Impilo Esemgangathweni Kubantu Bonke—Ngaba Olo Lusukelo Olunokufikelelwa?
NGABA wena nentsapho yakho aningethandi ukuba nempilo encumisayo? Kakade kunjalo. Kodwa ngoxa uninzi lwethu lusenokubethwa nje zizigulo ezingephi maxa wambi, izigidi zabantu zinanyathelwe zizigulo ezibuhlungu, ubomi bazo bonke.
Noko ke, kuye kwenziwa amatile-tile okulwa nokugula nezifo. Khawucinge nje ngeWorld Health Organization (WHO), elicandelo leZizwe Ezimanyeneyo. Kwinkomfa eyayiququzelelwa yiWHO ngowe-1978, abameli abasuka kumazwe ali-134 nakwiintlangano ezingama-67 zeZizwe Ezimanyeneyo bavumelana kwelokuba impilo asikokukhululeka ekuguleni okanye kwizifo kuphela. Bafikelela kwelokuba impilo, “kukuba ngumqabaqaba, emzimbeni, engqondweni nasekuhlaleni.” Ngoko aba bameli bagqiba kwelokuba impilo “lilungelo lomntu elisisiseko”! Ngenxa yoko, iWHO yazibekela usukelo lokufikelela “umlinganiselo owamkelekileyo wempilo yabo bonke abantu behlabathi.”
Olo sukelo lubangela umdla yaye lubonisa inkcubeko. Kodwa ngaba luya kuze lufikelelwe? Kuyo yonke inkqubela eye yenziwa ngabantu, ngokuqinisekileyo inkqubela kwezonyango ibe yenye yeyona ithenjwayo nethandwayo. Ngokutsho kwephephandaba laseBritani iThe European, abantu bamazwe aseNtshona sele beqhelene “nengcamango yezamayeza yangaphambili yokunyanga ‘ngemimangaliso’: ukusebenzisa ipilisi enye ukunyanga isigulo esinye.” Ngamanye amazwi, kwisigulo ngasinye silindele ukuba ezamayeza zivele neyeza eliqhelekileyo neliza kuchana umhlola. Ngaba ezamayeza zinokuluzalisekisa ulindelo oluphakame ngolo hlobo?