Kutheni Kukho Intiyo Engaka?
NGUMBHALELI KAVUKANI! EJAMANI
IGAMA elithi “kutheni”—libinzana nje elifutshane, kodwa elifuna impendulo. Ngokomzekelo, laliyifuna kakhulu impendulo xa lalibhalwe kwiphetshana elaliphakathi kwesiqhuma seentyatyambo noonodoli abangamabhere ababebekwe ngaphandle kwesikolo eDunblane, eScotland, ngoMatshi wowe-1996. Kwiintsuku nje ezimbalwa ngaphambi koko, kwangena indoda ingabhungisanga yaza yaqhumis’ irhuluwa, ibulala abantwana abali-16 nomfundisi-ntsapho wabo. Yangxwelerha nabanye abaninzi yaza nayo yazidubula. Ngokucacileyo, yayingaziva yintiyo—ithiye isiqu sayo, ithiye abanye, kwanto nje ingumntu. Abazali nezihlobo ezazehlelwe seso sihelegu kwakunye nezigidi zabantu ehlabathini lonke babuza umbuzo ofanayo, ‘Kutheni? Kutheni abantwana abamsulwa besifa ngale ndlela?’
Usenokuba uliphawule elokuba ihlabathi lizaliswe yintiyo engekho ngqiqweni nengenasizathu. Enyanisweni, ngezizathu ezithile, usenokuba ukhe walixhoba lentiyo. Nawe mhlawumbi ukhe wabuza ukuba, ‘Kutheni?’—mhlawumbi ngokuphindaphindiweyo.
Intlobo Ezifanelekileyo Nezingafanelekanga Zentiyo
“Ukuthiya” kunye “nentiyo” zichazwa “njengokucaphukela nokucekisa ngokugqithiseleyo.” Kambe ke, kuyingenelo “ukucaphukela nokucekisa ngokugqithiseleyo” izinto eziyingozi okanye ezinokonakalisa ulwalamano lukabani. Ukuba wonk’ ubani ebenolu hlobo lwentiyo, ngokwenene ihlabathi beliya kuba yindawo elunge ngakumbi umntu anokuphila kuyo. Noko ke, okulusizi kukuba, abantu abangafezekanga banomkhwa wokuthiya izinto ebebengamele bazithiye beqhutywa zizizathu ezingatshongo khona.
Intiyo engafanelekanga izalwa likhethe, kukungazi, okanye yinkcazelo ephosakeleyo ibe ngokuqhelekileyo ngokutsho kwenye ingcaciso ibangelwa “luloyiko, ngumsindo, okanye yintlungu.” Ekubeni ingenasiseko sifanelekileyo, le ntiyo isenokukushiya ungonwabanga isoloko isisizekabani sokuba kubuzwe umbuzo othi, ‘Kutheni?’
Sonke siyabazi abantu abenza izinto ngendlela esicaphukisayo maxa wambi kwanabo singabaginyi kakuhle. Kodwa ukucaphuka; nokufuna ukwenzakalisa abantu zizinto ezimbini ezahlukeneyo. Ngoko, sinokukufumanisa kunzima ukuqonda indlela umntu akwazi ngayo ukufukama intiyo ngawo onke amaqela abantu, ngokufuthi abantu angabazi kwaukubazi. Basenokuba baneembono zobupolitika ezingafaniyo nezakhe, ngabonqulo olwahlukileyo kolwakhe, okanye ngabolunye uhlanga, kodwa ngaba eso sisizathu sokubathiya?
Sekunjalo, intiyo elolo hlobo isagqugqisile! EAfrika intiyo yabangela amaHutu namaTutsi abulalana eRwanda ngowe-1994, nto leyo eyabangela ukuba enye intatheli ibuze lo mbuzo: “Yintoni ebangele intiyo engaka kwilizwe elincinane ngolu hlobo?” KuMbindi Mpuma, intiyo iye yabangela ukunqolobana kwama-Arab namaSirayeli anenzondelelo. EYurophu intiyo iye yachithachitha amazwe endawo eyayisakuba yiYugoslavia. Ibe ngokutsho kwenye ingxelo yephephandaba, eUnited States kuphela “amaqela aqikelelwa kuma-250” asasaza iingcamango zobuhlanga. Kutheni kukho intiyo engaka? Kutheni?
Intiyo yendele kangangokuba naxa ungquzulwano obelubangelwe yiyo luconjululwe, isala isekho. Yintoni enye enokubangela ukuba kube nzima ukulondoloza uxolo nokunqumamisa imilo kumazwe adlavulwe yimfazwe nazaliswe ngabagrogrisi? Yintoni enye enokubangela oko kwenzeka emva kokuba isivumelwano soxolo esatyikitywa ekupheleni kowe-1995 eParis sindulule ukuba isixeko saseSarajevo sidibane phantsi kweBosnia and Herzegovina-Croat Federation? AmaSerb amaninzi awayehlala apho alinikel’ umva elo lizwe needolophana zalo esoyika impindezelo. Inikela ingxelo yokuba abantu babephanga baze batshise izakhiwo ababezishiya ngasemva, iTime yaqukumbela ngelithi: “ISarajevo iye yamanyaniswa; kodwa abantu bayo baseziintlaba-zahlukane.”
Uxolo phakathi kwabantu abathiyeneyo eneneni luxolo lwenkohliso, luyinkcitha-xesha njengemali yenkohliso. Ekubeni lungenanto yomeleleyo yokuluxhasa, xa kunokuvela ingxaki encinane, lunokuphelela nje esithubeni. Kodwa intiyo iyagquba ehlabathini, uthando lunqabe okwezinyo lenkuku. Kutheni?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 4]
Intiyo engafanelekanga izalwa likhethe, kukungazi, okanye yinkcazelo ephosakeleyo