Abantu Abafundiswe Ukuba Nothando
UTHANDO ngumsa osekelwe ekuhloneleni, ekuthandeni ukwenza okulungileyo okanye ekuboniseni umdla kwizinto ezifanayo. Uthando kukuba nobuhlobo obufudumeleyo. Aluzingci, lunyanisekile, yaye luyibonakalisa ngokunzulu inkxalabo enobuntu ngempilontle yabanye. Uthando lusisichasi sentiyo. Umntu oqhutywa yintiyo uzalisekisa eyakhe inkanuko; lowo uqhutywa luthando ucinga ngabanye.
Uthando okanye intiyo—yiyiphi elawula ubomi bakho? Lo asingombuzo nje ufana neminye ngenxa yokuba ikamva lakho elihlala lihleli lixhomekeke kwimpendulo yawo. Ngoxa ziphila kwihlabathi elifundiswe ukuba nentiyo, izigidi zabantu zifunda ukuba nothando. Oku zikwenza ngokwambatha ubuntu obutsha. Azithethi nje ngothando; ziwa zivuka zizama ukulubonakalisa.
Ukuba ukhe waya kwintlanganiso yamaNgqina kaYehova, usenokuba wachukunyiswa koko wakubonayo. Kungakhathaliseki ukuba ngawaluphi na uhlanga, amaNgqina kaYehova amanyene elunqulweni. Akha ubuzalwana bezizwe ngezizwe. Oku kunokubonwa kumabandla awo asekuhlaleni nakwiindibano zawo kodwa mhlawumbi akukho apho oku kubonakala kakuhle khona kunoko akubiza ngokuba ziintsapho zaseBheteli. La ngamaqela amatsha-ntliziyo ahlala nasebenza kunye njengentsapho evelisa aze asasaze uncwadi lweBhayibhile. Kwilizwe ngalinye, wambi awo avelela umsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova apho. Oku akuyondlwan’ iyanetha ekubeni kuquka—njengowe-1997—ngaphezu kwamabandla angama-82 000 kumazwe angama-233. Ukuze bazalisekise le mfuno, abantu abangaphezu kwe-16 000 bakhonza kwezi ntsapho zaseBheteli ehlabathini lonke, kuquka ikomkhulu lehlabathi nakwizakhiwo zamasebe ezincinane ezahlukeneyo kumazwe ali-103.
Uninzi lweentsapho zaseBheteli zibunjwe ubukhulu becala ngabemi belizwe apho iofisi leyo yesebe yakhiwe khona. Kodwa alibunjwanga ngabo kuphela. Ezinye iintsapho zaseBheteli zibunjwe ngamaNgqina asuka kwizizwe neentlanga ezahlukeneyo kwanalawo ayesuka kwiinkonzo ezahlukeneyo. Ngokomzekelo, kwintsapho yaseBheteli enabantu abamalunga ne-1200 eseSelters, eJamani, kukho iintlanga ezimalunga nama-30. Yintoni ezibangela zihlale, zisebenze zize zinqule kunye ngoxolo nangomanyano, kwimekobume engenantiyo? Balandela isiluleko seBhayibhile esikweyabaseKolose 3:14, esithi:
“Yambathani Uthando”
Akakho umntu ozalwa ambathile, engekho nomntu owambathayo ngokusuka athethe ngako. Ukuzambathisa kufuna ubani enze izigqibo aze enze ngokuvisisana nazo. Ngokufanayo, akakho umntu ozalwa ambathe uthando. Ukuthetha nje ngako akwanele. Kufuna umgudu.
Ukwambatha kunceda kwizinto ezininzi. Kukhusela umzimba, kufihla amalungu omzimba angabukelekiyo okanye iziphako, ibe ngokomlinganiselo othile kutyhila ubuntu bomntu. Nqwa nothando. Luyakhusela kuba ukuthanda imigaqo yobulungisa nonxulumano olufanelekileyo kukhuthaza ubani ukuba aphephe unxulumano okanye iindawo ezisenokuba yingozi. Lunceda ekukhuseleni ulwalamano lobuqu nabanye, nto leyo exabiseke gqitha kuthi. Lowo unothando unokuthandwa naye, ibe lowo ungafuniyo ukwenzakalisa abanye naye akanakwenzakaliswa.
Uthando lukwafihla ezona mpawu zingathandekiyo zobuntu bethu, mpawu ezo ezisenokubaphazamisa abanye abantu. Ngaba amaxesha amaninzi asizibethi ngoyaba iimpazamo ezincinane zabantu abanothando kunezabantu abazingcayo, abanekratshi, abacingela iziqu zabo kakhulu, nabaswele uthando?
Abantu abambatha uthando batyhila ubuhle bokuba nobuntu obufana nobukaKristu. Nangona ubuhle bangaphandle ibobekhiwane, ubuhle bokomoya buzalisa bonke ubuntu bomntu. Basenokuba bakho abantu obagqala bebahle, kungengenxa yembonakalo yabo yangaphandle, kodwa ngenxa yobuhlobo babo bokwenene. Kwelinye icala, uninzi lwethu luye lwadibana neembelukazi zamabhinqa okanye iinzwana zamadoda eziye zasibangela saphelelwa ngumdla ebesinawo ngazo ngenxa yokuba ziye zavelisa obona buntu bazo. Hayi indlela ekuyolisa ngayo ukuba phakathi kwabantu abaye bambatha uthando!
Ukulahla Intiyo Ube Nothando
Isibakala sokuba unokuyilahla intiyo ube nothando sibonakala kuhlolisiso olwenziwa ngowe-1994 kumaNgqina kaYehova ali-145-958 eJamani.
Ukusela ngokugqith’ emgceni, ukusebenzisa kakubi iziyobisi, ulwaphulo-mthetho, ukungcakaza nokungabi nabuhlobo okanye ugonyamelo, zonke ezo zinto ngandlel’ ithile, zibonisa ukuzingca, nto leyo enokuthi ngokulula ibangele intiyo. Kodwa ama-38,7 ekhulwini abo kwadliwana nabo indlebe athi ukuze afikelele imilinganiselo ephakamileyo yeBhayibhile ekhuthazwa ngamaNgqina, aye oyisa enye okanye ezingakumbi kwezi ngxaki. Ukuthanda uThixo nemilinganiselo yakhe yobulungisa yokuziphatha kwawaqhubela ekubeni enze oko. AmaNgqina kaYehova ayesoloko enikela uncedo lothando kuye ngamnye wabo. Kwiminyaka emihlanu edluleyo (1992-1996), abantu abasisi-1616 894 kumazwe angama-233 baye bancedwa ukuba benze utshintsho besoyisa intiyo ngothando oloyisa yonke into.
Ngokusebenzisa uthando lokungazingci emitshatweni yawo, amaNgqina kaYehova aba nolwalamano olungagungqiyo. Kwamanye amazwe umtshato omnye kwemibini okanye emithathu uphela uqhawuka. Kodwa olu hlolisiso luchazwe ngasentla lwabonisa ukuba kutshanje kuphela sisi-4,9 ekhulwini samaNgqina aqhawule umtshato okanye ahlukeneyo namaqabane awo. Noko ke, enye into engenakulityalwa kukuba, uninzi lwaba lwaqhawula umtshato ngaphambi kokuba lube ngamaNgqina kaYehova.
Ekubeni uThixo wothando enguMyaleli Ozukileyo obafundisa iindlela zakhe abo bamthandayo, amaNgqina kaYehova alubonisa kuye uthando lwawo, kuqala. Ngokungafaniyo nabanye abantu, abasenokuba ‘ngabathandi beziyolo kunokuba ngabathandi bakaThixo,’ amaNgqina kaYehova abeka uThixo kuqala. (2 Timoti 3:4) Ngokwahlukileyo kwiindlela zeli hlabathi lingenamigaqo, ngokuqhelekileyo iNgqina lichitha iiyure ezili-17,5 veki nganye kwimisebenzi yonqulo. Ngokucacileyo amaNgqina axhalabele izinto zokomoya. Leyo yeyona nto iwonwabisayo. UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya, ekubeni ubukumkani bamazulu ibobabo.”—Mateyu 5:3.
Umbhali weNdumiso 118 uthi, umkhonzi wokwenyaniso kaThixo akuyomfuneko ukuba oyike abantu. “UYehova ungakum, andoyiki; angandenza ntoni na umntu?” (Indinyana 6) Ukukholosa ngokupheleleyo ngoThixo kususa ezinye izinto ezingoonobangela bokuthiya nokoyika abanye abantu.
UmKristu owaziyo ukuba uThixo ‘uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba nenyaniso,’ uya kuzabalazela ukususa umsindo ebomini bakhe, njengoko unokuba ngomnye unobangela wentiyo. Ukuhlakulela iimpawu zomoya kaThixo, eziquka ubulali nokuzeyisa, kuya kumnceda ekwenzeni oku.—INdumiso 86:15; Galati 5:22, 23.
UmKristu wokwenyaniso uthobekile yaye akazicingeli ngaphezu kokuba kuyimfuneko. (Roma 12:3) Uhlakulela uthando xa eqhubana nabanye. Ngokwahlukileyo kwintiyo, uthando “alucaphuki. Alugcini ingxelo yobubi.”—1 Korinte 13:5.
Ewe, ukoyika, umsindo, okanye intlungu kunokubangela abantu babe nentiyo. Kodwa xa uthando, luvunyelwe ukuba luthabathe indawo yentiyo, luyayoyisa. Eneneni, uthando luyeyona nto inamandla kwindalo iphela kuba “uThixo uluthando.”—1 Yohane 4:8.
Kungekudala Intiyo Iya Kube Iphele Ngonaphakade
Ekubeni zingeyonxalenye yobuntu bukaYehova uThixo, ukuzingca nentiyo azinakuhlala zikho ngonaphakade. Kufuneka zisuswe, ukuze kungene uthando endaweni yazo, oluya kuhlala ngonaphakade. Ukuba ihlabathi elingenantiyo, nelizele luthando, liyinto oyilangazelelayo, vumela amaNgqina kaYehova akuchazele ngokusuka eBhayibhileni izinto ezifunekayo ukuze uphile kulo.
Ewe, ngamnye wethu uya kwenza kakuhle ukuzibuza lo mbuzo, ‘Luluphi uphawu olulawula ubomi bam, luthando okanye yintiyo?’ Lo asingombuzo nje ofana neminye. Umntu ophilela ukwenza ukuthanda kotshaba lukaThixo, uthixo wentiyo, akasayi kuphila ixesha elide. Umntu ophilela ukwenza ukuthanda kukaYehova, uThixo wothando, uya kuphila ngonaphakade!—1 Yohane 2:15-17.
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Nanamhlanje abantu banokwambatha uthando