Imbali—Ngaba Sifanele Siyithembe?
“Ukwazi imbali kusenza sivakalelwe kukuba. . . siyinxalenye yobudlelane obuqhubekayo ukutyhubela izizukulwana ukususela kwilixa lakude kudala ngaphambi kokuzalwa kwethu ukuya kwixesha elide emva kokufa kwethu.”—A COMPANION TO THE STUDY OF HISTORY, nguMichael Stanford.
UKUPHILA ngaphandle kwembali kufana nokungakwazi ukukhumbula. Ukuba ibingekho imbali yentsapho yakowenu, okanye yohlanga lwakowenu, oko bekuya kufana nokungabi nayo imvelaphi. Ubomi bebuya kufana nobungenaso isiseko nentsingiselo.
Imbali inokuba nguvimba wezifundo zobomi. Inokusinceda siphephe ukuwela kwimigibe efanayo ngokuphindaphindiweyo. Ngokutsho kwesinye isithandi sobulumko, abantu abazilibalayo izinto zelixa elidluleyo nakanjani na bayaziphinda. Ukuqhelana nembali kunokusinceda sazi impucuko yamaxesha adluleyo, sifumanise izinto ezimangalisayo, sazi ngabantu ababangela umdla, neendlela ezahlukeneyo zokujonga izinto.
Kodwa ekubeni imbali ithetha ngabantu neziganeko zamandulo, sinokwazi njani ukuba inokuthenjwa? Ukuba siza kufunda izifundo ezibalulekileyo kwimbali, ngokucacileyo zimele zibe yinyaniso. Yaye xa sifumanisa inyaniso, kufuneka siyamkele, nokuba ayiginyeki. Imbali sinokuyifanisa nekhiwane—lisenokuba lihle livuzis’ izinkcwe; kanti lisenokuba libolile ngaphakathi.
Kumanqaku alandelayo, siza kuqwalasela ezinye iinkalo zembali ezinokusinceda sihlole ubunyaniso boko sikufundayo. Kwakhona siya kuhlolisisa indlela imbali echanileyo enokumnceda ngayo umfundi oqondayo.
[Umfanekiso okwiphepha 3]
UKumkanikazi uNefertiti
[Umfanekiso okwiphepha 3]
Yintoni enokufundwa kwimbali?
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 3]
Nefertiti: Ägyptisches Museum der Staatlichen Museen Preußischer Kulturbesitz, Berlin
Border: Photograph taken by courtesy of the British Museum