsebenzi, ibe angaphezu kwamabini kwamathathu awathi ikhefu liphucula ubugcisa. Ngokucacileyo, amabhinqa angama-64 ekhulwini namadoda angama-41 ekhulwini avumelana nala mazwi: “Andinakulungelelana ngaphandle kokuya ekhefini rhoqo.”

Ukuhamba, Kuyafundisa

Ugqirha wasemaNgesini nokwangumbhali wenkulungwane ye-17 uThomas Fuller wabhala: “Lowo uhamba kakhulu wazi kakhulu.” Ukuhamba kusenza siqhelane nabantu bezinye iindawo, sifunde ngamasiko abo nangendlela abaphila ngayo. Ukuhambela kumazwe akumgangatho ongaphantsi kowethu kunokusifundisa ukuba nombulelo ngoko sinako yaye kunokusenza sibe novelwano ngabantu abahlelelekileyo.

Ukuba siyakuvumela, ukuhamba kunokulungisa iingcamango eziphosakeleyo esinazo kuphelise nekhethe. Kwenza ithuba lokufunda ubuncinane ulwimi olutsha, lokungcamla ukudla okusenokumuncis’ iintupha, okanye lokwandisa iifoto zentsapho yethu, lokuqokelela imifanekiso yeslide, okanye iividiyo eziliqela ezinemizekelo emihle yendalo kaThixo.

Kakade ke, ukuze singenelwe ngakumbi, asimele saneliswe nje kukuhamba. Umkhenkethi ohamba nje ilizwe lonke ukuze aye kuzifihla ehotele phakathi kwabanye abakhenkethi—uninzi lwabo luphuma kwilizwe lakhe—ayokuqubha kwiqula labucala lasehotele okanye elwandle, aze adle ukutya abekudla ekhaya uya kufunda okuncinane. Olunjani lona usizi! Ngokutsho kweengxelo, uninzi lwabahambi kuyaphawuleka ukuba luyasilela ukuba nomdla onzulu kumazwe oluwatyelelayo okanye kubantu abalapho.

Amalungiselelo Afanelekileyo

USamuel Johnson, umbhali oliNgesi wezincoko nemibongo wenkulungwane ye-18, wathi umntu ohambayo “umele aphathe ulwazi, ukuba uza kubuyela ekhaya enolwazi.” Ngoko ukuba ngesihlandlo esithile uza kuhamba, lulungiselele uhambo lwakho. Funda ngendawo oya kuyo ngaphambi kokuba uhambe. Ceba ngoko ufuna ukukubona, uze ugqibe ngoko ufuna ukukwenza. Wandule ke wenze amalungiselelo ngokuvisisana nako. Ngokomzekelo, ukuba ufuna ukubethwa ngumoya elwandle okanye ufuna ukunyuka iintaba, phatha izihlangu neempahla ezifanele oko.

Musa ukuzama ukuba nezinto ezininzi kunexesha onalo uze ngaloo ndlela uye ekhefini unoxinezeleko lobomi bemihla ngemihla. Yiba nexesha elininzi oza kulisebenzisela ukwenza izinto ezingalindelekanga. Enye yeengenelo zokwenene zokuba sekhefini kukuba nexesha lokucinga nelokucamngca usaphumle kwizinto ezikugcina uxakekile, ukhululekile kungekho nto uyileqayo.

Ikhefu elanelisa ngakumbi lisenokude liquke ukusebenza nzima. Ngokuqhelekileyo ukwenza into eyahlukileyo kwenza ikhefu libe mnandi. Ngokomzekelo, umbutho ongajonganga ngeniso waseUnited States obizwa ngokuba yiVolunteer Vacations ulungiselela ukuba amatsha-ntliziyo achithe ikhefu lawo ngokulondoloza iipaki okanye amahlathi. Elinye itsha-ntliziyo lathi lasebenza nzima gqitha, kodwa lakunandipha gqitha oko kangangokuba lagqiba ekubeni likuphinde oko kunyaka olandelayo.

AmaNgqina kaYehova adla ngokusebenzisa ikhefu ngokuya kwiindibano zamaKristu okanye ngokwandisa ubulungiseleli bawo basesidlangalaleni. Amanye asebenzisa ikhefu lawo ngokusebenza kwikomkhulu okanye kwizakhiwo zamasebe zamaNgqina kaYehova akumazwe awo, yaye ayakunandipha ukwenza oku. Emva koko, uninzi lwawo lubhale iileta zoxabiso ngeli lungelo.

Ewe, ikhefu linokuba myoli ngakumbi, yaye linokuba zezona veki zimnandi zonyaka. Akumangalisi ukuba ebantwaneni elo xesha liba ngathi alisafiki! Sekunjalo, kukho izinto ekufuneka uzilumkele. Inqaku elilandelayo liza kuzichaza.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share