IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g00 1/8 iphe. 3
  • Oonozakuzaku Bezamayeza

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Oonozakuzaku Bezamayeza
  • Vukani!—2000
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukufunwa Ngamandla Konyango Notyando Ngaphandle Kwegazi
    Vukani!—2000
  • Umphumo Wokunganyaniseki
    Vukani!—1990
  • Uyifumene Injongo Yobomi
    Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015
  • Ukusindisa Ubomi Ngegazi—Njani?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
Khangela Okunye
Vukani!—2000
g00 1/8 iphe. 3

Oonozakuzaku Bezamayeza

XA WAYENEMINYAKA engama-61 ubudala, uJosé, waseBelgium, osuka kwidolophana yaseOupeye, waxelelwa ukuba kwakuza kufuneka enze uqhaqho-fakelo lwesibindi. Uthi: “Andizange ndothuke ngolo hlobo aph’ ebomini bam.” Kwiminyaka nje engamashumi amane edluleyo, uqhaqho-fakelo lwesibindi lwaluyinto eyayingacingwa nokucingwa. Kwanakwiminyaka yee-1970, amathuba okuphumelela kwalo ayengama-30-ekhulwini. Noko ke, namhlanje uqhaqho-fakelo lwesibindi seluyinto eqhelekileyo, yaye lunamathuba amaninzi okuphumelela.

Kodwa kusekho enye ingxaki enkulu. Ekubeni uqhaqho-fakelo lwesibindi lusoloko lubandakanya ukopha kakhulu, oogqirha badla ngokutofela igazi ebudeni botyando. Ngenxa yeenkolelo zakhe zonqulo, uJosé akazange ayingene into yokutofelwa igazi. Kodwa wayelufuna uqhaqho-fakelo lwesibindi. Ngaba kwakungenakwenzeka? Abanye basenokucinga ngolo hlobo. Kodwa ugqirha oyintloko wotyando wavakalelwa kukuba yena nabo wayesebenza nabo babenamathuba amahle okwenza utyando luphumelele ngaphandle kokusebenzisa igazi. Yaye benza kanye loo nto! Kwiintsuku nje ezingama-25 emva kotyando, uJosé wayesele esekhaya kunye nomfazi nentombi yakhe.a

Ngenxa yobuchule babo iphephancwadi iTime libabiza ngokuba “ngamaqhawe ezamayeza,” ngoku utyando nonyango ngaphandle kwegazi luxhaphake kakhulu kunangaphambili. Kodwa kutheni lufuneka kangaka? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe sihlolisise amagingxigingxi abangelwe lutofelo-gazi.

[Umbhalo osemazantsi]

a AmaNgqina kaYehova alujonga uqhaqho-fakelo lwelungu njengombandela wesazela somntu ngamnye.

[Umfanekiso okwiphepha 3]

Ngoku, ehlabathini lonke kukho oogqirha abangaphezu kwama-90 000 abalitsho phandle elokuba bakulungele ukunyanga amaNgqina kaYehova ngaphandle kwegazi

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share