Oko Ufanele Ukulumkele
“EYONA njongo icacileyo yekhefu kukwenza into eyahlukileyo, ukuphumla, ukutshintsha ucwangciso,” yabhala yatsho intatheli uLance Morrow. Noko ke, yaphawula ukuba abanye babuya ekhefini bedinwe gqitha kangangokuba bafunge ukuba “abasoze baphinde baye kwakhona.”
Kanti, kunokuba ungafuni nokuva ngokuthabatha ikhefu, kunokuba bubulumko ukuhlolisisa kusengaphambili imigibe enokubakho uze uthabathe amanyathelo okuyiphepha.
Khusela Izinto Zakho Ezixabisekileyo
Abaninzi bathe ukubuya kwabo ekhefini bafumanisa ukuba ngoxa bebengekho ikhaya labo liye laqhekezwa. Ngoko ngaphambi kokuya ekhefini, cela abahlobo okanye abamelwane ukuba bahlole ikhaya lakho rhoqo. Basenokude bakwazi ukuchitha ixesha elithile apho ukuze benze kungabonakali ukuba akukho. Bacele ukuba baqokelele amaphephandaba akho baze bakhuphe iileta zakho kwibhokisi yeposi yonke imihla, ekubeni imfumba yamaphepha okanye ibhokisi yeposi ephuphuma ziileta ezingaqokelelwayo iyeyona nto idiza ukuba akukho.
Kwakhona kufuneka ukhusele izinto zakho ezinexabiso ezikwindawo ochithela kuyo ikhefu. Kwamanye amazwe kucingwa ukuba iindwendwe zizinhanha, ibe umkhenkethi ngamnye usenokuba lixhoba lokuphangwa. Ngoko ke, isenzo esifanelekileyo kukushiya imali eyongezelelekileyo namaphepha axabisekileyo ekhuselekile ehotele okanye kwenye indawo enqabisekileyo. Balumkele abantu ongabaziyo, ngaphandle kokungabi nabubele.
Nyaka ngamnye eMiami, eFlorida, eUnited States, kufika izigidi zabantu abasuka kwamanye amazwe nabasuka kwalapho abasekhefini. Izaphuli-mthetho ngokukhethekileyo ziyazenzela kwimimandla enjalo yabakhenkethi. Iphephancwadi iTime lanikela ingxelo yokuba ebudeni bowe-1992, “eFlorida kuphela, iindwendwe ezingama-36 766, eziphuma kumazwe asemzini nezisuka apho, zabulawa, zadlwengulwa, zaphangwa okanye zangamaxhoba ngezinye iindlela.”
Xa usekhefini, ngokukhethekileyo lumkela ukukhuthuzwa. Amadoda afanele agcine izipaji zawo kwindawo efihlakeleyo nekhuselekileyo, njengakwipokotho engaphakathi yebhatyi okanye kwipokotho engaphambili yeebhulukhwe zawo. Abahambi abanamava badla ngokuyifihla ngobuchule imali yabo kubo. Ngokomzekelo, abanye bafaka imali yabo, iincwadana zabo zokundwendwela namaphepha-mvume okungena kwamanye amazwe kwisipaji esincinane, esisibaca esirhintyelwe entanyeni saza saqhushekwa ngaphantsi kweempahla zabo. Amabhinqa afanele alumke hleze abakhweli beebhayisikile okanye bezithuthuthu baxhwile iibhegi zawo eziphathwayo.
Izaphuli-mthetho zisoloko zifuna iindlela ezintsha zokuphila ngabakhenkethi. Koololiwe abahamba imigama emide, kumazwe aseYurophu abakhweli abaleleyo baye baphangwa ebudeni bobusuku. Kusenokugalelwa iyeza elilalisayo emagumbini ukuqinisekisa ukuba akukho mkhweli uvukayo ngoxa kusimkiwa neempahla zakhe. Ngesinye isihlandlo, ngokutsho kweThe European, “kucingelwa ukuba abaphangi bemka kuloliwe beneedola ezingama-845 000 [iirandi ezizizi-3067 000] [esandleni] nezinto ezibiweyo.”
Phepha Iingozi
Incoko uRobert Benchley lathi: “Esam isicombululo kwingxaki yeengozi eziqhelekileyo, kukuhlala ebhedini imini yonke.” Kodwa landula longezelela lathi: “Sekunjalo, kusoloko kukho ithuba lokuba ungawa.” Ingongoma ikukuba, iingozi zenzeka kuyo yonke indawo! Ngoko uloyiko lokwehlelwa yingozi ngoxa usekhefini akufuneki lukwenze woyike de uhlale ekhaya. Kodwa sikho isizathu esikhethekileyo sokulumka xa usekhefini.
Imeko yezithuthi ezisendleleni inokungathembeki ngamaxesha ekhefu. Abemi baseJamani baye baqhela ingxinano yezithuthi eziikhilomitha ezingama-80 ubude ngamaxesha anjalo. Iphephancwadi iTime lika-Agasti 14, 1989, lathi: “Kulo lonke elaseYurophu kwiveki ephelileyo, izigidi zeentsapho ziye zaqalisa iholide yazo yesiqhelo ka-Agasti—yaye iye yalixesha elinzima nelidinisayo kuye wonke ubani. . . . Phantse bonke oohola abakhulu ngaphandle kweParis bebexinene. . . . Phakathi koJulayi 28 noAga. 1, abantu abali-102 banabel’ uqaqa ngenxa yokungqubana kwezithuthi koohola bendlela.” Ngoko ke, ngobulumko mana usima kancinane ukuphumza imithambo-luvo ediniswa zizithuthi ezihamba zisima.
IThe European yanikela icebiso lokuba abaqhubi beenqwelo-mafutha “balulibazise uhambo lwabo de kube ngeCawa—okanye bahambe ebusuku.” Kanti yavuma ukuba uninzi lwabantu abaya ekhefini “lusazingisa ekuhambeni ngexesha elinye.” Uyintoni umphumo woko? IYurophu ixinene zizithuthi. Nangona kububulumko ukuhamba xa iindlela zingaxinananga, sukusibetha ngoyaba isibakala sokuba ukuhamba ebusuku kusenokuba yingozi. Umntu akaboni kakuhle ebusuku, ngenxa yoko amathuba okubakho kweengozi asenokwanda. Ukuhamba ngenj’ ixukuxa kusenokuba lelona xesha libhetele.
Sukuzityeshela ezinye izinto ezinokubangela iingozi wakuba ufikile kwindawo oza kuchithela kuyo ikhefu. Ukuba izihlunu zakho bezingasebenzi unyaka wonke, zisenokonakala xa zisetyenziswa ngendlela engafanelekanga. Ngoko sukubandakanyeka kakhulu kwimidlalo kwiintsuku ezimbalwa zokuqala, xa umzimba wakho usenokuba sesichengeni sokwenzakala.
Hlala Uphilile
Ngokutsho kwencwadi ethi 2,000 Everyday Health Tips for Better Health and Happiness, “ezona ngxaki zempilo ziqhelekileyo abaqubisana nazo abahambi xa betyelele phesheya kolwandle zinokuthanani nokutya, amanzi nezifo ezimbalwa ezasulelayo.” Abacebisi ngezohambo basenokunikela icebiso ngendlela onokuziphepha ngayo iingxaki ezinjalo, ibe kuneengenelo ukulandela amacebiso abo.
Kwiindawo ezininzi kubalulekile ukuphepha ukusela amanzi empompo. Yaye khumbula ukuba, amagaqa omkhenkce asenokuba enziwe ngamanzi anjalo. Kwakhona kusenokuba bubulumko ukuphepha ukudla imifuno enamagqabi, imayonnaise, ukutya okunocwambu, inyama ekrwada okanye enqabileyo, isilwanyana sasemanzini esineqokobhe neziqhamo ezitsha, ngaphandle kokuba unokuzixobula ngokwakho. KweleeNjiko, ubisi olutsha kufuneka ulubilise ngaphambi kokuba ulusele.
Unobangela oyintloko wengozi kubantu abaya ekhefini benxibe izinto ezingawugqumiyo umzimba lilanga, ibe kwiminyaka yakutshanje le ngozi iye yanda ngokuphawulekayo ngenxa yokwehla kweozone kumoya ojikeleze umhlaba. Inani labatsha abanemalignant melanoma, olona hlobo lubulalayo lomhlaza wesikhumba, laphindaphindeka eUnited States phakathi kowe-1980 nowe-1993. EOstreliya kuye kwabonwa izikipa ezinombhalo othi “SLIP! SLOP! SLAP!” (Nxiba ihempe, thambisa into yokuzikhusela elangeni, uze uthwale umnqwazi.) Kodwa ungaziqhathi ucinge ukuba ukhuselekile. Izinto zokuzikhusela elangeni azithembekanga ngokupheleleyo.
Uhambo ngenqwelo-moya olunqumla iindawo eziliqela ezinamaxesha ahlukeneyo lunokubangela umzimba udinwe ube nesicaphucaphu. Nangona kungesosifo kona, ukudinwa komzimba nesicaphucaphu kunokuwuphazamisa umzimba womntu, ngakumbi ukuba ubani unempilo enkenenkene kakade. Uhlolisiso olwenziwa kwabo bahamba ngenqwelo-moya phakathi kweLondon neSan Francisco, umahluko wexesha oziiyure ezisibhozo, lwatyhila ukuba “ukuze umzimba uqhelane neemeko . . . ubuncinane ufuna iintsuku ezisixhenxe ukuya kwezisibhozo.” Kwakhona incwadi ethi The Body Machine yanikela ingxelo yokuba abanye abahambi abanqumla iindawo ezinamaxesha ahlukeneyo eziliqela ngokukhawuleza baye “banotyekelo lokungakwazi ukuthetha kakuhle, bathandabuze yaye basenokuziphinda kabini iimpazamo. Abakwazi ukunikela ingqalelo yaye bayalibala.”a
Ukongezelela, ukuhamba ngenqwelo-moya kwenza kube lula ukusasazeka kwesifo sisuka kwelinye ilizwekazi siye kwelinye ngeeyure nje. Iphephandaba laseJamani iNassauische Neue Presse lathi: “Oogqirha baxhalatyiswe ngokukhethekileyo zizifo ‘ezingaqhelekanga’ ezinjengesifo seengcongconi okanye i-hepatitis ebuya nabo baye ekhefini eAfrika, eAsia, okanye kuMzantsi Merika. Minyaka le abantu baseJamani abamalunga nama-2000 babuyela emakhaya benesifo seengcongconi.” Emva kobhubhani owabangela ukufa kwabantu eIndiya ngowe-1994, kwathatyathwa amanyathelo aqatha okumgcina ukuze angasasazeki kwamanye amazwe.
Abantu abaneengxaki zempilo ezithe gqolo, namabhinqa akhulelweyo, bafanele balumke ngakumbi xa bethabatha uhambo. Nangona kwiimeko ezininzi kungekho sizathu sinyanzelisa ukuba abantu abanjalo bangathabathi uhambo, bafanele bafune icebiso likagqirha wabo kusengaphambili. Kububulumko ukuba wonke umntu ohambayo aphathe igama, ikhelingi nenombolo yomnxeba yomhlobo okanye yesalamane esinokufikeleleka ngexesha longxamiseko.
Umntu ofuna ukuhlatywa iinaliti zokunyanga isifo seswekile rhoqo ukugcina iswekile esegazini lakhe ikumlinganiselo ofanelekileyo ufanele akhumbule ukuba ukunqumla imimandla eliqela enamaxesha awahlukahlukeneyo kuya kuluphazamisa ucwangciso lwakhe oluhle lwesidlo nolwenaliti. Kuya kufuneka acebe ngokuvisisana noko. Okanye umhambi onesixhobo esincedisa ukubetha kwentliziyo ufanele aqiniseke ukuba unenombolo yomnxeba yengcali yakhe kwezentliziyo.
Ngaphezu koko, nabani na oxhomekeke kuhlobo oluthile lwamayeza kuya kufuneka awafake kumthwalo wakhe awuphetheyo kuba umthwalo olahlekileyo okanye osiwe kwindawo engeyiyo usenokubangela intlekele ngandlel’ ithile. Ukungatshintshi impahla yokunxiba kangangeentsuku eziliqela kusenokungabi myoli; ukungasebenzisi amayeza afunekayo kangangeeyure ezimbalwa kuphela kusenokubusongela ubomi.
Iingozi zokuya ekhefini akufuneki zibethwe ngoyaba. Kanti, sinqabile isizathu esifanelekileyo esinokukubangela woyike de uhlale ekhaya. Kufuneka nje ulumke. Khumbula oku: Amalungiselelo afanelekileyo aluncedo ekoyiseni iingozi ezinokubakho. Landela icebiso lobulumko: “Indoda elumkileyo ibona inkathazo iseza izifihle; esisiyatha iya kuya kuyo ihlawuliswe.”—IMizekeliso 22:3, The New English Bible.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane amacebiso ngento onokuyenza ngokudinwa komzimba nesicaphucaphu, bona iAwake!, kaJuni 8, 1986, iphepha 19-21.
[Umfanekiso okwiphepha 13]
Xa usekhefini, kulumkele oko ukutyayo