Ekuphela Kwendlela Yokushenxisa Intiyo
“Ayikho intiyo engabangelwa luloyiko. . . . Siye siyithiye into xa siyoyika ibe ngenxa yoko apho kukho intiyo, noloyiko lulapho.”—CYRIL CONNOLLY, UMHLALUTYI NOMBHALI WEENCWADI.
UNINZI lwezazi ngezentlalo lukholelwa kwelokuba intiyo yinto esoloko ikho emntwini nangona engayiva. “Ubukhulu becala yendele,” isegazini, satsho njalo esinye isazinzulu sezobupolitika.
Siyaqondakala ke phofu isizathu sokuba abo bafunda ngendlela abantu abadalwe ngayo bafikelele kweso sigqibo. Aba bantu bafunda ngabo ngamadoda namabhinqa azelwe ‘enesiphoso nesono,’ ngokutsho kwengxelo ephefumlelweyo yeBhayibhile. (INdumiso 51:5) KwanoMdali ngokwakhe, wathi akuphosa iliso lakhe kumntu ongafezekanga kumawaka eminyaka adlulayo, “wabona ukuba ububi bomntu bandile emhlabeni yaye zonke iingcamango zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha.”—Genesis 6:5.
Ikhethe, ucalucalulo kunye nentiyo ethi idalwe zezo zinto yimiphumo yokungafezeki nokuzingca komntu awakuzuz’ ilifa. (Duteronomi 32:5) Okulusizi kukuba akakho umntu okanye urhulumente, enoba injani na inkqubo ayisebenzisayo, oye wakwazi ukubangela ukuba intliziyo yomntu itshintshe kwimibandela enjalo. Umbhaleli wamaphephandaba amazwe angaphandle uJohanna McGeary wathi: “Alikho ipolisa lehlabathi, enoba linamandla kangakanani, elinokungenelela lize liphelise intiyo eye yenza iBosnia, iSomalia, iLiberia, iKashmir, zibe ziindawo ekuphalazwa igazi kuzo.”
Noko ke, ngaphambi kokuba siqalise ukukhangela izicombululo, simele sifumane ingcambu yezinto ezibangela intiyo.
Intiyo Ibangelwa Luloyiko
Intiyo iziindidi ngeendidi. Umbhali uAndrew Sullivan wawushwankathela kamnandi lo mba esithi: “Kukho intiyo ebangelwa luloyiko, kubekho nentiyo ebangelwa kukudelela; kukho intiyo eyenza umntu azive enegunya, kubekho nentiyo evela kwabangenamandla; kukho impindezelo, kubekho nentiyo ebangelwa ngumona. . . . Kukho intiyo yomcinezeli, kubekho nentiyo yexhoba. Kukho intiyo eloziza kancinane, kubekho nentiyo edangazelayo. Kukho intiyo edubulayo, kubekho nentiyo engasoze ihambele ndawo.”
Alithandabuzeki elokuba, abanye boothunywashe abaphambili ababangela ungquzulwano olunentiyo kula maxesha ngabanento yokwenza nentlalo noqoqosho. Ikhethe eligqithiseleyo nokugqabhuka kwentiyo kudla ngokubakho kwiindawo apho iqela elifumileyo ilelona lincinane. Kwakhona, intiyo idla ngokubakho apho umgangatho wempilo webutho elithile labantu usongelwa kukuthontelana kwabantu abasuka kwamanye amazwe.
Abanye basenokuvakalelwa kukuba abo bantu basandul’ ukufika baza kukhuphisana nabo ngemisebenzi, besebenzela imivuzo ephantsi, okanye baza kubangela ukuba ixabiso lezinto zabo lihle. Enoba olo loyiko luyathetheleleka okanye akunjalo ngomnye umcimbi. Uloyiko lokulahlekelwa kwezoqoqosho kunye noloyiko lokuba imilinganiselo yentlalo okanye indlela yokuphila iza kudodobala ngoothunywashe abanamandla ababangela ikhethe nentiyo.
Liliphi inyathelo lokuqala elifanele lithatyathwe ukuze kupheliswe intiyo? Makuguqulwe izimo zengqondo.
Ukuguqula Izimo Zengqondo
UMcGeary wathi: “Inguqu yokwenene inokubakho kuphela ukuba abantu ababandakanyekileyo bayathanda.” Inokuguqulwa njani ke intando yabantu? Amava abonisa ukuba eyona mpembelelo inamandla, eshukumisayo nehlala ihleli enxamnye nokukhula kwentiyo ifumaneka kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. Oku kubangelwa kukuba “ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.”—Hebhere 4:12.
Kuyavunywa ukuba ukuncothulwa kwekhethe nentiyo akuyonto izenzekelayo, kwaye ingeyonto enokwenzeka ngokuphanyaza kweliso. Kodwa kunokwenzeka. UYesu Kristu, owayebalasele ekushukumiseni iintliziyo nasekuxhokonxeni izazela, wakwazi ukushukumisela abantu ukuba benze inguqu. Izigidi zabantu ziye zanempumelelo ekulandeleni isiluleko sobulumko sikaYesu Kristu esithi: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.”—Mateyu 5:44.
Ngokuvisisana neemfundiso zakhe, kwiqela labona bahlobo bakhe basenyongweni uYesu waquka uMateyu, owayesakuba ngumbuthi werhafu, umntu owayengumalahlwa nofele kwibutho lamaYuda. (Mateyu 9:9; 11:19) Ukongezelela koko, uYesu waseka indlela yonqulo olunyulu eyayiza kuthi ekugqibeleni yamkele amawaka abantu beeNtlanga ngaphambili ababekhutshelwe ecaleni nababethiyiwe. (Galati 3:28) Abantu ababevela kulo lonke ihlabathi laloo mihla baba ngabalandeli bakaYesu Kristu. (IZenzo 10:34, 35) Aba bantu baye baziwa ngothando lwabo oluncamisileyo. (Yohane 13:35) Xa abantu ababeqhutywa yintiyo baxuluba umfundi kaYesu ogama linguStefano de wafa, nanga amazwi okugqibela awawathethayo: “Yehova, musa ukusibalela kubo esi sono.” UStefano wayebanqwenelela okuhle abo babemthiyile.—IZenzo 6:8-14; 7:54-60.
AmaKristu okwenyaniso anamhlanje aye asabela ngendlela efanayo kwisiluleko sikaYesu sokuba enze okulungileyo, kungekuphela nje kubazalwana bawo abangamaKristu, kodwa kwanakwabo bawathiyileyo. (Galati 6:10) Ayazibhokoxa ukuze aphelise intiyo ekrakra ebomini bawo. Ekubeni eqonda ukuba kukho impembelelo enamandla enokufukama intiyo ngaphakathi kwawo, enza izinto ezakhayo yaye endaweni yentiyo afaka uthando. Ewe, kunjengoko inyange lamandulo latshoyo, “intiyo ixhokonxa usukuzwano, kodwa uthando lugubungela konke ukunxaxha.”—IMizekeliso 10:12.
Umpostile uYohane wathi: “Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu, yaye niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi obungunaphakade obuhleliyo kuso.” (1 Yohane 3:15) AmaNgqina kaYehova ayayikholelwa loo nto. Ngenxa yoko, sithethanje ayaxubana—evela kuzo zonke izizwe, izithethe, unqulo, neemvelaphi zezobupolitika—ukuze abe libutho elimanyeneyo, elingenantiyo nelinobuzalwana bokwenene behlabathi lonke.—Bona iibhokisi ezihamba neli nqaku.
Intiyo Iza Kushenxiswa!
Mhlawumbi usenokuthi, ‘Ewe intle kwaye iyancomeka loo nto kwabo bantu babandakanyekileyo. Kodwa ke soze iyitshayele iphele intiyo emhlabeni esiphila kuwo.’ Kuyinyaniso kona ukuba, kwanokuba akunayo intiyo entliziyweni yakho, usenokuba lixhoba layo. Ngoko simele sikhangele kuThixo ukuze sifumane isicombululo sokwenene sale ngxaki exhalabise ihlabathi liphela.
Injongo kaThixo kukuba yonke imizila yentiyo ishenxiswe kungekudala emhlabeni. Oku kuya kwenzeka phantsi kolawulo lorhulumente wasezulwini uYesu awasifundisa ukuba siluthandazele sisithi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.”—Mateyu 6:9, 10.
Xa loo mthandazo uphendulwe ngokupheleleyo, iimeko ezibangela intiyo ziya kube zingasekho. Iimeko ezivulel’ ithuba intiyo ziya kube zishenxisiwe. Ukusasazwa kwenkcazelo elahlekisayo, ukungabi nalwazi nekhethe ziya kube zithatyathelw’ indawo kukukhanyiselwa, yinyaniso nobulungisa. Okunene, uya kwandula ke uThixo ‘azisule zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.’—ISityhilelo 21:1-4.
Nazi ke iindaba ezide zamnandi nangakumbi! Kukho ubungqina obungenakuphikiswa bani bokuba siphila ‘kwimihla yokugqibela.’ Ngaloo ndlela, sinokuba nentembelo yokuba kungentsuku zatywala siza kubona intiyo engeyoyabuthixo isithi shwaka kulo mhlaba. (2 Timoti 3:1-5; Mateyu 24:3-14) Kwihlabathi likaThixo elitsha elithenjisiweyo, umoya wokwenene wobuzalwana uya kubakho kuba abantu baza kube bebuyiselwe emfezekweni.—Luka 23:43; 2 Petros 3:13.
Kodwa akuyomfuneko ukuba ulinde kude kube lelo xesha ukuze ufumane ubuzalwana bokwenene. Enyanisweni, njengoko iingxelo ezilandelayo zibonisa, uthando lwamaKristu sele lufumene indawo kwiintliziyo zezigidi zabantu abebenokuba nentiyo ukuba bebengenalo. Nawe uyamenywa ukuba ube yinxalenye yobo buzalwana bothando!
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
“Yintoni Angewayeyenzile UYesu?”
NgoJuni 1998, abelungu abathathu bakumaphandle eTexas eUnited States bahlasela indoda entsundu egama linguJames Byrd, Omnci. Bamthabatha bamsa kwindawo ekude, nekwanti, bambetha baza bankqangiyela imilenze yakhe ngamatyathanga. Emva koko bambophelela kwiveni baza bamrhuqa ngayo umgama oziikhilomitha ezintlanu ukuhlisa indlela de umzimba wakhe wabetheka kumjelo onqamleza ngaphantsi kwendlela. Esi senzo siye sabizwa ngokuba lolona Iwaphulo-mthetho oluntyontyelwa yintiyo olumanyumnyezi kwelo shumi leminyaka (iminyaka yee-1990).
OodadeboJames Byrd abathathu bangamaNgqina kaYehova. Bavakalelwa njani ngabenzi besi senzo solwaphulo-mthetho simanyumnyezi? Kumazwi abawavakalisayo bekunye, bathi: “Ukungcungcuthekiswa nokubulawa ngokungekho mthethweni komntu esimthandayo kuye kwadala imvo yokulahlekelwa nentlungu engenakuthelekiswa nanto. Ubani uye asabele njani na kwisenzo esilisikizi ngolu hlobo? Impindezelo, ukuthetha amazwi entiyo okanye ukusasaza inkcazelo elahlekisayo ephembelela intiyo akuzange kuthi qatha ezingqondweni zethu. Sacinga ngolu hlobo: ‘Yintoni angewayeyenzile uYesu? Ngewayesabele njani?’ Impendulo yayizicacele. Isigidimi sakhe ngesasibe sesoxolo nethemba.”
Phakathi kweZibhalo ezabancedayo bathintela intiyo ukuba ingakhuli ezintliziyweni zabo yayisesamaRoma 12:17-19. Umpostile uPawulos wabhala: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke. Musani ukuziphindezelela, zintanda, kodwa yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa: ‘lmpindezelo yeyam; kuya kubuyekeza mna, utsho uYehova.”’
Bahlabela mgama besithi: “Sikhumbula amanye amazwi asengqiqweni akwiimpapasho zethu athi izenzo ezilolu hlobo ezingekho sikweni okanye zolwaphulo-mthetho zilisikizi kangangokuba kuya kuba nzima nyhani ukuthi, ‘Ndiyakuxolela’ uze ulibale. Kwiimeko ezinjalo ukuxolela kunokuba kukuyeka ingqumbo nje ukuze ubani aqhubeke eziphilela ubomi bakhe yaye angathuthumbisi ingqondo okanye umzimba wakhe kuba efukame ingqumbo.” Obunjani ukuba buhle ubungqina bokuba iBhayibhile inamandla okuthintela intiyo eyendeleyo ukuba ingakhuli!
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Ukungaginyani Okwaguqulwa Kwaba Bubuhlobo
Kwiminyaka yakutshanje, amawaka abaphambukeli aye athontelana eCrisi eyokufuna umsebenzi. Noko ke, iimeko zoqoqosho eziya zisiba mandundu ziye zawanciphisa amathuba emisebenzi, kwaye loo nto iye yabangela ukuba kuye kusiba nzima nangakumbi ukufumana umsebenzi. Ngenxayoko, kukho ukungaginyani okukhoyo phakathi kwezizwe ezahlukeneyo. Omnye wemizekelo yoku bubutshaba obuphakathi kwabaphambukeli abavela eAlbania nabavela eBulgaria. Kwiindawo ezininzi zaseCrisi, ukhuphiswano olungamandla luye Iwakho phakathi kwabantu bala maqela mabini.
Kwidolophu yaseKiato, kumntla mpuma wePeloponnisos, intsapho yaseBulgaria kunye nendoda yaseAlbania baqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova baza baqhelana. Ukusetyenziswa kwemigaqo yeBhayibhile kwakunyibilikisa ukungaginyani okwakukho phakathi kwezi zizwe zibini. Kwakhona kwaba negalelo kubuhlobo bobuzalwana bokwenene obabuphakathi kwaba bantu. Ulvan, waseBulgaria, wada wancedisa uLoulis, waseAlbania, ukuba afumane indawo yokuhlala eselumelwaneni lukalvan. Ezi ntsapho zimbini zidla ngokutya kunye zize zabelane nangezinto eziphathekayo. Sithethanje omabini la madoda angamaNgqina kaYehova abhaptiziweyo kwaye ayasebenzisana ekushumayeleni iindaba ezilungileyo. Ngokuqinisekileyo, soze kuthi kanti obu buhlobo bamaKristu abubonwa ngabamelwane.
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Yonke imizila yentiyo iya kushenxiswa emhlabeni phantsi koBukumkani bukaThixo