IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • g04 7/8 iphe. 26-27
  • Kuthetha Ukuthini Ukuba Yintloko-ntsapho?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Kuthetha Ukuthini Ukuba Yintloko-ntsapho?
  • Vukani!—2004
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuba Yintloko-ntsapho Asikokuba Nguzwilakhe
  • Bubandakanya Ntoni Ubuntloko Obufanelekileyo?
  • Umntu Unokubuxelisa Njani Ubuntloko BukaYesu?
  • Buthetha Ntoni Ngokwenene Ubuntloko Emtshatweni?
    Vukani!—2008
  • “Intloko Yendoda NguKristu”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2021
  • Kuyasinceda Ukuzithoba Kwilungiselelo LikaThixo Lobuntloko
    Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano
  • Bafazi, Kutheni Nifanele Nizithobe Kubuntloko?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
Khangela Okunye
Vukani!—2004
g04 7/8 iphe. 26-27

Imbono YeBhayibhile

Kuthetha Ukuthini Ukuba Yintloko-ntsapho?

NGOKUTSHO kweBhayibhile, “intloko yomfazi yindoda.” (1 Korinte 11:3; Efese 5:23) Kodwa abantu abaninzi abathi bayayihlonela iBhayibhile bavakalelwa ukuba lo mgaqo wobuntloko bomyeni awanelanga nje ukuphelelwa lixesha kodwa uyingozi. “Ukuba iyabaxwa, imfundiso yokuba abafazi bafanele ‘bathobele’ [amadoda abo], inokuphumela kwimpatho-mbi, emzimbeni nangokweemvakalelo,” satsho njalo esinye isibini esitshatileyo. Okubuhlungu kukuba, ukusetyenziswa kakubi kobuntloko kugqugqise lonke ihlabathi. Omnye umbhali uthi: “Ukungonjwa kwabafazi kugqalwa njengento eyamkelekileyo kumazwe amaninzi—kunconyelwa kwiingoma, kumaqhalo nasemathekweni omtshato.”

Kukho abathi ngumgaqo weBhayibhile wobuntloko obangele le nkohlakalo. Ngaba imfundiso yeBhayibhile yobuntloko iwasingela phantsi amabhinqa ize ikhuthaze ugonyamelo lwasekhaya? Kuthetha ukuthini ngokwenene ukuba yintloko-ntsapho?a

Ukuba Yintloko-ntsapho Asikokuba Nguzwilakhe

Ubuntloko ethetha ngabo iBhayibhile lilungiselelo lothando yaye abunanto yakwenza kwaphela nobuzwilakhe. Kukungathobeli umthetho kaThixo okwabangela ukuba amadoda asoloko ewaphatha ngogonyamelo amabhinqa. (Genesis 3:16) Ukususela kwintsimi yase-Eden, amadoda ebesoloko elisebenzisa kakubi igunya lawo, ebaphatha kabuhlungu abanye, kuquka amabhinqa nabantwana.

Noko ke, yayingeyonjongo kaThixo leyo. UYehova ubathiyile abo balisebenzisa kakubi igunya. Wawagxeka amadoda akwaSirayeli ‘awayeqhubana ngobuqhokolo’ nabafazi bawo. (Malaki 2:13-16) Kwakhona uThixo uthi: “Umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (INdumiso 11:5) Ngoko abantu abangomba abafazi nabanye ababaxhaphazayo abanakukwazi ukusebenzisa iBhayibhile njengesebe lokusithela kwizenzo zabo zogonyamelo.

Bubandakanya Ntoni Ubuntloko Obufanelekileyo?

Ubuntloko lilungiselelo elisisiseko uThixo alisebenzisayo ukugcina ucwangco kwindalo iphela. Wonk’ umntu ngaphandle kukaThixo kukho umntu amele aphendule kuye. Amadoda amele athobele uKristu, abantwana bathobele abazali babo yaye onke amaKristu amele athobele oorhulumente. Nkqu noYesu uthobela uThixo.—Roma 13:1; 1 Korinte 11:3; 15:28; Efese 6:1.

Ukuthobela igunya kuyimfuneko ukuze kubekho ucwangco ekuhlaleni. Ngokufanayo, ukuthobela intloko-ntsapho kubalulekile ukuze kwakhiwe intsapho ezinzileyo, eyonwabileyo neseluxolweni. Ukungabikho kwendoda okanye utata entsatsheni akusitshintshi esi sibakala. Kwiintsapho ezinjalo umama uba yintloko-ntsapho. Xa bengekho bobabini abazali, umntwana omdala okanye isihlobo sinokuba yintloko-ntsapho. Nkalo zonke, amalungu entsapho ayangenelwa xa ebonisa intlonelo efanelekileyo kulowo ukhokelayo.

Ngoko ke, undoqo asikokugatya umgaqo wobuntloko kodwa kukufunda indlela efanelekileyo yokuthobela nokuqonda ubuntloko. Umpostile uPawulos wabongoza amadoda angamaKristu ukuba abeziintloko zemizi yawo “njengokuba noKristu eyintloko yebandla.” (Efese 5:21-23) Ngoko uPawulos wayebonisa indlela uKristu aqhubana ngayo nebandla njengomzekelo ogqibeleleyo wobuntloko. Nguwuphi umzekelo owamiselwa nguKristu?

Nakuba njengoMesiya noKumkani wexesha elizayo uYesu wayenegunya alinikwe nguThixo yaye enobulumko namava angathethekiyo kunabafundi bakhe, wayenothando, ububele novelwano. Akazange abe ngqwabalala, angaphulaphuli, okanye afune okungaphaya kwamandla abantu. Akazange alisebenzise kakubi igunya ufike elilisela ngokuba unguNyana kaThixo. UYesu wayethobeke ngokusuk’ entliziyweni. Ngenxa yoko, ‘idyokhwe yakhe yayiyeyobubele nomthwalo wakhe ukhaphukhaphu.’ (Mateyu 11:28-30) Ngoko, wayengeneka yaye enengqiqo. Eneneni, uPawulos uthi uYesu walithanda ibandla kangangokuba wada “wazinikela ngenxa yalo.”—Efese 5:25.

Umntu Unokubuxelisa Njani Ubuntloko BukaYesu?

Iintloko-ntsapho zinokukwazi njani ukuxelisa iimpawu zikaKristu? Intloko-ntsapho enenkathalo inyamekela intlalo-ntle yentsapho yayo ngokwenyama nangokomoya. Inikela ixesha nengqalelo efanelekileyo kwiimfuno zomntu ngamnye nakwiimfuno zabo njengentsapho. Ixhalabela izilangazelelo zeqabane layo nezabantwana bayo ngaphezu kwezo zayo.b (1 Korinte 10:24; Filipi 2:4) Ngokusebenzisa imigaqo neemfundiso zeBhayibhile kubomi bayo bemihla ngemihla, indoda ifumana intlonelo nentsebenziswano kumfazi nabantwana bayo. Ngaphantsi kobuntloko bayo bothando, imizamo yabo yokusebenzisana ukuze kujanyelwane nazo naziphi na iingxaki inokuphumelela. Ngokuqhelisela ubuntloko bayo ngendlela echazwa ziZibhalo, indoda yakha intsapho eyonwabileyo, intsapho eyenza izinto ukuze izukise uThixo.

Kwakhona intloko-ntsapho elumkileyo iyazithoba. Xa kuyimfuneko icela uxolo, nakuba isenokukufumanisa kunzima ukuyamkela into yokuba yenze impazamo. IBhayibhile ithi kukho usindiso “ebuninzini babacebisi.” (IMizekeliso 24:6) Ewe, ukuthobeka kuya kushukumisela intloko-ntsapho ukuba iphulaphule iimbono zomfazi nabantwana bayo xa kufanelekile. Ixelisa uYesu, intloko-ntsapho engumKristu iya kuqinisekisa ukuba indlela esebenzisa ngayo ubuntloko bayo ayizisi nje ulonwabo nonqabiseko kuphela entsatsheni yayo kodwa ihlonela ize izukise uMsunguli weentsapho uYehova uThixo.—Efese 3:14, 15.

[Imibhalo esemazantsi]

a Nakuba ngokuyintloko eli nqaku lixubusha ngendima yendoda nokuba ngutata entsatsheni, oomama abangatshatanga neenkedama ezimele zinyamekele abantwana bakowazo zinokungenelwa kwimigaqo enikelwa kwiintloko-ntsapho.

b Incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, inikela amacebiso asebenzisekayo ngendlela yokunyamekela intsapho ngothando.

[Umfanekiso okwiphepha 26]

Indoda enengqiqo iphulaphula iimbono zomfazi nabantwana bayo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share