Imbono YeBhayibhile
Ngaba Abantu Abafileyo Bafanele Bahlonelwe?
“ABANTU ABANINZI BANEMVAKALELO EYENDELE NGOKUNZULU EBANGELA UKUBA IMIZIMBA YABAFILEYO BAYIPHATHE NGENTLONELO ABANGENAKUYICINGA NGEZILWANYANA EZIFILEYO.”—IENCYCLOPÆDIA BRITANNICA.
NGANDLELA ithile abantu abaninzi bayabahlonela abantu babo abafileyo ababathandayo. Abafileyo bahlonelwa ngokubhengezwa emiphangeni kumaphephandaba baze bazukiswe ngemibongo. Kwamanye amazwe kuxhaphake imingcwabo enobuceducedu bonqulo okanye izithethe. Iinkonzo zomngcwabo womfi zisenokuqhutywa kangangeentsuku, iiveki okanye iinyanga. Izikolo, izikhululo zeenqwelo-moya, izitrato needolophu zithiywa ngabantu ababalulekileyo abafayo. Kumiswa amatye ezikhumbuzo kuze kumiselwe neeholide ukuze kukhunjulwe amaqhawe.
Noko ke, ngokweLizwi likaThixo abafileyo abazi nto kwaphela ngembeko abayenzelwayo. (Yobhi 14:10, 21; INdumiso 49:17) Abafi baphila ezinkumbulweni zabo babakhumbulayo kuphela. IBhayibhile ithi: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho.” (INtshumayeli 9:5) IZibhalo zisinika ithemba lovuko oluya kwenzeka kwixesha elizayo. (Yohane 5:28, 29; 11:25) Kodwa de kube lelo xesha, abafileyo abaphili. Baba luthuli ngokoqobo.—Genesis 3:19; Yobhi 34:15.
Ngokwembono ecacileyo yeBhayibhile ngemeko yabafi, ngaba sikho isizathu sokubahlonela? Ngaba amaKristu amele alandele amasiko nezithethe xa engcwaba abo abathandayo?
Amasiko Asekelwe Kwingcamango Yobuxoki
Amasiko amaninzi, mhlawumbi inkoliso yawo, anxulunyaniswa nokufa asekelwe kwiimfundiso zonqulo ezingekho Bhayibhileni. IEncyclopædia Britannica ithi, injongo yezinye izithethe “kukukhusela lowo ufileyo ekuhlaselweni ziidemon; maxa wambi injongo yezithethe iba kukukhusela abo baphilayo kunobangela wokufa okanye kwintiyo yomfi.” Naliphi na isiko elinjalo elisekelwe kubuxoki bokuba abantu abafileyo baqhubeka bephila kummandla womoya lichasene ngokupheleleyo neenyaniso zeBhayibhile.—INtshumayeli 9:10.
Abantu abaninzi bayabahlonela abantu babo abafileyo. Olu hlobo lonqulo luquka ukwenza amadini nokungxengxeza kwizinyanya. Bambi ababandakanyeke kumasiko alolo hlobo abazigqali izenzo zabo njengokunqula kodwa, kunoko bakujonga njengembonakaliso yokubeka okanye ukuhlonela ngokunzulu abafi. Sekunjalo, olu hlobo lokuzinikela kwizinyanya lusekelwe elunqulweni yaye luyangqubana neemfundiso zeBhayibhile. UYesu Kristu wathi: “NguYehova uThixo wakho omele umnqule, yaye kukuye yedwa omele unikele inkonzo engcwele.”—Luka 4:8.
Ukuba Nembono Elungeleleneyo
Ukubonakalisa intlonelo nembeko ngabafileyo akusoloko kunxulumene neemfundiso zonqulo lobuxoki. Ngokomzekelo, ingxelo yeBhayibhile isichazela indlela uKumkani othembekileyo uHezekiya awahlonelwa ngayo emva kokufa. Abantu bakaThixo “bamngcwabela endulini yamangcwaba oonyana bakaDavide. Amzukisa ekufeni kwakhe amaYuda nabemi baseYerusalem.” (2 Kronike 32:33) Omnye umzekelo ngulowo kaYesu. IBhayibhile ithi abafundi bakhe “bawuthabatha umzimba kaYesu baza bawubopha ngezibopho ezineziqholo, kanye ngokwendlela yesiko lamaYuda lokulungiselela ukungcwaba.”—Yohane 19:40.
IZibhalo ziqulethe nezinye iimeko ezininzi ezineendlela ezikhethekileyo ezalandelwayo ngokuphathelele umzimba nomngcwabo wabantu abafileyo. Ezi zinto zazisenziwa zazingekokunqula izinyanya, yaye zingasekelwanga kwinkolelo engachananga yokuba abafileyo baqhubeka bephembelela imicimbi yabaphilayo. Kunoko, abo bafelweyo babebonisa intlonelo enzulu kwabo babathandayo. IBhayibhile ayikukhabi ukubonisa intlonelo enjalo, njengoko kusekelwe kwiimvakalelo zokwemvelo zomntu, nangona iBhayibhile ingakhuthazi nkcitho inkulu okanye kube zizijwili nje emingcwabeni. Kwelinye icala, ayikhuthazi amaKristu ukuba angabi buhlungu okanye angakhathali xa efelwe ngabo abathandayo.
Ngenxa yoko, xa eye emngcwabeni okanye engcwaba abo abathandayo, amaNgqina kaYehova anikela imbeko nentlonelo efanelekileyo kwabafileyo. (INtshumayeli 7:2) Ngokuphathelele umbandela weentyatyambo, iinkonzo zemingcwabo namanye amasiko asekuhlaleni, amaKristu azenzela ukhetho lobuqu ngobulumko ukuze aphephe izenzo ezingqubanayo neemfundiso zeBhayibhile. Kule nkalo, isigqibo esichanileyo nokulungelelana kuyafuneka. IThe Encyclopædia of Religion and Ethics icacisa isithi “intsingiselo nokuxabiseka kwesiko kuyatshintsha ngamaxesha ngamaxesha, ngoko intsingiselo yalo kamva isenokwahluka ngokupheleleyo kuleyo lalinayo ntlandlolo, yaye ingcaciso yalo ethandwayo isenokungayivezi imvelaphi yalo.”a
Ngaba Kuphosakele Ukuzukisa Loo Mntu?
Umbandela wokulungelelana usebenza nakumbandela wokuzukisa abafileyo. Kwiinkonzo zomngcwabo, amaNgqina kaYehova azabalazela ukuthuthuzela abo bafelweyo. (2 Korinte 1:3-5) Ucwangciso lusenokuquka isithethi esinye okanye ngaphezulu. Kodwa akuyi kuba yinto efanelekileyo ukuguqula eso sihlandlo kwenziwe umntyangampo wokuzukisa umfi. Kunoko, umngcwabo umele ube lithuba lokuzukisa iimpawu ezimangalisayo zikaThixo, kuquka ububele bakhe ngokusinika ithemba lovuko.
Noko ke, oku akuthethi kuthi kuya kuba yinto ephosakeleyo ukukhumbula iimpawu ezintle zomfi ngexesha lentetho yomngcwabo. (Thelekisa eyesi-2 kaSamuweli 1:17-27.) Xa lowo ufileyo ebethembekile kuThixo de kwasa ekufeni, uba ngumzekelo obalaseleyo omele uxeliswe. (Hebhere 6:12) Kuyinto elungileyo ukuphonononga ikhondo lokugcina ingqibelelo kwabakhonzi bakaThixo. Ukwabelana nabanye ngezi ngcamango zakhayo ngexesha lenkonzo yomngcwabo kuyabathuthuzela abaphilayo kuze kunikele intlonelo ngalowo ufileyo.
AmaKristu okwenyaniso akabanquli abafileyo. Akabandakanyeki kwizithethe ezithandwayo nezingqubanayo neenyaniso zeBhayibhile. Kwelinye icala, abakhonzi bakaThixo bayayiphepha imbono egabadeleyo yokuba ekubeni abafi beluthuli nje, onke amasiko omngcwabo akanantsingiselo yaye akayomfuneko. Aba buhlungu aze abakhumbule abantu bawo abafileyo. Kodwa intlungu yawo idanjiswa ziinyaniso zeBhayibhile zokuba abafileyo ababandezeleki ibe kukho ithemba lovuko ngabo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Inkupho yeMboniselo kaOktobha 15, 1991, iphepha 31, inikela olu lwalathiso lulandelayo: “UmKristu wokwenene ufanele aqwalasele oku: Ngaba ukulandela kwam isiko elithile kuya kubonisa kwabanye ukuba ndiye ndamkela iinkolelo okanye uqheliselo olungelolwazibhalo? Ixesha nendawo zinokuphembelela impendulo. Isiko (okanye oko kuyiliweyo) lisenokuba lalinentsingiselo yonqulo lobuxoki kumawaka eminyaka eyadlulayo okanye kusenokuba linayo namhlanje kwilizwe elikude. Kodwa ngaphandle kokuzichithela ixesha ngokwenza uhlolisiso, zibuze oku: ‘Injani imbono eqhelekileyo apho ndihlala khona?’—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 10:25-29.”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Umngcelele womngcwabo kuhlonelwa uGustav II, ukumkani waseSweden, emva kokufa kwakhe ngowe-1632
[Inkcazelo]
From the book Bildersaal deutscher Geschichte