Walumkele Amasiko Angamkholisiyo UThixo
KWIBALA elincinane eliphambi kwendlu, kukho ibhokisi yomngcwabo evuliweyo etshiswa lilanga elishushu laseAfrika. Njengoko abo beze emngcwabeni behamba ngomgca badlula kuyo bekhala, indoda eyalupheleyo iyema. Amehlo ayo abonakalisa ukuba isentlungwini, isondela ngasebusweni bendoda efileyo ize iqalise ukuthetha isithi: “Kutheni ungandixelelanga ukuba uyahamba? Kutheni undishiye ngolu hlobo? Njengokuba ngoku ubuyile, ngaba uza kuqhubeka undinceda?”
Komnye ummandla waseAfrika, kuzelwe umntwana. Akukho mntu uvumelekileyo ukuba ambone. Lo mntwana uye abonwe ngabantu kuphela emva kokuba kudlule ixesha elithile kuze kwenziwe umsitho wokumthiya igama.
Kwabanye abantu, ukuthetha nomntu ofileyo okanye ukufihla usana olusandul’ ukuzalwa ukuze lungabonwa ngabanye kunokubonakala kungumnqa. Noko ke, amanye amasiko nakwezinye iindawo, izinto abantu abazenzayo nendlela abakujonga ngayo ukufa nokuzala kuphenjelelwa yinkolelo enamandla yokuba abafileyo abafanga ngokwenene kodwa bayaphila.
Le nkolelo inamandla kangangokuba iyinxalenye ebalulekileyo yamasiko nezithethe ezibandakanya phantse zonke iinkalo zobomi. Ngokomzekelo, abantu abazizigidi bakholelwa ukuba amanqanaba abalulekileyo ebomini bomntu—njengokuzalwa, ukufikisa, ukutshata, ukuzala umntwana nokufa—ayinxalenye yokudlulela kummandla womoya wezinyanya. Kuloo mmandla kukholelwa ukuba, umntu ofileyo uqhubeka enendima kubomi babo baphilayo. Yaye unokuqhubeka nomjikelo wobomi ngokuthi aphinde azalwe.
Ukuze kuqinisekwe ukuba onke la manqanaba alo mjikelo ahamba kakuhle, kuye kwenziwe amasiko nemisitho emininzi. La masiko aphenjelelwa yinkolelo yokuba kukho into engaphakathi kuthi engafiyo. AmaKristu okwenyaniso ayawaphepha nawaphi na amasiko anxulumene nale nkolelo. Ngoba?
Iyintoni Imeko Yabafileyo?
IBhayibhile iyichaza ngokucacileyo imeko yabafileyo. Ngokulula nje ithi: “Kuba abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke . . . Uthando lwabo, intiyo yabo nekhwele labo sele latshabalala . . . Akukho msebenzi nakuyila nakwazi nakulumka eShiyol [ingcwaba lomntu eliqhelekileyo], kwindawo oya kuyo.” (INtshumayeli 9:5, 6, 10) Kudala abakhonzi bakaThixo abanyanisekileyo bayamkela le nyaniso yeBhayibhile isisiseko. Baye baqonda ukuba umphefumlo, kunokuba ungafi, unokufa yaye unokutshatyalaliswa. (Hezekile 18:4) Kwakhona baye bazi ukuba ayikho imimoya yabafileyo. (INdumiso 146:4) Kumaxesha amandulo, uYehova wayalela ngokungqongqo abantu bakhe ukuba bazahlukanise ngokupheleleyo nawo nawaphi na amasiko okanye imisitho eyayinxulumene nenkolelo yokuba abafi bayaphila yaye banokuba nempembelelo kwabaphilayo.—Duteronomi 14:1; 18:9-13; Isaya 8:19, 20.
Ngokufanayo amaKristu enkulungwane yokuqala ayewaphepha amasiko okanye imisitho enxulumene neemfundiso zonqulo ezibubuxoki. (2 Korinte 6:15-17) Namhlanje, amaNgqina kaYehova, kungakhathaliseki ukuba aluluphi uhlanga, isizwe okanye anayiphi imvelaphi, ayaziphepha izithethe namasiko anxulumene nemfundiso ebubuxoki yokuba kukho into ethile emntwini engafiyo.
Yintoni enokusikhokela njengamaKristu, ekugqibeni enoba senze isiko elithile okanye singalenzi? Simele sicinge ngenyameko ngonxulumano elisenokuba linalo kuyo nayiphi na imfundiso engeyoyaZibhalo, njengokukholelwa ukuba umoya wabafileyo unempembelelo kubomi babaphilayo. Ngaphezu koko, sifanele siqwalasele enoba ukuba nenxaxheba kwethu kumasiko okanye imisitho enjalo kusenokubakhubekisa abanye abakwaziyo oko amaNgqina kaYehova akukholelwayo nemfundiso zawo. Ngoxa sisacinga ngezi ngongoma, makhe siqwalasele iinkalo ezimbini ezixhalabisayo—ukuzala nokufa.
Imisitho Yokuzalwa Komntwana Nokuthiywa Igama
Amasiko amaninzi anxulumene nokuzalwa komntwana afanelekile. Noko ke, kwiindawo apho ukuzala kujongwa njengokusuka kwelemimoya ukusa ebuntwini, amaKristu okwenyaniso amele abonakalise ubulumko. Ngokomzekelo, kwezinye iindawo eAfrika, usana olusandul’ ukuzalwa luhlaliswa endlwini yaye aluthiywa igama de kudlule ixesha elithile. Ngoxa ixesha elilindwayo lisenokwahluka ngokweendawo, xa liphelile kuye kwenziwe umsitho wokuthiya umntwana igama, apho umntwana aye akhutshwe endlwini aze asiwe kwizalamane nakubahlobo. Ngelo xesha, kuye kuchazelwe abo bakhoyo igama lomntwana.
Ichaza intsingiselo yeli siko, incwadi ethi Ghana—Understanding the People and Their Culture ithi: “Ebudeni beentsuku ezisixhenxe zokuqala zobomi balo, usana luye lugqalwe ‘njengondwendwe’ nelikwinguqulelo yokusuka kwelemimoya lusiya kubomi basemhlabeni. . . . Ngokuqhelekileyo usana luye luhlaliswe endlwini yaye abo bangengomalungu entsapho abavumelekanga ukuba balubone.”
Kutheni kulindwa ixesha elithile ngaphambi kokuba kwenziwe umsitho wokuthiya umntwana igama? Incwadi ethi Ghana in Retrospect icacisa isithi: “Ngaphambi kosuku lwesibhozo, umntwana akakabi ngomntu. Unxulunyaniswa nelemimoya apho avela khona.” Le ncwadi ihlabela mgama isithi: “Ekubeni ngokungathi kunjalo iligama elenza umntwana abe ngumntu, xa abazali benoloyiko lokuba umntwana wabo angafa ngokuqhelekileyo baye bangamthiyi igama de baqiniseke ukuba uza kuphila. . . . Ngoko ke lo msitho, maxa wambi oye ubizwe ngokuba kukubonwa komntwana, kucingwa ukuba uba negalelo elikhulu kumntwana nakubazali bakhe. Ngulo msitho oye uzise umntwana kwihlabathi labantu.”
Isalamane esiyinkonde entsatsheni ngokuqhelekileyo iba siso esiphatha umsitho onjengokuthiywa komntwana igama. Izinto ezenziwayo ebudeni besi sihlandlo ziyahlukahlukana ngokweendawo ngeendawo, kodwa lo msitho udla ngokuqukunjelwa ngokupha izinyanya utywala, kubulelwa ukuba umntwana efike ekhuselekile, nezinye izithethe.
Imbalasane yalo msitho iba xa kuchazwa igama lomntwana. Nangona ingabazali abanembopheleleko yokuthiya umntwana wabo, ezinye izalamane zidla ngokuba nempembelelo enkulu kwigama elikhethiweyo. Amanye amagama asenokuba nentsingiselo efuziselayo ngokolwimi lwasekuhlaleni, njengethi “uhambe wabuya,” “uMama ubuyile,” okanye “uTata uvukile.” Amanye amagama anentsingiselo eyenzelwe ukuthintela izinyanya zingamthabathi umntwana osandul’ ukuzalwa zize zimbuyisele kwelemimoya.
Kakade ke, akukho nto iphosakeleyo ngokuvuyela ukuzalwa komntwana. Ukuthiya umntwana ngegama lomnye umntu nokumthiya igama elinxulumene nezinto ezenzeka ekuzalweni kwakhe ngamasiko amkelekileyo, yaye ukwenza isigqibo sokuba umntwana ufanele alithiywe nini igama sisigqibo sobuqu. Noko ke, amaKristu afuna ukukholisa uThixo ngobulumko ayawaphepha nawaphi na amasiko okanye imisitho enokwenza abanye bacinge ukuba bayavumelana nembono yokuba umntwana osandul’ ukuzalwa “lundwendwe” olusuka kwelemimoya lusiya kwihlabathi labaphilayo.
Ngokubhekele phaya, ngoxa abaninzi ekuhlaleni bewujonga umsitho wokuthiya igama njengobalulekileyo, amaKristu afanele acinge ngezazela zabanye nendlela abangakholwayo abanokukujonga ngayo oko. Ngokomzekelo, abanye banokugqiba ngelithini ukuba intsapho engamaKristu ayifuni umntwana wayo osandul’ ukuzalwa abonwe ngabanye de kwenziwe umsitho wokuthiywa kwegama? Yintoni abaya kuyicinga ukuba kusetyenziswa amagama aphikisana nebango layo lokuba ingabafundisi benyaniso yeBhayibhile?
Noko ke, xa esenza isigqibo sokuba abantwana bawo baza kubathiya njani igama okanye nini, amaKristu azabalazela ukuba ‘zonke izinto azenzele uzuko lukaThixo’ ukuze angabi sisikhubekiso. (1 Korinte 10:31-33) ‘Akawubekeli bucala umyalelo kaThixo ukuze agcine izithethe’ ezenzelwe ukuhlonela abafileyo. Ngokwahlukileyo koko, ahlonela yaye azukisa uThixo ophilayo, uYehova.—Marko 7:9, 13.
Ukusuka Ekufeni Ukuza Ebomini
Ukufa, njengokuzalwa, kugqalwa ngabaninzi njengenguqulelo ethile; lowo ufayo usuka kwihlabathi elibonakalayo aye kwelemimoya. Abaninzi bakholelwa ukuba ngaphandle kokuba kwenziwa amasiko nezithethe ezithile zomngcwabo xa kufe umntu, imimoya yezinyanya, ekukholelwa ukuba inamandla okohlwaya okanye okuvuza abaphilayo, iya kuqumba. Le nkolelo iba nempembelelo enkulu kwindlela imingcwabo elungiselelwa neyenziwa ngayo.
Imingcwabo eyenzelwa ukungxengxeza kwabafileyo idla ngokuba nengxokozelo—kwenziwa isijwili nengxolo ngoxa isidumbu sisekho kuze kwenziwe imibhiyozo yolonwabo emva komngcwabo. Imibhiyozo yomngcwabo enjalo idla ngokuba namatheko amakhulu angalawulekiyo, ubunxila, ukungqungqa ngoxa umculo uvulelwe phezulu. Imingcwabo iye yenziwe ibe yeyona nto ibalulekileyo kangangokuba nezona ntsapho zingamahlwempu zidla ngokwenza umgudu omkhulu ukuqokelela imali eyaneleyo yokwenza “umngcwabo omhle,” nangona oko kusenokuzitsalisa nzima okanye kuzifake ematyaleni.
Kwiminyaka edluleyo, amaNgqina kaYehova aye awabhenca ngokupheleleyo amasiko emingcwabo angasekelwanga Zibhalweni.a Amasiko anjalo aquka imilindo, ukupha izinyanya utywala, ukuthetha nokucela kwabafileyo, imisitho yokukhumbula usuku lokufa kukabani, namanye amasiko asekelwe kwinkolelo yokuba kukho into engafiyo emntwini. Amasiko anjalo okungahlonel’ uThixo ‘akahlambulukanga,’ “ayinkohliso elambathayo” esekelwe “kwizithethe zabantu” kungekhona kwiLizwi likaThixo lenyaniso.—Isaya 52:11; Kolose 2:8.
Ingcinezelo Yokuhamba Nomndilili
Ukuphepha amasiko asekuhlaleni kuye kwaba nzima gqitha kwabanye, ingakumbi kumazwe apho ukuhlonelwa kwabafileyo kugqalwa njengeyona nto ibalulekileyo. Ngenxa yokungenzi amasiko anjalo, amaNgqina kaYehova aye ajongwa ngeliso elibi okanye aye atyholwa ngokungabi nabuntu nokungabahloneli abafileyo. Ukugxekwa nengcinezelo eqatha ziye zabangela abanye boyika ukwahluka nangona inyaniso yeBhayibhile beyiqonda ngokuchanileyo. (1 Petros 3:14) Bambi baye bavakalelwa kukuba la masiko ayinxalenye yendlela abakhuliswe ngayo yaye akanakuphepheka ngokupheleleyo. Sekunjalo abanye baye baqiqa ngelithi ukungavumi ukulandela isiko kunokwenza abantu basekuhlaleni babathiye abantu bakaThixo.
Asifuni ukukhubekisa abanye ngokungeyomfuneko. Sekunjalo, iBhayibhile isilumkisa isithi ukuyimela ngokuqinileyo inyaniso kuya kusenza sithiywe lihlabathi elingamhloneliyo uThixo. (Yohane 15:18, 19; 2 Timoti 3:12; 1 Yohane 5:19) Ngokuzithandela siyayimela, sisazi ukuba simele sahluke kwabo bakubumnyama bokomoya. (Malaki 3:18; Galati 6:12) Kanye njengokuba uYesu wasixhathisa isilingo sikaSathana sokwenza okungamkholisiyo uThixo, ngoko siyayixhathisa ingcinezelo yokwenza izinto ngendlela engamkholisiyo uThixo. (Mateyu 4:3-7) Kunokuba aphenjelelwe kukoyika umntu, amaKristu okwenyaniso akuxhalabele ngokuyintloko ukukholisa uYehova uThixo nokumhlonela njengoThixo wenyaniso. Akwenza oko ngokuthi angalalanisi kwimilinganiselo yeBhayibhile yonqulo olunyulu ngenxa yengcinezelo yabanye.—IMizekeliso 29:25; IZenzo 5:29.
Ukuhlonela UYehova Ngendlela Esibajonga Ngayo Abafileyo
Kuyinto eqhelekileyo ukuba sentlungwini xa sifelwa ngumntu esimthandayo. (Yohane 11:33, 35) Ukukhumbula umntu omthandayo nokwenza umngcwabo ngendlela enesidima ziindlela zokubonakalisa uthando ezifanelekileyo. Noko ke, amaNgqina kaYehova ajamelana nentlungu yokufelwa ngaphandle kokwenza nasiphi na isithethe esingamkholisiyo uThixo. Oku akukho lula kwabo bakhulele kwiindawo apho boyikwa gqitha abafileyo. Kusenokuba nzima ukuhlala silungelelene xa sisentlungwini yokufelwa sisalamane okanye umhlobo. Sekunjalo, amaKristu athembekileyo omelezwa nguYehova, ‘uThixo wentuthuzelo yonke,’ yaye ayazuza kwinkxaso enothando yamanye amakholwa. (2 Korinte 1:3, 4) Ukholo lwawo olomeleleyo lokuba abo bafileyo abakwinkumbulo kaThixo baya kuphinde baphile ngenye imini kunika amaKristu okwenyaniso izizathu zokuba azahlukanise ngokupheleleyo namasiko emingcwabo angewowabuKristu nakuphikisayo ukuba kukho uvuko.
Ngaba akusivuyisi ukuba uYehova eye wasibiza ukuba ‘siphume ebumnyameni singene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso’? (1 Petros 2:9) Njengoko sivuyiswa kukuzalwa komntwana yaye sinyamezela intlungu yokufelwa, ngamana umnqweno wethu onamandla wokwenza okulungileyo nothando lwethu olunzulu ngoYehova uThixo lungasoloko lusishukumisela ekubeni ‘siqhubeke sihamba njengabantwana bokukhanya.’ Kwanga singangaze sizivumele ukuba singcoliswe ngokomoya ngamasiko angavisisaniyo nobuKristu nangamkholisiyo uThixo.—Efese 5:8.
[Umbhalo osemazantsi]
a Bona incwadana enemifanekiso ethi Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene? nethi Indlela Ekhokelela Ebomini—Ngaba Uyifumene? zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.