IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • wp22 No. 1 iphe. 4-5
  • Kutheni Inzondo Ixhaphake Kangaka?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kutheni Inzondo Ixhaphake Kangaka?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Yintoni Inzondo?
  • KUTHENI ABANTU BESIBA NENZONDO?
  • INDLELA ESASAZEKA NGAYO
  • IBHAYIBHILE ICHAZA UKUBA ISUKA PHI INZONDO
  • Singakwazi Ukuyeka Ukuba Nenzondo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
  • Xa Inzondo Iphelisiwe Ngonaphakade!
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
  • Kutheni Kukho Intiyo Engaka?
    Vukani!—1997
  • Kutheni Abantu Becaphukelana Kangaka?—Ithini IBhayibhile?
    Imixholo Engakumbi
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Kawonke-wonke)—2022
wp22 No. 1 iphe. 4-5

Kutheni Inzondo Ixhaphake Kangaka?

Kutheni ixhaphake kangaka inzondo emhlabeni? Ukuze siqonde isizathu kufuneka siqonde ukuba yintoni inzondo, kutheni abantu benayo, ibe isasazeka njani.

Yintoni Inzondo?

Inzondo kukucaphukela umntu okanye iqela labantu kakhulu. Yimvakalelo yokungamthandi umntu ngokuqhubekayo.

KUTHENI ABANTU BESIBA NENZONDO?

Zininzi izizathu ezenza abantu baqalise ukuba nenzondo. Abantu baye bazondwe hayi nje ngenxa yezinto abazenzayo kodwa ngenxa yobuntu babo. Abo bazondwayo banokubonakala njengabo bangalunganga, abo baneenjongo zokuvisa abanye ubuhlungu nabangenakutshintsha. Basenokubonwa njengabantu abangabalulekanga, abayingozi, nababangela iingxaki. Kusenokwenzeka abo babazondayo abanye abantu bakhe babethwa, baqhathwa, benziwa izinto ezabenza baziva bengathandwa.

INDLELA ESASAZEKA NGAYO

Umntu usenokubacaphukela abanye nangona engazange wadibana nabo. Ngokomzekelo, umntu usenokuvakalelwa ngendlela abahlobo nentsapho yakhe abavakalelwa ngayo ngeqela elithile. Ngenxa yaloo nto inzondo inokusasazeka lula baze bazondwe ngakumbi abantu belo qela.

Xa siqonda indlela esasazeka ngokulula ngayo inzondo sitsho sibone ukuba kutheni abantu abaninzi benayo. Kodwa ke, ukuze siphelise inzondo eqhubekayo kufuneka sifunde ukuba inzondo yaqala njani. Singafunda ngayo eBhayibhileni.

IBHAYIBHILE ICHAZA UKUBA ISUKA PHI INZONDO

Imigca emibini ejikelezayo ibonisa izinto ezenza inzondo. 1. Ukufumana inkcazelo engachananga kwintsapho nabahlobo, kwiiwebhsayithi zokuncokola, ezindabeni. 2. Ukungahoyi indlela umntu akhule ngayo, uhlanga lwakhe nonqulo akulo. 3. Uloyiko lotshintsho, lokulahlekelwa zizinto nolwento esenokwenzeka. 4. Inzondo, umkhethe, ucalucalulo nobundlobongela.

AYINGOBANTU ABAQALA INZONDO. Yaqalwa nguSathana uMtyholi ingelosi eyayisezulwini xa yavukela uThixo. UMtyholi ‘wayengumbulali xa wayeqalisa’ ukuvukela. ‘Kuba elixoki, ibe ubuxoki beza ngaye,’ uqhubeka ebangela inzondo nomsindo. (Yohane 8:44; 1 Yohane 3:11, 12) IBhayibhile ithi ukhohlakele ibe unomsindo omkhulu.​—Yobhi 2:7; ISityhilelo 12:9, 12, 17.

KULULA KUBANTU ABANESONO UKUBA BABENENZONDO. Indoda yokuqala uAdam yalandela uSathana yaza yenza isono. Ngenxa yaloo nto abantu bosulelwa sisono ibe loo nto yenza benze impazamo. (Roma 5:12) Ngenxa yenzondo unyana wokuqala ka-Adam, uKayin wabulala umntakwabo uAbheli. (1 Yohane 3:12) Ewe kona, abantu abaninzi bayalubonisa uthando novelwano. Ngenxa yesono esasifumana kuAdam abantu abaninzi bazicingela bodwa, banomona ibe banekratshi​—mpawu ezo ezenza inzondo.​—2 Timoti 3:1-5

OYENA MNTU UBA NENZONDO NGUMNTU OBACAPHUKELAYO ABANTU ABOHLUKILEYO. Kwihlabathi esiphila kulo ukungabi nanceba, iingcinga ezimbi nokuziphatha okwenzakalisayo kwenza inzondo engakumbi. Ukungakwazi ukubanyamezela abantu, ukuba nomkhethe, ukuthetha amazwi ahlabayo, ukuphatha kakubi abanye nokonakaliswa kwezakhiwo kuyanda kuba “lonke ihlabathi lilawulwa nguSathana uMtyholi”.​—1 Yohane 5:19.

Kodwa ke iBhayibhile ayisichazeli nje unobangela wenzondo ikwasixelela nendlela yokuyiphelisa.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share